ILizwi LikaYehova Liphilile
Iimbalasane Zencwadi YeGenesis—II
KUSUSELA ekudalweni komntu wokuqala, uAdam, ukusa ekufeni konyana kaYakobi uYosefu, iGenesis igubungela iminyaka engama-2 369 yembali yoluntu. Izahluko zokuqala ezili-10 kunye neendinyana ezili-9 zesahluko 11, ezigubungela ingxelo yokudala ukusa ekwakhiweni kwenqaba yaseBhabheli, kuxutyushwe ngazo kwinkupho eyandulela le, yeli phephancwadi.a Eli nqaku liza kuxubusha iimbalasane zezahluko eziseleyo zeGenesis, eziphathelele indlela uThixo awaqhubana ngayo noAbraham, uIsake, uYakobi noYosefu.
UABRAHAM UBA NGUMHLOBO KATHIXO
Malunga neminyaka engama-350 emva koMkhukula, kuzalwa indoda ezingqina ikhethekile kuThixo iphuma kumnombo wenzala yonyana kaNowa uShem. Igama layo nguAbram, kamva uba nguAbraham. Ethobela umyalelo kaThixo, uAbram ushiya isixeko samaKhaledi iUre aye kuhlala ezintenteni kwilizwe uYehova athembisa ukulinika yena nenzala yakhe. Ngenxa yokholo nokuthobeka kwakhe, uAbraham ubizwa ngokuba “ngumhlobo kaYehova.”—Yakobi 2:23.
UYehova uthabatha inyathelo nxamnye nabemi abangendawo baseSodom kunye nezixeko ezimelene nayo, ngoxa esindisa uLote neentombi zakhe. Isithembiso sikaThixo siyazalisekiswa ngokuzalwa konyana ka-Abraham uIsake. Kwiminyaka ethile kamva, ukholo luka-Abraham luyavavanywa xa uYehova esithi makenze umbingelelo ngonyana wakhe. UAbraham ukulungele ukuthobela oku, kodwa unqandwa yingelosi. Akuthandabuzeki ukuba uAbraham yindoda yokholo, yaye uqinisekiswa ukuba, zonke iintlanga ziya kuzisikelela ngembewu yakhe. UAbraham, uba kwintlungu engathethekiyo ngenxa yokufa komfazi wakhe amthandayo, uSara.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
12:1-3—Waqala nini ukusebenza umnqophiso ka-Abraham, yaye wawuza kusebenza ixesha elingakanani? Kuyabonakala ukuba, umnqophiso kaYehova noAbram wokuba “zonke iintsapho ezisemhlabeni ziya kuzisikelela ngelungiselelo [lika-Abram]” waqala ukusebenza xa uAbram wawela umEfrate esingise kwaKanan. Oku kumele ukuba kwenzeka ngoNisan 14, 1943 B.C.E.—iminyaka engama-430 ngaphambi kokuba uSirayeli ahlangulwe eYiputa. (Eksodus 12:2, 6, 7, 40, 41) Umnqophiso ka-Abraham “ngumnqophiso wexesha elingenammiselo.” Uya kuhlala ukho de iintsapho ezisemhlabeni zifumane iintsikelelo zize zitshatyalaliswe zonke neentshaba zikaThixo.—Genesis 17:7; 1 Korinte 15:23-26.
15:13—Inzala ka-Abram yajamelana nini nenkxwaleko yeminyaka engama-400 eyayixelwe kwangaphambili? Eli xesha lenkxwaleko laqalisa ngowe-1913 B.C.E. ekulunyulweni konyana ka-Abraham uIsake xa wayeneminyaka emihlanu ubudala ‘esenziwa intlekisa’ ngumntakwabo, uIshmayeli, owayeneminyaka eli-19 ubudala. (Genesis 21:8-14; Galati 4:29) Yaphela xa kwahlangulwa amaSirayeli kubukhoboka baseYiputa ngowe-1513 B.C.E.
16:2—Ngaba yayifanelekile into yokunikela kukaSarayi ngesicakakazi sakhe uHagare njengomfazi kuAbram? Isenzo sikaSarayi sasivumelana nesithethe saloo mihla—sokuba umfazi olidlolo kwakufuneka anike indoda yakhe ishweshwe ukuze limvelisele indlalifa. Isithembu saqala kwinzala kaKayin. Ngokuhamba kwexesha, saba yinto eyamkelekileyo yaye samkelwa nangabanye abakhonzi bakaYehova. (Genesis 4:17-19; 16:1-3; 29:21-28) Noko ke, uYehova akazange awuyeke umgaqo wakhe wokuqala wokutshata neqabane elinye. (Genesis 2:21, 22) Kuyacaca ukuba ngamnye kubo uNowa noonyana bakhe, owaphindwa kubo umyalelo ‘wokuqhama, nokuzalisa umhlaba,’ wayetshate neqabane elinye. (Genesis 7:7; 9:1; 2 Petros 2:5) Yaye lo mgaqo wokutshata neqabane elinye waphinda wabethelelwa nguYesu Kristu.—Mateyu 19:4-8; 1 Timoti 3:2, 12.
