Imbono YeBhayibhile
Ngaba UThixo Uzikhathalele Izilwanyana?
IZILWANYANA zisengozini yokutshabalala. Izazinzulu ezininzi zithi kukho iintlobo zezilwanyana eziphela ngokukhawuleza. Izilwanyana zisengozini yokuphelelwa yindawo yokuhlala kuba umhlaba omninzi usetyenziswa ngabantu. Amashishini okutya, imidlalo equka ukungxwelerhwa kwezilwanyana kunye nokulahlwa kwezilwanyana zasekhaya, kuye kwafak’ isandla kule ngozi zikuyo izilwanyana.
Noko ke, abanye bakholelwa kwelokuba le meko ayinakuphepheka kuba ibangelwa kukwanda kwabantu. Kodwa ngaba yayiyinjongo kaThixo ukuba ukwanda kwabantu kuzibeke engozini izilwanyana? Ngaba uye wazishiya enyanyeni izilwanyana ukuze zixhatshazwe ngabantu? Sazi njani ukuba uThixo uzikhathalele izilwanyana?
Ukuzikhathalela Kwakhe Kwabonakala Kwasekuqaleni
Emva kokudala kwakhe iintlanzi, iintaka nezilwanyana zasemhlabeni, uThixo wayonwabile. IBhayibhile ithi uThixo “wabona ukuba kulungile.” (Genesis 1:21, 25) UMdali wayezikhathalele zonke ezo zilwanyana, ukususela kwezincinane ukusa kwezikhulu. UThixo akazange azidale nje ukuba zibe nethuku kodwa wazinika nokutya kokuzigcina ziphila. Umbhali weBhayibhile wayechan’ ucwethe xa wayesithi: “Zonke ezi—zihlala zilindele kuwe ukuba uzinike ukutya kwazo ngexesha lako. Zithabatha oko uzinika kona. Uyasivula isandla sakho—zaneliswe zizinto ezilungileyo.”—IMizekeliso 30:24; INdumiso 104:24, 25, 27, 28.
Liyinyaniso elokuba uThixo wanika umntu wokuqala uAdam igunya lokulawula izilwanyana. Izilwanyana azizange zidalwe zibe nengqondo yokucinga nokukhonza uThixo. (2 Petros 2:12; Yude 19) Ngokwahlukileyo kuzo, uAdam yena wayedalwe waba nengqondo ngaphezu kwezilwanyana ekubeni wayedalwe “ngokomfanekiso kaThixo.” Wayekwazi ukuxelisa ubuntu boMdali wakhe uYehova. (Genesis 1:27; INdumiso 83:18) Kodwa loo nto ayizange inike abantu igunya lokuziphatha nakanjani na izilwanyana kungakhathaliseki ukuba uMdali wazo uthini.
Ngokomzekelo, uAdam wazithiya amagama izilwanyana kuba yayinguYehova owayemnike elo lungelo. Ngaphezu koko, uYehova wamncedisa uAdam ‘ngokuzizisa emntwini izilwanyana ukuze abone ukuba wothini na ukuthiya ngasinye sazo.’ (Genesis 2:19) Umntu wayenokuzilawula kakuhle izilwanyana kuphela xa elandela amacebiso oMdali.
Uyakhathala Ngokwenene UThixo!
Okulusizi kukuba uAdam akazange amthobele uMdali wakhe. Ukungathobeli kwakhe kwaba nemiphumo emibi kuluntu nasemhlabeni wonke. Sekunjalo, uMdali wayibeka yacaca indlela ezifanele ziphathwe ngayo izilwanyana. Nakubeni uThixo wabavumela abantu ukuba bazitye baze bazisebenzise nangezinye iindlela eziluncedo, akazange akuvumele ukuphathwa kakubi kwazo. IBhayibhile ithi: “Ilungisa liyawunyamekela umphefumlo wesilwanyana sasekhaya, kodwa inceba yabangendawo iyinkohlakalo.”—IMizekeliso 12:10.
