Isahluko 23
Abavangeli Basemazweni Bahambisela Phambili Ulwando Ehlabathini Lonke
UKUSEBENZA ngenzondelelo kwabavangeli basemazweni abakulungeleyo ukukhonza naphi na apho bafuneka khona bekunguthunywashe obalulekileyo ekuvakalisweni koBukumkani bukaThixo emhlabeni wonke.
Kwakudala ngaphambi kokuba iWatch Tower Bible and Tract Society iseke isikolo ukwenzela loo njongo, kwakuthunyelwa abavangeli basemazweni kwamanye amazwe. UMongameli wokuqala woMbutho, uC. T. Russell, wabona kuyimfuneko ukuba abantu abafanelekayo baqalise baze bakhokele ekushumayeleni iindaba ezilungileyo kumasimi asemzini. Wathumela amadoda ukwenzela loo njongo—uAdolf Weber wathunyelwa eYurophu, uE. J. Coward kummandla weCaribbean, uRobert Hollister kumazwe aseMpuma waza uJoseph Booth wathunyelwa emazantsi eAfrika. Okubuhlungu kukuba uBooth wangqineka enomdla ngakumbi kwezakhe iinjongo; ngoko, ngowe-1910, uWilliam Johnston owayevela eSkotlani wathunyelwa eNyasaland (ngoku eyiMalawi), apho impembelelo embi kaBooth yayinkulu gqitha. Emva koko, uMzalwan’ uJohnston wabelwa ukuya kuseka iofisi yesebe yeWatch Tower Society eThekwini, eMzantsi Afrika, yaye kamva wakhonza njengomveleli wesebe eOstreliya.
Emva kwemfazwe yehlabathi yokuqala, uJ. F. Rutherford wathumela abavangeli basemazweni abangakumbi—ngokomzekelo, uThomas Walder noGeorge Phillips ababevela eBritani bathunyelwa eMzantsi Afrika, uW. R. Brown owayevela kwisabelo eTrinidad wathunyelwa eNtshona Afrika, uGeorge Young owayevela eKhanada wathunyelwa eMzantsi Merika naseYurophu, uJuan Muñiz ekuqaleni wathunyelwa eSpeyin waza kamva wathunyelwa eArgentina, uGeorge Wright noEdwin Skinner bathunyelwa eIndiya, balandelwa nguClaude Goodman, uRon Tippin, nabanye abangakumbi. Babengoovulindlela bokwenene, befikelela kwimimandla apho iindaba ezilungileyo zazishunyayelwe kancinane okanye zazingazange zishunyayelwe yaye babesandlala isiseko esiqinileyo sokwanda kwentlangano kwixesha elizayo.
Kwakhona, kwakukho abanye umoya wabo wobuvangeli basemazweni owabashukumisela ukuya kushumayela ngaphandle kwelizwe labo. Phakathi kwabo kwakukho uKate Goas nentombi yakhe uMarion, abachitha iminyaka bekhonza ngenzondelelo eColombia naseVenezuela. Omnye yayinguJoseph Dos Santos, owashiya iHawaii ekuhambo lokushumayela olwakhokelela kwiminyaka eli-15 yobulungiseleli kwiiPhilippines. Kwakhona kwakukho uFrank Rice, owahamba ngenqanawa yokuthutha iimpahla esuka eOstreliya ukuze aqalise ukushumayela iindaba ezilungileyo kwisiqithi saseJava (ngoku esiseIndonesia).
Noko ke, ngowe-1942 kwaqaliswa amalungiselelo esikolo esinezifundo ezenzelwe ngokukhethikeleyo ukuqeqesha amadoda namabhinqa awayekulungele ukungenela inkonzo enjalo yobuvangeli basemazweni naphi na apho ayefuneka khona kwintsimi yomhlaba wonke.
ISikolo SaseGiliyadi
Ngoxa kwakuqhubeka imfazwe yehlabathi, ngokwembono yomntu kwakusenokubonakala kungekho ngqiqweni ukulungiselela ukwandisa umsebenzi wokushumayela uBukumkani kumasimi asemzini. Kanti, ngoSeptemba 1942, bethembele ngoYehova, abalathisi bemibutho eyintloko emibini nesemthethweni eyayisetyenziswa ngamaNgqina kaYehova balamkela icebiso likaN. H. Knorr lokuseka isikolo esenzelwe ukuqeqesha abavangeli basemazweni nabanye ukwenzela inkonzo ekhethekileyo. Sasiza kubizwa ngokuba yiKholeji yeBhayibhile yeWatchtower yaseGiliyadi. Kamva elo gama laguqulwa laba siSikolo seBhayibhile seWatchtower saseGiliyadi. Kwakungayi kuhlawulwa imali yezifundo, yaye abafundi babeza kunikwa iindawo zokuhlala nokutya ngeendleko zoMbutho ngethuba lokuqeqeshwa kwabo.
Phakathi kwabo bacelwayo ukuba bancedise ekwenzeni ucwangciso loko kwakuza kufundiswa kwakukho uAlbert D. Schroeder, owayesele efumene amava angakumbi kwiSebe Lenkonzo kwikomkhulu loMbutho eBrooklyn nanjengomveleli wesebe loMbutho eBritani. Ukuzimisela kwakhe, indlela awayezibhokoxa ngayo, nomdla ofudumeleyo awayenawo kubafundi kwamenza wathandwa ngabo wayebafundisa ebudeni beminyaka eli-17 awayekhonza ngayo njengomamkeli wabafundi nanjengomhlohli kweso sikolo. Ngowe-1974 waba lilungu leQumrhu Elilawulayo, yaye kunyaka olandelayo wabelwa ukuba akhonze kwiKomiti yalo Yokufundisa.
UMzalwan’ uSchroeder nabo wayehlohla nabo (uMaxwell Friend, uEduardo Keller noVictor Blackwell) bacwangcisa izifundo zeenyanga ezintlanu ezazigxininisa kufundisiso lweBhayibhile nolungelelwaniso lobuthixo, kwaneemfundiso zeBhayibhile, ukuthetha esidlangalaleni, ubulungiseleli basentsimini, inkonzo yobuvangeli basemazweni, imbali yonqulo, umthetho kaThixo, indlela yokuqhubana namagosa aseburhulumenteni, imithetho yezizwe ngezizwe, ukugcina iingxelo nolwimi lwasemzini. Bekusenziwa uhlangahlengiso kwizinto ezifundiswayo ukutyhubela iminyaka, kodwa ufundisiso lweBhayibhile nokubaluleka komsebenzi wokuhambisa ivangeli bekusoloko kukwindawo yokuqala. Injongo yezi zifundo kukomeleza ukholo lwabafundi, ukubanceda babe neempawu zokomoya ezifunekayo ukuze bahlangabezane ngokuphumelelayo nocelomngeni lwenkonzo yobuvangeli basemazweni. Kuye kwagxininiswa ekubalulekeni kokuthembela ngokupheleleyo ngoYehova nokunyaniseka kuye. (INdu. 146:1-6; IMize. 3:5, 6; Efe. 4:24) Abafundi abanikwa iimpendulo ezisele zilungisiwe zayo yonke into kodwa bafundiswa ukwenza uphando yaye bayancedwa baqonde isizathu sokuba amaNgqina kaYehova ekholelwa oko akukholelwayo nesizathu sokubambelela kwawo kwiindlela ezithile zokwenza izinto. Bafunda ukuqonda imigaqo abanokuyisebenzisa. Ngaloo ndlela kwandlalwa isiseko sokukhula ngakumbi.
Izimemo ezazisiya kwabo babeza kuba ngabafundi kwiklasi yokuqala zakhutshwa ngoDisemba 14, 1942. Kwakuphakathi ebusika xa bathi abafundi abali-100 ababebumba loo klasi babhalisa kwizakhiwo zesi sikolo esikumantla welizwana laseNew York, kuMzantsi Lansing. Babezinikele, benolangazelelo, yaye babenoloyiko oluthile. Nangona ngokuyintloko babexhalabele izifundo, babekulangazelela gqitha ukwazi intsimi yehlabathi ababeza kuthunyelwa kuyo emva kokuba bephumelele.
Kwintetho eyanikelwa kuloo klasi yokuqala ngoFebruwari 1, 1943, usuku lokuvulwa kweso sikolo, uMzalwan’ uKnorr wathi: “Nixhotyiselwa ngokungakumbi umsebenzi ofana nalowo wawusenziwa ngumpostile uPawulos, uMarko, uTimoti nabanye ababeyityhutyha yonke imimandla yoBukhosi baseRoma bevakalisa isigidimi soBukumkani. Kwakufuneka bomelezwe ngeLizwi likaThixo. Kwakufuneka babe nolwazi olucacileyo ngeenjongo Zakhe. Kwiindawo ezininzi kwakufuneka beme bodwa phambi kwabantu abaphakamileyo nezikhakhamela zeli hlabathi. Kusenokwenzeka okufanayo nakuni; yaye nani uThixo uya kunomeleza.
“Kukho iindawo ezininzi ubungqina obungoBukumkani obungekanikelwa ngomkhamo omkhulu kuzo. Abantu abahlala kwezi ndawo basebumnyameni, bakhotyokiswe lunqulo. Kuthiwa kwamanye ala mazwe apho kukho amaNgqina ambalwa abantu abantliziyo zilungileyo beva ngokukhawuleza yaye banganxulumana nentlangano yeNkosi, ukuba banokufundiswa ngokufanelekileyo. Kumele ukuba kukho amakhulu namawaka angakumbi anokufikelelwa ukuba bekukho abasebenzi abangakumbi entsimini. Ngeemfefe zeNkosi, kuza kubakho abangakumbi.
“ASIYONJONGO yale kholeji ukunixhobisela ukuba ngabalungiseleli abamiselweyo. Sele ningabalungiseleli yaye benikhuthele kubulungiseleli kangangeminyaka. . . . Izifundo zale kholeji zenzelwe injongo ekhethekileyo yokunixhobisela ukuba ngabalungiseleli abanobuchule ngakumbi kumasimi eniya kuwo. . . .
“Owona msebenzi wenu uyintloko kukushumayela ivangeli yoBukumkani kwindlu ngendlu njengoko uYesu nabapostile benzayo. Xa nifumene umntu ophulaphulayo, lungiselelani ukubuyela, niqalise isifundo sekhaya, nize nilungelelanise iqela [ibandla] labo bonke abantu abanjalo kweso sixeko okanye idolophu. Aniyi kulungelelanisa nje iqela kuphela, kodwa nifanele nilincede liqonde iLizwi, nilomeleze, nithethe nalo ngamaxesha athile, nilincede kwiintlanganiso zalo zenkonzo nakwindlela elungelelaniswe ngayo. Xa sele lomelele yaye linako ukuhamba lodwa entsimini, nisenokunduluka niye kwesinye isixeko niye kuvakalisa uBukumkani. Ngamaxesha athile kusenokufuneka nibuyele kulo ukuze nilakhe kolona kholo lungcwele nize nilomeleze kwimfundiso; ngoko umsebenzi wenu uya kuba ngulowo wokunyamekela ‘ezinye izimvu’ zeNkosi, ningazityesheli. (Yoh. 10:16) Owona msebenzi wenu wokwenene kukunceda abantu abantliziyo zilungileyo. Kuya kufuneka nithabathe inyathelo lokuqala, kodwa funani ukhokelo lukaThixo.”a
Kwiinyanga ezintlanu kamva amalungu aloo klasi yokuqala alugqiba uqeqesho lwawo olukhethekileyo. Kwafunyanwa imvume yokungena kwamanye amazwe, kwenziwa amalungiselelo ohambo, yaye aqalisa ukuya kumazwe asithoba akuMbindi noMzantsi Merika. Kwiinyanga ezintathu emva kokuba bephumelele, abavangeli basemazweni abaqeqeshwe eGiliyadi bokuqala ukushiya iUnited States banduluka besinge eCuba. Ngowe-1992, abafundi abangaphezu kwama-6 500 abavela kumazwe angaphezu kwe-110 baye baqeqeshwa baza kamva bakhonza kumazwe namaqela eziqithi angaphezu kwama-200.
