Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa / Ezona Ngxaki Zikhoyo Ehlabathini / Ngaba IBhayibhile Ingandinceda Xa Ndixinezeleke Engqondweni?
Impendulo yeBhayibhile
Ewe, kuba olona ncedo lubalaseleyo luvela “kuThixo, obathuthuzelayo aze abomeleze yaye abahlaziye abaxinezeleke ingqondo.
”—2 Korinte 7:6, The Amplified Bible.
Indlela uThixo abanceda ngayo abo baxinezeleke ingqondo
Amandla. UThixo “
uya kukuhlaziya akuvuselele,
” kungekhona ngokususa zonke iingxaki onazo, kodwa ngokuphendula imithandazo yakho xa umcela ukuba akuphe amandla okumelana nazo. (Filipi 4:13) Qiniseka ukuba uhlala elungele ukuphulaphula, kuba iBhayibhile ithi: “UYehova usondele kwabo baphuke intliziyo; yaye abo bamoya utyumkileyo uyabasindisa.
” (INdumiso 34:18) Eneneni, uThixo uyakuva kwanaxa uzama ukucela uncedo qha ungazi ukuba mawuqale phi.—Roma 8:26, 27.Imizekelo emihle. Omnye umbhali weBhayibhile wathandaza kuThixo wathi: “
Ndibiza kuwe xa ndiphelelwe lithemba.
” Lo mdumisi wathuthuzeleka xa wakhumbulayo ukuba uThixo akabenzi abantu bazive benetyala. Wathi kuThixo: “Ukuba ubugcina iingxelo zezono zethu, ngubani obenokuphepha ukubekwa? Kodwa wena uyasixolela, ukuze simangaliswe.
”—INdumiso 130:1, 3, 4, Good News Translation.Ithemba. Nakubeni uThixo esithuthuzela ngoku, uthembise ukuphelisa zonke iingxaki ezibangela ukuxinezeleka kwengqondo. Xa ezalisekisa eso sithembiso, “
izinto zangaphambili [eziquka ukuxinezeleka kwengqondo] aziyi kukhunjulwa, zinganyuki zithi qatha entliziyweni.
”—Isaya 65:17.
Phawula: Ngoxa amaNgqina kaYehova eqonda ukuba uThixo uyalunikela uncedo, ayaya kwagqirha xa egula kwanaxa exinezelekile engqondweni. (Marko 2:17) Noko ke, asinikeli macebiso ngamayeza afanele asetyenziswe ngabantu; sivakalelwa kukuba umntu ufanele azenzele isiqqibo kwimiba enjalo.