Zintsapho ZamaKristu—‘Hlalani Niphaphile’
“Masihlale siphaphile, sithe qwa.”—1 TES. 5:6.
1, 2. Yintoni efunekayo ukuze intsapho ikwazi ukuhlala iphaphile ngokomoya?
ETHETHA ‘ngemini kaYehova enkulu nebangela uloyiko,’ umpostile uPawulos wabhalela amaKristu aseTesalonika esithi: “Bazalwana, anikho bumnyameni, ukuba ingade loo mini iniqubule njengamasela, kuba nonke nina ningoonyana bokukhanya noonyana bemini. Asingabobusuku okanye abobumnyama.” UPawulos wongezelela wathi: “Ngoko ke, masingalali njengoko abanye besenza, kodwa masihlale siphaphile, sithe qwa.”—Yow. 2:31; 1 Tes. 5:4-6.
2 Isiluleko sikaPawulos esiya kwabaseTesalonika siwafanele ngokukhethekileyo amaKristu aphila ‘kwixesha lesiphelo.’ (Dan. 12:4) Njengoko isiphelo sale nkqubo ingendawo yezinto sisondela, uSathana uzimisele ukuwexula abanquli benene abaninzi kangangoko enako ukuze bangamnquli uThixo. Ngoko kuya kuba bubulumko ukusebenzisa isibongozo sikaPawulos sokuhlala sithe qwa ngokomoya. Ukuze intsapho yamaKristu ikwazi ukuhlala iphaphile, kubalulekile ukuba ilungu ngalinye liphumeze imbopheleleko yalo echazwe ziZibhalo. Yiyiphi ke indima edlalwa ngamadoda, abafazi nabantwana ekuncedeni intsapho ‘ihlale iphaphile’?
Madoda—Xelisani ‘UMalusi Omhle’
3. Ngokutsho kweyoku-1 kuTimoti 5:8, ibandakanya ntoni imbopheleleko yendoda njengentloko-ntsapho?
3 IBhayibhile ithi: “Intloko yomfazi yindoda.” (1 Kor. 11:3) Ibandakanya ntoni imbopheleleko yendoda njengentloko-ntsapho? Xa zichaza enye inkalo yobuntloko, iZibhalo zithi: “Ukuba nabani na akabalungiseleli abo bangabakhe, ngokukodwa amalungu endlu yakhe, ngokuqinisekileyo ulukhanyele ukholo yaye mbi ngaphezu kongakholwayo.” (1 Tim. 5:8) Ewe, indoda ifanele iyinyamekele intsapho yayo ngezinto eziphathekayo. Kodwa ke, ukuze incede intsapho yayo ihlale iphaphile ngokomoya imele yenze okungakumbi kunokuza nje nemali ekhaya. Ifanele yakhe intsapho yayo ngokomoya, incede bonke entsatsheni ukuba bomeleze ulwalamano lwabo noThixo. (IMize. 24:3, 4) Inokuyenza njani loo nto?
4. Yintoni enokunceda indoda iphumelele ukwakha intsapho yayo ngokomoya?
4 Ekubeni “indoda iyintloko yomfazi wayo njengokuba noKristu eyintloko yebandla,” indoda etshatileyo imele ihlole ize ixelise indlela uYesu aliphatha ngayo ibandla. (Efe. 5:23) Cinga ngendlela uYesu awaluchaza ngayo ulwalamano awayenalo nabalandeli bakhe. (Funda uYohane 10:14, 15.) Yintoni emele yenziwe yindoda efuna ukwakha intsapho yayo ngokomoya ukuze iphumelele? Yile: Kukufunda oko kwathethwa kwaza kwenziwa nguYesu ‘njengomalusi omhle,’ ‘nokulandela emanyathelweni akhe ngokusondeleyo.’—1 Pet. 2:21.