De kwasekufeni kwakhe kwiminyaka engama-34 emva kokusekwa kwesikolo saseGiliyadi, uMzalwan’ uKnorr wabonakalisa umdla wobuqu kumsebenzi wabavangeli basemazweni. Kwixesha ngalinye ekwakuqhutywa ngalo izifundo, wayedla ngokutyelela iklasi eyayiqhubeka kangangezihlandlo eziliqela xa wayekwazi ukwenjenjalo, enikela iintetho yaye esiya namanye amalungu abasebenzi bakwikomkhulu ukuze bathethe nabafundi. Emva kokuba abaphumelele eGiliyadi beqalise inkonzo yabo kwamanye amazwe, wayetyelela amaqela abavangeli basemazweni ngokobuqu, ewanceda acombulule iingxaki zawo, aze awakhuthaze ngokufanelekileyo. Njengoko inani lamaqela abavangeli basemazweni lalisanda, walungiselela ukuba nabanye abazalwana abafanelekayo benze amatyelelo anjalo, ukuze bonke abavangeli basemazweni, kungakhathaliseki apho babekhonza khona, bakwazi ukufumana ingqalelo yobuqu rhoqo.
Aba Bavangeli
Basemazweni Babahlukile
Abavangeli beNgqobhoko baye bakha izibhedlele, amaziko eembacu namakhaya eenkedama ukuze banyamekele iintswelo zabantu zezinto eziphathekayo. Besenza ngathi babakhathalele abantu abangamahlwempu, kwakhona baye bakhuthaza imvukelo baza banenxaxheba kwiimfazwe zabanqolobi. Ngokwahlukileyo koko, abavangeli basemazweni abaphumelele kwiSikolo saseGiliyadi bafundisa abantu iBhayibhile. Kunokuba bakhe iicawa baze balindele ukuba abantu beze kubo, baya kwindlu ngendlu baze bafundise abo balambele nabanxanelwe ubulungisa.
Bebambelele ngokusondeleyo kwiLizwi likaThixo, abavangeli basemazweni abangamaNgqina babonisa abantu isizathu sokuba isicombululo sokwenyaniso nesihlala sihleli kwiingxaki zoluntu ibuBukumkani bukaThixo. (Mat. 24:14; Luka 4:43) Umahluko phakathi kwalo msebenzi nalowo wabavangeli beNgqobhoko wabethelelwa kuPeter Vanderhaegen ngowe-1951 xa wayekuhambo oluya esabelweni sakhe eIndonesia. Okuphela komnye umntu owayekhwele kuloo nqanawa yokuthutha iimpahla yayingumfundisi wamaBhaptizi. Nangona uMzalwan’ uVanderhaegen wazama ukuthetha naye ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo, loo mBhaptizi wamxelela ngokucacileyo ukuba eyona nto wayenomdla kakhulu kuyo yayikukuxhasa imigudu kaChiang Kai-shek eTaiwan yokubuyela esikhundleni sakhe kwelo lizwe.
Noko ke, nabanye abantu abaninzi baye bakuqonda ukuxabiseka koko kuchazwe kwiLizwi likaThixo. EBarranquilla, eColombia, xa uOlaf Olson wanikela ubungqina kuAntonio Carvajalino, owayengumxhasi ophambili weqela elithile lobupolitika, uMzalwan’ uOlson akazange ame ngakwicala lakhe, yaye engazange axhase nezinye iingcamango zobupolitika. Kunoko, wacela ukuqhubela uAntonio noodade wabo isifundo seBhayibhile ngesisa. Kungekudala uAntonio waqonda ukuba ngokwenene buBukumkani bukaThixo obukuphela kwethemba labantu abangamahlwempu baseColombia nasehlabathini lonke. (INdu. 72:1-4, 12-14; Dan. 2:44) UAntonio noodade wabo baba ngabakhonzi bakaThixo abanenzondelelo.
Isibakala sokuba abavangeli basemazweni abangamaNgqina bengenanto yakwenza yaye bahlukile kwinkqubo yonqulo yeNgqobhoko sabalaseliswa ngenye indlela kwisiganeko esenzeka eRhodesia (ngoku eyiZimbabwe). Xa uDonald Morrison watyelela kwikhaya lomnye umvangeli weNgqobhoko apho, lo mvangeli wakhalaza ngelithi amaNgqina ayengayihloneli imida eyayimisiwe. Yiyiphi loo mida? Kaloku, iinkonzo zeNgqobhoko zazilahlulahlule elo lizwe layimimandla eyayiza kuthi inkonzo nganye isebenze kowayo ingaphazanyiswa zezinye. AmaNgqina kaYehova ayengenakuhambisana nelo lungiselelo. UYesu wayethe isigidimi soBukumkani sasiya kushunyayelwa kulo elimiweyo liphela. Ngokuqinisekileyo iNgqobhoko yayingakwenzi oko. Abavangeli basemazweni abaqeqeshwe eGiliyadi babezimisele ukwenjenjalo ngokucokisekileyo, bethobela uKristu.
Aba bavangeli basemazweni bathunyelwa, kungekhona ukuba balungiselelwe, kodwa ukuze balungiselele. Kwakucaca ngeendlela ezininzi ukuba oku ngokwenene koko babezabalazela ukukwenza. Akuphosakelanga ukwamkela izinto eziphathekayo ezinikelwa ngokukhululekileyo (yaye kungekhona ngenxa yokungqiba) ngenxa yoxabiso ngoncedo lokomoya. Kodwa ukuze bafikelele iintliziyo zabantu baseAlaska, uJohn Errichetti noHermon Woodard bakufumanisa kuyingenelo ukuba ubuncinane babe nexesha elithile besebenza ngezandla zabo ukuze balungiselele iintswelo zabo zokwenyama, njengoko wenzayo umpostile uPawulos. (1 Kor. 9:11, 12; 2 Tes. 3:7, 8) Owona msebenzi wabo uyintloko yayikukushumayela iindaba ezilungileyo. Kodwa xa kwakubonakaliswa umoya wokubuk’ iindwendwe kubo, nabo babenceda kwimisebenzi ekwakufuneka yenziwe—ngokomzekelo, baqaba uphahla lomnye umntu ngetela kuba babeqonda ukuba wayefuna uncedo. Yaye xa babehamba kwindawo ngeendawo ngephenyane, babencedisa ekothuleni imithwalo. Abantu babeqonda ngokukhawuleza ukuba aba bavangeli basemazweni babengafani kwaphela nabefundisi beNgqobhoko.
Kwiindawo ezithile kwakuyimfuneko ngabavangeli basemazweni abangamaNgqina ukuba bafumane umsebenzi wempangelo kangangexesha elithile ukwenzela ukuba bazinze kwilizwe elithile ukuze bakwazi ukuqhubeka nobulungiseleli babo apho. Ngaloo ndlela, xa uJesse Cantwell waya eColombia, wafundisa isiNgesi kwisebe lezamayeza leyunivesithi yalapho de imeko yezobupolitika yaguquka nemiqathango yonqulo yapheliswa. Emva koko wakwazi ukusebenzisa amava akhe kangangexesha elizeleyo kubulungiseleli njengomveleli ohambahambayo wamaNgqina kaYehova.
Kwiindawo ezininzi, abavangeli basemazweni kwakufuneka baqale bafumane iphepha-mvume lokungena kwilizwe elithile njengabakhenkethi elalibavumela ukuba bahlale kwelo lizwe kangangenyanga okanye mhlawumbi iinyanga eziliqela. Kwakufuneka bahambe baze baphinde bangene kwakhona. Kodwa bazingisa, besenza loo nto ngokuphindaphindiweyo de bafumane amaphepha ayimfuneko okuba ngabemi. Babezimisele ukunceda abantu kumazwe abababelwe kuwo.
Aba bavangeli basemazweni babengazigqali njengabaphakamileyo kunabantu basekuhlaleni. Ngoxa wayengumveleli ohambahambayo, uJohn Cutforth, ngaphambili owayengumfundisi-ntsapho eKhanada, wayetyelela amabandla namaNgqina akwanti ePapua New Guinea. Wayehlala phantsi emgangathweni kunye nawo, wayesitya nawo, yaye wayezamkela izimemo zokulala elukhukweni emakhayeni awo. Wayebunandipha ubudlelane kunye nawo xa wayehamba nawo kubulungiseleli basentsimini. Kodwa oku kwakubamangalisa abantu abangengomaNgqina ababekubona, kuba abefundisi abaMhlophe ababethunyelwe yiNgqobhoko babedume ngokuzahlula kubantu basekuhlaleni, benxulumana namarhamente abo kuphela ixesha elifutshane kwiintlanganiso zabo ezithile, kodwa babengaze batye nawo.
Abantu awayekhonza phakathi kwabo la maNgqina babewuphawula umdla wothando wabavangeli basemazweni nowentlangano eyayibathumele. Ukuphendula ileta eyayivela kuJoão Mancoca, umntu oNtsundu othobekileyo owayevalelwe kwithanga lamabanjwa ePortuguese West Africa (ngoku eyiAngola), kwathunyelwa umvangeli wasemazweni weWatch Tower ukuze anikele uncedo lokomoya. Ekhumbula olo tyelelo, kamva uMancoca wathi: “Ndandingasathandabuzi ukuba le yayiyintlangano yokwenyaniso eyayixhaswa nguThixo. Ndandingazange khe ndicinge ukuba nayiphi na intlangano yonqulo yayingenza into enjalo: ngaphandle kwentlawulo, ithumele umvangeli wasemazweni osuka kude ukuba atyelele umntu ongabalulekanga ngenxa nje yokuba ebhale ileta.”
Iindlela Ababephila Ngazo Namasiko
Ngokufuthi iindlela ekwakuphilwa ngazo kumazwe ababethunyelwe kuwo abavangeli basemazweni zazingahambelanga phambili ngokwezinto eziphathekayo njengeendawo ababevela kuzo. Xa uRobert Kirk wafika eBurma (ngoku eyiMyanmar) ekuqaleni kowe-1947, imiphumo yemfazwe yayisabonakala, yaye ambalwa amakhaya awayenezibane zombane. Kumazwe amaninzi, abavangeli basemazweni bafumanisa ukuba iimpahla ezimdaka zazihlanjwa nganye nganye kwiplanga lokuhlamba okanye ematyeni emlanjeni kunokuba zihlanjwe ngomatshini wombane wokuhlamba iimpahla. Kodwa babeze kufundisa abantu inyaniso yeBhayibhile, ngoko bazilungelelanisa neemeko zasekuhlaleni baza baxakeka kubulungiseleli.
Kwimihla yangaphambili, ngokufuthi kwakusoloko kungekho bani owayelindele ukwamkela abavangeli basemazweni. Kwakufuneka bazifunele ngokwabo indawo yokuhlala. Xa uCharles Eisenhower, nabanye abali-11, bafika eCuba ngowe-1943, kubusuku bokuqala balala phantsi. Kusuku olulandelayo bathenga iibhedi baza benza iindawo zokufaka iimpahla netafile ngeebhokisi zama-apile. Lisebenzisa nayiphi na iminikelo elaliyifumana ngokuhambisa uncwadi, nomxhesho ofanelekileyo woovulindlela abakhethekileyo owawunikelwa yiWatch Tower Society, qela ngalinye labavangeli basemazweni lalikhangela kuYehova ukuze asikelele imigudu yalo yokuhlawula irenti, yokufumana ukutya, neyokuhlangabezana nezinye iindleko eziyimfuneko.
