‘Yehova, Ndivavanye’
“UYEHOVA ungumgocagoci weentliziyo.” (IMizekeliso 17:3) La mazwi amele asomeleze gqitha. Ngoba? Kaloku ngokwahlukileyo ebantwini, bona bagweba ngoko bakubonayo, yena uBawo wethu wasezulwini, “ubona oko ikuko intliziyo.”—1 Samuweli 16:7.
Nkqu nathi asikwazi ncam ukuqonda ezona mvakalelo zinzulu sinazo neyona nto sityekele kuyo. Kubangelwa yintoni oko? Kungenxa yokuba “intliziyo [yethu] inenkohliso kunayo nantoni na yaye iyatyhudisa. Ngubani na onokuyazi?” Kodwa yena uThixo uyazi kakuhle kuba uthi: “Mna, Yehova, ndiyayigocagoca intliziyo, ndizihlolisise izintso.” (Yeremiya 17:9, 10) Ewe, uYehova uyayiqonda “intliziyo”—kuquka ezona ntshukumisa zethu ‘nezintso zethu,’ ezona ngcamango neemvakalelo zethu.
Kutheni AmaKristu Evavanywa Nje?
Siyaqondakala isizathu sokuba uKumkani uDavide wamandulo athi kuThixo: “Ndihlolisise, Yehova, undivavanye; sulungekisa izintso zam nentliziyo yam.” (INdumiso 26:2) Ngaba izenzo nentetho kaDavide zazingenalo nelimdaka ibala, nto leyo yayiza kumenza angoyiki xa evavanywa nguYehova? Akuthethwa loo nto. Njengathi sonke, uDavide wayengafezekanga engakwazi ukuyifikelela ngokugqibeleleyo imilinganiselo kaThixo. Ngenxa yobuthathaka bakhe, uDavide wenza izono ezinzulu, kodwa sekunjalo ‘wahamba ngentliziyo egqibeleleyo.’ (1 Kumkani 9:4) Njani? Ngokwamkela uqeqesho walungisa iindlela zakhe. Ngoko wabonisa ukuba umthanda ngokwenene uYehova. Wayezinikele ngokupheleleyo kuThixo.
Kuthekani ngathi namhlanje? UYehova uyazi ukuba asifezekanga ibe sinokona ngamazwi nangezenzo. Noko ke, akawasebenzisi amandla akhe okwazi ikamva kusengaphambili ngenjongo yokufuna ukubona indlela esiza kubuphila ngayo ubomi bethu. Usidale ngendlela yokuba sikwazi ukuzikhethela, ibe uyalihlonela elo lungelo lingathethekiyo asivave ngalo.
Nakuba kunjalo, maxa wambi uYehova uyasivavanya ngandlel’ ithile eyona nto siyiyo ngaphakathi, kuquka iintshukumisa zethu. Unokusivavanya ngokuvumela izinto eziza kubhenca into esiyiyo entliziyweni. Usenokuvumela iimeko okanye iingxaki ezithile ukuze kuvele olona tyekelo lwethu. Oku kusipha ithuba lokubonisa uYehova ukuzinikela nokunyaniseka kwethu kuye. Ezo mvavanyo azivumelayo zinokubonisa ukholo esinalo, kwanokuba ‘siphelele yaye siphilile kwiinkalo zonke, asiswele nto.’—Yakobi 1:2-4.
Umntu Wamandulo Owavavanywa Ukholo
Ukuvavanywa kokholo neentshukumisa akuyonto intsha kubakhonzi bakaYehova. Cinga nje ngosolusapho uAbraham. “UThixo oyinyaniso wamvavanya uAbraham.” (Genesis 22:1) Xa kuthethwa loo mazwi, lwalusele luvavanyiwe kakade ukholo luka-Abraham kuThixo. Kumashumi eminyaka ngaphambili, uYehova wacela uAbraham ukuba afuduke nentsapho yakhe ashiye isixeko esasifumile saseUre aye kwilizwe awayengalazi. (Genesis 11:31; IZenzo 7:2-4) UAbraham, osenokuba wayenomzi eUre, akazange azithengele mzi ukufika kwakhe kwaKanan, nakuba wahlala khona malunga neminyaka eli-100. (Hebhere 11:9) Ukuba ngunothwal’ impahlana kwakhe nentsapho yakhe kwakubachanaba engozini, endlaleni, kwizikrelemnqa nakubalawuli baloo mimandla ababengabahedeni. Kuzo zonke ezi meko wangqineka enokholo olomeleleyo.
