Imbono YeBhayibhile
Ukuzihombisa Umzimba—Imfuneko Yokuba Sengqiqweni
“UKUZINGCA kutshabalalisa ukuqiqa,” wabhala esitsho umbhali waseFransi weenoveli. Ngokuqinisekileyo, ukutyhubel’ iinkulungwane abantu baye benza izinto ezininzi kwiziqu zabo bengakhange baqiqe ngenxa nje yokuzingca. Ngokomzekelo, kwilinge lokuba nesona sinqe sincinane, amabhinqa enkulungwane ye-19 aye aminca izisu zawo kabuhlungu ngezinxibo zangaphantsi de akakwazi nokuphefumla. Kuthiwa amanye ayenezinqe ezincinane kangangeesentimitha ezingama-33. Amanye amabhinqa ayeminxwa zezo zinxibo de iimbambo zihlabe isibindi, aze afe.
Nangona sivuya ukuba loo fashoni yaphela, ukuzingca okwayibangelayo kusabonakala nanamhlanje njengoko kwakunjalo nangelo xesha. Amadoda namabhinqa asalandela inkqubo enzima, nede ibe yingozi, ukuze atshintshe inkangeleko yawo. Ngokomzekelo, iindawo zokuvamba nezokugqobhoza, ezaziziindawo ekwakungafane kuyiwe kuzo ngabantu ngesiquphe zibonakala ezivenkileni nakumahlomela-dolophu. Enyanisweni, kwiminyaka yakutshanje, ukuvamba lishishini lesithandathu kwankqenkqeza phambili eUnited States.
Iindlela ezigqith’ emgceni zokuhombisa umzimba nazo ziyanda, ingakumbi kubantu abaselula. Ukugqobhoza kakhulu amalungu omzimba—kuquka iingono, iimpumlo, ulwimi kunye namalungu okuzala—kuya kusiba yinto edumileyo. Kwiqela elincinane, ukugqojozwa kakhulu ngolo hlobo akuseyonto ingako. Bazama iindlela ezoyikeka ngakumbi njengokuphawula ngentsimbi yokutshisela, ukuzisika,a nokukrola umzimba, apho kufakwa izinto phantsi kwesikhumba ukuze kubekho imingxunya nezifotho ezingaqhelekanga.
Uqheliselo Lwamandulo
Ukuhombisa okanye ukuphucula umzimba asinto intsha. Kwimimandla ethile yaseAfrika, ukuzichaza nokuvamba kuye kwasetyenziswa kangangeenkulungwane ukwahlula amaqela entsapho okanye izizwe. Okubangel’ umdla kukuba, kumazwe amaninzi kula, uqheliselo olunjalo alusathandwa yaye luyayekwa.
Ukuvamba, nokugqobhoza, nokuzisika kwakusenziwa ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile. Ngokufuthi kwakusenziwa zizizwe zobuhedeni ngokunxulumene nonqulo lwazo. Siyaqondakala isizathu sokuba uYehova abalele abantu bakhe, amaYuda, ukuba baxelise abo bahedeni. (Levitikus 19:28) ‘Njengenqobo’ kaThixo, ngoko ke amaYuda ayekhuselekile kwimikhwa yonqulo lobuxoki ethoba isidima.—Duteronomi 14:2.
Inkululeko YobuKristu
AmaKristu akakho phantsi koMthetho kaMoses, nangona umisela imigaqo ethile eyathi yasetyenziswa nakwibandla lamaKristu. (Kolose 2:14) Ngoko ke babenokuhomba baze bakhethe ukunxiba okanye ukuzilungisa ngendlela efanelekileyo. (Galati 5:1; 1 Timoti 2:9, 10) Noko ke, le nkululeko isikelwe umda.—1 Petros 2:16.
Kweyoku-1 kwabaseKorinte 6:12, uPawulos wabhala: “Zonke izinto zisemthethweni kum; kodwa asizizo zonke izinto eziyingenelo.” UPawulos wayeqonda ukuba inkululeko yakhe njengomKristu yayingamnik’ imvume yokwenza nantoni na awayeyifuna ngaphandle kokuba nolwazelelelo ngabanye. Ukuthanda abanye kwayiphembelela indlela yakhe yokuziphatha. (Galati 5:13) Wabongoza esithi “ninyamekela, kungekuphela nje izilangazelelo zobuqu, kodwa kwanezilangazelelo zabanye.” (Filipi 2:4) Imbono yakhe yokungazingci ingumzekelo omhle kakhulu nakuwuphi na umKristu oceba uhlobo oluthile lokuhombisa umzimba.
