Iimbalasane Zonyaka Odluleyo
“YIZANI kum, . . . yaye ndiza kunihlaziya.” Loo mazwi kaYesu Kristu, afumaneka kuMateyu 11:28, ebengumxholo wonyaka wama-2002. Kunyaka wenkonzo odluleyo, kweza abaninzi—abangama-265 469 bamkela isimemo esivela kuThixo, babhaptizwa baza bahlaziyeka bekunye nabanye abangaphezu kwezigidi ezithandathu nabakhonza ngaphantsi kwedyokhwe yobubele njengabafundi abangamaKristu.
Kumaphepha aza kulandela, uza kufunda ngendlela uYehova abasikelela ngokuyintabalala ngayo abantu bakhe emhlabeni wonke. Ngoku makhe sihlolisise inkqubela eye yenziwa kumsebenzi kaThixo kunyaka wenkonzo wama-2002.
Iindibano Zesithili Zikhuthaza Inzondelelo
Njengoko kulisiko lawo, amaNgqina kaYehova aye ahlanganisana kumakhulukhulu eendawo ehlabathini lonke ukuze anandiphe iindibano zesithili zaminyaka le. Umxholo wezo ndibano zowama-2002/03 wawusithi “Abavakalisi BoBukumkani Abanenzondelelo.” Intetho engumxholo yathi namhlanje abantu bakaThixo baxelisa inzondelelo nenkalipho kaYesu Kristu ekuphumezeni ubulungiseleli babo. Ezinye iintetho zabonisa ukuba inzondelelo ihlakulelwa ngokufundisisa iLizwi likaThixo yaye iboniswa ngokwenza okulungileyo ingakumbi ngokuvakaliswa ngenzondelelo koBukumkani bukaThixo.
Umdlalo onomxholo othi “Yimani Niqinile Ngamaxesha Anzima” wawuthetha ngomprofeti uYeremiya. NjengoYesu, waba ngumzekelo obalaseleyo wenzondelelo nonyamezelo nakuba kwakunzima. UYeremiya wathembela kuYehova waza wavakalisa isigidimi sikaThixo ngaphandle koloyiko. Onjani wona ukubalasela umzekelo kumaKristu namhlanje!
Kule ndibano kwakhululwa iincwadi ezimbini. NgoLwesihlanu ababekho bafumana incwadi ethi Nqula Okuphela KoThixo Oyinyaniso. Le ncwadi inamaphepha ali-192 iza kusetyenziselwa ukuqhuba isifundo seBhayibhile sesibini ngenjongo yokubethelela inyaniso yeLizwi likaThixo ezintliziyweni zabafundi beBhayibhile. Siqinisekile ukuba le mpapasho iya kunceda abasebatsha ukuba bakhule ngokomoya baze bahambe kwindlela emxinwa ekhokelela ekuphileni kwihlabathi likaThixo elitsha lobulungisa.
NgoMgqibelo kwakhululwa incwadi ethi Sondela KuYehova. Yahlulahlulwe yangamacandelo axubusha ngeempawu ezine ezibalaseleyo zikaYehova: amandla, okusesikweni, ubulumko, nothando. Injongo yayo ichazwe kwintshayelelo yayo ethi: “Ngamana le ncwadi ingakunceda usondele ngakumbi kuYehova uThixo, uze wakhe naye ulwalamano olungasayi kuze luqhawuke ukuze uphile uze umdumise ngonaphakade.” Ucwangciso lwendibano, kuquka nezi mpapasho zintsha, luya kunceda abantu abantliziyo zinyanisekileyo kuyo yonk’ indawo ukuba bakhulise uthando lwabo ngoMdali wethu.
Ukuhlangabezana ‘Namaxesha Amanqam’
Xa wayebhalela uTimoti, umpostile uPawulos wathi ‘imihla yokugqibela’ iya kubonakala ‘ngamaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.’ (2 Tim. 3:1) Iintlekele zokwemvelo nezinye, zibangela ucelomngeni nobunzima. Sekunjalo, zivula ithuba lokuba amaKristu abonise uthando analo kwamanye. Kuye kwehla iintlekele ezininzi ebudeni bonyaka wenkonzo odluleyo. Apha siza kukhe sihlolisise ezimbini kuzo.
Intlekele YaseWorld Trade Center: Isihlandlo sokuvuyisana nabaphumelele kwiklasi ye-111 yeSikolo SeBhayibhile SeWatchtower SaseGiliyadi sasingoMgqibelo, ngoSeptemba 8, 2001. Kwiintsuku ezintathu emva koko, ngoSeptemba 11, abo baphumeleleyo bekunye neentsapho zakwamawabo babekhenketha kwisiXeko saseNew York, eUnited States. Ngaloo mini kwakuzole nasebukhweni bezinja. Kwandula ke, nge-8:46 kusasa, inqwelo-moya ethwala abantu yantlitha icala elingasentla leWorld Trade Center elikumazantsi eManhattan. Yaba yimizuzwana nje emva koko, kwangena enye inqwelo-moya kwicala elingasezantsi.
Ngo-9:59 kusasa, icala elingasezantsi ladilika, latsho kwamnyama kuwo wonke umzantsi weManhattan. Emva koko, kwalandela icala elingasentla. Bamalunga namawaka amathathu abantu abafayo. Sakhiwo ngasinye kwezi, nezagqitywa ukwakhiwa ngowe-1973, sasinemigangatho eli-110. Uthuli olungqindilili olwabangelwa kukudilika kwezo zakhiwo zozibini lwathwalwa ngumoya ukuya kutsho kwiBheteli yaseBrooklyn, ekumgama weekhilomitha ezintathu ukusuka apho.
Ngokukhawuleza emva koko, abazalwana beofisi yesebe yaseUnited States bazama ukuqonda ukuba akukho maNgqina achatshazelweyo kusini na sesi sithwakumbe nokuba luluphi uncedo olwalufuneka. Ngokuhlwa kwangoLwesibini, ngoSeptemba 11, kwakusele kuqinisekiwe ukuba amalungu entsapho yaseBheteli azo zozithathu izakhiwo zaseBheteli—eBrooklyn, ePatterson, naseWallkill—akhuselekile. NgoLwesine emva kwemini bonke abaphumelele eGiliyadi baqhagamshelana neOfisi yaseGiliyadi, beyiqinisekisa ukuba bona neentsapho zakwamawabo bakhuselekile. Kwangelo xesha, abaveleli besiphaluka abangama-37 abakummandla waseNew York batsalelwa umnxeba. Baqhagamshelana nabadala bamabandla, baza bona abadala baqhagamshelana nomvakalisi ngamnye. NgoLwesihlanu kusasa, ngoSeptemba 14, isebe lafumanisa ukuba abali-14 kubazalwana noodade wethu babefile okanye belahlekile. Akuzange kuvakale nto ngabo nakwiintsuku ezalandelayo.