Kamva uYehova wabeka uAbraham kuvavanyo oluqatha. “Nceda, uthabathe unyana wakho, unyana wakho okuphela kwakhe, omthanda kunene, uIsake, uze . . . umnikele njengomnikelo otshiswayo kwenye yeentaba endiya kukutyumbela yona.” (Genesis 22:2) UIsake wayengengonyana nje ka-Abraham, kodwa wayekuphela komntwana abanaye nomfazi wakhe uSara. UIsake wayengunyana wesithembiso, okuphela konyana athembele kuye ukuba “imbewu” yakhe yayiza kuwuzuza ilifa umhlaba wakwaKanan aze abe yintsikelelo kwabaninzi, ngokwesithembiso sikaThixo. Eneneni, uIsake wayengunyana owayelindelwe nguAbraham nowazalwa ngommangaliso kaThixo.—Genesis 15:2-4, 7.
Unokuyithelekelela indlela amele ukuba wayebuhlungu ngayo uAbraham xa eqonda oko kwakuthethwa ngulo myalelo. Ngaba uYehova wayefuna ukwenzelwa idini ngomntu? Kwakutheni ukuze uYehova avise uAbraham uyolo lokuba nonyana ebudaleni, aze aphinde afune ukwenzelwa idini ngaye?a
Ngoxa wayengenazo iimpendulo zale mibuzo, uAbraham, wamthobela uThixo. Wahamba iintsuku ezintathu ngaphambi kokuba aye kufika kule ntaba. Ukufika kwakhe wakha isibingelelo waza wabeka iinkuni phezu kwaso. Lade lafika elona xesha linzima. UAbraham wathabatha isitshetshe, kodwa kwathi xa eza kumbulala unyana wakhe, uYehova wathumela ingelosi ukuba imnqande yathi: “Ndiyazi ngoku ukuba uyamoyika uThixo, ekubeni ungakhange wale nonyana wakho kum, engokuphela kwakhe.” (Genesis 22:3, 11, 12) Cinga nje indlela amele ukuba amkhuthaza ngayo loo mazwi uAbraham! UYehova wayechanile kwindlela awayejonga ngayo ukholo lwale ndoda. (Genesis 15:5, 6) Emva koko, uAbraham wabingelela ngenkunzi yegusha endaweni kaIsake. Emva koko uYehova waqinisekisa izithembiso zomnqophiso wembewu awayezenze kuAbraham. Siyacaca isizathu sokuba uAbraham abizwe ngokuba ngumhlobo kaYehova.—Genesis 22:13-18; Yakobi 2:21-23.
Nolwethu Ukholo Luyavavanywa
Sonke siyaqonda ukuba abakhonzi bakaThixo namhlanje abanakubhungca ekuvavanyweni. Noko ke, thina sinokuvavanywa zizinto uYehova azivumelayo ukuba zenzeke kunezo athi masizenze.
Umpostile uPawulos wathi: “Bonke abo banqwenela ukuphila ngozinikelo lobuthixo ngokunxulumene noKristu Yesu, nabo baya kutshutshiswa.” (2 Timoti 3:12) Le ntshutshiso isenokuza ngabo sifunda nabo, abahlobo, izalamane abamelwane okanye amagosa karhulumente aye axokiswa ngathi. Isenokuba kukugculelwa nokubethwa kuquka ukuphazanyiswa kwendlela aziphilisa ngayo umKristu. Nawo amaKristu okwenyaniso aneengxaki ezifana nezabanye abantu njengokugula, ukudimazeka nokungabikho kokusesikweni. Zonke ezi zilingo ziyaluvavanya ukholo lukabani.
Umpostile uPetros wachaza iingenelo zokuba nokholo oluvavanyiweyo xa wathi: “Nisiva ubuhlungu ngenxa yezilingo ezahlukahlukeneyo, ukuze umlinganiselo ovavanyiweyo wokholo lwenu, oluxabiso likhulu ngakumbi kunegolide etshabalalayo phezu kwako nje ukucikidwa kwayo ngomlilo, ufunyanwe ungunobangela wendumiso nozuko nembeko ekutyhilekeni kukaYesu Kristu.” (1 Petros 1:6, 7) Imiphumo yolu vavanyo ifaniswa nokusulungekiswa kwegolide emlilweni. Ukusulungekiswa kuveza igolide ecwengileyo kuze kususe izibi. Kuba njalo ke nakukholo lwethu xa sivavanywa.