5. Yintoni ayaziyo uMalusi Omhle ngebandla?
5 Ngelifuziselayo, ulwalamano oluphakathi komalusi nezimvu zakhe lusekelwe kukwazana nokuthembana. Umalusi uzazi kakuhle izimvu zakhe yaye nezimvu ziyamazi ibe ziyamthemba umalusi wazo. Ziyalazi yaye ziyalithobela ilizwi lakhe. UYesu wathi: “Ndiyazazi izimvu zam nezimvu zam ziyandazi.” Apha asithethi ngokuba nofifana nje ngebandla. Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ukwazi” lithetha “ukwazi umntu kakuhle.” Ewe, uMalusi Omhle wazi nganye kwizimvu zakhe. Uyazazi iintswelo, ubuthathaka namandla azo. Ayikho into akhe angayazi ngezimvu zakhe. Nezimvu zimazi kakuhle umalusi ibe ziyaluthemba ukhokelo lwakhe.
6. Amadoda anokumxelisa njani uMalusi Omhle?
6 Ukuze indoda ibe yintloko-ntsapho exelisa uKristu, imele ifunde ukuzijonga njengomalusi ize abo baphantsi kwayo ibajonge njengezimvu. Imele izame ukuyazi kakuhle intsapho yayo. Ngaba indoda inokukwazi ukuyenza le nto? Ewe inako, ukuba izinika ixesha lokuncokola nabo bonke entsatsheni, iphulaphule izinto ezibaxhalabisayo, ikhokele kwizinto ezenziwa yintsapho yaye ikuphaphele ukwenza izigqibo ezizizo eziphathelele izinto ezifana nonqulo lwentsapho, ukuya ezintlanganisweni, intsimi, ukuzihlaziya nokuzonwabisa. Xa indoda engumKristu ithatha ukhokelo isazi kungekhona iLizwi likaThixo kuphela kodwa nabo ibaphathisiweyo, kuya kuba lula ukuba babe nentembelo kubuntloko bayo yaye nayo iya kufumana ulwaneliseko lokubabona bemanyene kunqulo lwenene.
7, 8. Indoda inokumxelisa njani uMalusi Omhle ekubeni nomsa kwabo baphantsi kwayo?
7 Kwakhona umalusi olungileyo unomsa kwizimvu zakhe. Xa sifunda ngeengxelo zeVangeli zobomi nobulungiseleli bukaYesu, siba noxabiso ngomsa awayenawo ngabafundi bakhe. Wada ‘wanikezela ngomphefumlo wakhe ngenxa yezimvu.’ Amadoda amele axelise uYesu ngokuba nomsa kubo bonke abaphantsi kwawo. Kunokuba iphathe umfazi wayo rhabaxa, indoda efuna ukukholisa uThixo iqhubeka imthanda umfazi wayo “njengokuba noKristu walithandayo ibandla.” (Efe. 5:25) Ifanele ithethe ngobubele ize ibe nolwazelelelo, kuba ufanelwe kukuphathwa ngembeko.—1 Pet. 3:7.
8 Xa iqeqesha abantwana, intloko-ntsapho ifanele ibambelele ngokuqinileyo kwimigaqo kaThixo. Kodwa ke, ayifanele iphelelwe ngumsa kubantwana bayo. Xa kufuneka ibohlwaye, ifanele ikwenze oko ngothando. Abanye abantwana bathatha kade kunabanye. Xa kunjalo, utata ufanele abe nomonde ngakumbi. Xa amadoda exelisa umzekelo kaYesu ngalo lonke ixesha, aya kubangela ukuba ikhaya libe yindawo ekhuselekileyo nenqabisekileyo. Iintsapho zawo ziya kufumana unqabiseko lokomoya uDavide awacula ngalo.—Funda iNdumiso 23:1-6.
