UMoya
Ingcaciso: Igama lesiHebhere elithi ruʹach nelesiGrike elithi pneuʹma, adla ngokuguqulelwa ngokuthi “umoya,” aneentsingiselo eziliqela. Onke abhekisela kwinto engabonakaliyo kumehlo abantu nenikela ubungqina bokuba namandla ngentshukumo. Eli gama lesiHebhere nelesiGrike asetyenziswa ukubhekisela (1) kumoya ovuthuzayo, (2) kumandla obomi asebenzayo kwizidalwa ezisemhlabeni, (3) kumandla ashukumisayo aphuma kwintliziyo yomntu yokomfuziselo nambangela ukuba athethe aze enze izinto ngendlela ethile, (4) kumazwi aphefumlelweyo aphuma kumthombo ongabonakaliyo, (5) kubantu abangumoya, (6) nakumandla asebenzayo, okanye umoya oyingcwele kaThixo. Apha kuxutyushwa ngokusetyenziswa kwalo ngeendlela eziliqela ngokuhlobene nemixholo esenokuvela kubulungiseleli basentsimini.
Uyintoni umoya oyingcwele?
Ukuthelekiswa kwezibhalo zeBhayibhile ezithetha ngomoya oyingcwele kubonisa ukuba kuthethwa ngawo ‘njengozalisa’ abantu; ‘banokubhaptizwa’ ngawo; ibe ‘banokuthanjiswa’ ngawo. (Luka 1:41; Mat. 3:11; Ize. 10:38) Akukho nanye yezi ndinyana ebiya kufaneleka ukuba umoya oyingcwele ubungumntu.
UYesu wakwabhekisela kumoya oyingcwele ‘njengomthetheleli’ (pa·raʹkle·tos ngesiGrike), ibe wathi lo mthetheleli wayeya ‘kufundisa,’ ‘anikele ubungqina,’ ‘athethe,’ aze ‘eve.’ (Yoh. 14:16, 17, 26; 15:26; 16:13) Kuyinto eqhelekileyo eZibhalweni ukuba into imntwiswe. Ngokomzekelo, ubulumko kuthiwa ‘bunabantwana.’ (Luka 7:35) Isono nokufa kuthethwa ngazo njengezingookumkani. (Roma 5:14, 21) Ngoxa zimbi izibhalo zisithi umoya ‘wathetha,’ ezinye iindinyana ziyacacisa ukuba oko kwenziwa ngezithunywa zezulu okanye ngabantu. (Ize. 4:24, 25; 28:25; Mat. 10:19, 20; thelekisa IZenzo 20:23 nesama-21:10, 11.) Kweyoku-1 kaYohane 5:6-8 (TE), asingomoya nje kuphela kodwa ‘kwanamanzi negazi’ kuthiwa ‘ziyangqina.’ Ngoko, awakho amabinzana afumaneka kwezi ndinyana angqina ukuba umoya oyingcwele ungumntu.
Umoya oyingcwele umele uqondwe ngokuchanileyo ngokuvisisana nazo zonke izibhalo ezithetha ngaloo moya. Ngokwale mbono, kusengqiqweni ukugqiba kwelokuba umoya oyingcwele ungamandla kaThixo asebenzayo. Awungomntu kodwa ungamandla asebenzayo uThixo awabangela aphume kuye ukuze afeze ukuthanda kwakhe okungcwele.—INdu. 104:30; 2 Pet. 1:21; Ize. 4:31.
Bona kwanephepha 40, 41, phantsi komxholo othi “UBathathu Emnye.”
Yintoni enikela ubungqina bokuba umntu ngenene unawo umoya oyingcwele?