Abasindayo babalisa ngoko kwabehlelayo. UCynthia Tucker, onguvulindlela othe ngxi, wayesebenza kwiWorld Financial Center eyayimelene neWorld Trade Center. Wayekumgangatho wama-37 xa wabona inqwelo-moya yokuqala intlitha isakhiwo. Ecinga ukuba oko kwenzeke ngengozi, waphuma phandle waza wakhangela kweso sakhiwo sintlithwe yinqwelo-moya. Kwakuzele ingqushu kuyo yonke indawo. Enye inqwelo-moya yadlula entla kwakhe, indandela phantsi. UDade Tucker uthi: “Yayinkulu loo nqwelo-moya. Ndaqonda ukuba nayo iza kusintlitha eso sakhiwo. Yayikhona indawo ethi mandibaleke, kodwa ndasuka ndema nematha—ndingazi ukuba mandithini. Kwakubonakala ngathi loo nqwelo-moya iza kuphumela ngaphaya kweso sakhiwo. Kwakukho ingxolo eyazitsho zathi nzwii iindlebe kangangokuba ndandingathi ndingaphantsi kwamanzi; eso sandi sasisitsho entliziyweni. Umoya wawuvakala ngathi unentlabathi. Kwakunzima nokuphefuml’ oku. Kwakuthe bhazalala abantu bebaleka. Ndabaleka ndaya kungena kwesinye isakhiwo ndaza ndabukela ukudilika kwesakhiwo sokuqala. Abantu babekhulula iihempe zabo ukuze bakhusele ubuso babo eluthulini. Kwezo zakhiwo kwakuphuma abantu kunye nabantwana nezilwanyana. Wonk’ umntu wayesoyika. Kwanezilwanyana zazithe phatsha. Andikwazi nokuluchaza uloyiko endandinalo.” UDade Tucker uluxabisa gqitha uncedo lwabadala abezayo baza bamthuthuzela besebenzisa iBhayibhile.
Kwiinyanga ezalandelayo, abazalwana baseNew York basasaza isigidimi seBhayibhile sentuthuzelo nethemba kubantu balapho. Abazalwana abaliqela bavunyelwa ukuba banikele ubungqina kwiNdawo Yentlekele, ekwadilika kuyo iiTwin Towers. Omnye waba bazalwana yayinguRoy Klingsporn, onguvulindlela. Wathi: “Lizele luxabiso, igosa lomkhosi womoya elaliphakathi kwabantu ababenikela uncedo lathi: ‘Abantu basiphathela ukutya, ikofu eshushu, neempahla ezicocekileyo, kodwa ndiyaqala ngawe ukubona umntu otyhila izibhalo. Siyamfuna uThixo ngamaxesha anjengala.’”
Ukudubula Kwentaba-mlilo EMpuma Afrika: Abazalwana bethu abaninzi kwimpuma yeCongo (eKinshasa) baye bajamelana nemfazwe yamakhaya, ukugula, ubuhlwempu nokungaqeshwa. Abanye baye baba ziimbacu, kanti abanye basezizo nangoku. Ukongezelela kwezi ngxaki, ngequbuliso kwadubula iNtaba iNyiragongo, ekufuphi nedolophu yaseGoma. Kwakusasa ngoJanuwari 17, 2002, le ntaba yakhupha umsi nomlilo. Ngokuhlwa, udaka olwaluphuma kuloo ntaba-mlilo lwehla lwaya kutsho ngaseGoma. Amawakawaka abantu ababezele luloyiko babaleka baya kutsho kwidolophu ekufutshane yaseGisenyi, eRwanda. Iindlela zazizaliswe ngabantu bethwele iimpahla ababenokukwazi ukuhamba nazo. NeGisenyi yayisengozini, kodwa abazalwana bavula iHolo yoBukumkani ukuze ihlale abazalwana ababebhacile besuka eCongo. Abanye abazalwana baseGisenyi bakhawuleza bavula amakhaya abo ukuze kuhlale abo babebaleka loo ntaba-mlilo.
Omnye umdala walapho uthi: “Sathi sakubona oko kwakuqhubeka, sinabanye abazalwana sakhawuleza saya kwindlela eyayidibanisa iGoma neGisenyi. Saphakamisela phezulu amaphephancwadi IMboniselo noVukani! Kwakusele kumnyama, kodwa sema kwindawo esasinokubonakala kuyo. Besakubona la maphephancwadi, abazalwana bethu baqonda ukuba singamaNgqina, yaye sabasa kwiHolo yethu yoBukumkani, eyayihlala abo babhacileyo. Sema apho ecaleni kwendlela de kwasekuseni. Ngale ndlela sasisenza oko babesenzele kona abazalwana baseGoma kwiminyaka emininzi eyadlulayo. Emva kwemfazwe yaseRwanda, amakhulu amawaka abalekela eGoma. Ngelo xesha amaNgqina aseGoma ema ubusuku nemini ecaleni kwendlela ephethe amaphephancwadi ukuze siwabone. Asisa kwiinkampu zeembacu ezazilungiselelwe ngamaNgqina.”
Uninzi lwabo babebaleka le ntaba-mlilo lwanyanzeleka ukuba lulale phandle. Phakathi kwalo kwakukho abazalwana abangazange bababone abo babephethe amaphephancwadi ngenxa yokuxinana nobumnyama. Omnye umdala wathi: “Ngentseni elandelayo, abazalwana noodade baphinda baphuma bephethe amaphephancwadi. Baya kulo lonke elaseGisenyi ukuze babonwe ngumntu wonke. Ngale ndlela babafumana abazalwana ababesuka eGoma ababengazange bawabone amaNgqina ngobusuku obudluleyo. Zange kube kudala iHolo yethu yoBukumkani yaphantse ukugutyungelwa ludaka olwalusaphuphuma. Ngokukhawuleza senza amalungiselelo okuba kuhlaliswe abazalwana ababhacileyo nakwezinye iiHolo zoBukumkani ezintlanu.” Abanye abazalwana ababesuka kumabandla angama-24 aseGoma babalekela kumbindi weCongo, kodwa abaninzi kubo—abamalunga nama-2000—babalekela eRwanda.
