Sondela KuThixo
UYehova Uyasivumela Ukuba Sizikhethele
“BENDISOLOKO ndinoloyiko lokuba andizi kuthembeka kuYehova.” Latsho njalo elinye ibhinqa elingumKristu elalicinga ukuba alisoze liphumelele ebomini ngenxa yezinto ezibuhlungu ezalehlela lisengumntwana. Ngaba kunjalo ngokwenene? Ngaba nyhani akukho nto sinokuyenza ngobomi bethu? Akunjalo. UYehova uThixo usinike inkululeko yokuzikhethela indlela esifuna ukuphila ngayo. UYehova ufuna sikhethe ubomi obufanelekileyo yaye iLizwi lakhe iBhayibhile liyasibonisa indlela yokubukhetha. Khawuphonononge amazwi kaMoses afumaneka kwiDuteronomi isahluko 30.
Ngaba kunzima ukwazi nokwenza izinto ezifunwa nguThixo?a UMoses uthi: “Lo myalelo ndikuyalela wona namhlanje awunzima kuwe, yaye awukude.” (iVesi 11) UYehova akasiceli ukuba senze into esingenakukwazi ukuyenza. Akafuni ukuba senze izinto ezingaphaya kwamandla ethu, kodwa ufuna ezo sinokukwazi ukuzenza. Kwakhona siyazazi izinto afuna sizenze. Akufuneki side ‘sinyukele ezulwini’ okanye ‘siwele ulwandle’ ukuze sifunde imithetho kaThixo. (iVesi 12, 13) IBhayibhile iyasixelela ukuba sifanele siphile njani.—Mika 6:8.
Kodwa ke, uYehova akasinyanzeli ukuba simthobele. UMoses uthi: “Ndibeka phambi kwakho namhlanje ubomi nokulunga, ukufa nobubi.” (iVesi 15) Sinelungelo lokukhetha phakathi kobomi nokufa kunye nokulungileyo nokubi. Kukuthi ukuba sikhetha ukumnqula nokumthobela uThixo size sifumane iintsikelelo okanye sikhethe ukungamthobeli size sivune imiphumo yokungathobeli. Sithi abakhetha loo nto siyifunayo.—iVesi 16-18; Galati 6:7, 8.
Ngaba uYehova unomsebenzi nendlela esikhetha ukuphila ngayo? Ewe kunjalo! UMoses owayephefumlelwe nguThixo wathi: “Nyula ke ubomi.” (iVesi 19) Kodwa ke, sinokubunyula njani ubomi? UMoses wanaba wathi: “Ngokuthi umthande uYehova uThixo wakho, uliphulaphule ilizwi lakhe, unamathele kuye.” (iVesi 20) Ukuba siyamthanda uYehova siya kufuna ukumthobela size sinyaniseke kuye, noba sele kumnyama entla. Xa siphila ngaloo ndlela, sikhetha ubomi—obona bomi bubhetele ngoku sibe silindelwe bubomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha likaThixo elizayo.—2 Petros 3:11-13; 1 Yohane 5:3.
Amazwi kaMoses asifundisa inyaniso esiqinisekisayo. Enoba uye wehlelwa yintoni kweli hlabathi lingendawo, awulo sizana olungenakuzenzela nto; yaye akunyanzelekanga ukuba ungaphumeleli ebomini. UYehova ukujizeke ngenkululeko yokuzikhethela. Unako ukukhetha ukumthanda uYehova, umphulaphule yaye uhlale unyanisekile kuye. UYehova uya kukusikelela ukuba ukhetha ukuphila ngaloo ndlela.
Le nyaniso—yokuba kukuthi ukukhetha ukumthanda nokumkhonza uYehova—yalithuthuzela ibhinqa elicatshulwe ngasentla. Lithi: “Ndiyamthanda uYehova. Maxa wambi ndiye ndilibale ukuba eyona nto ibalulekileyo kukuba ndiyamthanda uYehova. Ndingakwazi ukuthembeka kuye.” Nawe uYehova angakunceda uthembeke.
[Umbhalo osemazantsi]
a Funda inqaku elithi “Sondela kuThixo—Yintoni UYehova Ayifunayo Kuthi?” kwiMboniselo kaOktobha 1, 2009.