Imibuzo Evela Kubafundi
Kwakutheni ukuze uMoses abe nomsindo koonyana baka-Aron uEliyazare noItamare emva kokufa kwabantakwabo uNadabhi noAbhihu, yaye umsindo wakhe wathonyalaliswa njani?—Lev. 10:16-20.
Kamsinya nje emva kokumiselwa kwenkonzo yobubingeleli emnqubeni, uYehova wabulala oonyana baka-Aron uNadabhi noAbhihu ngenxa yokusondeza phambi kwakhe umlilo ongekho sikweni. (Lev. 10:1, 2) UMoses wayalela oonyana baka-Aron abasindileyo ukuba bangabazileli abantakwabo. Kungekudala emva koko, uMoses waba nomsindo kuEliyazare noItamare ngenxa yokuba bengayityanga ibhokhwe yomnikelo wesono. (Lev. 9:3) Kwakutheni ukuze uMoses acaphuke?
Imithetho uYehova awayeyinike uMoses yayisithi umbingeleli onikele umnikelo wesono ufanele atye inxalenye yawo kwintendelezo yentente yokuhlangana. Ukwenjenjalo kwakugqalwa njengokuphendula ngezono zabo benze umbingelelo. Noko ke, ukuba inxalenye yegazi lombingelelo yayisiwa eNdaweni Engcwele, inxalenye yokuqala yengcwele, loo mbingelelo wawungafanele utyiwe. Kunoko, wawufanele utshiswe.—Lev. 6:24-26, 30.
Kuyabonakala ukuba emva kwesiganeko esibuhlungu esehla ngaloo mini, uMoses wabona kufanelekile ukuba aqinisekise ukuba yonke imithetho kaYehova iyathotyelwa. Xa wafumanisa ukuba ibhokhwe yomnikelo wesono itshisiwe, wacaphuka waza wabuza uEliyazare noItamare isizathu sokuba bengayityanga njengoko kuyalelwe, kuba igazi layo lalingasiwanga phambi koYehova eNdaweni Engcwele.—Lev. 10:17, 18.
Yaba nguAron owaphendula uMoses, ekubeni aba babingeleli babevunyelwe nguye ukuba benjenjalo. Ngenxa yokubulawa koonyana bakhe ababini, kusenokwenzeka ukuba uAron wayezibuza enoba ababingeleli babekufanelekela ukutya umnikelo wesono ngaloo mini kusini na. Mhlawumbi wayevakalelwa kukuba ukuwutya kwabo kwakungayi kumkholisa uYehova, nangona babengabandakanyekanga kwisono esenziwa nguNadabhi noAbhihu.—Lev. 10:19.
UAron wayefanele acinge ngaloo ndlela, ingakumbi ngosuku amalungu entsapho yakhe ayephumeza okokuqala isabelo sawo sobubingeleli, ayefanele enze konke okusemandleni ukukholisa uYehova nakwezona nkcukacha zincinane. Noko ke, uNadabhi noAbhihu banyelisa igama likaYehova, yaye umsindo kaThixo wavutha nxamnye nabo. Ngoko kusenokwenzeka ukuba uAron wayecinga ukuba amalungu entsapho yababingeleli ababefunyaniswe benesono ayengafanele adle umnikelo ongcwele.
Kuyabonakala ukuba uMoses wayamkela impendulo yomntakwabo, kuba ezi ndinyana ziqukumbela ngala mazwi: “Akukuva oko uMoses, kwakholeka emehlweni akhe.” (Lev. 10:20) Licacile elokuba noYehova wakholiswa yimpendulo ka-Aron.