Imigaqo YeBhayibhile Emele Iqwalaselwe
Omnye wemiyalelo yamaKristu kukushumayela nokufundisa iindaba ezilungileyo. (Mateyu 28:19, 20; Filipi 2:15) UmKristu akanakuvumela nantoni na, kuquka nenkangeleko yakhe, iphazamise abanye ekuphulaphuleni eso sigidimi.—2 Korinte 4:2.
Nangona ukuhombisa okunjengokugqobhoza nokuvamba kudumile phakathi kwabanye abantu abaselula, umKristu ufanele azibuze, ‘Abantu bommandla endihlala kuwo baza kusabela njani kolo hlobo lokuzihombisa? Ngaba ndiza kunxulunyaniswa namaqela angaqhelekanga ebuthweni? Enokuba isazela sam besindivumela, bekuya kuba naliphi igalelo kwabo basebandleni ukugqobhoza okanye ukuvamba? Ngaba bebenokukujonga njengokubonisa “umoya wehlabathi”? Ngaba bekuya kwenza ukuba bathandabuze enoba ‘ndinengqondo ephilileyo’?—1 Korinte 2:12; 10:29-32; Tito 2:12.
Iindlela ezithile zokuphucula umzimba zineengozi ezinzulu ezingokwempilo. Ukuvamba ngeenaliti ezingacocekanga kuye kwanxulunyaniswa nokusasaza isifo sokudumba kwesibindi neHIV. Ngenxa yedayi esetyenziswayo kusenokuvela iingxaki zolusu. Imingxuma egqojoziweyo isenokuthabatha iinyanga ukuze iphole yaye isenokuhlala ibuhlungu phantse lonke elo xesha. Kwakhona isenokubangela ityhefu egazini, ukopha, amahlwili egazi, ukonakala kwemithambo-luvo nokudumba okuqatha. Ukongezelela, ezinye iinkqubo akulula ukuba ziyekwe. Ngokomzekelo, kuxhomekeke kubukhulu nakwibala, umvambo usenokufuna unyango oluxabisa imali eninzi nolubuhlungu ukuze ususwe. Umngxuma ogqojoziweyo unokuhlala ungaze uvaleke.
Enoba umntu ugqiba kwelokuba ajamelane nezi ngozi okanye akunjalo eso sisigqibo sobuqu. Kodwa lowo ufuna ukukholisa uThixo uyaqonda ukuba ukuba ngumKristu kuquka ukunikela ngaye ephela kuThixo. Imizimba yethu ngamadini aphilayo anikelwe kuThixo ukuba ayisebenzise. (Roma 12:1) Ngenxa yoko, amaKristu aqolileyo akayijongi imizimba yawo njengempahla yawo anokukhetha ukuyonakalisa nanini na ethanda. Ingakumbi abo bafanelekela ukukhokela ibandla bayaziwa ngemikhwa yabo engcathu, ukuphila engqondweni nokuba nengqiqo.—1 Timoti 3:2, 3.
Ukuhlakulela nokuqhelisela ukuba namandla okuqiqa aqeqeshwe ngeBhayibhile kuya kunceda amaKristu aziphephe izenzo ezigabadeleyo zokuzanelisa ngokuzivisa ubuhlungu zeli hlabathi, ‘elizahlukanisileyo nobomi bukaThixo.’ (Efese 4:18) Ngaloo ndlela anokwenza ukuba nengqiqo kwawo kukhanye kubantu bonke.—Filipi 4:5.
[Umbhalo osemazantsi]
a Kukho umahluko ocacileyo phakathi kokusikwa ngenxa yezonyango okanye ngezizathu zobuhle nokusikwa okunyanzelekileyo okanye ukuzenzakalisa okwenziwa ngabantu abaselula abaninzi, ingakumbi amantombazana akwishumi elivisayo. Ngokufuthi ukuzenzakalisa luphawu loxinezeleko olunzulu ngokweemvakalelo okanye ukuxhaphaza, nto leyo enokufuna uncedo lweengcali.