Umoya Oyingcwele—Wasetyenziswa Xa Kudalwa!
“Amazulu enziwa ngelizwi likaYehova, nomkhosi wawo wonke ngomoya womlomo wakhe.”—INDU. 33:6.
1, 2. (a) Ulwazi lwabantu ngamazulu nomhlaba luye lusanda njani njengoko ixesha lihamba? (b) Nguwuphi umbuzo esifanele sizibuze wona?
NGAPHEZU kweminyaka eli-100 eyadlulayo, izazinzulu ezininzi zazikholelwa ekubeni kwindalo yonke kukho umnyele nje omnye—iMilky Way. Babebujongela phantsi ubukhulu bendalo yonke! Ngoku kucingelwa ukuba isibhakabhaka sineminyele engaphezu kwe-100 leebhiliyoni, eminye yayo eneenkwenkwezi eziziibhiliyoni. Ekubeni kusetyenziswa iiteleskopu eziphucuke ngakumbi emhlabeni okanye zithunyelwa emajukujukwini ukuze ziwujikeleze, sifumanisa ukuba iye isanda ngakumbi iminyele eyaziwayo.
2 Njengoko ulwazi lwenzululwazi lwaluluncinane ngowe-1905, kwakunjalo nangolwazi lomhlaba. Liyinyaniso elokuba, abantu ababephila kwinkulungwane edluleyo babesazi ngaphezu kookhokho babo. Noko ke, namhlanje, ubuhle nokuntsonkotha kobomi neendlela umhlaba obulondoloza ngazo, ziqondwa bhetele ngakumbi kunokuba kwakunjalo ngelo xesha. Ngokuqinisekileyo siya kufunda okungakumbi ngomhlaba namazulu kwiminyaka ezayo. Kodwa kufanelekile ukuzibuza ukuba, Zenzeka njani zonke ezi zinto? Impendulo yalo mbuzo sinokuyazi kuphela kuba uMdali esityhilele yona kwiZibhalo Ezingcwele.
Ummangaliso Wendalo
3, 4. UThixo wayidala njani indalo yonke, yaye imzukisa njani imisebenzi yakhe?
3 Indlela indalo eyabakho ngayo icaciswa ngamazwi okuqala eBhayibhile, athi: “Ekuqaleni uThixo wadala amazulu nomhlaba.” (Gen. 1:1) Ekuqaleni kwakungekho nto idaliweyo, uYehova wasebenzisa umoya oyingcwele wakhe—amandla akhe asebenzayo—ukudala amazulu, umhlaba, nazo zonke ezinye izinto ezikwindalo iphela. Ingcibi isebenzisa izandla zayo nezixhobo xa isenza izinto, kodwa uThixo uthumela umoya oyingcwele ukuze uphumeze imisebenzi yakhe emikhulu.
4 IZibhalo ngokufuziselayo zibhekisela kumoya oyingcwele ‘njengomnwe’ kaThixo. (Luka 11:20; Mat. 12:28) Yaye “umsebenzi wezandla zakhe”—oko uYehova akudale ngomoya oyingcwele wakhe—umzukisa kakhulu. Umdumisi uDavide wathi: “Amazulu avakalisa uzuko lukaThixo, yaye isibhakabhaka sixela umsebenzi wezandla zakhe.” (INdu. 19:1) Ngokwenene, umhlaba ungqina indlela umoya oyingcwele kaThixo onamandla ngayo. (Roma 1:20) Ukungqina njani oko?