Maxa wambi xa kulungiselelwa izidlo kwakufuneka kuguqulwe indlela ekucingwa ngayo. Apho kwakungekho sikhenkcisi, kwakufuneka kuyiwe emarikeni mihla le. Kumazwe amaninzi kwakuphekwa ngamalahle nangeenkuni kunokuba kusetyenziswe izitovu zegesi okanye zombane. UGeorge noWilla Mae Watkins, abababelwe eLiberia, bafumanisa ukuba isitovu sabo yayingamatye nje amathathu kuphela awayesetyenziselwa ukuxhasa iketile yentsimbi.
Kuthekani ngamanzi? Xa wayejonga ikhaya lakhe elitsha eIndiya, uRuth McKay wathi: ‘Ngoku ndinekhaya elingafaniyo namakhaya endakha ndawabona. Kwigumbi lokuphekela akukho sinki, kukho nje impompo ekoneni kwindawana ephakamileyo eyakhiwe ngesamente ukuthintela ukuba amanzi angachithekeli emgangathweni. Amanzi awasoloko efumaneka iiyure ezingama-24, kodwa kufuneka amanzi agcinwe ukwenzela xa evaliwe.’
Ngenxa yokuba babengaqhelananga neemeko zasekuhlaleni, bambi abavangeli basemazweni babehlaselwa zizifo ebudeni beenyanga zokuqala kwizabelo zabo. URussell Yeatts wayedla ngokuba nesisu segazi ngokuphindaphindiweyo ukufika kwakhe eCuraçao ngowe-1946. Kodwa omnye umzalwana wasekuhlaleni wayenze umthandazo onyanisekileyo wokubulela kuYehova ngabavangeli basemazweni kangangokuba babengenakuze bacinge ngokuhamba. Xa babefika eUpper Volta (ngoku eyiBurkina Faso), uBrian noElke Wise bazifumanisa bekwimozulu engathandekiyo eyayinokumenzakalisa ubani ngokwempilo. Kwakufuneka bafunde ukuhlangabezana neqondo lobushushu lasemini elingama-43 ngokukaCelsius. Kunyaka wabo wokuqala, ubushushu obugqithiseleyo nesifo seengcongconi zazibangela ukuba uElke agule kangangeeveki sihlandlo ngasinye. Kunyaka olandelayo, uBrian walala ngandletyananye kangengeenyanga ezintlanu enesifo sesibindi. Kodwa kungekudala bafumanisa ukuba babenezifundo zeBhayibhile ezithembisayo ezininzi kunezo babenokunikela ingqalelo ngokuzeleyo kuzo—kunye nezinye. Ukuthanda kwabo abo bantu kwabanceda ukuba bazingise; kwanesibakala sokuba babesigqala isabelo sabo njengelungelo nanjengoqeqesho olulungileyo lwayo nantoni na uYehova awayebagcinele yona kwixesha elizayo.
Njengoko iminyaka yayihamba, abavangeli basemazweni abangakumbi babesamkelwa ngabo babehambe ngaphambi kwabo okanye ngamaNgqina asekuhlaleni. Bambi babelwa kumazwe apho izixeko eziphambili izezala maxesha. Ukususela ngowe-1946, kwakhona iWatch Tower Society yazabalazela ukulungiselela amaqela abavangeli basemazweni ikhaya elifanelekileyo nefanitshala esisiseko kunye nemali yokutya, ngaloo ndlela ibakhulula ekuxhalabeleni ezi zinto yaye ibenza bakwazi ukwalathisel’ ingqalelo yabo ngakumbi kumsebenzi wokushumayela.
Kwiindawo eziliqela, ukuhambahamba kwakungawona mava awavavanya ukunyamezela kwabo. Emva kokuba kunethile, oodade abangabavangeli basemazweni abaninzi ePapua New Guinea babezifumana bethwele imigodlo ngoxa behamba emahlathini kwindlela yeenyawo emtyibilizi eyayizele ludaka kangangokuba maxa wambi izihlangu zazide zishiyeke phantsi. EMzantsi Merika, abavangeli basemazweni abaninzi baye banamava ohambo oloyikisayo ngoduladula kwiindlela ezimxinwa eziphezulu kwiiNtaba zeAndes. Ngamava angalibaleki ngokukhawuleza xa uduladula okhwele kuwo, okwicala lendlela elingaseliweni, egqitha esinye isithuthi esikhulu esiza ngaphambili kwigophe elingenazinto zokuthintela ukuba inqwelo-mafutha ingaqengqeleki uze uve uduladula eqalisa ukuthambekela eliweni!
Kwiindawo ezithile iimvukelo zobupolitika kwakubonakala ngathi ziyinxalenye eqhelekileyo yobomi, kodwa abavangeli basemazweni abangamaNgqina babekhumbula amazwi kaYesu athi abafundi bakhe ‘babengayi kuba ngabehlabathi’; ngoko babengathabathi cala kwimilo enjalo. (Yoh. 15:19) Bafunda ukungavumeli nakuphi na ukuthanda ukwazi okwakuya kubachanaba kwingozi ngokungeyomfuneko. Ngokufuthi, eyona ndlela ilungileyo yayikukungahambi ezitratweni de imeko izole. Abavangeli basemazweni abasithoba eVietnam babehlala embindini waseSaigon (ngoku esisiXeko saseHo Chi Minh) xa kwaqhambuka imfazwe kweso sixeko. Babebona kuphoswa iibhombu, kusitsha kuso sonke eso sixeko, yaye amawaka abantu ebalekela ukusindisa ubomi bawo. Kodwa beqonda ukuba uYehova wayebathumele ukuba badlulisele ulwazi olunik’ ubomi kubantu abalambele inyaniso, bakhangela kuye ukuze abakhusele.
Kwanaxa kwakukho umlinganiselo othile woxolo, kwakunzima ngabavangeli basemazweni ukuqhubeka nobulungiseleli babo kumacandelo athile ezixeko zaseAsia. Ukubonwa nje komntu welinye ilizwe kwizitrato ezimxinwa zecandelo elihlala abantu abangamahlwempu eLahore, ePakistan, kwakutsala isihlwele sabantwana abangahlanjwanga, abamdaka nabaneminyaka eyahlukahlukeneyo. Bekhwazana yaye betyhalana, babedla ngokulandela umvangeli wasemazweni kwindlu ngendlu, ngokufuthi bengena bebaninzi emakhayeni belandela umvakalisi. Kungekudala bonke abakweso sitrato babexelelwe ixabiso lamaphephancwadi nokuba lo mntu ungaziwayo ‘wenza amaKristu.’ Kwiimeko ezinjalo, ngokuqhelekileyo kwakuba yimfuneko ukuwushiya loo mmandla. Ngokufuthi babenduluka ngoxa abantwana bekhwaza, beqhwaba izandla, yaye, maxa wambi, bexulutywa ngamatye.
Ngokufuthi amasiko asekuhlaleni ayebangela ukuba kufuneke abavangeli basemazweni benze uhlengahlengiso. EJapan bafunda ukushiya izihlangu zabo emnyango xa bengena endlwini. Yaye kwakufuneka baqhelane nokuhlala phantsi phambi kwetafile emfutshane kwizifundo zeBhayibhile, ukuba kwakunokwenzeka. Kweminye imimandla yaseAfrika, bafunda ukuba ukusebenzisa isandla sasekhohlo xa unika omnye umntu into ethile kwakugqalwa njengesinyeliso. Yaye bafumanisa ukuba kuloo mmandla wehlabathi, yayikukungabi nasimilo ukuzama ukucacisa isizathu sotyelelo lwabo ngaphambi kokuba bancokole ngokufutshane—bebuza impilo bephendula nemibuzo enjengokuba ubani uvela phi, unabantwana abangaphi, njalo njalo. EBrazil abavangeli basemazweni bafumanisa ukuba kunokuba bankqonkqoze emnyango, ngokuqhelekileyo kwakufuneka baqhwabe izandla kwisango elingaphambili ukuze babize umninimzi.
Noko ke, eLebanon abavangeli basemazweni babejamelana namasiko angaqhelekanga. Bambalwa abazalwana ababesiza nabafazi neentombi zabo kwiintlanganiso. Amabhinqa awayesiza ayesoloko ehlala ngasemva, ayengaze ahlale phakathi kwamadoda. Abavangeli basemazweni, bengaliqondi eli siko, baba sisiphazamiso gqitha kwintlanganiso yokuqala abaya kuyo. Isibini esitshatileyo sahlala ngaphambili, yaye oodade abangatshatanga abangabavangeli basemazweni bahlala nakwesiphi na isihlalo esasifumaneka. Kodwa emva kwentlanganiso ingxubusho engemigaqo yamaKristu yanceda ukuphelisa oko kungaqondani. (Thelekisa iDuteronomi 31:12; Galati 3:28.) Ukwahlukaniswa kwabantu kwayekwa. Abafazi neentombi ezingakumbi beza kwiintlanganiso. Kwakhona bathelela oodade abangabavangeli basemazweni kubulungiseleli bendlu ngendlu.
Ucelomngeni Lolwimi Olutsha
Iqela elincinane labavangeli basemazweni elafika eMartinique ngowe-1949 lalisazi kancinane gqitha isiFrentshi, kodwa lalisazi ukuba abantu babefanele basive isigidimi soBukumkani. Linokholo lokwenene laqalisa kwindlu ngendlu, lizama ukufunda iindinyana ezimbalwa eBhayibhileni okanye isicatshulwa kwimpapasho elaliyinikela. Ngenxa yokuba nomonde ngokuthe ngcembe laphucula kwisiFrentshi.
Nangona yayingumnqweno wabo ukunceda amaNgqina asekuhlaleni nabanye abantu abanomdla, ngokufuthi yayidla ngokuba ngabavangeli basemazweni ekwakufuneka bancedwe kuqala—ngolwimi. Abo babethunyelwe eTogo bafumanisa ukuba umgaqo-ntetho wesiEwe, olona lwimi luthethwa ngabemi bomthonyama abaninzi, wawahluke kakhulu kulowo weelwimi zaseYurophu, nokuba imvakalo-zwi yayinokuyiguqula intsingiselo yegama. Ngaloo ndlela, igama elinoonobumba ababini elithi to, xa imvakalo-zwi iphezulu, linokuthetha indlebe, intaba, ubawozala, okanye isizwe; xa imvakalo-zwi iphantsi, lithetha inyathi. Abavangeli basemazweni abaqalisa inkonzo eVietnam babejamelene nolwimi olwalusebenzisa imvakalo-zwi ngeendlela ezintandathu ezahlukahlukeneyo kulo naliphi na igama, imvakalo-zwi nganye inentsingiselo eyahlukileyo.
UEdna Waterfall, owabelwa ePeru, akazange ayilibale ngokukhawuleza indlu yokuqala awazama ukunikela ubungqina ngeSpanish kuyo. Esoyika, wapitiliza intshumayelo yakhe ecengceleziweyo, wanikela uncwadi, waza walungiselela ukuqalisa isifundo seBhayibhile nebhinqa elikhulileyo. Landula eli bhinqa lithetha ngesiNgesi esisulungekileyo lathi: “Kulungile, oko kuhle gqitha. Ndiza kufundisisa nawe yaye konke oku siza kukwenza ngeSpanish ukuze ndikuncede ufunde iSpanish.” Emangalisiwe, uEdna waphendula: “Kanti uyasazi isiNgesi? Kodwa undiyeke ndathetha yonke laa nto ngeSpanish sam esaphukileyo?” Eli bhinqa laphendula: “Iza kukunceda loo nto.” Yaye, ngokwenene, yayiza kumnceda! Njengoko uEdna kungekudala waqalisa ukuqonda, ukuluthetha ulwimi yeyona ndlela ibalulekileyo yokulufunda.