Iofisi yesebe yaseKigali, eRwanda, yakhawuleza yathenga ukutya, amayeza, iingubo, neembombozi zamanzi. Ezi zinto zathunyelwa ngokukhawuleza kwezo nkampu. Hayi indlela abavuya ngayo abazalwana baseGoma xa emva nje kosuku olunye lwaloo ntlekele, kwafika ilori ethwele izinto zokunceda! Abantu abaninzi abangengomaNgqina bakuncoma oku. Omnye umzalwana weva abantu besithi: “Olu nqulo luhamba lodwa. Abantu balo bathandana ngokwenene.”
Kwatshabalala malunga nesinye kwisithathu sommandla waseGoma. Uninzi lwabazalwana noodade lwalahlekelwa yinto yonke. Noko ke, amaNgqina awayesenemizi emileyo avula amakhaya awo ukuze angenise iintsapho zabazalwana ababedilikelwe yimizi yabo. (Roma 12:12, 13) Kamva, abazalwana baseRwanda benza amalungiselelo okuba abazalwana baseGoma ababebhacile babuyele emakhayeni abo bekhuselekile. NamaNgqina aseYurophu anikela uncedo ngokuthumela iinqwelo-moya ezimbini ezazizele impahla zivela eBelgium.
Ukudubula kweNtaba iNyiragongo kwakuyintlekele ngokwenene. Yasuba imiphefumlo emininzi yaza yatshabalalisa nemizi, kodwa amaKristu okwenene alubonakalisa uthando awayenalo ngabazalwana bawo.—Yoh. 13:35.
ISikolo Sobulungiseleli SoBukumkani Sikhuthaza Inkqubela Yokomoya
Ukuqala kwaso ngowe-1959, iSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani sasithabatha inyanga yonke. Sasiqhutyelwa kuMzantsi Lansing, eNew York, eUnited States. Kwamanye amazwe, sasiqhutyelwa kwiindawo ezazilungiselelwe ziiofisi zamasebe. Ekuqaleni, kwesi sikolo kwakuthunyelwa abadala bamabandla (ngelo xesha ababebizwa ngokuba zizicaka zamabandla) kunye noovulindlela abakhethekileyo. Noko ke, ngowe-1966, esi sikolo satshintshwa; sasithabatha iiveki nje ezimbini, yaye kuso kwakuthunyelwa abadala kuphela. Ngowe-1977, kwenziwa amalungiselelo okuba bonke abadala babekho kucwangciso olwathabatha iiyure ezili-15. Ukususela ngoko, kwabakho izikolo ezahlukahlukeneyo ezazithabatha amaxesha angalinganiyo, ezazibakho emva kweminyaka embalwa. Ukususela ngowe-1984, izicaka zolungiselelo nazo beziqeqeshwa kwiSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani.
Kulo nyaka esi sikolo besineeklasi ezintathu. Eyokuqala, eqale ngoLwesibini ukuya kutsho ngoLwesine, ibiyeyabaveleli abahambahambayo; eyesibini, ebingoLwesihlanu ukuya kutsho ngoMgqibelo, ibiyeyabadala bamabandla; yaza eyesithathu, ebingeCawa, yayeyezicaka zolungiselelo. Olu cwangciso luye lwabethelela ukwenziwa kwenkqubela yokomoya. Mandulo phayaa uMoses wakha wathi xa wayethandaza kuYehova: “Nceda undazise iindlela zakho, ukuze ndikwazi, nokuze ndikholeke emehlweni akho.” (Eks. 33:13) UMoses wawenza lo mthandazo emva kokuba ebone iZibetho Ezilishumi, wabona ukwahlukana koLwandle Olubomvu, wanxibelelana noYehova kangangeentsuku ezingama-40 kwiNtaba yeSinayi, waza wafumana iMiyalelo Elishumi. Sele eneminyaka engama-80 ubudala, yaye esetyenziswe ngendlela ekhethekileyo nguYehova, uMoses waqonda ukuba kusafuneka akhule ngokomoya. Ngokuvisisana naloo mzekelo, abadala nezicaka zolungiselelo bakhuthazwa ukuba baqhubeke bekhula njengamadoda okomoya, kungakhathaliseki ukuba kudala kangakanani na bekhonza uYehova.
Ucwangciso lwesi sikolo lwaguqulelwa lwaza lwasetyenziswa ngamasebe asemhlabeni wonke. Kwathunyelwa iileta zokubulela zivela kumazwe amaninzi. Omnye umdala waseGuinea wabhala wathi: “Andizisoli ngokuhamba iikhilomitha ezili-1 000 ndisiya kwesi sikolo.” Omnye wabhala wathi: “Ndiswele amazwi okubulela olu qeqesho siye salufumana. Maz’ enethole!”
Omnye umzalwana waseKorea yena wabhala wathi: “Esi sikolo sindenze ndacingisisa enoba ndingumntu wokomoya okanye akunjalo kusini na.”
Iofisi yesebe elise-El Salvador yabhala yathi: “Lathandwa ngokukhethekileyo ilungiselelo elitsha leSifundo Sencwadi Sebandla. Sicinga ukuba eli lungiselelo liya kusinceda ukuba sinikele ingqalelo engakumbi kwabo bakwiqela ngalinye.”
Elinye iqumrhu labadala laseJamani labhala lathi: “Amacebiso nemiyalelo esiyifumene apho isengqiqweni yaye inokusetyenziswa ukuze kungenelwe abo sibaphathisiweyo.”
Isebe laseSwitzerland lona lithi: “Esi sikolo siye sanikela ukhuthazo obeluyimfuneko ukuze siphephe ukucalucalulana ngokomoya.”