Amandla KaThixo Angasikelwanga Mda
5. Yenza umzekelo obonisa amandla okudala omoya oyingcwele kaYehova.
5 Indalo yonke engenakulinganiswa nanto ngobukhulu bayo isinika ubungqina bokuba amandla kaYehova akapheli. (Funda uIsaya 40:26.) Iinzululwazi zale mihla ziyazi ukuba ulutho (matter) lunokuguqulwa lube ngamandla (energy) aze amandla aguqulwe abe lulutho. Ilanga lethu, eliyinkwenkwezi, lingumzekelo wokuguquka kolutho lube ngamandla. Mzuzwana ngamnye, ilanga liguqula iitoni zolutho ezimalunga nezigidi ezine zibe kukukhanya kwelanga kunye nezinye iintlobo zamandla. Nangona iyinxalenye nje yaloo mandla efikelela emhlabeni, inokwenza izinto ezisemhlabeni ziphile. Kucacile ukuba kwakufuneka amandla amakhulu ukuze kudalwe kungekuphela nje ilanga kodwa nezinye iinkwenkwezi eziziibhiliyoni. UYehova wayenawo onke loo mandla ayefuneka—kanti nangaphezulu.
6, 7. (a) Kutheni sinokuthi uThixo wasebenzisa umoya oyingcwele wakhe ngendlela elungeleleneyo? (b) Yintoni ebonisa ukuba indalo yonke ayizange ibekho ngamabona-ndenzile?
6 Sinobungqina bokuba uThixo wasebenzisa umoya wakhe oyingcwele ngeyona ndlela ilungeleleneyo. Ngokomzekelo: Masithi unebhokisi eneebhola eziyimibala eyahlukahlukeneyo. Uyayihlukuhla le bhokisi, uxuba ezi bhola. Emva koko uzilahlela phantsi zonke ngaxeshanye. Ngaba unokulindela ukuba ezi bhola zihlale ngokwemibala yazo—eziluhlaza zodwa, nezimthubi zodwa, njalo njalo? Ayinakwenzeka loo nto! Izinto ezingalawulwayo ziphumela kwisidubedube. Le yinto elindelekileyo kwindalo ebonakalayo.a
7 Ngoko ke, xa sijonga indalo yonke mhlawumbi sisebenzisa iiteleskopu, sibona ntoni? Sibona indalo enamandla nelungeleleneyo yeminyele, iinkwenkwezi nezijikelezi langa, zonke zihamba ngocwangco olukhulu. Yonke le nto ayinakwenzeka ngamabona-ndenzile okanye kungekho mandla ayilawulayo. Ngoko simele sizibuze, Ekuqaleni kwasetyenziswa waphi amandla ukuze kudalwe le ndalo yethu ilungeleleneyo? Thina njengabantu asinakukwazi ukuwabona la mandla sisebenzisa inzululwazi nobugcisa kuphela. Noko ke, iBhayibhile iwachaza njengomoya oyingcwele kaThixo, awona mandla makhulu kwindalo yonke. UMdumisi wathi: “Amazulu enziwa ngelizwi likaYehova, nomkhosi wawo wonke ngomoya womlomo wakhe.” (INdu. 33:6) Ngamehlo ethu, sinokubona inxalenye encinane gqitha yaloo “mkhosi” weenkwenkwezi xa sijonge isibhakabhaka ebusuku!
Umoya Oyingcwele Nomhlaba
8. Sazi kangakanani ngemisebenzi kaYehova?
8 Kuncinane kakhulu esikuqondayo ngoku ngendalo xa kuthelekiswa noko kusafuneka sikufundile. Ngokuphathelele ubuncinane bolwazi esinalo ngendalo kaThixo, indoda ethembekileyo uYobhi yathi: “Khangela! Ezi zinto yimiphetho yeendlela zakhe, yaye kukusebeza kuphela okuviweyo kuvela kuye!” (Yobhi 26:14) Kwiinkulungwane kamva, uKumkani uSolomon, owayeyazi kakuhle indalo kaYehova wathi: “Yonk’ into [uThixo] uyenze yantle ngexesha layo. Kwanexesha elingenammiselo ulibeke ezintliziyweni zabo, ukuze uluntu lungaze luwufumane umsebenzi uThixo oyinyaniso awenzileyo ukususela ekuqaleni kuse ekupheleni.”—INtshu. 3:11; 8:17.
9, 10. UThixo wasebenzisa waphi amandla xa wayedala umhlaba, yaye kwenziwa ntoni ebudeni beentsuku ezintathu zokuqala zokudala?