EItali, xa uGeorge Fredianelli wazama ukuthetha ulwimi lwalapho, wafumanisa ukuba amabinzana awayecinga ukuba ngawesiTaliyane (kodwa eneneni ingamagama esiNgesi abizwa ngendlela yesiTaliyane) ayengaqondwa. Ukuze ahlangabezane nale ngxaki, wagqiba kwelokuba azibhale ngokupheleleyo iintetho awayeza kuzinikela emabandleni aze azinikele esebenzisa umbhalo-ngqangi. Kodwa abaninzi kwabo babemphulaphula babelala. Ngoko wayeka ukusebenzisa umbhalo-ngqangi, wathetha engajongi kangako kulwandlalo, waza wacela abaphulaphuli ukuba bamncede xa esengxakini. Oku kwakubenza bangalali, yaye kwamnceda wenza inkqubela.
Ukuze zinike abavangeli basemazweni isiseko solwimi lwabo olutsha, izifundo zaseGiliyadi zeeklasi zangaphambili zaziquka iilwimi ezinjengeSpanish, isiFrentshi, isiTaliyane, isiPhuthukezi, isiJapan, isiArabhu, nesiUrdu. Ukutyhubela iminyaka, bekufundiswa iilwimi ezingama-30. Kodwa ekubeni abaphumeleleyo kwiklasi ethile babengayi bonke kwiindawo apho kwakuthethwa ulwimi olunye, kamva ezi klasi zolwimi zathatyathelw’ indawo ngamalungiselelo ethuba lokufundiswa ulwimi ngokucokisekileyo ekufikeni kwizabelo zabo. Kwinyanga yokuqala, abo bafikayo babezibhokoxa ngokupheleleyo befunda ulwimi lwalapho iiyure ezili-11 suku ngalunye; yaye kwinyanga elandaleyo, isiqingatha sexesha labo babesichitha befunda ulwimi lwalapho ekhaya, yaye esinye isiqingatha babesichitha besebenzisa olo lwazi kubulungiseleli basentsimini.
Noko ke, kwaphawulwa ukuba ukulusebenzisa ulwimi kubulungiseleli basentsimini kwakungundoqo wokwenza inkqubela; ngoko kwenziwa uhlangehlengiso. Ebudeni beenyanga ezintathu zokuqala kwisabelo sabo, abavangeli basemazweni abatsha ababengalwazi ulwimi lwasekuhlaleni babechitha iiyure ezine ngosuku nomfundisi-ntsapho ofanelekileyo, yaye kwasekuqaleni nje, ngokunikela ubungqina kubantu basekuhlaleni ngoBukumkani bukaThixo, babesebenzisa oko babekufunda.
Amaqela amaninzi abavangeli basemazweni ayesebenza kunye ukuze aphucule ukuluqonda kwawo ulwimi. Ayexubusha ngamagama amatsha ambalwa, okanye angama-20, suku ngalunye ngethuba lesidlo sakusasa aze azabalazele ukuwasebenzisa kubulungiseleli bawo basentsimini.
Ukufunda ulwimi lwasekuhlaleni bekunguthunywashe obalulekileyo ekuphumeleleni kwabo ukwenza abantu babe nentembelo kubo. Kwiindawo ezithile kukho ukungabathembi abantu abavela kwamanye amazwe. UHugh noCarol Cormican bakhonze bengatshatanga okanye njengesibini esitshatileyo kumazwe amahlanu aseAfrika. Bakwazi kakuhle ukungathembani ngokufuthi okubakho phakathi kwabantu abaNtsundu nabaMhlophe. Kodwa bathi: “Ukuthetha ngolwimi lwasekuhlaleni kuyiphelisa ngokukhawuleza le mvakalelo. Ngaphezu koko, abo batyekele ekubeni bangaziphulaphuli iindaba ezilungileyo kubantu belizwe lakowabo, bayasiphulaphula thina, bathabathe uncwadi, baze bafundisise, kuba siye senza umgudu wokuthetha nabo ngolwimi lwabo.” Ukuze benze oko, uMzalwan’ uCormican wafunda iilwimi ezintlanu, ngaphandle kwesiNgesi, yaye uDade Cormican wafunda ezintandathu.
Kambe ke, kunokubakho iingxaki xa uzama ukufunda ulwimi olutsha. EPuerto Rico omnye umzalwana owayecela ukudlalela abaninimzi isigidimi seBhayibhile esirekhodiweyo wayedla ngokuyivala igramafoni yakhe aze agqithele kwenye indlu xa umntu ephendule ngokuthi, “¡Como no!” Kuye, oko kwakuvakala ngathi kuthiwa “No” (Hayi), yaye kwamthabatha ixesha ngaphambi kokuphawula ukuba eli binzana lithetha ukuthi “Khululeka!” Kwelinye icala, maxa wambi abavangeli basemazweni babengaqondi xa umninimzi esithi akanamdla, ngoko babeqhubeka benikela ubungqina. Ngenxa yoko abaninimzi abambalwa abanovelwano bangenelwa.
Kwakhona kwakubakho neemeko ezihlekisayo. ULeslie Franks, eSingapore, wafunda ukuba alumke angathethi ngekokonathi (kelapa) xa efuna ukuthetha ngentloko (kepala), nokuthetha ngengca (rumput) xa efuna ukuthetha ngeenwele (rambut). Omnye umvangeli wasemazweni eSamoa, ngenxa yokungabizi kakuhle amagama, wabuza omnye ummi walapho, “Zinjani iindevu zakho?” (wayengenazo iindevu), xa wayenenjongo yokubuza ngobuhlobo ngomfazi waloo ndoda. E-Ecuador, xa umqhubi kaduladula waqalisa ukumndulula ngequbuliso, uZola Hoffman, owayemile kuduladula, wagxadazela waza waya kuwela phezu kwethanga lenye indoda. Eneentloni, wazama ukucela uxolo. Kodwa wathi, “Con su permiso” (Ngemvume yakho). Xa le ndoda yaphendula ngobubele isithi, “Zive ukhululekile, Nenekazi,” abanye ababekhwele bathi gquzu behleka.
Sekunjalo, kwakubakho imiphumo emihle kubulungiseleli kuba abavangeli basemazweni babesenza umgudu. ULois Dyer, owafika eJapan ngowe-1950, ukhumbula icebiso elanikelwa nguMzalwan’ uKnorr: “Yenzani konke okusemandleni enu, yaye, nokuba nenza iimpazamo, yenzani okuthile!” Wenjenjalo, yaye nabanye abaninzi benjenjalo. Kwiminyaka engama-42 eyalandelayo, abavangeli basemazweni ababethunyelwe eJapan babona inani labavakalisi boBukumkani apho lisanda ukusuka nje kwabambalwa ukuya kwabangaphezu kwe-170 000, yaye ulwando luye lwaqhubeka. Onjani wona ukutyeba umvuzo kuba, emva kokukhangela kuYehova ukuba abalathise, babekulungele ukuzama!
Ukuvula Amasimi Amatsha, Besomeleza Abanye
Kumazwe nakumaqela eziqithi amaninzi, yayingabavangeli basemazweni abaqeqeshwe eGiliyadi abaqalisa umsebenzi wokushumayela uBukumkani okanye abanikela ifuthe elifunekayo emva kokuba abanye benikele ubungqina ngomkhamo othile. Kubonakala ukuba babengamaNgqina kaYehova okuqala ukushumayela iindaba ezilungileyo eSomalia, eSudan, eLaos nakumaqela eziqithi amaninzi emhlabeni wonke.
Ngaphambili kwakusele kushunyayelwe kumazwe anjengeBolivia, iDominican Republic, iEcuador, iEl Salvador, iHonduras, iNicaragua, iEthiopia, iGambia, iLiberia, iCambodia, iHong Kong, iJapan neVietnam. Kodwa kwakungekho nalinye iNgqina likaYehova elalinikela ingxelo ngomsebenzi kula mazwe ekufikeni kwabavangeli basemazweni bokuqala abaphelele kwiSikolo saseGiliyadi. Xa kwakunokwenzeka, abavangeli basemazweni babeligubungela ngendlela elungelelanisiweyo ilizwe, babeqala banikele ingqalelo kwizixeko ezikhulu. Babengahambisi uncwadi kuphela baze bagqithele phambili, njengoko babesenjenjalo oovulindlela bangaphambili. Ngomonde babebuyela kubantu abanomdla, bebaqhubela izifundo zeBhayibhile, yaye bebaqeqesha kubulungiseleli basentsimini.
Kwamanye amazwe kwakukho abavakalisi boBukumkani abamalunga neshumi kuphela (yaye, kwamaninzi, babembalwa kunoko) ngaphambi kokufika kwabavangeli basemazweni abaphumelele kwiSikolo saseGiliyadi. Phakathi kwawo singabala iColombia, iGuatemala, iHaiti, iPuerto Rico, iVenezuela, iBurundi, i-Ivory Coast (ngoku eyiCôte d’Ivoire), iKenya, iMauritius, iSenegal, uMzantsi Ntshona Afrika, (ngoku oyiNamibia), iCeylon (ngoku eyiSri Lanka), iTshayina, neSingapore, namaqela eziqithi amaninzi. Abavangeli basemazweni bamisela umzekelo wenzondelelo kubulungiseleli, banceda amaNgqina asekuhlaleni aphucule ubuchule bawo, balungelelanisa amabandla, baza banceda abazalwana bafanelekela ukukhokela. Kwakhona kwimeko ezininzi babeqalisa umsebenzi wokushumayela kwimimandla apho wawungekenziwa khona ngaphambili.
Ngenxa yolu ncedo amaNgqina aqalisa ukwanda. Kwinkoliso yala mazwe, ngoku kukho amaNgqina kaYehova akhutheleyo angamawaka. Kwamanye awo, kukho abadumisi bakaYehova abangamashumi amawaka, okanye abangaphezu kwekhulu lamawaka.
Abanye Abantu Babephulaphula Ngolangazelelo
Kweminye imimandla abavangeli basemazweni babefumana abantu abaninzi ababekulungele yaye bekulangazelela ukufunda. Xa uTed noDoris Klein, abaphumelela kwiklasi yokuqala yaseGiliyadi, bafika kwiiVirgin Islands ngowe-1947, kwakukho abantu abaninzi gqitha ababefuna ukufundisisa iBhayibhile kangangokuba ngokufuthi babengaluqukumbeli usuku lwabo lwenkonzo de kube sezinzulwini zobusuku. Kwintetho yesidlangalala yokuqala uMzalwan’ uKlein awayinikela kwiNdawo Yentengiso yaseCharlotte Amalie, kwakukho abantu abaliwaka.
UJoseph McGrath noCyril Charles bathunyelwa kwintsimi yaseAmis eTaiwan ngowe-1949. Babehlala kwizindlu ezifulelwe ngengca nezinemigangatho yomhlaba. Kodwa babeye kunceda abantu apho. Abanye abantu bohlanga lwama-Amis babefumene uncwadi lweWatch Tower, bakuthanda oko babekufunda, yaye babebelana nabanye ngeendaba ezilungileyo. Ngoku abavangeli basemazweni babelapho ukuze babancede bakhule ngokomoya. Baxelelwa ukuba ngabantu abangama-600 ababenomdla enyanisweni, kodwa xa bebonke bali-1 600 ababesiza kwiintlanganiso ababeziqhuba njengoko babehamba kwiidolophana ngeedolophana. Aba bantu bathobekileyo babekulungele ukufunda, kodwa babengenalwazi luchanileyo ngezinto ezininzi. Ngomonde aba bazalwana baqalisa ukubafundisa, bethabatha umbandela omnye ngexesha, ngokufuthi bechitha iiyure ezisibhozo okanye ngaphezulu kwingxubusho yemibuzo neempendulo yombandela othile kwidolophana nganye. Kwakhona kwaqeqeshwa abali-140 abavakalisa umnqweno wokuba nesabelo ekunikeleni ubungqina kwindlu ngendlu. Anjani wona ukuvuyisa amava okwaba ngawo kwaba bavangeli basemazweni! Kodwa kwakusafuneka kwenziwe okuninzi ukuba kwakuza kubakho isiseko esiqinileyo sokukhula ngokomoya.
