Lungiselela Kakuhle Ukuze Ukwazi Ukufundisa
1. Kutheni sifanele sinikele ingqalelo ekuncedeni umntu abe noxabiso xa siqhuba isifundo seBhayibhile?
1 Xa siqhuba isifundo seBhayibhile, kufuneka silungiselele kakuhle ukuze sishukumisele umfundi ukuba akhonze uYehova. Kufuneka senze imigudu yethu ibe nempumelelo ngokukhuthaza uxabiso ngenyaniso yeBhayibhile. Loo nto iya kusikhuthaza isifundo. (Dut. 6:5; IMize. 4:23; 1 Kor. 9:26) Sinokuyenza njani loo nto?
2. Yiyiphi indima ephunyezwa ngumthandazo ekulungiseleleni kakuhle?
2 Ukuthandaza Ngaphambi Kokulungiselela: Ngenxa yokuba inguYehova obangela ukuba imbewu yenyaniso ikhule entliziyweni yomfundi, kufanelekile ukuba sithandazele umfundi neentswelo zakhe ngaphambi kokuba silungiselele isifundo. (1 Kor. 3:6; Yak. 1:5) Umthandazo onjalo usenokusinceda nathi siqonde ukuba singasinceda njani isifundo sizalise intliziyo yaso “ngolwazi oluchanileyo” lokuthanda kukaYehova.—Kol. 1:9, 10.
3. Sinokulungiselela njani sicinga ngomfundi?
3 Cinga Ngomfundi: UYesu wayesazi ukuba ukuze ufundise ngokuphumelelayo kufuneka ucinge ngabaphulaphuli. Kwizihlandlo ezimbini, uYesu wabuzwa umbuzo ofanayo: “Ndenze ntoni na ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?” Kwisihlandlo ngasinye ephendula, wasebenzisa iindlela ezahlukeneyo. (Luka 10:25-28; 18:18-20) Sifanele sicinge ngomfundi njengoko silungiselela. Ziziphi izibhalo ezicatshulweyo esiza kuzifunda kunye naye? Ungakanani umbandela esizimisele ukuwugubungela? Ziziphi iingongoma kumbandela umfundi anokuzifumana kunzima ukuziqonda okanye ukuzamkela kwisifundo? Ukuba sinako ukuyicinga kwangaphambili imibuzo esenokuphakama, singakulungela ukuphendula ngokuphumelelayo.
4. Kuquka ntoni ukulungiselela kakuhle?
4 Hlola Umbandela: Kungakhathaliseki ukuba siwufunde kangaphi loo mbandela, kodwa siya kube siyaqala ukuwufunda nalo mfundi. Ukuba sifuna ukufikelela intliziyo yomfundi, kubalulekile ukuba silungiselele isifundo ngasinye. Oku kuthetha ukuba senze kanye oko sikhuthaza izifundo zethu ukuba zikwenze. Hlola umbandela, kuquka nezibhalo ezicatshulweyo, ucinga ngomfundi, mhlawumbi ukrwelele iingongoma eziyintloko.—Roma 2:21, 22.
5. Sinokumxelisa njani uYehova?
5 UYehova unomdla kwinkqubela yesifundo ngasinye. (2 Pet. 3:9) Xa sizenzela ixesha lokulungiselela isifundo ngasinye, sibonisa inkxalabo efanayo.