UThixo wade wanika uhlanga lwakwaSirayeli imithetho ephathelele indlela ezimele ziphathwe ngayo izilwanyana. Umhla weSabatha ekwakuphunyulwa ngawo veki nganye wawuzinceda izilwanyana zakwaSirayeli kuba nazo zaziphumla. (Eksodus 23:12) Nakubeni kwakungavumelekanga ukusebenza ngolu suku, abantu kwakufuneka bazincede izilwanyana ezingene engozini. (Luka 14:5) Kwakhona, uThixo wayalela ukuba iinkomo ezisebenzayo zivunyelwe ukuba zitye yaye izilwanyana zazingafanele zithwaliswe umthwalo onzima kakhulu. (Eksodus 23:5; Duteronomi 25:4) Kwakungavumelekanga ukubopha inkunzi yenkomo ne-esile, nto leyo eyayithintela ukwenzakala kwezi zilwanyana. (Duteronomi 22:10) Kucacile ukuba iBhayibhile ifundisa ukuba izilwanyana zifanele ziphathwe kakuhle.
Nakubeni abantu abaninzi becingela iziqu zabo kungakhathaliseki ukuba loo nto izibeka engozini izilwanyana, uThixo yena uzihoyile. Xa umprofeti uYona wabonakalisa ukungabi nanceba ngabantu baseNineve ababeguqukile baza baxolelwa nguThixo, uYehova wathi: “Mna andifanele na ndibe nosizi ngeNineve isixeko esikhulu, ekukho kuyo abantu abangaphezu kwekhulu elinamashumi amabini amawaka abangawaziyo konke konke umahluko phakathi kwesandla sabo sasekunene nesasekhohlo, ngaphandle kwezilwanyana zasekhaya ezininzi?” (Yona 4:11) UMdali wayesizela nkqu nezilwanyana!
Ziza Kukhathalelwa Kwixesha Elizayo
Kucacile ukuba uThixo uyikhathalele indlela eziphathwa ngayo izilwanyana. UNyana wakhe uYesu wade wathi akukho namnye ungqatyana owela emhlabeni aze angabonwa nguYise. (Mateyu 10:29) Ngokwahlukileyo koko, nokuba abantu banokuzama kangakanani abanakuyazi yonke imiphumo yezinto abazenzayo kwindalo. Ukuze abantu bakwazi ukukhathalela izilwanyana kufuneka batshintshe indlela abacinga ngayo.
Okuvuyisayo kukuba iBhayibhile ithi xa kulawula uBukumkani bukaThixo, “umhlaba ngokuqinisekileyo uya kuzaliswa kukwazi uYehova njengamanzi egubungele ulwandle.” (Isaya 11:9) Olu lwazi luza kunceda abantu abathobelayo bakwazi ukufunda indlela yokuwunyamekela kakuhle umhlaba. UMdali uya kubangela ukuba kubekho uxolo phakathi kwabantu nezilwanyana, ukuze emhlabeni kuphilwe ngendlela awayefuna ngayo ekuqaleni.
IBhayibhile ichaza utshintsho oluza kubakho, isithi: “Ingcuka iya kuhlala ithutyana nenkunzi yemvana, ihlosi libuthe netakane, kubuthe ndawonye ithole lenkomo nengonyama entsha enesingci, nesilwanyana esondlekileyo; nenkwenkwana iziqhube ezo zinto. Kuya kudla imazi yenkomo nebhere; amathole azo abuthe ndawonye. Kwanengonyama iya kudla iindiza kanye njengenkunzi yenkomo. Umntwana owanyayo ngokuqinisekileyo uya kudlala emngxunyeni wephimpi; nomntwana olunyulweyo abeke isandla sakhe emngxunyeni wenyoka enobuhlungu.” Kuyonwabisa ukucinga ngehlabathi elinjalo!—Isaya 11:6-8.
NGABA WAKHA WAZIBUZA?
● Ngaba uThixo uyikhathalele indlela eziphathwa ngayo izilwanyana?—IMizekeliso 12:10; Mateyu 10:29.
● Ngaba abantu nezilwanyana baya kuze bahlale ngoxolo?—Isaya 11:6-9.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 11]
Kufuneka abantu batshintshe indlela abacinga ngayo ukuze bakwazi ukunyamekela izilwanyana
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 11]
La Voz de Galicia/Fotógrafo: Víctor Mejuto