Phantse kwiminyaka eli-12 kamva, uHarvey noKathleen Logan, abavangeli basemazweni abaqeqeshwe eGiliyadi ababekhonza eJapan, babelwa ukuba banikele uncedo olungakumbi kubazalwana baseAmis. UMzalwan’ uLogan wayechitha ixesha elininzi ebanceda baqonde iimfundiso ezisisiseko nemigaqo yeBhayibhile nemibandela yentlangano. UDade Logan wayesebenza noodade baseAmis kwinkonzo yasentsimini suku ngalunye, emva koko wayezabalazela ukufundisisa nabo iinyaniso ezisisiseko zeBhayibhile. Kwandula ke, ngowe-1963, iWatch Tower Society yalungiselela iindwendwe ezivela kumazwe angama-28 ukuba zihlanganisane namaNgqina asekuhlaleni kwidolophana yaseShou Feng, kwindibano eyayiqhutywa ehlabathini lonke. Konke oku kwaqalisa ukwandlala isiseko esiqinileyo solwando olungakumbi.
Ngowe-1948, abavangeli basemazweni ababini, uHarry Arnott noIan Fergusson, bafika eMntla Rhodesia (ngoku eyiZambia). Kwakusele kukho amabandla angama-252 amaNgqina aNtsundu omthonyama ngelo xesha, kodwa ngoku kwanikelwa ingqalelo nakubantu abaMhlophe ababefudukele apho ngenjongo yokusebenza kwimisebenzi yokumbiwa kobhedu. Intsabelo yayintle gqitha. Kwahanjiswa uncwadi oluninzi; abo babeqhutyelwa izifundo zeBhayibhile benza inkqubela ngokukhawuleza. Kuloo nyaka kwabakho ulwando lwama-61 ekhulwini lwamaNgqina akhutheleyo kubulungiseleli basentsimini.
Kwiindawo ezininzi kwakuqhelekile ukuba abavangeli basemazweni babe noludwe lwabantu abalindileyo ababefuna izifundo zeBhayibhile. Maxa wambi izizalwana, abamelwane, nabanye abahlobo babebakho xa kuqhutywa izifundo. Kwanangaphambi kokuba abantu babe nezifundo zabo zeBhayibhile zobuqu, babesenokuba babesiya rhoqo ezintlanganisweni kwiHolo yoBukumkani.
Noko ke, kwamanye amazwe, nangona abavangeli basemazweni babesenza umgudu omkhulu, isivuno sasisincinane gqitha. Kwangowe-1953, abavangeli basemazweni beWatch Tower bathunyelwa eMpuma Pakistan (ngoku eyiBangladesh), apho uninzi lwabemi, ngoku abangaphezu kwe-115 000 000 lungamaSilamsi namaHindu. Kwenziwa umgudu omkhulu ukuze kuncedwe aba bantu. Kodwa, ngowe-1992, bekukho abanquli bakaYehova abangama-42 kuphela kwelo lizwe. Noko ke, emehlweni abavangeli basemazweni abakhonza kwimimandla enjalo, ngamnye olwamkelayo unqulo lokwenyaniso uxabiseke ngokukhethekileyo—kuba banqabe gqitha.
Ukunceda Ngothando Amanye AmaNgqina
Owona msebenzi uyintloko wabavangeli basemazweni kukuhambisa ivangeli, ukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Kodwa njengoko beye babandakanyeka ngokoqubu kulo msebenzi, baye bakwazi nokunikela uncedo olungakumbi kumaNgqina asekuhlaleni. Abavangeli basemazweni baye bawamema ukuba ahambe nabo kubulungiseleli basentsimini yaye bawacebisa ngeendlela zokusingatha iimeko ezinzima. Ngokujonga indlela abenza ngayo abavangeli basemazweni, amaNgqina asekuhlaleni ngokufuthi aye afunda indlela yokuqhubeka nobulungiseleli bawo ngokulungeleleneyo ngakumbi nendlela yokuba ngabafundisi abaphumelelayo. Abavangeli basemazweni, nabo baye bancedwa ngamaNgqina asekuhlaleni ukuba balungelelane namasiko asekuhlaleni.
Ukufika kwakhe ePortugal ngowe-1948, uJohn Cooke wathabatha amanyathelo okulungelelanisa umsebenzi wendlu ngendlu. Nangona ayezinikele, amaNgqina amaninzi asekuhlaleni ayefuna uqeqesho. Kamva wathi: “Andinakuze ndisilibale isihlandlo sokuqala sokuya kubulungiseleli noodade baseAlmada. Bobathandathu bahamba kunye baya endlwini enye. Khawube nombono wamabhinqa amathandathu emi emnyango ngoxa omnye wawo wayenikela intshumayelo! Kodwa ngokuthe ngcembe izinto zaqala ukulungelelana yaye zahambela phambili.”
Umzekelo wenkalipho wabavangeli basemazweni wanceda amaNgqina akwiiLeeward Islands ukuba abe nenkalipho, angoyikiswa ngabachasi ababezama ukuphazamisa umsebenzi. Ukholo olwabonakaliswa ngumvangeli wasemazweni lwanceda abazalwana baseSpeyin ukuba baqalise kubulungiseleli bendlu ngendlu, phezu kwalo nje ulawulo lobuzwilakhe lomFasi ongumKatolika ababephila phantsi kwalo ngelo xesha. Abavangeli basemazweni ababekhonza eJapan emva kweMfazwe Yehlabathi II bamisela umzekelo wokuba nobuchule—ngokungasoloko bethetha ngokusilela konqulo lwesizwe, emva kokuba umlawuli waseJapan wayevakalise ukuba akangothixo, kodwa kunoko babenikela ubungqina obeyisayo bokukholwa kuMdali.
AmaNgqina asekuhlaleni ayejonga indlela ababezenza ngayo izinto abavangeli basemazweni yaye ngokufuthi ayechukumiseka ngokunzulu ngeendlela ababesenokuba abavangeli basemazweni babengaziqondi ngelo xesha. ETrinidad, izinto ezenzekayo ezabonakalisa ukuthobeka kwabavangeli basemazweni, ukuzinikela kwabo ukunyamezela iimeko ezinzima, nomsebenzi wabo onzima enkonzweni kaYehova phezu kwayo nje imozulu eshushu kusathethwa ngazo kwiminyaka emininzi emva koko. AmaNgqina aseKorea achukumiseka ngokunzulu ngumoya wokuzincama wabavangeli basemazweni abangazange bahambe kwelo lizwe ukuya kutyelela iintsapho zabo kangangeminyaka elishumi kuba urhulumente wayengayi kubanika amaphepha-mvume okungena kwakhona ngaphandle kweemeko ezimbalwa zongxamiseko “zovelwano.”
Ebudeni nasemva kokuqalisa kwabo ukufunda eGiliyadi, abavangeli basemazweni abaninzi bayibona ngokusondeleyo indlela elisebenza ngayo ikomkhulu lentlangano kaYehova ebonakalayo. Ngokufuthi babeba namathuba amaninzi okunxulumana namalungu eQumrhu Elilawulayo. Kamva, kwizabelo zabo zobuvangeli basemazweni, bakwazi ukugqithisela kumaNgqina asekuhlaleni nakubantu abasandul’ ukuba nomdla iingxelo ababezibonele ngokwabo zendlela esebenza ngayo intlangano noxabiso ababenalo ngayo. Ubunzulu boxabiso abalugqithiselayo ngokuphathelele indlela yobuthixo esebenza ngayo intlangano ngokufuthi babunguthunywashe obalulekileyo kulwando olwabakho.
Kwiindawo ezininzi abathunyelwa kuzo abavangeli basemazweni, kwakungekho zintlanganiso zebandla ekufikeni kwabo. Ngoko benza amalungiselelo ayimfuneko, baqhuba iintlanganiso, yaye babesingatha iinxalenye ezininzi kwezi ntlanganiso de abanye bakufanelekela ukuba nesabelo kula malungelo. Ngokuqhubekayo babeqeqesha abanye abazalwana ukuze bafanelekele ukusingatha iimbopheleleko. (2 Tim. 2:2) Ngokuqhelekileyo indawo yokuqala ekwakuqhutyelwa kuyo iintlanganiso yayiba likhaya labavangeli basemazweni. Ekuhambeni kwexesha, kwakusenziwa amalungiselelo okufunyanwa kweeHolo zoBukumkani.
Apho kwakusele kukho amabandla, abavangeli basemazweni bafak’ isandla ekwenzeni iintlanganiso zibangel’ umdla zize zifundise ngakumbi. Amagqabaza abo alungiselelwe kakuhle ayexatyiswa yaye kungekudala amisela umzekelo abathi abanye bazama ukuwuxelisa. Besebenzisa uqeqesho ababelufumene eGiliyadi, abazalwana bamisela umzekelo omhle ekuthetheni esidlangalaleni nasekufundiseni, yaye ngovuyo babechitha ixesha bekunye nabazalwana basekuhlaleni bebanceda ukuba bafunde obo buchule. Kumazwe apho abantu babengakukhathalelanga ukubamba ixesha, kwakhona abavangeli basemazweni ngomonde babanceda baqonda ukubaluleka kokuqalisa iintlanganiso ngexesha baza bakhuthaza wonk’ ubani ukuba afike ngethuba.
Iimeko ababefika zikho kwezinye iindawo zazibonisa ukuba kwakufuneka uncedo ukuze bakhe uxabiso lokubaluleka kokubambelela kwimilinganiselo yobulungisa kaYehova. Ngokomzekelo, eBotswana, bafumanisa ukuba abanye oodade babesafaka iintambo okanye amaso kwiintsana zabo ukuzikhusela kwingozi, bengaqondi ngokupheleleyo ukuba eli siko lalisekelwe kwiinkolo nakubugqwirha. EPortugal bafumanisa iimeko ezazibangela ukungamanyani. Ngomonde, uncedo lothando, nobungqongqo xa kuyimfuneko, kwabakho inkqubela kwimpilo yokomoya.
Abavangeli basemazweni abababelwe kwizikhundla zokuvelela eFinland bachitha ixesha elininzi baza benza umgudu wokuqeqesha abazalwana basekuhlaleni ukuba baqiqe ngeengxaki ngokuvisisana nemigaqo yeBhayibhile baze ngaloo ndlela bafikelele kwisigqibo esivumelana nendlela acinga ngayo uThixo. Kwakhona eArgentina banceda abazalwana ukuba bafunde ukuxabiseka kocwangciso, indlela yokugcina iingxelo, nokubaluleka kweefayile. EJamani banceda abazalwana abanyanisekileyo ababengqongqo ngokwenene kwiimbono zabo, nto leyo eyayingumphumo wokufuna kwabo ukuhlala beqhubeka bomelele kwiinkampu zoxinaniso, ukufuna ukuxelisa ngakumbi iindlela zobulali zikaYesu Kristu njengoko besalusa umhlambi kaThixo.—Mat. 11:28-30; IZe. 20:28.