Inkqubela Kwezomthetho
EARMENIA: Ityala lenkundla elibandakanya uLyova Margaryan lalingundaba-mlonyeni emhlabeni wonke. UMzalwan’ uMargaryan watyholwa ngokuba sisaphuli-mthetho ngenxa yomsebenzi wakhe njengomnye wamaNgqina kaYehova. Izityholo awayetyatyekwa zona zaziquka “ukushumayela ngonqulo olungabhaliswanga.” NgoSeptemba 18, 2001, inkundla eyayichophele elo tyala yazisusa zonke izityholo awayebekwa zona uMzalwan’ uMargaryan. Eli tyala lasiwa kwinkundla yezibheno, yaza yona yavakalisa ukuba akanatyala, ichaza ukuba imfundiso yakhe yonqulo njengomnye wamaNgqina kaYehova ayikokwaphula umthetho yaye iyakhuselwa nguMgaqo-siseko waseArmenia. Bandula ke abatshutshisi babhenela kweyona nkundla iphakamileyo yezibheno kwelo lizwe, iNkundla yaseCassation. NgoAprili 19, 2002, loo Nkundla yamalungu amathandathu nayo yathi akanatyala. Nangona sivuya ngolu loyiso, abazalwana abaselula abasexabisweni lokuya emkhosini baqhubeka bebanjwa baze bavalelwe eArmenia kuba besala ukuya emkhosini ngenxa yonqulo lwabo.
EGEORGIA: AmaNgqina kaYehova asaqhubeka ephathwa ngenkohlakalo kwilizwe laseGeorgia. Ukususela ngo-Oktobha 1999 kuye kwakho iziganeko ezingaphezu kwama-80 zokuhlaselwa ngogonyamelo ezibandakanya amaxhoba angaphezu kwe-1 000—amadoda, amabhinqa, abantwana, abasele bekhulile, nabaneziphene. Imizi yamanye amaNgqina iye yaphangwa, yadlakazwa, yaza yatshiswa yayingqushu. Kuye kweziwa nezikhalazo zolwaphulo-mthetho ezingaphezu kwama-700, kodwa akukho namnye owakha wabanjelwa ezo zenzo. Ekugqibeleni, ngoSeptemba 2001 uPetre Ivanidze nomfundisi wobuOthodoki owayesikiwe uVasili Mkalavishvili babekwa izityholo zokubandakanyeka ekuhlaselweni kwaba bantu. Noko ke, imigudu emininzi yokuqalisa kokuchotshelwa kweli tyala ayizange iphumelele ngenxa yendlela ekwakuyiyo kuloo nkundla. Abalandeli babamangalelwa bavunyelwa ukuba bangene enkundleni bewangawangisa iminqamlezo emikhulu, ngaphambili eyayisetyenziswa njengezixhobo kwakunye neeflegi ezazibhalwe amazwi entiyo nxamnye namaNgqina kaYehova. NgoMeyi 30, 2002, eli tyala belisele lirhoxiswe izihlandlo ezisixhenxe. AmaNgqina kaYehova afaka izimangalo kabini kwiNkundla Yamalungelo Abantu YaseYurophu, esinye sasikhalazela urhulumente ngokukubetha ngoyaba ukuphathwa kwawo ngogonyamelo yaye esinye sikhalazela isigqibo seNkundla Ephakamileyo yaseGeorgia eyakuthatha lula ukubhaliswa ngokusemthethweni kwemibutho emibini yomthetho yamaNgqina kaYehova. Ngo-Oktobha 2001, iNkundla Yamalungelo Abantu YaseYurophu yazibeka kwindawo yokuqala zozibini ezo zimangalo ukuze zikhawuleze ziqwalaselwe.
NgoJulayi 23, 2002, amaNgqina kaYehova afaka esinye isimangalo kule Nkundla Yamalungelo Abantu YaseYurophu. Esi simangalo sichaza ngokweenkcukacha izihlandlo ezingama-30 ekwathi ngazo amaNgqina aseGeorgia ahlaselwa ngamalungu onqulo agabadeleyo, ngabefundisi bobuOthodoki nangamapolisa. Kwakukho uxwebhu olubalulekileyo olwalunento yokwenza nesinye sezi zimangalo. Olu xwebhu lwaluthetha ngeyelenqe, elaliqulunqwe ngamapolisa amalunga ne-100, lokuphelisa indibano yamaNgqina kaYehova eyayizolile ngoSeptemba 2000. Olu xwebhu lwamkelwa lwaza lwatyotyelwa ngamagosa aphezulu eSebe Lemicimbi Yezangaphakathi lesixeko esikwintshona yeZugdidi.
ERASHIYA: Inkundla eyayichophele umbandela wokuvalwa komsebenzi wamaNgqina kaYehova eMoscow yaphinda yahlala ngoFebruwari 12, 2002. Bekusisihlandlo sesixhenxe amaNgqina kaYehova ezithethelela kwizityholo ezingenasihlahla. NgoAprili 4, 2002, emva kweenyanga ezimbini zokuhlolwa kwakhona kwesimangalo esivela kwiofisi yomtshutshisi, iNkundla yakhupha umyalelo wokuba kubekho iingcali ezihlola iincwadi zamaNgqina kaYehova neembalelwano zawo. INkundla yasenza esi sigqibo, nangona umtshutshisi wayengezanga nobungqina obubambekayo bokuba amaNgqina kaYehova akhuthaza iiyantlukwano zonqulo, eqhawula iintsapho, aze aphazamise amalungelo nenkululeko yabemi. Eli tyala larhoxiswa kulindwe iziphumo zokuhlolwa kolo ncwadi.
EMZANTSI KOREA: Ekupheleni kukaDisemba 2001, inani lamaNgqina kaYehova awayesentolongweni kuba engavumi ukuya emkhosini ngenxa yezazela zawo lafikelela kwi-1 640 kuMzantsi Korea. Eli nani liyaqhubeka likhula nyaka ngamnye. UMthetho Weenkonzo Zasemkhosini uthi abo bangavumiyo ukuphatha izixhobo banokugwetywa kangangeminyaka emithathu. UMzantsi Korea awuvumi ukuba abalungiseleli bonqulo okanye abo balelwa zizazela zabo bangayi emkhosini. Ukususela kwiminyaka yee-1950, angaphezu kwama-7 000 amaNgqina akuMzantsi Korea aye avalelwa ngenxa yokungavumi ukuphatha izixhobo. NgoJanuwari 29, 2002, iJaji eyiNtloko uSi-hwan Park weNkundla yeSithili saseSeoul yadlulisela ityala elalibalasele eliphathelele uKyung-soo Lee kwiNkundla yoMgaqo-siseko. UJaji Park wafuna ukulanyulelwa kumazwi kaMzalwan’ uLee okuba ukungananzwa kwelungelo lokwala ngenxa yesazela kwakuphazamisana nelungelo lenkululeko yonqulo neyesazela. Esakuba esifakile esi simangalo kule nkundla, uJaji Park walirhoxisa eli tyala waza wamkhulula ngebheyile uMzalwan’ uLee. Eli tyala liya kuqhubeka kuphela emva kokuba iNkundla yoMgaqo-siseko yenze isigqibo ngokuphathelele esi simangalo.
