Indlela Esinokusihlakulela Ngayo Isidima
IZICHAZI-MAGAMA zanamhlanje zichaza igama elithi “isidima” “njengokubalasela ngokuziphatha; ukulunga.” “Sisenzo nendlela yokucinga elungileyo; bubuntu obulungileyo.” Umbhali wesichazi-magama uMarvin R. Vincent uthi intsingiselo yantlandlolo yegama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “isidima” ibonisa “ukubalasela kwinto yonke.” Ngoko ke, akumangalisi ukuba, iimpawu ezinjengobulumko, inkalipho, ukuzeyisa, ubulungisa, imfesane, ukuzingisa, ukuthobeka nokunyaniseka ziye zachazwa njengesidima ngamaxesha athile. Kwakhona isidima siye sachazwa “njengokuvisisana nomlinganiselo wokulungileyo.”
Yimilinganiselo kabani le ibalaseleyo nelungileyo esifanele siyithobele? Iphephancwadi iNewsweek lathi: “Ngokutsho kwesikolo sentanda-bulumko sokuziphatha, amathandabuzo abangelwe liXesha Lokhanyo aye azisingela phantsi zonke iingcamango zokulungileyo nokubi zaba ngumbandela nje wokhetho lobuqu, ukhetho ngokwendlela umntu avakalelwa ngayo okanye ngokwendlela eliphila ngayo ibutho elithile labantu.” Kodwa ngaba ukhetho lobuqu yindlela eyanelisayo yokwahlula okulungileyo nokubi? Akunjalo. Ukuze sihlakulele isidima, sifuna umlinganiselo esinokuwuthemba wokulungileyo nokubi—umlinganiselo onokugweba isenzo esithile ngawo, isimo sengqondo okanye uphawu njengolulungileyo okanye olubi.
Okuphela Komthombo Oyinyaniso Wemilinganiselo Yokuziphatha
Mnye kuphela uMthombo oyinyaniso wemilinganiselo yokuziphatha—uMdali woluntu, uYehova uThixo. Kungekudala emva kokudala umntu wokuqala, uAdam, uYehova uThixo wamisela lo myalelo endodeni: “Kuyo yonke imithi yomyezo ungadla wanele. Kodwa wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungadli kuwo, kuba mhla uthe wadla kuwo uya kufa ngokuqinisekileyo.” (Genesis 2:16, 17) UYehova uThixo wabiza lo mthi ngendlela ekhethekileyo ukubonisa ilungelo analo lokugqiba ngoko kulungileyo noko kubi kwizidalwa zakhe. Ngaloo ndlela, imilinganiselo kaThixo yokulungileyo nokubi yaba sisiseko sokugweba, okanye ukuphonononga, izenzo, ubuntu neempawu zomntu. Ngaphandle kwemilinganiselo enjalo besingayi kwazi ukwahlula ngokuchanileyo okulungileyo kokubi.
Umyalelo ophathelele umthi wokwazi okulungileyo nokubi wabeka ukhetho phambi kuka-Adam noEva—ukuthobela okanye ukungathobeli. Kubo, isidima sasithetha ukuthobela loo myalelo. Ekuhambeni kwexesha, ngokubhekele phaya uYehova watyhila oko kumkholisayo noko kungamkholisiyo, yaye wasibhalela oko eBhayibhileni. Ngoko ke, ukuhlakulela isidima, kubandakanya ukuthobela imilinganiselo kaYehova yobulungisa eseZibhalweni.
Ziqhelanise Ngokupheleleyo Nemilinganiselo KaThixo
Ekubeni uYehova uThixo sele emisele imilinganiselo yokulungileyo nokubi waza wayityhila eBhayibhileni, ngaba asifanele siziqhelanise ngokupheleleyo nayo? Umpostile uPawulos wabhala: “Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo kwaye siyingenelo ekufundiseni, ekohlwayeni, ekulungelelaniseni izinto, ekuqeqesheleni ebulungiseni, ukuze umntu kaThixo awufanelekele aze awuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.”—2 Timoti 3:16, 17.