9 Noko ke, uYehova usityhilele iinkcukacha ezibalulekileyo ngemisebenzi yakhe. Ngokomzekelo, iZibhalo zisixelela ukuba umoya kaThixo wawusebenza emhlabeni kwiminyaka engenakubaleka eyadlulayo. (Funda iGenesis 1:2.) Ngeloo xesha kwakungekho mhlaba womileyo, kungekho kukhanya, yaye kuyabonakala ukuba kwakungekho nkqu nomoya wokuphefumla kummandla womhlaba.
10 IBhayibhile ichaza oko kwenziwa nguThixo kwiintsuku zokudala ezilandelelanayo. Ezi ntsuku azenziwa ziiyure nje ezingama-24 kodwa lixesha elide kakhulu. Kusuku lokuqala lokudala, uYehova wabangela ukuba kubekho ukukhanya emhlabeni. Lo msebenzi wawuza kugqitywa emva kokuba ilanga nenyanga zibonakele ngokucacileyo emhlabeni. (Gen. 1:3, 14) Kusuku lwesibini, kwenziwa isibhakabhaka. (Gen. 1:6) Ngoko umhlaba waba namanzi, ukukhanya, nomoya kodwa wawungekabikho umhlaba owomileyo. Ekuqaleni kosuku lwesithathu lokudala, uYehova wasebenzisa umoya oyingcwele wakhe ukwenza umhlaba owomileyo, mhlawumbi eqhuba amandla endalo ukuba akhuphe amazwekazi elwandle. (Gen. 1:9) Kusuku lwesithathu nakwezinye iintsuku zokudala kwenziwa ezinye izinto ezimangalisayo.
Umoya Oyingcwele Nezidalwa Eziphilayo
11. Yintoni eboniswa kukuntsonkotha, ukulungelelana nobuhle bezinto eziphilayo?
11 Umoya kaThixo wavelisa izinto eziphilayo ngendlela elungelelene kakhulu. Ngosuku lwesithathu ukuya kwelesithandathu lokudala, esebenzisa umoya oyingcwele wakhe, uThixo wadala iintlobo ngeentlobo ezimangalisayo zezityalo nezilwanyana. (Gen. 1:11, 20-25) Ngaloo ndlela, izinto eziphilayo zisenza sibone indlela indalo entsonkothe, elungelelene nentle ngayo kwanendlela eyenziwe ngokusemagqabini ngayo.
12. (a) Nguwuphi umsebenzi owenziwa yi-DNA? (b) Yintoni esinokuyifunda kwindlela esebenza ngokulungelelene ngayo i-DNA?
12 Khawucinge nge-DNA (ideoxyribonucleic acid), inkqubo ebandakanyeke ekudluliseleni imizila yemfuza ukusuka kwesinye isizukulwana ukuya kwesinye. Zonke izinto eziphilayo emhlabeni—kuquka iintsholongwane, ingca, iindlovu, iminenga nabantu—zisebenzisa i-DNA xa zivelisa inzala. Nangona izidalwa ezisemhlabeni zahluke kakhulu, indlela olulawulwa ngayo uninzi lweempawu esizelwe nazo ilungelelene kakhulu yaye ibisoloko ibonisa umahluko okhoyo phakathi kwezidalwa ezahlukahlukeneyo ukutyhubela iminyaka. Ngokwenjongo kaYehova uThixo, indalo eyahlukahlukeneyo yezinto ezisemhlabeni iqhubeka isebenza ngale ndlela intsonkothileyo. (INdu. 139:16) Eli lungiselelo lichukumisayo, nelilungeleleneyo libonisa ubungqina obungakumbi bokuba indalo ngumsebenzi ‘womnwe’ kaThixo okanye umoya oyingcwele.