Luka 4:18, 31-35: “[UYesu wafunda kumsongo womprofeti uIsaya:] UMoya weNkosi [uYehova, NW] uphezu kwam, ethe ngenxa yoko yandithambisela ukushumayela iindaba ezilungileyo . . . Wehla waya eKapernahum, umzi welaseGalili; wayebafundisa ngesabatha. Baye ke bekhwankqiswa kukufundisa kwakhe; ngokuba ilizwi lakhe libe linegunya. Kwaye kukho endlwini yesikhungu apho umntu onomoya wedemon engcolileyo; wakhala ngezwi elikhulu, . . . Wawukhalimela uYesu, esithi, Yithi tu, uphume kuye. Yasuka idemon yamjulela esazulwini, yaphuma kuye ingamenzakalisanga.” (Yintoni eyanikela ubungqina bokuba uYesu wayenawo umoya kaThixo? Ingxelo ayitsho ukuba wayegubha okanye enkqangaza okanye egungqa ngenxa yokungenwa ngumoya. Kunoko, ithi wathetha ngegunya. Noko ke, kuyaphawuleka ukuba ngeso sihlandlo umoya wedemon washukumisa loo mntu ukuba adanduluke ngezwi elikhulu aze awele phantsi emhlabeni.)
IZenzo 1:8 zithi xa abalandeli bakaYesu babefumene umoya oyingcwele babeza kuba ngamangqina akhe. Ngokutsho kweZenzo 2:1-11, xa bathi bawufumana loo moya, ababukeli bachukunyiswa yinto yokuba, nangona bonke abebethetha babengamaGalili, babethetha ngezinto ezimangalisayo zikaThixo ngeelwimi ezazisaziwa ngabantu abaninzi basemzini ababekho. Kodwa ingxelo ayitsho ukuba badubuleka bakungenwa ngumoya abo bathi bawufumana.
Kuyaphawuleka ukuba xa uElizabhete wafumana umoya oyingcwele waza “wadanduluka ngezwi elikhulu” wayengekho kwintlanganiso yonqulo kodwa wayebulisa isalamane esasityelele. (Luka 1:41, 42) Njengoko IZenzo 4:31 zisitsho, xa umoya oyingcwele wehlela abafundi ababehlanganisene, indawo yashukunyiswa, kodwa loo moya awuzange ubangele abafundi bagubhe okanye baziqengqe phantsi, kodwa umphumo waba kukuba ‘bathetha ilizwi likaThixo ngokungafihlisi.’ Ngokukwanjalo namhlanje, ukungafihlisi ekuthetheni ilizwi likaThixo, ukubandakanyeka ngenzondelelo kumsebenzi wokunikela ubungqina—ezi zizinto ezinikela ubungqina bokuba umntu unomoya oyingcwele.
Gal. 5:22, 23: “EsoMoya isiqhamo luthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, intembeko, ubulali, ukuzeyisa.” (Kunokungenwa ngumoya wempambano ongowonqulo, sesi siqhamo ubani amele asikhangele xa efuna ukufumana abantu bokwenyaniso abanomoya kaThixo.)
Ngaba ubuchule bokuthetha komntu ekumoya ongummangaliso ulwimi angazange walufundisisa bungqina ukuba unawo umoya kaThixo?
Bona umxholo omkhulu othi “IiLwimi, Ukuthetha ngazo.”
Ngaba ukuphilisa okungummangaliso okwenziwayo kumhla wethu kufezwa ngomoya kaThixo?
Bona umxholo omkhulu othi “UkuPhilisa.”
Ngoobani ababhaptizwa ngomoya oyingcwele?
Bona iphepha 67, 68, phantsi komxholo othi “UBhaptizo,” kwanomxholo omkhulu othi “UkuZalwa Ngokutsha.”
Ngaba ikho inxalenye engumoya yomntu esindayo ekufeni komzimba?
Hez. 18:4: “Umphefumlo owonayo, kuya kufa wona.” (IAP, RS, NE, KJ, neDy zonke ziguqulela igama lesiHebhere elithi neʹphesh elikule ndinyana ngokuthi “umphefumlo,” ngaloo ndlela zisithi ngumphefumlo ofayo. Zimbi iinguqulelo eziguqulela igama elithi neʹphesh ngokuthi “umphefumlo” kwezinye iindinyana zisebenzisa igama elithi “umntu” okanye “ubani” kule ndinyana. Ngoko, uneʹphesh, umphefumlo, ungumntu, kungekhona inxalenye engabonakaliyo yakhe esindayo xa umzimba wakhe usifa.) (Bona umxholo omkhulu othi “UmPhefumlo” ukuze ufumane iinkcukacha ezingakumbi.)
