Imbono YeBhayibhile
Ngaba Zikho Izizathu Ezivakalayo Zokuba Lifanasini?
UBUFANASINI buya busamkeleka kumazwe amaninzi. Amarhamente enye icawa yaseUnited States athi kufanele kucaciswe ngokutsha oko kuthethwa yiBhayibhile ngobufanasini ngenxa yoko bathi “bubulumko banamhlanje.” Umfundisi waseBrazil osandul’ ukutshata nenye indoda, uthi “kufanele kujongwe ngokutsha oko kuthethwa yiBhayibhile” ukuze kulungiselelwe indlela icawa yakhe ekujonga ngayo oku.
Ukanti abo bangavumelaniyo nezenzo zobufanasini badla ngokugxekwa kusithiwa bawathiyile amafanasini okanye banekhethe. Ithini ngokwenene iBhayibhile ngobufanasini?
Ithini IBhayibhile?
IBhayibhile ayifundisi ukuba nekhethe nxamnye nabanye abantu. Noko ke, oko ikutshoyo ngezenzo zobufanasini kucace gca.
“Uze ungayilali indoda njengokuba kulalwa umfazi. Yinto ecekisekayo leyo.”—Levitikus 18:22.
Lo mthetho owawuqukwe kuMthetho kaMoses wawungomnye wemithetho yokuziphatha eyanikwa uhlanga lwakwaSirayeli. Sekunjalo, lo myalelo uyibonisa ngokucacileyo indlela uThixo azijonga ngayo izenzo zobufanasini, enoba zazisenziwa ngamaYuda okanye abantu bezinye iintlanga, xa usithi: “Yinto ecekisekayo leyo.” Ubufanasini, umbulo, ukukrexeza kwanezinye izenzo ezazingavunyelwa nguMthetho, zazixhaphakile kwiintlanga ezazingqonge amaSirayeli. Ngenxa yoko, uThixo wayesithi azicocekanga ezo ntlanga. (Levitikus 18:24, 25) Ngaba iBhayibhile yafundisa okwahlukileyo ngexesha lamaKristu? Khawuve ukuba sithini esi sibhalo silandelayo:
“Kungenxa yoko le nto uThixo wabanikela kwinkanuko yesini elihlazo, kuba amabhinqa abo akutshintsha ukusebenza kwawo kwemvelo kwaba kokwahlukileyo kwimvelo; namadoda akushiya ukusebenza kwemvelo kwamabhinqa aza atshisekelana ngamandla, amadoda ekhanuka amadoda, esebenza oko kungamanyala.”—Roma 1:26, 27.
Kutheni iBhayibhile isithi izenzo zobufanasini ziphikisana nemvelo yaye zingamanyala? Kungenxa yokuba zibandakanya iindlela zokwabelana ngesondo ezichasene nenjongo yoMdali. Ukwabelana ngesondo kwamafanasini akunakuvelisa nzala. IBhayibhile ifanisa izenzo zobufanasini nokwabelana ngesondo okwakuphakathi kwabafazi neengelosi ezavukelayo zaza zabizwa ngokuba ziidemon, ngaphambi koMkhukula womhla kaNowa. (Genesis 6:4; 19:4, 5; Yude 6, 7) UThixo uzijonga ezi zenzo zombini njengezichasene nendalo.
Ngaba Zikho Izizathu Ezithethelela Ubufanasini?
Abanye basenokubuza ukuba, ‘Ngaba imizila yemfuza, indawo ohlala kuyo okanye intlungu eyakwehlelayo njengokuxhatshazwa ngokwesini, kunokuba sisizathu esivakalayo sokubandakanyeka kwizenzo zobufanasini?’ Akunjalo. Ngokomzekelo: Umntu usenokuba notyekelo lokusela kakhulu utywala olubangelwa yimfuza ngokutsho kwezinye izazinzulu okanye wakhulela kwintsapho ekwakuselwa kakhulu kuyo. Ngokuqinisekileyo inkoliso yabantu ibiya kuvelana nomntu okwimeko enjalo. Sekunjalo, bebengayi kumkhuthaza ukuba aqhubeke ezinkcinkca ngotywala okanye angazami kwaukuzama ukubuyeka kuba nje kusithiwa uzalwe enjalo okanye wakhulela kwimeko enjalo.
Ngokufanayo, nangona iBhayibhile ingabagwebi abo balwisana neminqweno yobufanasini, ayikubethi ngoyaba ukuwela kwizono ezinjalo, enoba kubangelwa yimizila yemfuza okanye zezinye izizathu. (Roma 7:21-25; 1 Korinte 9:27) Kunoko iBhayibhile iyabanceda ize ibakhuthaze abantu ukuze balwisane nezenzo zobufanasini.
Iyintoni Injongo KaThixo Ngabantu Abaneminqweno Yobufanasini?
IBhayibhile isiqinisekisa ukuba injongo kaThixo kukuba “zonke iintlobo zabantu zisindiswe zize zifikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso.” (1 Timoti 2:4) Nakubeni iBhayibhile izalela izenzo zobufanasini, ayikukhuthazi ukuthiywa kwamafanasini.
Indlela abujonga ngayo ubufanasini uThixo ayinakuthathwa lula. Kweyoku-1 kwabaseKorinte 6:9, 10, iBhayibhile itsho ngokucacileyo ukuba “namadoda alala namadoda” aqukiwe kwabo bangayi “kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.” Kodwa ke, kwivesi 11 ithetha la mazwi athuthuzelayo isithi: “Kanti abanye kuni babenjalo kanye. Kodwa niye nahlanjwa nahlambuluka, niye nangcwaliswa, niye navakaliswa ningamalungisa egameni leNkosi yethu uYesu Kristu nangomoya kaThixo wethu.”
Kuyacaca ukuba abo babekufuna ngokwenene ukunqula uThixo ngendlela afuna ngayo babemkelekile kwibandla lamaKristu lenkulungwane yokuqala. Kunokutshiwo into efanayo namhlanje ngabo bazama ngokunyanisekileyo ukukholisa uThixo—hayi ngokuhlaziya iBhayibhile ukuze ivumelane nabo—kodwa ngokuphila ngokuvisisana nayo.
NGABA WAKHA WAZIBUZA?
● Ithini iBhayibhile ngezenzo zobufanasini?—Roma 1:26, 27.
● Ngaba iBhayibhile iyabacalucalula abantu abanomnqweno wobufanasini?—1 Timoti 2:4.
● Ngaba ungakwazi ukuziphepha izenzo zobufanasini?—1 Korinte 6:9-11.
[Umfanekiso okwiphepha 29]
Ngaba imele ihlaziywe indlela uThixo abujonga ngayo ubufanasini?