EUNITED STATES: NgoJuni 17, 2002, iNkundla Ephakamileyo yaseUnited States yenza isigqibo esaba yimbali ngokuphathelele ityala elibandakanya iWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc. neDolophana yaseStratton. Eli tyala libangelwe kukunyanzelisa kwale dolophana ukuba amaNgqina kaYehova afumane iphepha-mvume kusodolophu ngaphambi kokuba ashumayele kwindlu ngendlu. Le Nkundla yathi: “[AmaNgqina kaYehova] athe xa bekuchotshelwe ityala wona akuyomfuneko ukuba afumane iphepha-mvume kuba igunya lokushumayela alifumana kwiZibhalo. [La maNgqina aphinde athi:] ‘Sivakalelwa kukuba ukufuna iphepha-mvume lokushumayela kumasipala bekuya kufana nokunyelisa uThixo.’” Ikhaba lo mthetho, iNkundla yathi into yokuba kufuneke umntu aphathe iphepha-mvume “ayinyelisi nje kuphela imilinganiselo ebekwe kuXwebhu Lwamalungelo, kodwa ayivisisani kwaphela nenkululeko—kwaye loo nto ibiya kuthetha ukuba umntu kufuneka aqale afumane imvume kurhulumente ngaphambi kokuba athethe nabamelwane bakhe.” Kwakhona le Nkundla yathi: “Kwanokuba kuyimbopheleleko yeofisi kasodolophu ukuwakhupha ngokukhawuleza amaphepha-mvume yaye akumfaki zindlekweni lowo uwacelileyo, umthetho othi makufunyanwe iphepha-mvume ngaphambi kokuba kuncokolwe ubuya kuba uphume ecaleni kwindlela ilizwe elizenza ngayo izinto yaye ubuya kuba uphikisana nomgaqo-siseko.”
Kwakhona le Nkundla yancoma igalelo elikhulu abe nalo amaNgqina kaYehova ekusekweni komgaqo-siseko waseUnited States. Le Nkundla yathi: “Ngaphezu kweminyaka engama-50, iNkundla iye yayisusa imiqathango kumsebenzi wokuthetha nabantu emakhayeni abo nokusasaza amaphecana. Ayenzekanga ngengozi into yokuba uninzi lwala matyala aqukiweyo kuXwebhu Lwamalungelo luzizimangalo zamaNgqina kaYehova, kuba ukushumayela kwindlu ngendlu kuyinxalenye yonqulo lwawo.” Ngokutsho kwale Nkundla, la “matyala abonisa ukuba imigudu yamaNgqina kaYehova yokulwa nokuthintelwa kwenkululeko yawo yokuthetha ibingekokulwela amalungelo awo kuphela.”
Ukongezelela, ngoJulayi 1, 2002, iNkundla Ephakamileyo yakuMzantsi Carolina yathethelela ilungelo lelinye iNgqina likaYehova elalisala ukutofelwa igazi. (IZe. 15:28, 29) UCharles Harvey wammangalela ugqirha wakhe ukuze ahlawule umonakalo awubangeleyo ngokumtofela ngabom igazi. Ngaphambi kotyando, uMzalwan’ uHarvey wayemchazele kakuhle lo gqirha ngokuma kwakhe okusekelwe eBhayibhileni. Noko ke, kwathi kwakuvela iingxaki emva kolo tyando ngoxa uMzalwan’ uHarvey wayengekho zingqondweni, lo gqirha wafumana imvume yokutofela igazi kumama kaMzalwan’ uHarvey owayengeloNgqina. Ikhaba loo mvume wayeyifumene kunina, iNkundla Ephakamileyo yakuMzantsi Carolina yathi “ukungafuni komguli unyango oluthile kumele kuthotyelwe ngugqirha omnyangayo ingakumbi xa ebeyichazile loo nto ngaphambi kokuba kuqalise utyando.” Ngaloo ndlela, inkundla yagqiba kwelokuba uMzalwan’ uHarvey wayenelungelo lokumsa ematyaleni loo gqirha ngokwaphula isivumelwano sokumnyanga ngaphandle kwegazi kwanokwaphula umthetho wezamayeza wokutofela igazi kuMzalwan’ uHarvey ngaphandle kwemvume yakhe.
Kukhunjulwa Ukuma Kwabo Beqinile
Kangangeminyaka engaphezu kwama-30, iSikhumbuzo saseBuchenwald, esasikwinkampu yoxinaniso yamaNazi, sasingawakhankanyi nokuwakhankanya amaNgqina kaYehova. Amagunya aseMpuma Jamani ayengajongi amaNgqina ngendlela efanayo namaxhoba nabachasi bobuNazi. Unanamhla kubantu abaninzi eJamani kusenzima ukuqonda isizathu sokuba amaNgqina eme eqinile ngendlela ekhethekileyo. Ngenxa yoko, uMeyi 9, 2002, wayelusuku olunentsingiselo ekhethekileyo. UMnu. R. Lüttgenau ongusekela-malathisi weBuchenwald and Mittelbau-Dora Memorials Foundation wenza isikhumbuzo samaNgqina awatsala nzima eBuchenwald.
Lalithe gungqu lizolile ngaloo mini. Indawo eyayisakuba yinkampu, ekwinduli enemithi emelene namaphandle athi ndijonge, yayihonjiswe luhlaza lwentlakohlaza. Sekunjalo, le ndawo yayibizwa ngokuba sisihogo esiluhlaza saseBuchenwald. Uninzi lwabo babetyelela apho alukwazi ukuyithelekelela indlela awayedandatheka ngayo amabanjwa akwezo nkampu xa ayejonga ngapha kwezisele zawo aze abone loo mhlaba mhle kodwa engenathemba lokuba aya kuze akhululeke aze awunandiphe.
Noko ke, amaNgqina kaYehova ayenethemba elisekelwe eBhayibhileni yaye ayekholose ngokupheleleyo ngoYehova. Oku kwawanceda ukuba agcine ingqibelelo yawo aze ngenkalipho alandele umzekelo wabapostile, abathi: “Simele sithobele uThixo njengomlawuli kunabantu.” (IZe. 5:29) Ngenxa yokholo lwawo, ubuncinane amaNgqina angama-38 afela kwezo nkampu, amanye afela ngaphandle kwezo nkampu ngoxa ayesebenza. Isibhalo seZenzo sicatshuliwe kwesi sikhumbuzo, silandelwa ngamazwi athi: “Sikhumbula AmaNgqina KaYehova Awabandezeleka Aza Afela Apha, Etshutshiswa Ngenxa Yeenkolelo Zawo Zonqulo.”