9. Njengosolusapho uNowa, amadoda angamaKristu anayiphi imbopheleleko, yaye yintoni enokuwanceda ayiphumeze?
9 Usolusapho uNowa wayephila kwixesha lesiphelo sehlabathi lemihla yakhe. Kodwa uYehova wamgcina “ekhuselekile kunye nabanye abasixhenxe xa wazisa unogumbe phezu kwehlabathi labantu abangenabuthixo.” (2 Pet. 2:5) UNowa wayenembopheleleko yokunceda intsapho yakhe ikwazi ukusinda xa kufika uMkhukula. Iintloko-ntsapho zamaKristu zinembopheleleko efanayo kule mihla yokugqibela. (Mat. 24:37) Kubaluleke ngokwenene ukuba zifunde umzekelo ‘womalusi omhle’ zize zizame ukuwuxelisa!
Bafazi—‘Yakhani Izindlu Zenu’
10. Ukuzithoba komfazi kwindoda yakhe kuthetha ntoni?
10 Umpostile uPawulos wathi: “Abafazi mabathobele amadoda abo njengakuyo iNkosi.” (Efe. 5:22) La mazwi awathethi kuthi abajongwa ngasidima. Ngaphambi kokudala umfazi wokuqala, uEva, uThixo wenene wathi: “Akukuhle ukuba le ndoda ihlale ililolo. Kuhle ndiyenzele umlingane onokuncedisana nayo.” (Gen. 2:18, IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996.) Indima yokuba ‘ngumncedi’ nokuba ‘ngumlingane’—ukuxhasa indoda yakhe njengoko inyamekela iimbopheleleko zentsapho yayo—yindima ebekeke ngokwenene.
11. Umfazi ongumzekelo ‘uyakha njani indlu yakhe’?
11 Umfazi ongumzekelo uyayakha indlu yakhe. (Funda iMizekeliso 14:1.) Ngokwahlukileyo kumfazi osisidenge, ongalihloneliyo ilungiselelo lobuntloko, umfazi osisilumko ulihlonela ngokunzulu eli lungiselelo. Kunokuba abe nesimo sengqondo sokungathobeli nokuzimela geqe esikweli hlabathi, uyalithobela iqabane lakhe. (Efe. 2:2) Umfazi osisidenge uyakhawuleza ukuthetha kakubi ngomyeni wakhe, kodwa umfazi osisilumko usebenzela ekubeni indoda yakhe ihlonelwe ngakumbi ngabantwana nangabanye abantu. Umfazi onjalo uyakulumkela ukubusingela phantsi ubuntloko bendoda yakhe ngokusoloko eyilandelela ngochuku okanye exambulisana nayo. Kukho nomba wokonga imali. Umfazi osisidenge udla ngokudyiwaza izinto ezisetyenzelwe nzima yintsapho yakhe. Umfazi oyixhasayo indoda yakhe akayenzi loo nto. Uyasebenzisana nendoda yakhe kwimibandela yemali. Usebenzisa ubulumko kwaye uyonga. Akanyanzeli indoda yakhe ukuba isebenze ixesha elongezelelekileyo.
12. Yintoni enokwenziwa ngumfazi ukunceda intsapho yakhe ‘ihlale iphaphile’?
12 Umfazi ongumzekelo unceda intsapho ‘ihlale iphaphile’ ngokuncedisana nendoda yakhe ekufundiseni abantwana ngoYehova. (IMize. 1:8) Uyaluxhasa ucwangciso loNqulo Lwentsapho. Ngaphezu koko, uyayixhasa indoda yakhe xa iluleka okanye iqeqesha abantwana. Wahluke ngokupheleleyo kumfazi ongenantsebenziswano, onabantwana abahlelelekileyo ngokoqobo nangokomoya!
