-
“Yibani Ngabaxelisa UThixo”IMboniselo—2008 | Oktobha 1
-
-
ILizwi likaThixo libongoza amaKristu okwenyaniso lisithi: “Ngoko ke, yibani ngabaxelisa uThixo, njengabantwana abaziintanda.” (Efese 5:1) La mazwi abonisa indlela uThixo abathembe ngayo abakhonzi bakhe. Njani? UYehova uThixo wadala umntu ngokomfanekiso Wakhe, ngokufana Naye. (Genesis 1:26, 27) Ngoko uThixo wadala abantu baneempawu ezifana nezakhe.a Ngenxa yoko xa iBhayibhile ibongoza amaKristu ukuba ‘axelise uThixo,’ kuba ngathi uYehova uthi kuwo: ‘Ndiyanithemba. Ndiyazi ukuba nangona ningafezekanga ninokufana nam ukusa kumlinganiselo othile.’
-
-
“Yibani Ngabaxelisa UThixo”IMboniselo—2008 | Oktobha 1
-
-
a AmaKolose 3:9,10 abonisa ukuba ukwenziwa ngomfanekiso kaThixo kunento yokwenza neempawu zobuntu. Abo bafuna ukukholisa uThixo babongozwa ukuba bambathe ‘ubuntu obutsha, obenziwe baba butsha ngokomfanekiso waLowo [uThixo] wabudalayo.’
-