Amabanjwa amalunga nama-800 ekwakusithiwa ziiBibelforscher (Abafundi BeBhayibhile) nawayenophawu lwepurple triangle kwiimpahla zawo ayephakathi kwabantu abangaphezu kwama-250 000 ababevalelwe ngamaNazi kwezo nkampu ukutyhubela iminyaka. Amanye kuloo maNgqina ayelapho ngowe-1937 yaye anyanzelwa ukuba ancedise ekwakheni loo nkampu. Ngowe-1945, xa amabanjwa asindileyo akhululwayo, amaNgqina awakhululwayo adumisa uYehova ngaloo nto. Phantse ngalo lonke ixesha lokubakho kwaloo nkampu yamaNazi, kwakusoloko kukho amaNgqina amalunga nama-300 ukusa kuma-450 eBuchenwald.
Esi sikhumbuzo sibeka amabanjwa awayenophawu lwepurple triangle kwindawo ewafaneleyo phakathi kwamaxhoba obuNazi. Kwakhona sikhumbuza abo batyelela apho ngokuma kwamaNgqina ngokuqinileyo. UMnu. Lüttgenau wathi: “Esi sikhumbuzo sibonisa ukuba abantu banamhlanje bayalibona yaye bayaliqonda ishwangusha ajamelana nalo amaNgqina kaYehova.”
NgoLwesine, ngoMatshi 7, 2002, abasemagunyeni kwidolophu yaseKörmend ekwintshona yeHungary benza isikhumbuzo samaNgqina kaYehova amathathu awafa njengabafeli-nkolo. AyenguBertalan Szabó, uAntal Hőnisch, noJán Žondor. Bobathathu bala ukuya kwinkonzo yasemkhosini ebudeni beMfazwe Yehlabathi II yaye babulawa ekuhleni. Esi sikhumbuzo sifundeka ngolu hlobo: ‘Sikhumbula amaKristu awabulawa ngoMatshi 1945 kuba izazela zawo zazingawavumeli ukuba angenele inkonzo yasemkhosini.’ Isebe linikela ingxelo yokuba, xa kwakusenziwa esi sikhumbuzo, bangaphezu kwama-500 abantu ababesuka kuloo dolophu besiya kwisakhiwo ababebulewe kuso abo bazalwana.
Kusekwa IKomiti YeSebe EUnited States
NgoLwesihlanu, ngoFebruwari 9, 2001, iQumrhu Elilawulayo lenza isaziso kwintsapho yaseBheteli eUnited States sokuba ukususela ngoAprili 1, 2001, kuza kubakho iKomiti yeSebe eUnited States. Ebudeni bonyaka wenkonzo wama-2002, le Komiti yeSebe iye yaqhubeka izinyamekela iimbopheleleko zayo. Isebe laseUnited States livelela umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani kwelo lizwe, eBermuda nakwiziqithi iTurks neCaicos. Bangaphezu kwesigidi abavakalisi abaseUnited States, yaye kubo abangama-215 000 banxulumana namabandla asebenzisa iSpanish. Kumabandla alapho angaphezu kwe-11 700, amalunga nama-2 600 athetha iSpanish. Kulo nyaka wenkonzo udluleyo, kuye kwasekwa amabandla amatsha angama-210. Kuwo, ali-123 asebenzisa iSpanish, angama-63 asebenzisa isiNgesi, yaye angama-24 asebenzisa ezinye iilwimi.
Ngoku eUnited States kukho amabandla okanye amaqela asebenzisa iilwimi ezingama-37 ngaphandle kwesiNgesi neSpanish. Kumabandla amaninzi asebenzisa iSpanish nezinye iilwimi zasemzini, abantu ababakho kwiNtetho Yesidlangalala badla ngokuba ngaphezu kwama-200 ekhulwini. Kwamanye amabandla kukho izifundo zeBhayibhile ezininzi ngaphezu kwabavakalisi. Abazalwana noodade abathetha isiNgesi bafunda ezinye iilwimi ukuze bancede kule ntsimi ikhula ngokukhawuleza.
Isebe laseUnited States lahlukile kuba izakhiwo zaseBheteli zikwiindawo ezintathu—eBrooklyn, ePatterson, naseWallkill. Kufutshane naseMzantsi Lansing, eNew York, naseImmokalee, eFlorida, kukho iifama ekulinywa kuzo iziqhamo zentsapho yaseBheteli. Ewonke amalungu entsapho yaseBheteli eUnited States angama-5 465.
Ngoku kukho amasebe ali-109 emhlabeni wonke. Ilungiselelo lokuba neeKomiti zamaSebe ezinyamekela iimfuno zokomoya zabazalwana kumazwe amaninzi belikho ukususela ngowe-1976. Ezi komiti zilandela ulwalathiso nokhokelo lwezibhalo olunikelwa liQumrhu Elilawulayo. IKomiti yeSebe inembopheleleko yokuvelela umsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo kwindawo elikuyo isebe. Le komiti inikela ulwalathiso kumabandla amaKristu, kubavangeli basemazweni, nakoovulindlela. Kwakhona ilungelelanisa amabandla ngokweziphaluka nezithili, yaye incomela kwiQumrhu Elilawulayo ukumiselwa kwabaveleli besiphaluka nabaveleli besithili, amalungu entsapho yaseBheteli nabafundi beSikolo saseGiliyadi. Ngaphandle kokuvelela umsebenzi entsimini, iKomiti yeSebe inyamekela ukulungelelaniswa komsebenzi eBheteli. Alithandabuzeki elokuba uYehova walisikelela ngokuyintabalala eli lungiselelo.
Ukuguqulela Ukuze Kufikelelwe Iimfuneko Eziliqela
Kwiminyaka yakutshanje, kuye kwashicilelwa intaphane yeempapasho ngeelwimi eziliqela. Engaziwa, amakhulukhulu abaguquleli enza umgudu wokuguqulela iimpapasho ngendlela echanileyo, eqondakalayo neyenza kube luyolo ukuzifunda.