Ngokomzekelo, cinga ngokungaqondi awayenako uKunihito, okhankanywe kwinqaku elandulelayo, xa wayebonakalisa isidima ngendlela asazi ngayo ngokwesithethe sendawo awakhulela kuyo. Kamva ukuqwalasela imilinganiselo yeZibhalo kwamnceda ukuba azijonge ngendlela elungeleleneyo izinto. Ngokuqinisekileyo iBhayibhile isikhuthaza ukuba sithozame, yaye iyasiluleka ukuba singazithembi ngokugqithisileyo yaye singakhukhumali. (IMizekeliso 11:2; Mika 6:8) Kodwa, xa wayechaza oko kufunekayo ‘kwisigxina sobuveleli,’ umpostile uPawulos wathetha ‘ngokuzabalazela’ elo lungelo. (1 Timoti 3:1) Oku ‘kuzabalazela’ kufanele kwenziwe ngaphandle kokuqhayisa okanye ukukhukhumala ukanti kumele kwenziwe nangaphandle kokuzisingela phantsi ngokungeyomfuneko.
Ithini iBhayibhile ngokubalasela kokuziphatha kwezoshishino? Ukusebenzisa iindlela ezithandabuzekayo okanye ukuzenza izinto ngendlela ekhawulezayo ngokungavisisaniyo nemimiselo karhulumente nemithetho yerhafu ngumkhwa oqhelekileyo kwezoshishino namhlanje. Noko ke, kungakhathaliseki ukuba abanye benza ntoni na, umlinganiselo weBhayibhile kukuba ‘siziphathe ngokunyanisekileyo kwizinto zonke.’ (Hebhere 13:18) Ngenxa yoko, sihlakulela isidima ngokuba sinyaniseke size sisebenzisane kakuhle nabaqeshi, abaqeshwa, abathengi noorhulumente behlabathi. (Duteronomi 25:13-16; Roma 13:1; Tito 2:9, 10) Ngokuqinisekileyo ukunyaniseka kubangela ukuthembana nenkoliseko. Yaye ukuyibhala phantsi yonke into enivumelene ngayo ngokufuthi kuthintela ukungaqondani neengxaki ezinokuvela ngenxa ‘yesihlo esingenakubonwa ngaphambili.’—INtshumayeli 9:11; Yakobi 4:13, 14.
Enye inkalo esifanele sihlakulele isidima kuyo sisinxibo nendlela yokuzilungisa. Ukhetho lwesinxibo lwahlukile ngokweendawo abahlala kuzo abantu, yaye kusenokubakho ingcinezelo yokulandela ifashoni yakutshanje. Kodwa kutheni sifanele silandele sonke isimbo nefashoni efikayo? IBhayibhile iyasibongoza ukuba ‘singamilisi okwale nkqubo yezinto.’ (Roma 12:2) Kunokuba amise imithetho, umpostile uPawulos waphefumlelwa ukuba abhale oku: “Ndinqwenela ukuba abafazi bazihombise ngesinxibo esilungiswe kakuhle, ngokuthozama nangengqondo ephilileyo, kungekhona ngezimbo zokulukwa kweenwele nokunxitywa kwegolide neeperile nezambatho zeendleko ezinkulu, kodwa ngendlela efanele abafazi abazibanga behlonela uThixo.” (1 Timoti 2:9, 10) Lo mlinganiselo usisiseko usebenza kumadoda namabhinqa ngokufanayo. Kakade ke, akukho nto iphosakeleyo kwizimbo ezintle ezahlukahlukeneyo ngokweendawo esihlala kuzo okanye ngokokhetho lobuqu.
IBhayibhile yalatha nemikhwa yokuziphatha okubi uThixo ayigweba ngokuphandle. Kweyoku-1 kwabaseKorinte 6:9, 10, sifunda esi silumkiso: “Intoni! Anazi na ukuba abantu abangengomalungisa abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo? Ningalahlekiswa. Abahenyuzi, nabanquli zithixo, nabakrexezi, namadoda agcinelwe iinjongo ezingezozamvelo, namadoda alala namadoda, namasela, nabantu ababawayo, namanxila, nabatshabhisi, nabaphangi abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.” Esi sibhalo samnceda uMaria, okhankanywe ngaphambilana, wabona ukuba ngokomlinganiselo obalaseleyo wokuziphatha owandlalwe nguMdali wethu, oko kwakuqhubeka phakathi kwakhe noJuan kwakuphosakele yaye umele akuphelise ukuba ufuna ukukholisa uThixo. Ngokucacileyo, ukuze sihlakulele isidima, sifanele siyazi kakuhle imilinganiselo kaYehova.