Eyona Ndalo KaThixo Ibalulekileyo Emhlabeni
13. UThixo wamdala njani umntu?
13 Emva kokuba kudlule iminyaka emininzi yaye uThixo enze imisebenzi engenakubaleka yezidalwa eziphilayo nezingaphiliyo, umhlaba wawungasekho “senyanyeni nasenkangala.” Sekunjalo, uYehova wayengekagqibi ukusebenzisa umoya wakhe ekudaleni. Wayeza kudala eyona nto ibalulekileyo kwindalo yakhe esemhlabeni. Ngasekupheleni kosuku lokudala lwesithandathu, uThixo wadala umntu. Wayenza njani le nto uYehova? Wasebenzisa umoya wakhe neziqalelo zomhlaba.—Gen. 2:7.
14. Yiyiphi indlela ebalulekileyo abantu abahluke ngayo kwizilwanyana?
14 IGenesis 1:27 ithi: “UThixo wamdala umntu ngokomfanekiso wakhe, wamdala ngokomfanekiso kaThixo; wadala indoda nebhinqa.” Ukwenziwa ngokomfanekiso kaThixo kuthetha ukuba uYehova usidale sanothando, inkululeko yokuzikhethela, nkqu nokuba nolwalamano lobuqu noMdali wethu. Ngaloo ndlela, ingqondo yethu yahluke kakhulu kweyesilwanyana. Ngokungqalileyo, uYehova wenza ingqondo yethu ukuze sikwazi ukufunda ngaye nemisebenzi yakhe ngonaphakade.
15. Liliphi ithemba ababenalo uAdam noEva?
15 Ekuqaleni kwembali yabantu, uThixo wanika uAdam nomfazi wakhe, uEva, umhlaba nazo zonke izinto ezimangalisayo ezikuwo ukuze bafunde ngazo baze bonwabe. (Gen. 1:28) UYehova wabalungiselela intabalala yokutya nekhaya eliyiparadesi. Babenethuba lokuphila ngonaphakade baze babe ngabazali abathandekayo beebhiliyoni zabantu abafezekileyo. Kodwa ke, izinto azizange zihambe ngaloo ndlela.
Ukuqonda Indima Yomoya Oyingcwele
16. Liliphi ithemba esinalo nangona abantu bokuqala bavukelayo?
16 Kunokuba bathobele uMdali wabo, uAdam noEva ngokuzingca bavukela. Ngenxa yoko, yonke inzala yabo iye yabandezeleka. Kodwa iBhayibhile isicacisela ngendlela uThixo aya kuwulungisa ngayo umonakalo obangelwe likhondo lesono labazali bethu bokuqala. IZibhalo zikwasibonisa ukuba uYehova uza kuyifezekisa injongo yakhe yamandulo. Umhlaba uya kuba yiparadesi ezaliswe ngabantu abonwabileyo nabasempilweni, abaya kusikelelwa ngobomi obungunaphakade. (Gen. 3:15) Ukuze sihlale sinokholo kwelo themba lomelezayo, sifuna uncedo lomoya oyingcwele kaThixo.
17. Yiyiphi indlela yokucinga esimele siyiphephe?
17 Sifanele sithandaze kuYehova sicele umoya oyingcwele. (Luka 11:13) Ukwenjenjalo kuya kusinceda siqiniseke ngakumbi ukuba indalo ngumsebenzi wesandla sikaThixo. Namhlanje, yande kakhulu ingcamango yokuba uThixo akakho neyokuba izinto zazivelela, esekelwe kwingqiqo ephosakeleyo nengenasihlahla. Asimele sivumele le ndlela yokucinga iphosakeleyo isidid’ ingqondo okanye isoyikise. Onke amaKristu afanele azilungiselele ukuxhathisa le ntlaselo nengcinezelo yoontanga ehambisana nayo.—Funda eyabaseKolose 2:8.
18. Xa sihlola imvelaphi yendalo yonke nabantu, kutheni bekungayi kuba bubulumko ukutyeshela uMdali okrelekrele?
18 Ukukholelwa kwethu kwiBhayibhile nakuThixo kuya komelela xa sihlola ngokunyanisekileyo ubungqina obuphathelele indalo. Xa lucinga ngemvelaphi yendalo yonke nabantu, uninzi lunokucinga ukuba akukho ngqiqweni ukukholelwa kumandla angenakubonwa ngabantu. Noko ke, ukuba izinto besinokuzijonga ngaloo ndlela, loo nto ibiya kuthetha ukuba asiziveleli zonke iinkalo zobungqina esinabo. Ngaphezulu, besiya kuba siyabutyeshela ubukho bendalo ‘engenakubaleka’ elungeleleneyo, nenenjongo. (Yobhi 9:10; INdu. 104:25) NjengamaKristu, siqinisekile ukuba amandla asebenzayo awayebandakanyeke ekudaleni ngumoya oyingcwele owawusalathiswa nguYehova.
