-
Ukuzuza Kububele Bothando BukaYehovaIMboniselo—2002 | Meyi 15
-
-
Ububele Bothando BukaThixo Buzisa Inkululeko Nenkuselo
11, 12. (a) UYosefu wabubona ebudeni baziphi iimvavanyo ububele bothando bukaYehova? (b) Ububele bothando bukaThixo babonakaliswa njani kwimeko kaYosefu?
11 Masandule ke siqwalasele iGenesis isahluko 39. Sithetha ngonyana womzukulwana ka-Abraham uYosefu, owathengiswa kubukhoboka eYiputa. Sekunjalo, “uYehova waba noYosefu.” (Indinyana 1, 2) Enyanisweni, kwanenkosi yaseYiputa kaYosefu, uPotifare, yagqiba ngelithi uYehova wayenoYosefu. (Indinyana 3) Noko ke, uYosefu wajamelana novavanyo oluqatha. Watyholwa ngokudlwengula umfazi kaPotifare waza wavalelwa entolongweni. (Indinyana 7-20) ‘Esemhadini wentolongo bazixhwalekisa iinyawo zakhe ngamakhamandela, umphefumlo wakhe waba sezintsimbini.’—Genesis 40:15; INdumiso 105:18.
12 Kwenzeka ntoni ebudeni beso silingo? “UYehova waqhubeka enoYosefu waza wamenzela ububele bothando.” (Indinyana 21a) Isenzo esithile sobubele bothando salandelwa ziziganeko ezininzi ezathi kamva zakhokelela kwisicombululo kwiingxaki zikaYosefu. UYehova wamenza uYosefu “wakholeka emehlweni egosa eliyintloko lendlu yentolongo.” (Indinyana 21b) Ngenxa yoko, eli gosa lamnika isikhundla esibalulekileyo uYosefu. (Indinyana 22) Emva koko, uYosefu wadibana nendoda eyamazisa kuFaro, umlawuli waseYiputa. (Genesis 40:1-4, 9-15; 41:9-14) Lo kumkani wamnyusela uYosefu kwisikhundla sokuba ngumlawuli wesibini eYiputa, nto leyo eyaphumela ekusindisweni kwelizwe laseYiputa elalithwaxwa yindlala. (Genesis 41:37-55) Iintsizi zikaYosefu zaqalisa xa wayeneminyaka eli-17 ubudala zaza zaqhubeka iminyaka engaphezu kweli-12! (Genesis 37:2, 4; 41:46) Kodwa kuyo yonke loo minyaka yeembandezelo, uYehova uThixo wabonakalisa ububele bakhe bothando kuYosefu ngokumkhusela kwintlekele waza wamlondolozela ilungelo elihambisana nenjongo yakhe.
-
-
Ukuzuza Kububele Bothando BukaYehovaIMboniselo—2002 | Meyi 15
-
-
16. IBhayibhile ithetha kakuhle isithini ngoAbraham noYosefu?
16 Ingxelo ekwiGenesis isahluko 24 iyasiqinisekisa ukuba uAbraham wayenolwalamano olusenyongweni noYehova. Indinyana yokuqala ithi “uYehova wayemsikelele uAbraham kwinto yonke.” Umkhonzi ka-Abraham wambiza uYehova ngokuthi “Thixo wenkosi yam uAbraham.” (Indinyana 12, 27) Yaye umfundi uYakobi uthi uAbraham ‘wavakaliswa elilungisa’ yaye “wabizwa ngokuba ‘ngumhlobo kaYehova.’” (Yakobi 2:21-23) Kwakunjalo nangoYosefu. IGenesis isahluko 39 sigxininisa ulwalamano olusenyongweni uYehova awayenalo noYosefu. (Indinyana 2, 3, 21, 23) Ngaphezu koko, umfundi uStefano wathi ngoYosefu: “UThixo wayenaye.”—IZenzo 7:9.
-