Imfuneko esisiseko yabantu bakaThixo yinguqulelo yeBhayibhile ethembekileyo. Ukuzalisekisa loo mfuneko, ngoku INguqulelo Yehlabathi Elitsha iye yakhululwa ngeelwimi ezingama-44. Kwezo lwimi, ezingama-29 sele zinenguqulelo epheleleyo. Kunyaka wenkonzo odluleyo, iZibhalo zamaKristu zesiGrike zagqitywa ngeelwimi ezintathu zaseAfrika—isiCibemba, isi-Igbo, nesiLingala—kanti kwakhululwa iBhayibhile epheleleyo ngesiBhulu.
IiBhayibhile ezisandul’ ukukhululwa ziye zaxatyiswa gqitha. Ingxelo evela kwelaseYurophu yathi: “Abazalwana abasebenza intsimi yesiTshayina bavakalisa umbulelo ongazenzisiyo ngokufumana iBhayibhile ngolwimi lwabo, besithi igqalwa ‘njengenguqulelo esemagqabini.’” Abanye abafundi abanomdla abangamaTshayina eKhanada bathi: “Le Bhayibhile imele ukuba iguqulelwe ngamaTshayina! Kulula ukuyiqonda!” EMzantsi Afrika omnye umninimzi ongumXhosa wabuza: “Niyithatha phi iBhayibhile ezibeka izinto ngendlela ecace ngolu hlobo?” EAlbania omnye umzalwana wathi: “Indlela INguqulelo Yehlabathi Elitsha ezichaza ngayo izinto yenza iingcinga zikaYehova zifikelele intliziyo.” Omnye umvakalisi waseCroatia wabhala wathi: “Ndiba nomfanekiso-ngqondweni obhetele ngezinto, yaye kuba ngathi athethwa ndim amazwi endiwafundayo. Le nguqulelo intsha ithetha ngendlela elula, ecacileyo, kwangaxeshanye eyeyobulumko. Ngoku ndiyakwazi ukuqonda kakuhle indlela isigidimi nomyalelo kaYehova osinceda ngayo.”
Iimpapasho ezisisiseko zisafuneka ukuze kusasazwe iindaba ezilungileyo zoBukumkani “kuzo zonke iintlanga nezizwe nezizwana neelwimi.” (ISityhi. 7:9) Kwiminyaka yakutshanje, iincwadana ezinemifanekiso zolwimi lwesiLahu, oluthethwa ngabantu abahlala kwiinduli ezikumantla eThailand nakwimimandla ekufutshane apho, ziye zabanceda gqitha. Omnye umvangeli wasemazweni wabhala wathi: “Ngokuqinisekileyo incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo isisixhobo esinkqenkqeza phambili ngolwimi lwesiLahu. Sele isasazwe kuzo zonke iinxalenye zale ntsimi.” Oko kuye kwaphumela entwenini? “Siye samenyelwa kwiidolophana eziliqela, kodwa ngenxa yokuba mde komgama neendlela ezingekho ntle, asikhange sikwazi ukufikelela kuzo zonke. UMateyu 9:37 usebenza kakuhle kwimeko yethu. Ngokomzekelo, safumanisa ukuba kwenye idolophana ekwanti malunga neekhilomitha ezili-160 kumantla eChiang Mai, elinye ibhinqa elinomdla belithe gqolo lifundisa iqela leenkedama incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo.”
EUnited States, uninzi lwamaMerika Omthonyama lushunyayezwa ngeelwimi zalo. Ngoku kukho iimpapasho eziliqela ngolwimi lwesiNavajo, kuquka iikhasethi zencwadana enemifanekiso ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? Omnye umvakalisi wabhala wathi: “KwiNtaba iNavajo, ekummandla othe qelele wentsimi yethu, kukho ndoda ithile eyayisakuba ngumalusi nesele ineminyaka engaphezu kwama-80 nengasaboni kakuhle. Umzukulwana wayo wayibuza ukuba ingathanda kusini na ukuphulaphula ikhasethi yeBhayibhile ngesiNavajo. Yavuma. Yaphakama kwibhedi eyayilele kuyo yaza yaya kuhlala esofeni ukuze iphulaphule. Akwaba nje wawunokubona ubuso bayo njengoko yayiphulaphule izibhalo zeBhayibhile ngolwimi lwayo. Kuthi mandilile xa ndibalisa oku. Yandula ke yathi, ‘Nizhoni,’ mazwi lawo athetha ukuthi ‘ibangel’ umdla.’”
EMozambiki, iimpapasho ziye zaveliswa ngeelwimi ezintlanu zelo lizwe. Ngelokunceda abafundi ukuba bangenelwe, kwaveliswa kwangezi lwimi incwadana enemifanekiso ethi Zibhokoxe Ekuleseni Nasekubhaleni, yaye iye yasetyenziswa ekufundiseni abantu ukulesa nokubhala. Oku kwathandwa gqitha nguMongameli Chissano waseMozambiki kangangokuba wathembisa ukuyixhasa ngokupheleleyo imfundo yethu yeBhayibhile nenkqubo yokufundiswa kwabantu.
Ngoku iphephancwadi IMboniselo lifumaneka ngeelwimi ezili-146 aze uVukani! afumaneke ngezingama-87—ehlabathini lonke. Axatyiswa kakhulu ehlabathini lonke la maphephancwadi ngenxa yendlela aluncedo nafundisa ngayo ngokomoya. Ngokomzekelo, abemi abamalunga nama-80 000 baseKiribati, ebunjwa liqela leziqithi zoLwandlekazi iPasifiki, bathetha isiGilbertese. AmaNgqina alapho, nangaphantsi kwe-100, ngalinye kuwo ubuncinane belisasaza ngenzondelelo amaphephancwadi amalunga nama-20 nyanga nganye kwiminyaka yakutshanje. Abavakalisi abali-1 200 baseBulgaria baye basasaza amaphephancwadi angaphezu kwe-100 000 ebudeni buka-Aprili 2002.
Akuthandabuzeki ukuba uYehova uyabaxhobisa abantu bakhe ukuze benze umsebenzi ababele wona. Ehlabathini lonke, lo msebenzi wenziwa ngeelwimi ezininzi gqitha.—Fil. 4:20.