Umsebenzi wabanye abavangeli basemazweni wawubandakanya ukuqhubana namagosa aseburhulumenteni, bephendula imibuzo yawo, yaye besenza isicelo sokwamkelwa ngokusemthethweni komsebenzi wamaNgqina kaYehova. Ngokomzekelo, kangangethuba eliphantse libe yiminyaka emine, uMzalwan’ uJoly, owayabelwe eCameroon nomfazi wakhe, wenza imigudu ngokuphindaphindiweyo ukuze bamkelwe ngokusemthethweni. Ngokufuthi wayethetha nabasemagunyeni baseFransi nabaseAfrika. Ekugqibeleni, emva kokutshintshwa korhulumente, bamkelwa ngokusemthethweni. Ngoku amaNgqina ebesebenza kangangeminyaka engama-27 eCameroon yaye sele engaphezu kwama-6 000.
Ukuhlangabezana Nocelomngeni Lwenkonzo Yokuhambahamba
Bambi abavangeli basemazweni baye babelwa ukuba bakhonze njengabaveleli abahambahambayo. Kwakukho imfuneko enkulu eOstreliya, apho imigudu yabazalwana ngokungebobulumko yajikwayo kwizilangazelelo zoBukumkani yajoliswa kusukelo lwehlabathi ebudeni beMfazwe Yehlabathi II. Ekuhambeni kwexesha, le meko yalungiswa, yaye ebudeni botyelelo lukaMzalwan’ uKnorr ngowe-1947, kwagxininiswa ekubalulekeni kokubeka kuqala umsebenzi wokushumayela uBukumkani. Emva koko, inzondelelo, umzekelo omhle, neendlela zokufundisa zabo baphumelele eGiliyadi ababekhonza njengabaveleli beziphaluka nabezithili zanceda ukuhlakulela imeko-bume yokomoya yokwenene phakathi kwamaNgqina alapho.
Ngokufuthi ukuba nesabelo kwinkonzo yokuhambahamba kuye kwafuna ukuzinikela kakhulu nokujamelana neengozi. UWallace Liverance wafumanisa ukuba ekuphela kwendlela yokufikelela intsapho yabavakalisi abakwanti eVolcán, eBolivia, yayikukuhamba iikhilomitha ezingama-90 ukuya nokubuya ecanda kwindawo enamatye, neyinkqantosi ephakame kangangeemitha ezingama-3 400 kwilanga eligqats’ ubhobhoyi, ngoxa ethwele ingxowa yakhe yokulala, ukutya namanzi noncwadi. Ukuze akhonze amabandla akwiiPhilippines, uNeal Callaway ngokufuthi kwakufuneka akhwele ooduladula abazeleyo ababehamba kwiidolophana ababengakhweli abantu kuphela kodwa kwanezilwanyana nemveliso. URichard Cotterill waqalisa umsebenzi wokuba ngumveleli ohambahambayo eIndiya ngexesha amawaka abantu ayebulawa ngalo ngenxa yentiyo yonqulo. Xa kwakufuneka aye kukhonza abazalwana kummandla owawunezixholoxholo, unobhala okhupha amatikiti kaloliwe wazama ukumnqanda. Olo hambo lwalusoyikeka gqitha kubantu abaninzi ababekhwele, kodwa uMzalwan’ uCotterill wayenothando olunzulu ngabazalwana bakhe, kungakhathaliseki apho babehlala khona okanye ulwimi ababeluthetha. Enentembelo kuYehova, waqiqa ngelithi: “Ukuba kukuthanda kukaYehova, ndiza kuzama ukuba ndiye kufika.”—Yak. 4:15.
Ukukhuthaza Abanye Ukuba Babe Nesabelo Kwinkonzo Yexesha Elizeleyo
Ngenxa yomoya wenzondelelo owawubonakaliswa ngabavangeli basemazweni, abaninzi kwabo baye babafundisa baye baxelisa umzekelo wabo ngokungenela inkonzo yexesha elizeleyo. EJapan, apho kuye kwakhonza abavangeli basemazweni abali-168, ngowe-1992 bekukho oovulindlela abangama-75 956; abavakalisi abangaphezu kwama-40 ekhulwini eJapan bebekuhlobo oluthile lwenkonzo yexesha elizeleyo. KwiRiphabliki yaseKorea, bekukho umlinganiselo ofanayo.
Kumazwe apho kukho umahluko omncinane phakathi komlinganiselo wamaNgqina nowabemi, abalungiseleli abaninzi bexesha elizeleyo baye bamenywa ukuba bafumane uqeqesho kwiSikolo saseGiliyadi yaye baye bathunyelwa ukuba bakhonze kwezinye iindawo. Abavangeli basemazweni abaninzi bavela eUnited States naseKhanada; abamalunga nama-400 bavela eBritani; abangaphezu kwama-240 eJamani; abangaphezu kwe-150 eOstreliya; abangaphezu kwe-100 bavela eSweden; ukongezelela kwabaliqela abavela eDenmark, eFinland, eHawaii, eNetherlands, eNew Zealand nakwezinye iindawo. Amanye amazwe awafumana uncedo kubavangeli basemazweni kamva nawo akhupha abavangeli basemazweni ukuba baye kukhonza kwamanye amazwe.
Ukuhlangabezana Neentswelo Kwintlangano Eyandayo
Njengoko intlangano ibisanda, abavangeli basemazweni baye basingatha iimbopheleleko ezingakumbi. Abaninzi kubo baye bakhonza njengabadala okanye izicaka zolungiselelo kumabandla abaye bawanceda ukuba akhule. Kumazwe amaninzi babengabaveleli bokuqala beziphaluka nabezithili. Njengoko ukuhambela phambili okungakumbi kuye kwenza ukuba uMbutho useke iiofisi ezintsha zamasebe, abavangeli basemazweni abaninzi baye banikwa imbopheleleko ngokunxulumene nokusebenza kwesebe. Kwezinye iimeko abo baye bakwazi ukuqonda ulwimi kakuhle baye bacelwa ukuba bancede ekuguquleleni nasekuhloleni iimpazamo kuncwadi lweBhayibhile.
Noko ke, baye baziva bevuzwe ngokukhethekileyo, xa abo bebefundisisa nabo iLizwi likaThixo, okanye abazalwana abaye banegalelo ekukhuleni kwabo ngokomoya, befanelekela ukusingatha iimbopheleleko ezinjalo. Ngaloo ndlela isibini esasisePeru sachwayita kukubona abanye esasifundisise nabo bekhonza njengoovulindlela abakhethekileyo, benceda ukomeleza amabandla amatsha yaye beqalisa intsimi entsha. Kwintsapho eyayiqhutyelwa isifundo ngumvangeli wasemazweni eSri Lanka kwabakho omnye owaba lelinye lamalungu eKomiti yeSebe yelo lizwe. Nabanye abavangeli basemazweni abaninzi baye bafumana uvuyo olufanayo.
Kwakhona baye bajamelana nenkcaso.
Xa Bejamelene Nenkcaso
UYesu waxelela abalandeli bakhe ukuba babeya kutshutshiswa, njengoko naye watshutshiswayo. (Yoh. 15:20) Ekubeni ngokuqhelekileyo abavangeli basemazweni bevela kwamanye amazwe, ngokufuthi xa kuvela intshutshiso eqatha elizweni, oku kwakuthetha ukugxothwa kwabo kwelo lizwe.
Ngowe-1967, uSona Haidostian nabazali bakhe babanjwa eAleppo, eSyria. Bavalelwa entolongweni kangangeenyanga ezintlanu baza bagxothwa kwelo lizwe beshiya ngasemva izinto zabo. UMargarita Königer, owayevela eJamani, wabelwa eMadagascar; kodwa ukugxothwa kwakhe ngokuphindaphindiweyo, kwakhokelela kwizabelo ezitsha, eKenya, eDahomey (eBenin), naseUpper Volta (eBurkina Faso). UDomenick Piccone nomfazi wakhe, uElsa, bagxothwa eSpeyin ngowe-1957 ngenxa yokushumayela kwabo, ngowe-1962 bagxothwa ePortugal, baza ngowe-1969 bagxothwa eMorocco. Noko ke, kwilizwe ngalinye ngoxa babezama iindlela zokuba kurhoxiswe ukugxothwa kwabo, oku kwakuba nemiphumo elungileyo. Kwakunikelwa ubungqina kwabasemagunyeni. Ngokomzekelo, eMorocco, baba nethuba lokunikela ubungqina kumagosa eSécurité Nationale, kwiNkundla Ephakamileyo yejaji, kwingqonyela yamapolisa aseTangier, nakoonozakuzaku belaseUnited States eTangier naseRabat.
Ukugxothwa kwabavangeli basemazweni akuphumelanga ekupheleni komsebenzi wamaNgqina kaYehova, njengoko abanye abasemagunyeni babelindele. Ngokufuthi iimbewu zenyaniso ezazisele zityaliwe zaziqhubeka zikhula. Ngokomzekelo, abavangeli basemazweni abane baqhubeka nobulungiseleli babo kangengeenyanga ezimbalwa eBurundi ngaphambi kokuba urhulumente abanyanzele ukuba bahambe ngowe-1964. Kodwa omnye wabo waqhubeka ebhalelana nomntu onomdla, owambhalela emxelela ukuba wayefundisisa iBhayibhile nabantu abangama-26. Kwakhona elinye iNgqina laseTanzania elalisandul’ ukufudukela eBurundi lahlala lixakekile lishumayela. Ngokuthe ngcembe amanani abo anda de kwakho amakhulu awayesabelana nabanye ngesigidimi soBukumkani.
Kwenye indawo, ngaphambi kokuba bakhuphe umyalelo wokubagxotha, abasemagunyeni babhenela kugonyamelo ukuze bazame ukwenza wonk’ ubani azithobe kwimiyalelo yabo. EGbarnga, eLiberia, ngowe-1963, amajoni arhangqa amadoda, amabhinqa nabantwana abangama-400 ababesendibanweni yamaKristu apho. La majoni abaqhubela kwinkampu yomkhosi, abasongela, ebabetha, yaye ayalela ukuba wonk’ ubani—lungakhathaliseki uhlanga alulo okanye inkolelo yakhe yonqulo—akhahlele indwe yaseLiberia. Phakathi kwabo babekwelo qela yayinguMilton Henschel, owayevela eUnited States. Kwakhona kwakukho nabanye abavangeli basemazweni, kuquka uJohn Charuk owayevela eKhanada. Omnye wababephumelele eGiliyadi walalanisa, njengoko wayenzile kwisihlandlo esingaphambilana (nangona wayengazange akuchaze oko), yaye oku ngokungathandabuzekiyo kwafak’ isandla ekulalaniseni kwabanye ababekuloo ndibano. Kwacaca ukuba yayingoobani ababemoyika ngokwenene uThixo nabo baberhintyelwe kukoyika umntu. (IMize. 29:25) Emva koku, urhulumente wayalela ukuba bonke abavangeli basemazweni abangamaNgqina abasuka kwamanye amazwe baphume baphele kwelo lizwe, nangona kamva kwakuloo nyaka kwakhutshwa umyalelo ongokwasemthethweni ovela kumongameli obavumelayo ukuba babuyele.
