Kubalulekile Ukuba Abalungiseleli Abanenzondelelo Bacamngce
1. Yintoni eyanceda uYesu ukuba angaphazamiseki?
1 UYesu uchithe ingokuhlwa ephilisa abantu ekhupha needemon. Xa abafundi bakhe befika kuye kusuku olulandelayo bathi: “Bonke bayakufuna,” batsho bembongoza ukuba aqhubeke esenza imisebenzi yamandla. Noko ke, uYesu akabavumeli ukuba bamphazamise kumsebenzi wakhe obalulekileyo wokushumayela iindaba ezilungileyo. Uphendula athi: “Masiye kwenye indawo, kwiidolophu ezikufuphi, ukuze ndishumayele kwanalapho, kuba ndiphumele oko.” Yintoni eyanceda uYesu ukuba angaphazamiseki? Kungenxa yokuba wayevuke kwangentseni wathandaza waza wacamngca. (Marko 1:32-39) Ukucamngca kunokusinceda njani njengabashumayeli abanenzondelelo?
2. Ziziphi izinto esinokucamngca ngazo ezinokusinceda sihlale sinenzondelelo kubulungiseleli?
2 Ukucamngca Ngantoni? UYesu waphawula ukuba abantu ‘babehlinzekile, belahliwe njengezimvu ezingenamalusi.’ (Mat. 9:36) Nathi sinokucamngca ngendlela abantu abazifuna ngayo iindaba ezilungileyo. Sinokucamngca nangokungxamiseka kwamaxesha esiphila kuwo. (1 Kor. 7:29) Sinokucamngca ngemisebenzi neempawu zikaYehova, ilungelo esinalo lokuba ngamaNgqina kaYehova, nobuncwane bokomoya esibufunde kwiLizwi likaThixo obungaziwayo ngabantu abakwintsimi yethu.—INdu. 77:11-13; Isa. 43:10-12; Mat. 13:52.
3. Sinokucamngca nini?
3 Sinokucamngca Nini? NjengoYesu abanye bavuka kwangentseni xa kusathe cwaka. Bambi bakhetha ukucamngca ngokuhlwa ngaphambi kokuba balale. (Gen. 24:63) Kwanokuba sixakeke kangakanani na sifanele sibe nexesha lokucamngca. Bambi bacamngca xa behamba ngezithuthi zikawonke-wonke. Abanye bacamngca xa besemsebenzini, ngexesha lekhefu. Abaninzi bafumanisa ukuba ukucamngca ngaphambi kokuya entsimini kuyabanceda ukuze bashumayele ngenzondelelo nangesibindi.
4. Kutheni sifanele sicamngce?
4 Ukucamngca kuya kusinceda sibe nomnqweno ongakumbi wokukhonza uYehova, sinikele ingqalelo kwizinto zokomoya size sizimisele ukuqhubeka sishumayela. UMlungiseleli Oyintloko kaThixo, uYesu kwamnceda ukucamngca, nathi kuya kusinceda.