13. Kutheni kubalulekile ukuba umfazi axhase indoda yakhe kwimisebenzi yebandla?
13 Umfazi onentsebenziswano uvakalelwa njani xa ebona indoda yakhe ikhuthele ebandleni lamaKristu? Uvuya ngokwenene! Enoba indoda yakhe sisicaka solungiselelo, umdala, okanye mhlawumbi lilungu leKomiti Yokunxibelelana Nezibhedlele okanye leKomiti Yokwakha Yenqila, uvuya gqitha ngamalungelo ayo. Ngokuqinisekileyo ukuqhubeka exhasa umyeni wakhe ngamazwi nangezenzo kuya kufuna ukuba ancame izinto ezithile. Kodwa uyaqonda ukuba ukuxakeka komyeni wakhe zizinto zobuthixo kunceda intsapho iphela ukuba ihlale iphaphile ngokomoya.
14. (a) Yintoni enokuba lucelomngeni kumfazi oxhasa indoda yakhe, yaye unokuhlangabezana njani nalo? (b) Yintoni enokwenziwa ngumfazi ukuze abe negalelo kwimpilo-ntle yentsapho iphela?
14 Kunokuba nzima ukuba ngumzekelo kumfazi oxhasa umyeni wakhe xa umyeni esenza isigqibo angavumelaniyo naso. Sekunjalo, uhlala ‘enomoya ozolileyo nowobulali’ aze ancedisane naye ukuze eso sigqibo siphumelele. (1 Pet. 3:4) Kwakhona umfazi olungileyo uzama ukuxelisa imizekelo emihle yabafazi abahlonela uThixo bamaxesha amandulo, abanjengoSara, uRute, uAbhigali nonina kaYesu, uMariya. (1 Pet. 3:5, 6) Uxelisa nabafazi abakhulileyo bale mihla ‘abaziphethe ngokuhlonel’ uThixo.’ (Tito 2:3, 4) Xa emthanda yaye emhlonela umyeni wakhe, umfazi ongumzekelo ufak’ isandla kwimpumelelo yomtshato wabo nakwimpilo-ntle yentsapho iphela. Ikhaya lakhe liyindawo yentuthuzelo nenkuseleko. Umfazi oxhasa indoda yakhe uxabiseke ngokwenene kwindoda ethanda izinto zokomoya!—IMize. 18:22.
Lutsha—‘Phosani Amehlo Enu Kwizinto Ezingabonwayo’
15. Yintoni enokwenziwa ngabaselula ukuncedisana nabazali ukuze intsapho ‘ihlale iphaphile’?
15 Nina baselula ninokwenza ntoni ukuze nincedisane nabazali benu nokuze intsapho ‘ihlale iphaphile’ ngokomoya? Khanicinge ngomvuzo uYehova anigcinele wona. Mhlawumbi ukususela ebuntwaneni, abazali benu bebenibonisa imifanekiso yobomi baseParadesi. Njengoko nikhula, mhlawumbi baye basebenzisa iBhayibhile neempapasho zamaKristu ukuninceda nibe nomfanekiso-ngqondweni wobomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha. Ukugcina amehlo enu ejonge kwinkonzo kaYehova nokubuceba kakuhle ubomi benu kuya kuninceda ‘nihlale niphaphile.’
16, 17. Yintoni enokwenziwa lulutsha ukuze lubaleke ugqatso ngempumelelo?
16 Cingani ngamazwi kampostile uPawulos afumaneka kweyoku-1 kwabaseKorinte 9:24. (Yifunde.) Balekani ugqatso lobomi ngenjongo yokuphumelela. Khethani ikhondo eliya kuninceda nifumane umvuzo wobomi obungunaphakade. Uninzi luye lwavumela ukusukela izinto eziphathekayo kuluphazamise ukuze lungatsolisi amehlo alo emvuzweni. Bubuyatha ngokwenene obo! Ukuceba ukuba sisityebi akuyi kunenza nonwabe. Izinto eninokuzithenga ngemali zezexeshana. Noko ke, nina phosani amehlo enu “kwizinto ezingabonwayo.” Ngoba? Kuba “izinto ezingabonwayo zingunaphakade.”—2 Kor. 4:18.
