UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | MATEYU 25
“Hlalani Nilindile”
Kumzekeliso weentombi ezinyulu, uYesu wayethetha nabathanjiswa kodwa lo mzekelo uyasebenza nakuwo onke amaKristu. (w15 3/15 9-14) “Ngoko ke, hlalani nilindile, ngenxa yokuba ningayazi imini okanye ilixa.” (Mat 25:13) Ungakwazi ukuwucacisa umzekeliso kaYesu?
Umyeni (ivesi 1)—NguYesu
Iintombi eziziingqondi ezazilindele ukufika komyeni (ivesi 2)—Abathanjisiwa abakulungeleyo ukwenza umsebenzi wabo ngokuthembeka nabakhanya njengezikhanyiso de kube sekupheleni (Fil 2:15)
Kuyakhwazwa: “Nanku umyeni!” (ivesi 6)—Ubungqina bobukho bukaYesu
Iintombi ezizizidenge (ivesi 8)—Abathanjiswa abayokukhawulela umyeni kodwa abangakhange bahlale belindile nabangakhange bathembeke
Iintombi eziziingqondi azivumi ngeoli yazo (ivesi 9)—Emva kokutywina okokugqibela, abathanjiswa abazukwazi ukunceda nabani na oye akathembeka
“Wafika umyeni” (ivesi 10)—Ngasekupheleni kwembandezelo enkulu uYesu uza kugweba
Iintombi ezinyulu ezilungileyo zingena naye kwitheko lomtshato; ucango luyavalwa (ivesi 10)—UYesu uqokelela abathanjiswa abathembekileyo abase ezulwini, abo bangathembekanga balahlekelwa lithemba lokuphila ezulwini