Ngokomzekelo, ingozi okanye intlekele inokusenza sitsale nzima. Sekunjalo abo banokholo lokwenene abaxhalabi ngokugqithiseleyo. Bathuthuzelwa sesi siqinisekiso sikaYehova: “Andiyi kuze ndikushiye, ndingayi kuze ndikutyeshele.” (Hebhere 13:5) Baqhubeka bezibeka kwindawo yokuqala izinto zokomoya, beqinisekile ukuba uYehova uThixo uya kuyisikelela imigudu yabo yokufumana oko bakufuna ngokwenene. Ukholo lwabo luyabomeleza kumaxesha anzima, luze lubancede bangabenzi nzima ngakumbi ubomi babo ngokuxhalaba ngokungeyomfuneko.
Into yokuba iimvavanyo zinokuveza ubuthathaka kukholo lwethu inokusinceda sibone apho simele silungise khona. Umntu uya kuba wenza kakuhle ukuzibuza oku: ‘Ndinokulomeleza njani ukholo lwam? Ngaba kufuneka ndichithe ixesha elingakumbi ndithandaza ndicamngca nangeLizwi likaThixo? Ngaba ndiya kuzo zonke iintlanganiso ukuze ndibe kunye nabazalwana bam? Ngaba ndithembela kwisiqu sam, kunokuthandaza ndiphose ixhala lam kuYehova uThixo?’ Ukuzihlolisisa ngolu hlobo sisiqalo nje.
Ukuze umntu omeleze ukholo lwakhe kusenokufuneka athande izinto zokomoya, ‘alangazelele ubisi olungangxengwanga lwelizwi.’ (1 Petros 2:2; Hebhere 5:12-14) Sifanele sizame ukuba njengomntu ochazwa ngumdumisi: “Oyoliswa ngumthetho kaYehova, efunda emthethweni wakhe ngesandi esiphantsi imini nobusuku.”—INdumiso 1:2.
Oku kufuna singaneliswa nje kukufunda iBhayibhile. Kufuneka sicinge ngoko iLizwi likaThixo lisixelela kona size sisebenzise isiluleko salo. (Yakobi 1:22-25) Xa sisenjenjalo, siya kumthanda ngakumbi uThixo, imithandazo yethu iya kungqala, sithethe phandle, luze ke nokholo lwethu lomelele ngakumbi.
Ukubaluleka Kokholo Oluvavanyiweyo
Ukuqonda ukuba kufuneka sibe nokholo ukuze sikholise uThixo, yeyona nto iya kusinceda silomeleze. IBhayibhile isikhumbuza ukuba: “Ngaphandle kokholo akunakwenzeka ukumkholisa kakuhle, kuba lowo uzayo kuThixo umele akholwe ukuba ukho nokuba ungumvuzi wabo bamfuna ngenyameko.” (Hebhere 11:6) Ngoko, simele sivakalelwe njengendoda eyabongoza uYesu yathi: “Ndincede apho kufuneka khona ukholo kum!”—Marko 9:24.
Ukuvavanywa kokholo lwethu kunokubanceda nabanye. Ngokomzekelo, xa umKristu efelwe, ukholo analo kwisithembiso sikaThixo sovuko luyamomeleza. Uba buhlungu, kodwa ‘akabi lusizi njengabo bangenathemba.’ (1 Tesalonika 4:13, 14) Abanye ababona indlela olumnceda ngayo ukholo lwamaKristu banokuqonda ukuba uqamele ngento exabiseke ngokwenene. Oku kunokubenza bafune ukuba nolo kholo lwakhe, bafunde iLizwi likaThixo baze babe ngabafundi bakaYesu Kristu.
UYehova uyazi ukuba ukholo oluvavanyiweyo luxabiseke gqitha. Ngaphezulu, ukuvavanywa kokholo kusenza sibone enoba sinokholo olomelele ngokwenene kusini na. Kusinceda sibone ubuthathaka kukholo lwethu, sitsho sikwazi ukubulungisa. Ekugqibeleni, ukuphumelela kwezi mvavanyo kunokunceda abanye babe ngabafundi bakaYesu. Kwanga singenza unako-nako silwele ukuba nokholo olomeleleyo—ukholo oluya kuthi emva kokuvavanywa ngokuphindaphindiweyo ‘lufunyanwe lungunobangela wendumiso nozuko nembeko ekutyhilekeni kukaYesu Kristu.’—1 Petros 1:7.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ngokuphathelele ukubaluleka kwalo “mbingelelo” wokomfuziselo kaIsake, funda IMboniselo, kaJulayi 1, 1989, iphepha 22.
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Imisebenzi yokholo ka-Abraham yamenza umhlobo kaYehova
[Imifanekiso ekwiphepha 15]
Iimvavanyo zinokubonisa ukuba sinokholo olomeleleyo
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 12]
From the Illustrated Edition of the Holy Scriptures, by Cassell, Petter, & Galpin