17 “Izinto ezingabonwayo” ziquka iintsikelelo zoBukumkani. Cebani ubomi benu ngendlela yokuba nizifumane. Ulonwabo lwenene niya kulufumana xa nisebenzisa ubomi benu enkonzweni kaYehova. Ukukhonza uThixo wenene kuninika amathuba okuzama ukufikelela usukelo lwexeshana nolwexesha elide.a Ukuzibekela usukelo lwezinto zokomoya olusengqiqweni kuya kuninceda nihlale nijolise amehlo enu ekukhonzeni uThixo ngenjongo yokufumana umvuzo wobomi obungunaphakade.—1 Yoh. 2:17.
18, 19. Umntu oselula unokwazi njani ukuba uyenze eyakhe inyaniso?
18 Lutsha, inyathelo lokuqala elisa ebomini kukwenza inyaniso ibe yeyenu. Ngaba senilithathile elo nyathelo? Zibuzeni: ‘Ngaba ndingumntu othanda izinto zokomoya okanye ngaba ndiqhutywa ngabazali bam ukuze ndibe nenxaxheba kwizinto zokomoya? Ngaba ndihlakulela ukuba neempawu ezindenza ndimkholise uThixo? Ngaba oku ndikwenza? Ngaba ndenza umgudu wokuba nenxaxheba kwizinto eziphathelele unqulo lwenene, ezinjengokuthandaza, ukufunda, ukuya kwiintlanganiso nokuya entsimini rhoqo? Ngaba ndisondela kuThixo ngokomeleza ulwalamano lwam kunye naye?’—Yak. 4:8.
19 Cinga ngomzekelo kaMoses. Nangona wakhuliswa ngabantu basemzini, wakhetha ukwaziwa njengomnquli kaYehova kunokwaziwa njengonyana wentombi kaFaro. (Funda eyamaHebhere 11:24-27.) Lutsha olungamaKristu, nani nimele nizimisele ukukhonza uYehova nithembekile. Xa nisenjenjalo, niya kufumana ulonwabo lwenene, obona bomi busemgangathweni ngoku, nethemba lokufumana ‘ubomi benene.’—1 Tim. 6:19.
20. Ngoobani abafumana umvuzo kugqatso lobomi?
20 Kwimidlalo yakudala, kwakuphumelela imbaleki enye kuphela. Akunjalo ke kugqatso lobomi. UThixo uthanda ukuba “zonke iintlobo zabantu zisindiswe zize zifikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso.” (1 Tim. 2:3, 4) Baninzi abaye babaleka ngempumelelo ngaphambi kwenu, yaye basebaninzi ababaleka kunye nani. (Heb. 12:1, 2) Umvuzo uya kufunyanwa ngabo bonke abanganikezeliyo. Ngoko zimiseleni ukuphumelela!
21. Yintoni eza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo?
21 Akukho mntu uya kukwazi ukuthintela “ukufika kwemini kaYehova enkulu neyoyikekayo.” (Mal. 4:5) Loo mini ayimele ifikele iintsapho zamaKristu zingalindelanga. Kubalulekile ukuba bonke entsatsheni baphumeze iimbopheleleko zabo ezichazwa ziZibhalo. Yintoni enye eninokuyenza ukuze nihlale nithe qwa ngokomoya nize nomeleze ulwalamano lwenu noThixo? Inqaku elilandelayo liza kuxubusha ngezinto ezintathu ezichaphazela ubumoya bentsapho yonke.
[Umbhalo osemazantsi]
Ufunde Ntoni?
• Kutheni kubalulekile ukuba iintsapho zamaKristu ‘zihlale ziphaphile’?
• Indoda inokumxelisa njani uMalusi Omhle?
• Yintoni enokwenziwa ngumfazi ongumzekelo ukuxhasa umyeni wakhe?
• Yintoni enokwenziwa ngabantu abaselula ukunceda iintsapho zabo zihlale ziphaphile ngokomoya?
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Umfazi oxhasa indoda uxabiseke kakhulu kwindoda ethanda izinto zokomoya