Imibuzo Evela Kubafundi
Kuyintoni ‘ukuphumla’ ekuthethwa ngako kumaHebhere 4:9-11, yaye ubani ‘ungena njani koko kuphumla’?
Umpostile uPawulos wabhalela amaKristu enkulungwane yokuqala, angamaHebhere esithi: “Abantu bakaThixo basasalelwe luphumlo lwesabatha. Kuba umntu ongene ekuphumleni kukaThixo naye uphumle kwimisebenzi yakhe, kanye njengoko noThixo wenjenjalo kweyakhe. Ngoko ke masenze unako-nako wokungena koko kuphumla.”—Hebhere 4:9-11.
Xa uPawulos wayethetha ngokuphumla kukaThixo kwimisebenzi Yakhe, kuyabonakala ukuba wayebhekisela koko kuchazwe kwiGenesis 2:2, apho sifunda oku: “Ngosuku lwesixhenxe uThixo wawugqiba umsebenzi wakhe awayewenzile, waza ke waphumla ngosuku lwesixhenxe kuwo wonke umsebenzi wakhe awayewenzile.” Kwakutheni ukuze uYehova ‘aphumle ngosuku lwesixhenxe’? Ngokuqinisekileyo akazange aphumle ngenxa yokuba wayefuna ukuhlaziyeka “kuwo wonke umsebenzi wakhe awayewenzile.” Indinyana elandelayo isenza sikuqonde oko xa isithi: “Wandula ke uThixo walusikelela usuku lwesixhenxe waza walungcwalisa, kuba uThixo waphumla ngalo kuwo wonke umsebenzi wakhe awudalileyo, wawenza.”—Genesis 2:3; Isaya 40:26, 28.
‘Usuku lwesixhenxe’ lwalwahlukile kuzo zonke iintsuku ezintandathu ezingaphambili kuba lusuku awalusikelelayo uThixo walungcwalisa, oko kukuthi, usuku olubekelwe ecaleni, okanye olulungiselelwe injongo ethile ekhethekileyo. Yayiyintoni loo njongo? Ngaphambilana, uThixo watyhila injongo yakhe ngokuphathelele uluntu nomhlaba. Kwindoda yokuqala nomfazi wayo, uThixo wathi: “Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba nize niwoyise, nibe nobukhosi kwiintlanzi zolwandle nakwizidalwa eziphaphazelayo emazulwini nakuzo zonke izidalwa eziphilayo ezinambuzelayo emhlabeni.” (Genesis 1:28) Nangona uThixo wayenze uluntu ukuba lube nesiqalo esifezekileyo kumhlaba ogqibeleleyo, kwakuza kuthabatha ixesha elide ukuba umhlaba woyiswe uze uguqulelwe ekubeni yiparadesi ezaliswe yintsapho yabantu abafezekileyo, njengoko leyo yayiyinjongo kaThixo. Ngaloo ndlela, “ngosuku lwesixhenxe,” uThixo waphumla okanye wayeka ukudala emhlabeni ukuze avumele oko wayesele ekudalile ukuba kukhule ngokuvumelana nokuthanda kwakhe. Ekupheleni kolo ‘suku,’ konke oko uThixo wayenenjongo yokukwenza kuya kuba kuzalisekile. Kuya kuthabatha ixesha elingakanani oko kuphumla?
Xa sibuyela kumazwi kaPawulos akumaHebhere, siphawula ukuba wabonisa ukuba “abantu bakaThixo basasalelwe luphumlo lwesabatha,” yaye wabongoza amanye amaKristu ukuba enze konke okusemandleni ‘ukuze angene koko kuphumla.’ Oku kubonisa ukuba xa uPawulos wayebhala la mazwi, ‘usuku lwesixhenxe’ awaphumla ngalo uThixo, olwaluqalise malunga nama-4 000 eminyaka ngaphambilana, lwalusaqhubeka. Aluyi kuphela ngaphambi kokuba injongo kaThixo ngokuphathelele uluntu nomhlaba izaliseke ngokupheleleyo ekupheleni koLawulo Lwewaka Leminyaka lukaYesu Kristu, ‘oyiNkosi yesabatha.’—Mateyu 12:8; ISityhilelo 20:1-6; 21:1-4.