INdu. 146:4: “Uyaphuma umoya wakhe, abuyele yena emhlabeni wakhe; ngaloo mini ayatshitsha amabhongo akhe.” (Igama lesiHebhere apha eliguqulelwe ngokuthi “umoya” liphuma kwelithi ruʹach. Bambi abaguquleli balichaza ngokuthi “impefumlo.” Xa lo ruʹach, okanye amandla obomi asebenzayo, ewushiya umzimba, iingcamango zomntu ziyatshitsha; aziqhubeki ziphila zikomnye ummandla.)
INtshu. 3:19-21: “Bayahlelwa oonyana babantu, ziyahlelwa neenkomo, sinye isihlo kubo nakuzo; njengoko kunjalo ukufa kwabo, kunjalo ukufa kwazo; mnye umoya kubo bonke nakuzo zonke; akukho kuyigqitha komntu inkomo; ngokuba zonke ezo nto zingamampunge. Zonke ezo nto ziya ndaweni-nye; zonke ezo nto zavela eluthulini, zonke ezo nto zibuyela eluthulini. Ngubani na owaziyo umoya woonyana babantu, ukuba uyenyuka na uye phezulu; nomoya wenkomo, ukuba uyehla na uye phantsi emhlabeni?” (Ngenxa yokuzuz’ ilifa isono nokufa kuAdam, bonke abantu bayafa baze babuyele eluthulini, njengoko izilwanyana zisenjenjalo. Kodwa ngaba mntu ngamnye unomoya oqhubeka uphila njengobuntu obunengqiqo emva kokuba ungasasebenzi emzimbeni? Hayi akunjalo; indinyana 19 iphendula ngelithi abantu neenkomo “mnye umoya kubo bonke.” Ngokwendlela umntu abona ngayo, akukho bani ngokusegunyeni unokuphendula umbuzo ophakanyiswe kwindinyana 21 ngokuphathelele umoya. Kodwa iLizwi likaThixo liphendula ngelithi akukho nto abantu banayo ngenxa yokuzalwa ebenza babe ngaphezu kweenkomo xa besifa. Noko ke, ngenxa yelungiselelo likaThixo lenceba ngoKristu, ithemba lokuphila ngonaphakade liye lavulelwa abantu abanokholo, kodwa alivulelwanga zilwanyana. Kuninzi loluntu, oko kuya kwenzeka ngovuko, xa amandla obomi asebenzayo avela kuThixo eya kubanika ubomi kwakhona.)
Luka 23:46: “Wadanduluka ngezwi elikhulu uYesu, wathi, Bawo, ndiyawunikela ezandleni zakho umoya [pneuʹmaʹ, ngesiGrike] wam. Uthe akuba etshilo, waphuma umphefumlo.” (Phawula ukuba uYesu wafa. Xa umoya wakhe waphumayo wayengekho kwindlela eya ezulwini. UYesu wavuswa kwelabafileyo emva kweentsuku ezintathu. Ngoko, njengoko IZenzo 1:3, 9 zibonisa, kwakusasele iintsuku ezingama-40 ngaphambi kokunyukela ezulwini. Ngoko, iyintoni intsingiselo yokwathethwa nguYesu ngexesha lokufa kwakhe? Wayethetha ukuba wayeyazi into yokuba, xa esifa, ithemba lakhe lobomi bexesha elizayo ngokupheleleyo lalikuThixo. Ukuze ufumane amagqabaza angakumbi ‘ngomoya obuyela kuThixo,’ bona iphepha 285, 286, phantsi komxholo othi, “UmPhefumlo.”)
Ukuba Ubani Uthi—
‘Unawo na umoya oyingcwele?’
Usenokuphendula uthi: ‘Ewe, ndinawo, ibe kungoko ndikutyelele endlwini yakho namhlanje. (Ize. 2:17, 18)’
Okanye unokuthi: ‘Nguwo ondibangela ndibe nesabelo kubulungiseleli bamaKristu. Kodwa ndiyafumanisa ukuba asinguye wonk’ ubani ocinga ngendlela efanayo malunga nento enikela ubungqina bokuba umntu ngenene unawo umoya kaThixo. Wena yintoni oyikhangelayo?’ Mhlawumbi usenokongeza uthi: (Ingxubusho yomnye umbandela okwiphepha 197, 198.)