Imibuzo Evela Kubafundi
Yintoni eyenzeka kwisiganeko esichazwe kwiEksodus 4:24-26, yaye bubomi bukabani obabusengozini?
UMoses wayesendleleni eya eYiputa nomfazi wakhe, uTsipora noonyana bakhe, uGershom noEliyezere, xa kwenzeka isiganeko esilandelayo: “Kwathi endleleni kwindawo yokuhlala uYehova wahlangana naye waza waqhubeka efuna indlela yokumbulala. Ekugqibeleni uTsipora wathabatha iqhwitha, wanqumla ijwabi lonyana wakhe, wenza ukuba lichukumise iinyawo zakhe waza wathi: ‘Oku kungenxa yokuba ungumyeni wegazi kum.’ Wandula ukumyeka. Yena ngelo xesha wathi: ‘Ungumyeni wegazi,’ ngenxa yolwaluko.” (Eksodus 4:20, 24-26) Nangona le ndinyana ingaqondakali lula yaye kungekho ndlela yokuqiniseka ngentsingiselo yayo, iZibhalo ziyasikhanyisela ngoko kuthethwa zezi ndinyana.
Le ngxelo ayitsho ngokucacileyo ukuba bubomi bukabani obabusengozini. Noko ke, ngokusengqiqweni sinokugqiba sithi yayingebubo obukaMoses, kuba wayesandul’ ukuyalelwa nguThixo ukuba akhokele amaSirayeli awakhuphe eYiputa. (Eksodus 3:10) Kubonakala kungenakwenzeka ukuba ubomi bukaMoses babunokusongelwa yingelosi kaThixo, ngoxa wayesendleleni esiya kuphumeza eso sabelo. Ngoko ke iya kuba bubomi bomnye woonyana bakhe. Umthetho owanikelwa kuAbraham ngaphambilana ngokuphathelele ulwaluko wawuthe: “Indoda eyalayo ukwaluswa enyameni yayo yejwabi, loo mphefumlo mawunqunyulwe ebantwini bakowabo. Uwaphule umnqophiso wam.” (Genesis 17:14) Kubonakala ukuba uMoses akazange amaluse unyana wakhe, yaye ngenxa yoko le nkwenkwe yayiza kubulawa yingelosi kaYehova.
Ziinyawo zikabani ezachukunyiswayo xa uTsipora wasika ijwabi lonyana wakhe ngenjongo yokulungisa izinto? Yayiyingelosi kaYehova eyayinegunya lokubulala lo nyana ongaluswanga. Lizicacele ke ngoko elokuba, uTsipora walenza ijwabi ukuba lichukumise iinyawo zengelosi, ebonisa ubungqina bokuba uwuthobele umnqophiso.
Amazwi kaTsipora athi “ungumyeni wegazi kum” akaqhelekanga. Abonisa ntoni ngaye? Ngokuthobela kwakhe umnqophiso wolwaluko, uTsipora wayevuma ukuba unomnqophiso wolwalamano noYehova. Umnqophiso woMthetho kamva owenziwa namaSirayeli wabonisa ukuba kumnqophiso wolwalamano, uYehova unokugqalwa njengomyeni aze lowo ungena kumnqophiso abe ngumfazi. (Yeremiya 31:32) Ngenxa yoko, xa ebiza uYehova (ngengelosi yakhe engummeli) ngokuthi “ngumyeni wegazi,” kubonakala ukuba uTsipora wayevuma ukuba uyazithoba kwimigaqo yaloo mnqophiso. Kwakunjengokungathi wayesamkela ukuba ungumfazi kumnqophiso wolwaluko, yaye uYehova uThixo ungumyeni. Phofu ke, ngenxa yenyathelo elikhawulezileyo awalithabathayo lokuthobela ukuthanda kukaThixo, unyana wakhe wasindiswa ekufeni.