19:8—Ngaba yayingaphosakelanga into yokunikela kukaLote ngeentombi zakhe kubantu baseSodom? Ngokomthetho waseMpuma, kwakuyimbopheleleko yomamkeli zindwendwe ukuzikhusela ekhayeni lakhe, azikhusele de kuse kwinqanaba lokubulawa ngenxa yazo xa kuyimfuneko. ULote wayelungele ukwenza oko. Ngobukroti waphuma waya kwelo hlokondiba, waluvala ucango emva kwakhe, waza wajamelana nalo yedwa. Xa uLote wayenikela ngeentombi zakhe, kusenokwenzeka ukuba wayeqonda ukuba ezo ndwendwe zakhe ngabathunywa bakaThixo, yaye kusenokwenzeka ukuba waqiqa ngelithi uThixo wayenokuzikhusela iintombi zakhe njengokuba wenzayo kunina omncinci uSara eYiputa. (Genesis 12:17-20) Enyanisweni, kanye njengokuba kwenzekayo, uLote neentombi zakhe bakhuselwa.
19:30-38—Ngaba uYehova wakubetha ngoyaba ukunxila kukaLote nokuzala kwakhe oonyana ngeentombi zakhe ezimbini? UYehova akawuvumeli umbulo nokunxila. (Levitikus 18:6, 7, 29; 1 Korinte 6:9, 10) Enyanisweni, uLote wazigatya ‘izenzo zokuchas’ umthetho’ zabemi baseSodom. (2 Petros 2:6-8) Kwaisibakala sokuba iintombi zikaLote zaqala ngokumnxilisa sibonisa ukuba zaziqonda ukuba wayengenakuvuma ukuba neentlobano zesini nazo xa esezingqondweni. Kodwa njengabaphambukeli kwelo lizwe, iintombi zakhe zavakalelwa ukuba leyo kuphela kwendlela ezazinokulondoloza ngayo intsapho kaLote ingabhangi. Le ngxelo ikho eBhayibhileni ukuze ichaze indlela ezalana ngayo inzala ka-Abraham, amaSirayeli kunye namaMowabhi (ngoMowabhi) nama-Amoni (ngoBhen-ami).
Oko Sikufundayo:
13:8, 9. Onjani wona ukuba mhle umzekelo omiselwa nguAbraham ekusingatheni iiyantlukwano! Singaze sincame uxolo ngenxa yokuba sifuna imali, sifuna kwenziwe ukuthanda kwethu, okanye ngenxa yekratshi.
15:5, 6. Xa uAbraham wayesaluphala ngoxa engekabi nanyana, wazityand’ igila kuThixo ngaloo mbandela. Emva koko, uYehova wamqinisekisa. Waba yintoni umphumo woko? UAbraham ‘wakholwa kuYehova.’ Ukuba sinokuziphalaza iintliziyo zethu emthandazweni kuYehova, samkele iziqinisekiso zakhe eziseBhayibhileni, size simthobele, siya kuba nokholo olomeleleyo.
15:16. UYehova wahlala ixesha elide engasiphumezi isigwebo sakhe sokubulala ama-Amori (okanye, amaKanan) de kwadlula izizukulwana ezine. Kwakutheni? Kungenxa yokuba nguThixo onomonde. Walinda de akwabikho kwathemba lokuba angaguquka. NjengoYehova sifanele sibe nomonde.
18:23-33. Xa etshabalalisa abantu, uYehova akanqunqeli egoqweni nje yonk’ into. Uyawakhusela amalungisa.
19:16. ULote ‘waqhubeka ezilazila,’ de kwafuneka iingelosi zimbambe ngesandla yena nentsapho yakhe zibakhuphele ngaphandle kwesixeko saseSodom. Senza kakuhle xa sizigcina sinemvo yongxamiseko njengoko silindele isiphelo seli hlabathi lingendawo.
19:26. Hayi indlela ekuya kuba bubuyatha ngayo xa siphazanyiswa kukukhangela okanye ukunqwenela ezo zinto sizishiye ngasemva kweli hlabathi!