Ukunikezelwa Kwamasebe
Ebudeni bonyaka wenkonzo wama-2002, kuye kwanikezelwa isebe kwisiqithi esihle saseCaribbean eTrinidad. Izakhiwo zeli sebe zanikezelwa kuYehova ngowe-1985, kodwa ukususela ngoko iTrinidad iye yanolwando lwabavakalisi olungama-94 ekhulwini. Ngenxa yoko, izakhiwo zelo sebe ziye zalungiswa zaza zandiswa. Ngoku eli sebe lineendawo zokuhlala, iiofisi, igumbi lokufundela, indawo yokufikela iindwendwe, indawo yokutyela nekhitshi elitsha. NeHolo yoBukumkani yalungiswa yaza yandiswa. Wonke loo msebenzi wenziwa ngamatsha-ntliziyo alapho.
NgoSeptemba 29, 2001, iindwendwe ezimalunga nama-220 ezivela kumazwe ali-14 kwakunye nabazalwana noodade balapho abangama-695 bahlanganisana ukuze banandiphe ukunikezelwa kwelo sebe. Baphulaphula iingxelo ezikhuthazayo ngembali yomsebenzi wobuthixo, kuquka igalelo uEvander J. Coward noWilliam R. Brown ababa nalo kuwo. Abavangeli basemazweni abaliqela, kuquka omnye udade oneminyaka engama-88 nosenguvulindlela othe ngxi, babalisa amava achukumisayo ngokuphathelele izabelo abebekuzo eTrinidad ngaphezu kweminyaka engama-50 eyadlulayo.
UStephen Lett weQumrhu Elilawulayo wanikela intetho yonikezelo. Xa wayexubusha umxholo othi “Ukuxabisa Izindlu ZikaYehova Zonqulo Zamandulo Nezale Mihla,” wagxininisa kwelokuba ngabantu abanqula uYehova, kungekhona izakhiwo. Ngoko ke, uMzalwan’ uLett wakhuthaza abazalwana ukuba babonise ngokuthobela nangehambo yabo ukuba bangabanquli abanoxabiso.
Ngemini elandelayo kwaqhutywa intlanganiso ekhethekileyo kwisixeko sasePort of Spain ukuze kungenelwe abo bangazange bakwazi ukunandipha ucwangciso lokunikezelwa. Kwakukho abangaphezu kwe-13 000. Kwisiqithi saseTobago esiselumelwaneni, abazalwana abangaphezu kwama-300 babephulaphule ucwangciso ngonxibelelwano lomnxeba. UMzalwan’ uLett wanikela intetho enomxholo othi “Londoloza Ulwalamano Lwakho NoYehova Ngokuhlakulela Ukuthobeka.” Bonke ababelapho ‘bazaliswa luvuyo’ kukunikezelwa kwezi zakhiwo zesebe zandisiweyo.—Dut. 16:15.
Kutshanje, nakwiRiphabliki yaseCzech kuye kwandiswa isebe. USamuel F. Herd weQumrhu Elilawulayo waya apho ukuze anikezele isakhiwo saseBheteli, esinye esongezelelekileyo kwakunye neeHolo zeNdibano ezimbini. Ucwangciso lokunikezelwa lwaqhutywa ngoMgqibelo, ngoMeyi 4, 2002, yaye babengama-2 125 ababephulaphule intetho kaMzalwan’ uHerd. Ngemini elandelayo kwaqhutywa intlanganiso ekhethekileyo, yaye ababephulaphule intetho eyakhayo kaMzalwan’ uHerd enomxholo othi “Yibani Namandla—Ningatyhafi” babengama-5 286. Olu cwangciso lwabakhuthaza gqitha abazalwana bakwiRiphabliki yaseCzech.
Ehlabathini lonke, bali-19 823 abalungiseleli abamiselweyo abasebenza kwizakhiwo zamasebe ezinjengezi. Bonke bakwiZintlu Zehlabathi Lonke Zabalungiseleli Abakwinkonzo Ekhethekileyo Yexesha Elizeleyo yamaNgqina kaYehova.
[Isicangca/Imifanekiso ekwiphepha 12, 13]
EZINYE IZIGANEKO EZENZEKE EBUDENI BONYAKA WENKONZO WAMA-2002
NgoSeptemba 1, 2001
NgoSeptemba 11: Kuqhushumbiswa iWorld Trade Center.
NgoSeptemba 29: Kunikezelwa isebe laseTrinidad.
NgoNovemba 20: Kuqalisa iZikolo Zobulungiseleli ZoBukumkani.
NgoJanuwari 1, 2002
NgoJanuwari 17: Kuqhambuka intaba-mlilo eCongo.
NgoAprili 4: Kurhoxiswa isigqibo sokuvalwa komsebenzi wamaNgqina kaYehova eMoscow.
NgoMeyi 1, 2002
NgoMeyi 4: Kunikezelwa isebe laseCzech Republic.
NgoMeyi 9: Kukhunjulwa amaNgqina awabandezeleka kwindawo eyayisakuba yinkampu yoxinaniso yamaNazi.
NgoJuni 17: INkundla Ephakamileyo yaseUnited States imela ilungelo lokushumayela kwindlu ngendlu ngaphandle kokufunyanwa kwephepha-mvume lokwenjenjalo kuqala.
NgoAgasti 31, 2002
NgoAgasti 31: Kubakho abavakalisi abangama-6 304 645 kumazwe angama-234.
[Imifanekiso ekwiphepha 11]
Ngasentla: Nakuba babejamelene neentlekele ezinjengezi, abazalwana noodade wethu babonisa uthando olufana nolukaKristu
[Umfanekiso okwiphepha 11]
Ngasezantsi: Le Holo yoBukumkani yaseRwanda yasetyenziswa njengenkampu yeembacu
[Umfanekiso okwiphepha 22]
IKomiti yeSebe esandul’ ukumiselwa yaseUnited States, ukusuka ekhohlo ukuya ekunene: (abahleliyo) UJohn Kikot, uMax Larson, uGeorge Couch, uMaxwell Lloyd; (abemileyo) uBaltasar Perla, uHarold Corkern, uLeon Weaver, uWilliam Van De Wall, uJohn Larson, noRalph Walls
[Umfanekiso okwiphepha 26]
“INguqulelo Yehlabathi Elitsha” ngesiBhulu
[Umfanekiso okwiphepha 27]
“Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi?” ngesiNavajo
[Imifanekiso ekwiphepha 28, 29]
Iindwendwe ezivela kumazwe ali-14 zikunye nabazalwana noodade ekunikezelweni kwesebe laseTrinidad
[Imifanekiso ekwiphepha 29]
Abazalwana bakwiRiphabliki yaseCzech bakuvuyela ukunikezelwa kwesakhiwo esitsha saseBheteli, esinye esongezelelekileyo kwakunye neeHolo zeNdibano ezimbini