Sifundwe Ngentliziyo
Ukuba nesidima akuthethi ukuphepha nje okubi. Kunamandla okuziphatha. Umntu onesidima ulungile. Omnye unjingalwazi uthi: “Isidima sifanele sifundwe ngentliziyo nangengqondo.” Ngoko ke, ukuhlakulela isidima kubandakanya okungakumbi kunokwazi nje kakuhle iLizwi likaThixo. Kufuna ukuba sicamngce ngoko kubhalwe kulo ukuze iintliziyo zethu zibe nombulelo kuYehova size sishukunyiselwe ukusebenzisa imigaqo yeZibhalo ebomini bethu.
Umdumisi wathi: “Hayi indlela endiwuthanda ngayo umthetho wakho! Imini le yonke ndiwuxhalabele.” (INdumiso 119:97) Yaye uKumkani uDavide wabhala esithi: “Ndikhumbule imihla yakudala; ndicamngce ngawo wonke umsebenzi wakho [Thixo]; ngokuzithandela ndihleli ndizixhalabisa ngomsebenzi wezandla zakho.” (INdumiso 143:5) Nakuthi ukucamngca ngomthandazo kufanele kube yinxalenye ebalulekileyo yofundisiso lwethu lweBhayibhile neempapasho ezisekelwe eBhayibhileni.
Kuyinyaniso ukuba, ukuzongela ixesha lokwenza ufundisiso nokucamngca kunokuba lucelomngeni. Kodwa ukuzabalazela isidima kufuna ukuba sizongele ixesha kweminye imisebenzi. (Efese 5:15, 16) UAaron, oneminyaka engama-24 ubudala, uzongela ixesha suku ngalunye ngokuthi avuke kwimizuzu engama-30 ngaphambi kwexesha abeqhele ukuvuka ngalo. Uthi: “Ekuqaleni, ndafunda iBhayibhile isiqingatha sonke seyure. Ndiqale mvanje ukuqonda ukubaluleka kokucamngca. Ngoku ndisebenzisa isiqingatha selo xesha ndicinga ngoko ndigqiba ukukufunda. Oku kuye kwaba nomvuzo ngokwenene.” Umntu unokucamngca nangamanye amaxesha. Kwingoma awayeyiculela uYehova, uDavide wavuma esithi: “Ebudeni bemilindo yasebusuku ndicamngca ngawe.” (INdumiso 63:6) Yaye iBhayibhile ithi: “Wayephumile ke uIsake ehamba-hamba ukuze acamngce entsimini xa kuhlwayo.”—Genesis 24:63.
Ukuze sihlakulele isidima kubalulekile ukuba sicamngce, kuba kuyasinceda sivakalelwe ngendlela uYehova avakalelwa ngayo size sibe neembono ezifana nezakhe. Ngokomzekelo, uMaria wayesazi ukuba uThixo uyakwalela ukuhenyuza. Kodwa ukuze ‘akwenyanye oko kungendawo aze anamathele koko kulungileyo,’ wayefanele acamngce ngeendinyana eziyintloko zeBhayibhile. (Roma 12:9) Wancedwa ukuze abone imfuneko yokwenza utshintsho emva kokufunda eyabaseKolose 3:5, esibongoza ukuba ‘sibhubhise amalungu ethu omzimba, uhenyuzo, ukungahlambuluki, inkanuko yesini, umnqweno owenzakalisayo nokubawa.’ Kwafuneka uMaria azibuze: ‘Luluphi uhlobo lwenkanuko yesini endimele ndilubhubhise? Yintoni endifanele ndiyiphephe enokuvuselela iminqweno engacocekanga? Ngaba lukho utshintsho endifanele ndilwenze kwindlela endiqhubana ngayo nabo besini esahlukileyo?’