UYAKOBI UNOONYANA ABALI-12
UAbraham wenza amalungiselelo okuba uIsake atshate noRebheka, ibhinqa elinokholo kuYehova. Uzala amawele uEsawu noYakobi. UEsawu udela ubuzibulo bakhe aze abuthengisele uYakobi, othi emva koko afumane iintsikelelo zikayise. UYakobi usabela ePadan-aram, apho atshata noLeya noRakeli aze anyamekele izimvu zomkhwe wakhe kangangeminyaka engama-20 ngaphambi kokuba emke nentsapho yakhe. NgoLeya, uRakeli nezicakakazi zabo ezibini, uYakobi uzala oonyana abali-12 nentombi. UYakobi usukuzana nengelosi yaye uyasikelelwa, lize igama lakhe litshintshe abe nguSirayeli.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
28:12, 13—Linayiphi intsingiselo iphupha likaYakobi elibandakanya “ileli”? Le “leli,” ekusenokwenzeka ukuba yayikhangeleka ngathi yenziwe ngamatye, yayibonisa ukuba kukho unxibelelwano phakathi komhlaba namazulu. Ukunyuka nokuhla kweengelosi zikaThixo kuyo kwabonisa ukuba iingelosi zingabalungiseleli ababalulekileyo ngandlel’ ithile phakathi koYehova nabantu akholiswa ngabo.—Yohane 1:51.
30:14, 15—Kwakutheni ukuze uRakeli anikise ngethuba lakhe lokulala nendoda yakhe ngenxa yokuba efuna imithuma? Mandulo, imithuma yayisetyenziswa njengeyeza lokudambisa iintlungu nokukhusela okanye ukukhulula izihlunu eziqinileyo. Kwakhona kwakusithiwa ivuselela umdla wesini ize yandise namathuba okuzala okanye incede umntu akhawule. (INgoma yazo iiNgoma 7:13) Nakuba iBhayibhile ingazichazi iintshukumisa zikaRakeli zokunanisa kwakhe, usenokuba wayecinga ukuba imithuma yayiza kumnceda akhawule aze ke ayeke ukugculelwa ngokuba lidlolo. Noko ke, kwadlula iminyaka eliqela ngaphambi kokuba uYehova ‘avule isibeleko sakhe.’—Genesis 30:22-24.
Oko Sikufundayo:
25:23. UYehova unamandla okubona ukubunjwa kosana olungekazalwa aze asebenzise oko kwazi kwakhe kusengaphambili ukuze akhethe lowo afuna ukumsebenzisa kwiinjongo zakhe. Ukanti, akagqibi kusengaphambili ngoko siya kuba kuko isiphelo sabantu.—Hoseya 12:3; Roma 9:10-12.
25:32, 33; 32:24-29. Ukukhathalela kukaYakobi ukufumana ubuzibulo nokusukuzana kwakhe nengelosi ubusuku bonke ukuze afumane iintsikelelo kubonisa ukuba wayezixabisa ngokwenene izinto ezingcwele. UYehova usiphathise izinto ezininzi ezingcwele, njengolwalamano lwethu naye nentlangano yakhe, idini lentlawulelo, iBhayibhile nethemba loBukumkani. Kwanga singafana noYakobi sibonise uxabiso ngazo.
34:1, 30. Inkathazo ‘eyamzisela ishwangusha’ uYakobi yabangelwa kukuzenzela kukaDina abahlobo nabantu ababengamthandi uYehova. Simele sizikhethe ngobulumko izinxulumani zethu.