Ngokufuthi, inyathelo elithatyathwa ngamagosa aseburhulumenteni nxamnye nabavangeli basemazweni belingumphumo wempembelelo yabefundisi. Maxa wambi oko bekusenziwa ngendlela efihlakeleyo. Ngamanye amaxesha, wonk’ ubani ebemazi lowo uphembelela inkcaso. UGeorge Koivisto akasayi kuze ayilibale intsasa yakhe yokuqala kwinkonzo yasentsimini eMedellín, eColombia. Ngequbuliso kwavela ihlokondiba labantwana besikolo likhwaza, ligibisela amatye nodongwe. Umninimzi othile, owayeqala ukumbona, wamngenisa ngaphakathi ngokukhawuleza waza wavala ngesivalo esenziwe ngamaplanga, ngalo lonke elo xesha ecela uxolo ngendlela eliziphethe ngayo elo hlokondiba lingaphandle. Xa kwafika amapolisa, abanye babembek’ ityala umfundisi-ntsapho ngokuvumela abafundi ukuba baphume. Kodwa kwavakala elinye ilizwi lisithi: “Akunjalo! Ibingumfundisi! Uye wathetha esebenzisa isandisi-lizwi esithi abafundi mabakhululwe baye ‘kugibisela amaProtestante ngamatye.’”
Kwakufuneka inkalipho evela kuThixo kunye nothando ngezimvu. UElfriede Löhr noIlse Unterdörfer bababelwe kwintlambo yaseGastein eOstriya. Ngexesha elifutshane, kwanikelwa uncwadi lweBhayibhile oluninzi ebantwini ababelambele ukutya kokomoya. Kodwa abefundisi benza okuthile. Babongoza abantwana besikolo ukuba bakhwaze abavangeli basemazweni ezitratweni baze babaleke phambi kwabo ukuya kulumkisa abaninimzi ukuba bangabaphulaphuli. Abantu babesoyika. Kodwa ngenxa yokuzingisa ngothando, kwaqaliswa izifundo eziliqela eziqhuba kakuhle. Xa kwalungiselelwa intetho yesidlangalala yeBhayibhile, umfundisi wema ngendlela ecel’ umngeni kanye phambi kwendawo ekwakuza kuhlanganiswana kuyo. Kodwa xa abavangeli basemazweni baya esitratweni ukuya kwamkela abantu, lo mfundisi waphel’ emehlweni. Waya kubiza ipolisa waza wabuya, ezimisele ukuphazamisa loo ntlanganiso. Kodwa imigudu yakhe yawa phantsi. Ekuhambeni kwexesha kwasekwa ibandla eliqhuba kakuhle apho.
Kwiidolophu ezikufutshane naseIbarra, e-Ecuador, u-Unn Raunholm noJulia Parsons babejamelana namahlokondiba awayephenjelelwa ngabefundisi ngokuphindaphindiweyo. Ngenxa yokuba abefundisi babesenza isiphithiphithi sihlandlo ngasinye abavangeli basemazweni besiya eSan Antonio, oodade bagqiba kwelokuba banikele ingqalelo kwenye idolophu, ebizwa ngokuba yiAtuntaqui. Kodwa ngenye imini intsumpa yamapolisa yasekuhlaleni yeza kuDade Raunholm yaza yambongoza ukuba ahambe kuloo dolophu ngokukhawuleza. Yathi: “Umfundisi ulungiselela umngcelele woqhankqalazo nxamnye nani, yaye andinamadoda aneleyo okunikhusela.” Ukhumbula oku ngokucacileyo: “Isihlwele sasilandela emva kwethu! Indwe yeVatican enombala omhlophe nomthubi yayiphephezela phambi kwelo qela ngoxa umfundisi wayekhwaza esithi ‘Phambili ngeCawa yamaKatolika!’ ‘Phantsi ngamaProtestanti!’ ‘Phambili ngobunyulu beNtombi Enyulu!’ ‘Phambili ngokuvunywa kwezono!’ Sihlandlo ngasinye, isihlwele sasiphinda loo mazwi emva komfundisi.” Ngelo xesha amanye amadoda abiza la maNgqina ukuba angene kwiNdlu Yabasebenzi yasekuhlaleni ukuze akhuseleke. Apho aba bavangeli basemazweni babexakekile benikela ubungqina kubantu ababefuna ukwazi ababeze kubona okwakusenzeka. Bahambisa lonke uncwadi ababeluphethe.
Izifundo Ezenzelwe Ukwanelisa Iintswelo Ezikhethekileyo
Ebudeni beminyaka elandelayo emva kokuba abavangeli basemazweni bokuqala bathunyelwayo bevela kwiSikolo saseGiliyadi, intlangano yamaNgqina kaYehova iye yanda ngomlinganiselo omangalisayo. Ngowe-1943, xa kwakuvulwa esi sikolo, kwakukho amaNgqina ali-129 070 kuphela kumazwe angama-54 (kodwa ali-103 ngendlela imaphu ebihlulwe ngayo ngeminyaka yee-1990). Ngowe-1992, bekukho amaNgqina azizi-4 472 787 kumazwe nakumaqela eziqithi angama-229 ehlabathini lonke. Njengoko bekuqhubeka olu lwando, iintswelo zentlangano ziye zaguquka. Iiofisi zamasebe ekuqaleni ezazinyamekela amaNgqina angaphantsi kwekhulu awayekumabandla ambalwa ngoku zalathisa umsebenzi wamaNgqina angamashumi amawaka, yaye amaninzi kula masebe aye afumanisa kuyimfuneko ukushicilela uncwadi ekuhlaleni ukuze axhobise abo banesabelo kumsebenzi wokuhambisa ivangeli.
Ukuze kuhlangatyezwane neentswelo eziguqukayo, kwiminyaka eli-18 emva kokuvulwa kweSikolo saseGiliyadi, kwanikelwa uqeqesho lwezifundo zeenyanga ezilishumi kwikomkhulu lehlabathi loMbutho ngokukhethekileyo kubazalwana ababethwele imithwalo enzima yembopheleleko kwiiofisi zamasebe zeWatch Tower Society. Abanye babo ngaphambili babeyile kwizifundo zabavangeli basemazweni zeenyanga ezintlanu eGiliyadi; abanye babengayanga. Bonke babenokungenelwa kolu qeqesho lukhethekileyo olwalwenzelwe umsebenzi wabo. Iingxubusho ezingendlela yokusingatha iimeko ezahlukahlukeneyo nezokuhlangabezana neentswelo zentlangano ngokuvisisana nemigaqo yeBhayibhile zaba nomphumo omanyanisayo. Izifundo zabo zaziquka ufundisiso lwendinyana nganye lwayo yonke iBhayibhile. Kwakhona kuzo kwakuhlolisiswa imbali yonqulo; uqeqesho ngeenkcukacha ezibandakanyekileyo kwimisebenzi yeofisi yesebe, iKhaya laseBheteli, neziko lokushicilela; nemiyalelo yokuvelela ubulungiseleli basentsimini, ukulungelelaniswa kwamabandla amatsha nokuvulwa kwamasimi amatsha. Ezi zifundo (kuquka nesokugqibela esasincitshisiwe saziinyanga ezisibhozo) zaziqhutyelwa kwikomkhulu lehlabathi, eBrooklyn, eNew York, ukususela ngowe-1961 ukusa kowe-1965. Abaninzi abaphumeleleyo bathunyelwa kumazwe ababekhonza kuwo; bambi babelwa kwamanye amazwe apho babenokuba negalelo elibalulekileyo emsebenzini.
Ukususela ngoFebruwari 1, 1976, kwasetyenziswa ilungiselelo elitsha kwiiofisi zamasebe zoMbutho ukuze kulungiselelwe ulwando olungakumbi olwalulindelwe ngokuvisisana nesiprofeto seBhayibhile. (Isa. 60:8, 22) Kunokuba kubekho umveleli wesebe omnye, nalowo umncedisayo, ukuze bavelele isebe ngalinye, iQumrhu Elilawulayo lamisela abazalwana abafanelekayo abathathu okanye abangakumbi ukuba bakhonze kwiKomiti yeSebe nganye. Kusenokubakho abasixhenxe ekomitini kumasebe amakhulu. Ukuze kuqeqeshwe bonke aba bazalwana, kwalungiselelwa izifundo zeeveki ezintlanu eGiliyadi eBrooklyn, eNew York. Iiklasi ezilishumi elinesine ezazibunjwe ngamalungu eeKomiti zamaSebe avela kuyo yonke imimandla yehlabathi zafumana olu qeqesho lukhethekileyo kwikomkhulu lehlabathi ukususela ekupheleni kowe-1977 ukusa kowe-1980. Kwakulithuba elihle lokumanyanisa nelokuhlaziya iindlela ekwakusetyenzwa ngazo.
ISikolo saseGiliyadi saqhubeka siqeqesha abo babenamava kangangeminyaka kubulungiseleli bexesha elizeleyo nababekulungele ukuthunyelwa kwamanye amazwe, kodwa kwakunokusetyenziswa abangakumbi. Ukuze kwandiswe uqeqesho, kwavulwa izikolo kwamanye amazwe njengesebe lesikolo saseGiliyadi ukuze kungafuneki ukuba abafundi bafunde isiNgesi ngaphambi kokufanelekela ukuya kuzo. Ngowe-1980-81, iSikolo saseGiliyadi seNtlalo eMexico saqeqesha abafundi abathetha iSpanish abanceda kwintswelo engxamisekileyo yabasebenzi abafanelekayo kuMbindi noMzantsi Merika. Ngowe-1981-82, nangowe-1984, yaye kwakhona ngowe-1992, kwaqhutywa iiklasi zeSebe leSikolo saseGiliyadi eJamani. Besuka apho abaphumeleleyo bathunyelwa eAfrika, eMpuma Yurophu, eMzantsi Merika, nakwiziqithi zeentlanga ezahlukahlukeneyo. Iiklasi ezingakumbi zaqhutywa eIndiya ngowe-1983.
Njengoko amaNgqina asekuhlaleni anenzondelelo eye athelela abavangeli basemazweni ekwandiseni ukunikela ubungqina ngoBukumkani, amaNgqina kaYehova aye anda ngokukhawuleza, yaye oku kuye kwakhokelela ekusekweni kwamabandla angakumbi. Phakathi kowe-1980 nowe-1987, inani lamabandla ehlabathini lonke landa ngama-27 ekhulwini, ukusa kwangama-54 911. Kweminye imimandla, nangona babebaninzi ababesiya ezintlanganisweni nababenesabelo kubulungiseleli basentsimini, abazalwana abaninzi babesebatsha. Kwakukho imfuneko engxamisekileyo yamadoda angamaKristu anamava okukhonza njengabalusi bokomoya nanjengabafundisi, nawokukhokela kumsebenzi wokuhambisa ivangeli. Ukuze lincede kuhlangatyezwane nale ntswelo, iQumrhu Elilawulayo laqalisa iSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli njengesebe lenkqubo yemfundo yeBhayibhile yeSikolo saseGiliyadi. Izifundo zeeveki ezisibhozo ziquka ufundisiso olunzulu lweBhayibhile nengqalelo yobuqu kwinkqubela yokomoya yomfundi ngamnye. Kuqwalaselwa imibandela yentlangano neyokugweba, ndawonye neembopheleleko zabadala nezezicaka zolungiselelo, yaye kunikelwa uqeqesho olukhethekileyo ekuthetheni esidlangalaleni. Ngaphandle kokuphazamisana neeklasi eziqhelekileyo zokuqeqesha abavangeli basemazweni, esi sikolo siye saqhutyelwa kwezinye iindawo, kuhlanganiswana kumazwe ahlukahlukeneyo. Ngoku abaphumeleleyo bahlangabezana neentswelo ezibalulekileyo kumazwe amaninzi.
Ngaloo ndlela uqeqesho olwandisiweyo olunikelwa siSikolo seBhayibhile seWatchtower saseGiliyadi luye lwahambisana neentswelo eziguqukayo zentlangano yezizwe ngezizwe eyanda ngokukhawuleza.