Ukucamngca kuquka nokucinga ngemiphumo yesenzo esithile. UPawulos ubongoza amaKristu ukuba akhwebuke kuhenyuzo aze aqhelisele ukuzeyisa ukuze “kungabikho nabani owona umzalwana wakhe.” (1 Tesalonika 4:3-7) Nantsi imibuzo onokucinga ngayo: ‘Ndiza kuzenzakalisa njani mna, intsapho yam, okanye abanye ngokwenza esi senzo? Ndiza kuchaphazeleka njani ngokomoya, ngokweemvakalelo nangokwenyama? Kwenzeke ntoni kwabo baye baphula umthetho kaThixo kwixa elidlulileyo?’ Ukucamngca ngolo hlobo, kwayenza intliziyo kaMaria yomelela ngakumbi, yaye kunokwenzeka okufanayo nakuwe.
Ukufunda Kwimizekelo
Ngaba isidima sinokufundiswa eklasini? Lo mbuzo uye wadida iinkcuba-buchopho kangangamawaka eminyaka. Isithandi sobulumko esingumGrike uPlato sasityekele ekucingeni ukuba sinokufundwa. Kwelinye icala, uAristotle waqiqa ngelithi isidima sizuzwa ngokuthi ubani asiqhelisele. Intatheli yayishwankathela le ngxubuso yalo mbandela ngale ndlela: “Ngamafutshane, isidima asinakufundwa sodwa. Singenakufundwa nasezincwadini. Iimpawu ezintle zifumaneka phakathi kwebutho labantu . . . abakhuthaza isidima nalapho avuzwayo umntu onesidima.” Kodwa sinokubafumana phi abantu abanesidima ngokwenene? Nangona phakathi kwenkoliso yabantu abaphila ngokwezithethe ezithile kusithiwa babekho abantu abanesidima, ubuncinane xa bebalisa amabali neentsomi zabo ezithetha ngamaqhawe abo, iBhayibhile iqulethe imizekelo emininzi eyinyaniso.
Owona mzekelo ubalaseleyo wesidima nguYehova. Usoloko esenza izinto ngesidima yaye wenza oko kububulungisa nokulungileyo. Sinokuhlakulela isidima ngokuthi sibe “ngabaxelisa uThixo.” (Efese 5:1) Yaye uNyana kaThixo, uYesu Kristu, ‘wasishiya nomzekelo, ukuze silandele emanyathelweni akhe ngokusondeleyo.’ (1 Petros 2:21) Ngaphezu koko, iBhayibhile iqulethe iingxelo zabantu abaninzi ababethembekile, njengoAbraham, uSara, uYosefu, uRute, uYobhi noDaniyeli namaqabane akhe amathathu angamaHebhere. Eminye imizekelo yesidima engamele ityeshelwe yileyo yabakhonzi bakaYehova bale mihla.
Sinokuphumelela
Ngaba sinokuphumelela ngokwenene ekwenzeni oko kunesidima emehlweni kaThixo? Ngenxa yokuba sikuzuze ilifa ukungafezeki, ngamanye amaxesha kunokubakho umlo ngaphakathi kuthi engqondweni nasenyameni—sifune ukwenza okunesidima yaye kwangaxeshanye sifune ukulandela utyekelo lwethu lwesono. (Roma 5:12; 7:13-23) Kodwa sinokoyisa kulo mlo ngoncedo lukaThixo. (Roma 7:24, 25) UYehova uye wasilungiselela iLizwi lakhe neempapasho ezisekelwe eBhayibhileni. Ngokukhuthalela ukufundisisa iZibhalo nokucamngca ngomthandazo, sinokuba nentliziyo ecocekileyo. Kuloo ntliziyo icocekileyo kunokuvela iingcinga, amazwi nezenzo ezinesidima. (Luka 6:45) Ngokusekelwe kumzekelo kaYehova uThixo noYesu Kristu, sinokuba nobuntu bobuthixo. Yaye ngokuqinisekileyo sinokufunda okuninzi kubantu abakhonza uThixo ngokuthembeka namhlanje.
Umpostile uPawulos wabongoza abo babeza kufunda incwadi yakhe ukuba ‘bahlale becinga’ ngezinto ezinesidima nezinye izinto ekuthethwa kakuhle ngazo. Xa sisenjenjalo ngokuqinisekileyo siya kusikelelwa nguThixo. (Filipi 4:8, 9) Ngoncedo lukaYehova, sinokuphumelela ekuhlakuleleni isidima.
[Umfanekiso okwiphepha 6]
Ukucamngca makube yinxalenye yofundisiso lwakho lweBhayibhile
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Yiba nobuntu bobuthixo ngokuxelisa uKristu uYesu