Ekhangele phambili kwelo themba limangalisayo, uPawulos wachaza indlela ubani anokungena ngayo ekuphumleni kukaThixo. Wabhala: “Umntu ongene ekuphumleni kukaThixo naye uphumle kwimisebenzi yakhe.” Oku kusixelela ukuba nangona lonke uluntu lwaba nesiqalo esifezekileyo, aluzange lungene ekuphumleni kukaThixo. Oku kwakungenxa yokuba akuzange kube thuba lide uAdam noEva bephila ngokuvisisana noko kuphumla kukaThixo “ngosuku lwesixhenxe” ngokuthobela ilungiselelo lakhe ngokuphathelele bona. Kunoko, bavukela baza bafuna ukuzimela geqe kuThixo. Eneneni, bahambisana necebo likaSathana kunokuba bamkele ulwalathiso lothando oluvela kuThixo. (Genesis 2:15-17) Ngenxa yoko, baphulukana nethemba lokuphila ngonaphakade kwiparadesi esemhlabeni. Ukususela ngoko, lonke uluntu lwakhotyokiswa sisono nokufa.—Roma 5:12, 14.
Imvukelo yoluntu ayizange iyikatyise injongo kaThixo. Usuku lwakhe lokuphumla lusaqhubeka. Noko ke, uYehova wenza ilungiselelo lothando—intlawulelo—ngoNyana wakhe, uYesu Kristu, ukuze bonke abo bayamkela ngokholo bakhangele phambili ekukhululweni nasekuphumleni kwingcinezelo yesono nokufa. (Roma 6:23) Kungenxa yoko loo nto uPawulos wabongoza amanye amaKristu ukuba ‘aphumle kwimisebenzi yawo.’ Kwakufuneka amkele ilungiselelo likaThixo losindiso angazami ukuzilungiselela ikamva ngeyawo indlela, njengoko uAdam noEva benzayo. Kwakufuneka aphephe nokusukela ukwenza eyawo imisebenzi yokuzithethelela.
Ukubekela ecaleni usukelo lokuzingca okanye usukelo oluqhelekileyo ukuze ubani enze ukuthanda kukaThixo ngokwenene kuyahlaziya. UYesu wenza esi simemo: “Yizani kum, nonke nina nibulalekayo nenisindwa ngumthwalo, yaye ndiza kunihlaziya. Thabathani idyokhwe yam nize nifunde kum, kuba ndinomoya wobulali, ndithobekile ngentliziyo, kwaye niya kuyifumanela ukuhlaziyeka imiphefumlo yenu. Kuba idyokhwe yam yeyobubele nomthwalo wam ukhaphukhaphu.”—Mateyu 11:28-30.
Ngokuqinisekileyo, ingxubusho kaPawulos yokuphumla kukaThixo nendlela ubani anokungena ngayo kuko yayilukhuthazo kumaKristu angamaHebhere awayeseYerusalem, awayenyamezele intshutshiso ekrakra nogculelo ngenxa yokholo lwawo. (IZenzo 8:1; 12:1-5) Ngokufanayo, amazwi kaPawulos anokuba lukhuthazo kumaKristu namhlanje. Ekubeni siphawula ukuba inzaliseko yesithembiso sikaThixo sokuzisa umhlaba oyiparadesi phantsi koBukumkani bakhe bobulungisa isemnyango, nathi sifanele siphumle kwimisebenzi yethu size senze konke okusemandleni ukuze singene koko kuphumla.—Mateyu 6:10, 33; 2 Petros 3:13.
[Imifanekiso ekwiphepha 31]
Isithembiso sikaThixo somhlaba oyiparadesi siya kuzalisekiswa ekupheleni kosuku lwakhe lokuphumla