“Ndikho, Thuma Mna”
Umoya obonakaliswa ngabavangeli basemazweni ufana nalowo womprofeti uIsaya. Xa uYehova wamazisa ngethuba lenkonzo ekhethekileyo, waphendula wathi: “Ndikho, thuma mna.” (Isa. 6:8) Lo moya wokuzinikela uye washukumisa amawaka abafana namabhinqa aselula ukuba ashiye ngasemva iindawo aziqhelileyo nezalamane aye kukhonza ukuze ahambisele phambili ukuthanda kukaThixo naphi na apho afuneka khona.
Iimeko zentsapho ziye zabangela iinguqulelo kubomi babavangeli basemazweni abaninzi. Abaninzi ababa nabantwana emva kokuba bengabavangeli basemazweni bakwazi ukuhlala kwilizwe abababelwe kulo, besenza umsebenzi wempangelo oyimfuneko yaye besebenza namabandla. Bambi, emva kweminyaka yenkonzo, kuye kwafuneka babuyele kwilizwe labo lokuzalwa ukuze banyamekele abazali babo abaluphalayo, okanye ngenxa yezinye izizathu. Kodwa baye bakugqala kulilungelo ukuba nesabelo kwinkonzo yobuvangeli basemazweni kangangoko benako.
Abanye baye bakwazi ukwenza inkonzo yobuvangeli basemazweni yaba ngumsebenzi wabo wobomi. Ukuze baphumelele, bonke kuye kwafuneka bajamelane neemeko ezilucelomngeni. UOlaf Olson, oye wanandipha umsebenzi wobuvangeli basemazweni kangangexesha elide eColombia, wavuma esithi: “Kwakunzima gqitha kunyaka wokuqala.” Ubukhulu becala oko kwakungenxa yokungakwazi ukuthetha kakuhle ulwimi lwakhe olutsha. Wongezelela oku: “Ukuba ndandiqhubeke ndicinga ngelizwe endandilishiyile, ngendandingazange ndonwabe, kodwa ndagqiba kwelokukuba ndihlale ngomzimba nangengqondo eColombia, ndizenzele abahlobo kubazalwana noodade abasenyanisweni apho, ndigcine ubomi bam buxakekiswe bubulungiseleli, yaye isabelo sam kungekudala saba likhaya kum.”
Ukuzingisa kwabo kwizabelo zabo kwakungabangelwa kukuba indawo ababehlala kuyo babeyibona intle. UNorman Barber, owakhonza eBurma (ngoku eyiMyanmar) naseIndiya, ukususela ngowe-1947 de kwasekufeni kwakhe ngowe-1986, wathi: “Ukuba umntu uyakuvuyela ukusetyenziswa nguYehova, ngoko zonke iindawo ziyafana. . . . Xa ndithetha ngokuphandle, imozulu ekweleenjiko asiyomozulu endiyigqala njengemozulu entle ekunokuphilwa kuyo. Nendlela abantu abakweleenjiko abaphila ngayo asiyondlela mna ngokobuqu ebendinokukhetha ukuphila ngayo. Kodwa kukho izinto ezibaluleke ngakumbi ezifanele ziqwalaselwe kunemibandela eyimfeketho ngolo hlobo. Ukunikela uncedo kubantu abangamahlwempu ngokwenene ngokomoya lilungelo elingathethekiyo.”
Baninzi abavakalelwa ngaloo ndlela, yaye lo moya wokuzincama uye wafak’ isandla kakhulu ekuzalisekiseni isiprofeto sikaYesu sokuba ezi ndaba zilungileyo zoBukumkani ziya kushunyayelwa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga, ngaphambi kokufika kwesiphelo.—Mat. 24:14.
[Footnote]
a IMboniselo (yesiNgesi), kaFebruwari 15, 1943, iphe. 60-4.
[Blurb on page 523]
Ukugxininisa ekubalulekeni kokuthembela ngokupheleleyo ngoYehova nokunyaniseka kuye
[Blurb on page 534]
Uburharha banceda!
[Blurb on page 539]
Umonde, uncedo lothando nobungqongqo xa kuyimfuneko
[Blurb on page 546]
‘Ukunikela uncedo kubantu abangamahlwempu ngokwenene ngokomoya lilungelo elingathethekiyo’
[Box on page 533]
Iiklasi ZaseGiliyadi
Ngowe-1943-60: ISikolo eMzantsi Lansing, eNew York. Kwiiklasi ezingama-35, kwaphumelela abafundi abangama-3 639 ababevela kumazwe angama-95, uninzi lwabo lwabelwa kwinkonzo yobuvangeli basemazweni. Nabaveleli beziphaluka nabezithili abakhonza eUnited States babequkiwe kwezi klasi.
Ngowe-1961-65: ISikolo eBrooklyn, eNew York. Kwiiklasi ezi-5, kwaphumelela abafundi abangama-514 yaye bathunyelwa kumazwe apho iWatch Tower Society yayineeofisi zamasebe; inkoliso yabaphumeleleyo yabelwa kwizigxina zokwalathisa. Iiklasi ezine kwezi zazinezifundo zeenyanga ezili-10; enye, yayinezifundo zeenyanga ezisi-8.
Ngowe-1965-88: ISikolo eBrooklyn, eNew York. Kwiiklasi ezingama-45, nganye inezifundo zeeveki ezingama-20, kwaqeqeshwa abanye abafundi abangama-2 198, uninzi lwabo luqeqeshelwa inkonzo yobuvangeli basemazweni.
Ngowe-1977-80: ISikolo eBrooklyn, eNew York. Izifundo zeeveki ezintlanu zamalungu eeKomiti zamaSebe eGiliyadi. Kwaqhutywa iiklasi ezilishumi elinesine.
Ngowe-1980-81: ISikolo saseGiliyadi seNtlalo eMexico; izifundo zeeveki ezili-10; iiklasi ezintathu; abaphumeleleyo abangama-72 abathetha iSpanish balungiselela ukukhonza kuMbindi nakuMzantsi Merika.
Ngowe-1981-82, 1984, 1992: ISebe leSikolo saseGiliyadi eJamani; izifundo zeeveki ezili-10; iiklasi ezine; abafundi abathetha isiJamani abangama-98 abavela kumazwe aseYurophu.
Ngowe-1983: Iiklasi eIndiya; izifundo zeeveki ezili-10, zaziqhutywa ngesiNgesi; kwakukho amaqela amathathu; abafundi abangama-70.
Ngowe-1987- : ISikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli, esinezifundo zeeveki ezisi-8, siqhutywa kwizixeko ezikhulu kumazwe ahlukahlukeneyo ehlabathi. Ngowe-1992, abaphumeleleyo bebesele bekhonza kumazwe angaphezu kwama-35 ngaphandle kwelizwe labo lokuzalwa.
Ngowe-1988- : ISikolo eWallkill, eNew York. Apho kuqhutywa izifundo zeeveki ezingama-20 ukulungiselela inkonzo yobuvangeli basemazweni. Kucetywa ukuba esi sikolo sifuduselwe kwiZiko Lemfundo leWatchtower ePatterson, eNew York, xa sele ligqityiwe.
[Box on page 538]
Iqumrhu Labafundi Lezizwe Ngezizwe
Abafundi abaye beza kwiSikolo saseGiliyadi bamela izizwe ezininzi yaye beze kwesi sikolo bevela kumazwe angaphezu kwe-110.
Iqela lokuqala lezizwe ngezizwe laliyiklasi yesithandathu, ngowe-1945-46.
Kwenziwa izicelo kurhulumente waseUnited States zokuba abafundi abavela kwamanye amazwe babhaliswe phantsi kwamalungiselelo emvume yokuba bangene elizweni ngenjongo yemfundo kungekhona eyokuba ngabemi. Iphendula, iOfisi Yemfundo yaseUnited States yasamkela iSikolo saseGiliyadi njengesinikela imfundo efana neyeekholeji namaziko emfundo asemgangathweni. Ngenxa yoko, ukususela ngowe-1953, abameli belizwe laseUnited States ehlabathini lonke baye bafaka iSikolo SeBhayibhile SeWatchtower SaseGiliyadi kuludwe lwabo lwamaziko emfundo avunyiweyo. NgoAprili 30, 1954, esi sikolo saphuma kwimpapasho eyayinomxholo othi “Educational Institutions Approved by the Attorney General” (Amaziko Emfundo Avunywe Ngumtshutshisi Omele Urhulumente).
[Pictures on page 522]
Abafundi beklasi yokuqala yeSikolo saseGiliyadi
[Picture on page 524]
UAlbert Schroeder exubusha ngezinto ezazisemnqubeni nabafundi baseGiliyadi
[Picture on page 525]
UMaxwell Friend efundisa kwibala lemiboniso leSikolo saseGiliyadi
[Pictures on page 526]
Ucwangciso lwabaphumelele eGiliyadi lwaluziimbalasane zokomoya
. . . lumbi kwiindibano ezinkulu (eNew York, 1950)
. . . lumbi esikolweni (apho uN. H. Knorr eboniswe enikela intetho ngaphambi komzi wogcino-zincwadi wesikolo, ngowe-1956)
[Pictures on page 527]
ISikolo saseGiliyadi kuMzantsi Lansing, eNew York, ngendlela esasibonakala ngayo ebudeni beminyaka yee-1950
[Picture on page 528]
UHermon Woodard (ekhohlo) noJohn Errichetti (ekunene) bekhonza eAlaska
[Picture on page 529]
UJohn Cutforth esebenzisa izinto ezincedayo ekufundiseni ePapua New Guinea
[Picture on page 530]
Abavangeli basemazweni eIreland, nomveleli wesithili, ngowe-1950
[Picture on page 530]
Abavangeli basemazweni besiya kwizabelo zabo eMpuma ngowe-1947
[Picture on page 530]
Abanye abavangeli basemazweni nabo babesebenza nabo eJapan ngowe-1969
[Pictures on page 530]
Abavangeli basemazweni eBrazil ngowe-1956
. . . eUruguay ngowe-1954
. . . eItali ngowe-1950
[Picture on page 530]
Abavangeli basemazweni abaqeqeshwe eGiliyadi abane bokuqala ukuthunyelwa eJamaica
[Picture on page 530]
Ikhaya labavangeli basemazweni lokuqala eSalisbury (ngoku eyiHarare, eZimbabwe), ngowe-1950
[Picture on page 530]
UMalcolm Vigo (eGiliyadi, ngowe-1956-57), nomfazi wakhe uLinda Louise; bekunye baye bakhonza eMalawi, eKenya naseNigeria
[Picture on page 530]
URobert Tracy (ekhohlo) noJesse Cantwell (ekunene), nabafazi babo—abavangeli basemazweni ababekumsebenzi wokuhambahamba eColombia ngowe-1960
[Picture on page 532]
Iklasi yokufunda ulwimi kwikhaya labavangeli basemazweni eCôte d’Ivoire
[Picture on page 535]
UTed noDoris Klein, abafumanisa abantu abaninzi bekulangazelela ukuphulaphula inyaniso yeBhayibhile kwiiVirgin Islands zaseUnited States ngowe-1947
[Picture on page 536]
UHarvey Logan (ngaphambili embindini) namaNgqina aseAmis phambi kweHolo yoBukumkani, kwiminyaka yee-1960
[Picture on page 540]
UVictor White, umveleli wesithili oqeqeshwe eGiliyadi, enikela intetho kwiiPhilippines ngowe-1949
[Picture on page 542]
UMargarita Königer, eBurkina Faso, eqhuba isifundo seBhayibhile sekhaya
[Picture on page 543]
U-Unn Raunholm, ebengumvangeli wasemazweni ukususela ngowe-1958, wayejamelana namahlokondiba awayekhokelwa ngabefundisi e-Ecuador
[Pictures on page 545]
ISikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli
Iklasi yokuqala, eCoraopolis, Pa., eUnited States, ngowe-1987 (ngasentla)
Iklasi yesithathu eBritani, eManchester, ngowe-1991 (ngasekunene)