Umoya Oyingcwele Nokholo Lwethu KuThixo
19. Bubuphi ubungqina obubonisa ukuba uThixo ukho yaye umoya wakhe uyasebenza?
19 Akunyanzelekanga ukuba sazi yonke into ngendalo ukuze sikholelwe kuThixo size sibe nothando nentlonelo enzulu ngaye. Ngokufanayo nokuba nobuhlobo nomntu, ukuba nokholo kuYehova akusekelwanga kwizibakala nje kuphela. Kanye njengolwalamano oluphakathi kwabahlobo olukhula njengoko besazana ngakumbi, ukholo lwethu kuThixo luyakhula njengoko sifunda okungakumbi ngaye. Eneneni, siqiniseka nangakumbi ngobukho bakhe xa ephendula imithandazo yethu naxa sibona imiphumo emihle yokuphila ngemigaqo yakhe. Sisondela ngakumbi kuYehova njengoko sibona ubungqina obandayo bokuba walathisa amanyathelo ethu, uyasikhusela, usikelela imigudu yethu enkonzweni yakhe, yaye usixhasa ngezinto eziyimfuneko. Zonke ezi zinto ziyasiqinisekisa ukuba uThixo ukho yaye umoya oyingcwele wakhe uyasebenza.
20. (a) Kwakutheni ukuze uThixo adale indalo yonke nabantu? (b) Ukulandela ukhokelo lomoya oyingcwele kaThixo kuya kuphumela entwenini?
20 IBhayibhile ingumzekelo obalaseleyo wokusebenzisa kukaYehova amandla akhe asebenzayo kuba ababhali bayo “bathetha ngokuphuma kuThixo njengoko babeqhutywa ngumoya oyingcwele.” (2 Pet. 1:21) Xa sizifunda ngocoselelo iZibhalo siya komeleza ukholo lwethu kuThixo njengoMdali wezinto zonke. (ISityhi. 4:11) UYehova waba nguMdali ukuze abonise uphawu lwakhe oluthandekayo, uthando. (1 Yoh. 4:8) Masenze konke esinako ukuze sincede abantu bafunde ngoBawo wethu wasezulwini noMhlobo wethu othandekayo. Ukuba siqhubeka sikhokelwa ngumoya oyingcwele kaThixo, siya kujizekwa ngelungelo lokufunda ngaye ngonaphakade. (Gal. 5:16, 25) Ngamana singaqhubeka sifunda ngoYehova nemisebenzi yakhe emikhulu size siphile ngendlela ebonisa uxabiso ngothando lwakhe xa wasebenzisa umoya oyingcwele ukudala amazulu, umhlaba nabantu.
[Umbhalo osemazantsi]
a Funda incwadi ethi Is There a Creator Who Cares About You? iphepha 24 nelama-25.
Ngaba Unokucacisa?
• Ubukho bamazulu nomhlaba busifundisa ntoni ngendlela uThixo awusebenzisa ngayo umoya oyingcwele?
• Ukwenziwa ngokomfanekiso kaThixo kusinika waphi amathuba?
• Kutheni sifanele sihlole ubungqina bendalo?
• Ziziphi iindlela ulwalamano lwethu noYehova olunokukhula ngazo?
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Ukulungelelana kwendalo yonke kusifundisa ntoni ngendalo?
[Inkcazelo]
Stars: Anglo-Australian Observatory/David Malin Images
[Imifanekiso ekwiphepha 8]
I-DNA isebenza njani kuzo zonke ezi zinto?
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Ngaba ukulungele ukumela ukholo lwakho?