UYEHOVA USIKELELA UYOSEFU EYIPUTA
Umona ushukumisela oonyana bakaYakobi ukuba bathengise ngomntakwabo uYosefu abe likhoboka. EYiputa, uYosefu uyabanjwa ngenxa yokubambelela kwakhe ngokunyaniseka nangenkalipho kwimilinganiselo yokuziphatha kaThixo. Ethubeni, uyakhutshwa entolongweni eze kutolika amaphupha kaFaro, achaza kusengaphambili ngeminyaka esixhenxe yesivuno esiza kuba yintabalala neza kulandelwa yiminyaka esixhenxe yendlala. Emva koko uYosefu wenziwa umlawuli wokutya oyintloko eYiputa. Abantakwabo beza eYiputa beze kufuna ukutya ngenxa yendlala. Intsapho iphinda imanyane ize ihlale kwilizwe elichumileyo laseGoshen. Ngaphambi kokufa kwakhe uYakobi usikelela oonyana bakhe aze akhankanye isiprofeto esiqinisekisa ithemba leentsikelelo ezingakumbi kwiinkulungwane ezizayo. Isidumbu sikaYakobi siyathatyathwa siye kungcwatywa eKanan. Ekufeni kwakhe uYosefu eneminyaka eli-110 ubudala, umzimba wakhe uyaqholwa, ekugqibeleni uthatyathwa usiwe kwiLizwe Lesithembiso.—Eksodus 13:19.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
43:32—Kutheni kwakuyinto ecekisekayo nje kumaYiputa ukudla namaHebhere? Kusenokwenzeka ukuba ubukhulu becala oku kwakubangelwa likhethe lonqulo okanye ukuzingca ngokobuhlanga. Enye into amaYiputa ayebacekisa abelusi. (Genesis 46:34) Kwakutheni? Kusenokwenzeka ukuba umsebenzi wokwalusa wawujongelwa phantsi gqitha eYiputa. Okanye kusenokwenzeka ukuba ekubeni wawunqabile umhlaba wokulima, amaYiputa ayebathiyile abo bakhangela amadlelo emfuyo.
44:5—Ngaba ngokwenene uYosefu wayehlaba izihlabo? Kuyacaca ukuba ngale ndebe yesilivere noko kwakuthethwa ngayo kwakuphekwa nje iqhinga. UYosefu wayengumkhonzi kaYehova onyanisekileyo. Wayengazihlabi ngokwenene izihlabo ngaloo ndebe, kanye njengokuba noBhenjamin engazange ayibe ngokwenene.
49:10—Yintoni intsingiselo ‘yentonga yobukhosi’ ‘nomsimelelo womyaleli’? Intonga yobukhosi yintonga ephathwa ngumlawuli njengomfuziselo wegunya lasebukhosini. Umsimelelo womyaleli yintonga ende ebonisa igunya lakhe lokukhupha umyalelo. Ukubhekisela kukaYakobi kwezi zinto kwakubonisa ukuba uhlanga lukaYuda lwaluza kuba negunya namandla aphawulekayo de afike uShilo. Le nzala kaYuda nguYesu Kristu, lowo uYehova anikele kuye ulawulo lwasezulwini. UKristu unegunya lasebukhosini yaye unamandla okuyalela.—INdumiso 2:8, 9; Isaya 55:4; Daniyeli 7:13, 14.
Oko Sikufundayo:
38:26. UYuda akazange amphathe ngendlela efanelekileyo umolokazana wakhe ongumhlolokazi, uTamare. Kodwa, emva kokuba echazelwe ukuba nguye omenze nzima, ngokuzithoba uYuda wasivuma isiphoso sakhe. Nathi sifanele sikhawuleze ukuvuma iimpazamo zethu.
39:9. Impendulo kaYosefu kumfazi kaPotifare ibonisa ukuba indlela awayecinga ngayo yayivisisana neembono zikaThixo ngokuphathelele imilinganiselo yokuziphatha yaye isazela sakhe sasilawulwa yimigaqo yobuthixo. Ngaba asifanele sizabalazele oko nathi njengoko sikhula kulwazi oluchanileyo lwenyaniso?
41:14-16, 39, 40. UYehova unokuziguqula iimeko ezimbi zibe ntle kwabo bamoyikayo. Xa sihlaselwa ziintshaba, senza kakuhle ukuthembela ngoYehova size sihlale sithembekile kuye.
Babenokholo Olungagungqiyo
Ngokwenene, uAbraham, uIsake, uYakobi noYosefu babengamadoda okholo awoyika uThixo. Ingxelo yobomi babo, ekwincwadi yeGenesis ilomeleza ngokwenene ukholo yaye isifundisa izifundo ezibalulekileyo.
Nawe unokuzuza lukhulu kule ngxelo njengoko uqhubeka nesabelo sokufunda iBhayibhile iveki neveki kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Ukuqwalasela oko kwenzekayo kuya kwenza le ngxelo iphile.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona inqaku elithi “ILizwi LikaYehova Liphilile—Iimbalasane Zencwadi YeGenesis—I” kwinkupho yeMboniselo kaJanuwari 1, 2004.
[Umfanekiso okwiphepha 26]
UAbraham wayeyindoda yokholo
[Umfanekiso okwiphepha 26]
UYehova usikelela uYosefu
[Umfanekiso okwiphepha 26]
ULote olilungisa neentombi zakhe basindiswa
[Umfanekiso okwiphepha 29]
UYakobi wayezixabisa izinto ezingcwele. Ngaba unjalo nawe?