Ndinokubanceda Njani Abantwana Bam Bafumane Imfundo Yokwenene?
IMFUNDO yomntwana inokufaniswa nohambo olubangela umdla nakuba lunzima. Luhambo eniluthabatha kunye nabantwana bakho. Uyabakhuthaza ubabonise indlela ngothando njengoko ubanceda batyhalele phambili ebomini. Ininzi gqitha into ekufuneka beyifundile!
Ukuze baphumelele yaye bonwabe ebomini, abantwana bamele babe nemilinganiselo yokuziphatha neyokomoya, bafunde ukwahlula okulungileyo kokubi. Xa bemazi baze bamthande uYehova, imfundo yabo iba luncedo ngokwenene ibe uqeqesho abalufumanayo luya kuhlala ngonaphakade. Njengabazali, nidlala indima ephambili koko kufundwa ngabantwana benu nendlela abakuqonda baze bakuxabise ngayo.
Zikho izinto ezilucelomngeni abahlangabezana nazo abazali kule ndlela. Abantwana bathabatheka lula, ibe zininzi izinto ezingakhiyo abanokuzifunda kubantu bangaphandle. Siphila kwihlabathi elilawulwa nguSathana uMtyholi. (1 Yohane 5:19) Unomdla gqitha kwimfundo efunyanwa ngabantwana bakho, nakuba yena enezizathu ezahlukileyo. USathana ngumfundisi onobuchule nonamava gqitha—kodwa umfundisi ongendawo ngokwenene. Nakuba ezenza ‘ingelosi yokukhanya,’ ukukhanya kwakhe yinkohliso yaye kwahlukile koko kweLizwi likaYehova nokuthanda kwakhe. (2 Korinte 4:4; 11:14; Yeremiya 8:9) UMtyholi needemon zakhe ngamachule enkohliso, bekhuthaza ukuzingca, ukunganyaniseki nokonakala kokuziphatha.—1 Timoti 4:1.
Yintoni onokuyenza ukuze ukhusele abantwana bakho bangalahlekiswa? Unokubafundisa njani ukuze bamkele oko kuyinyaniso nokuxabisekileyo? Inyathelo lokuqala kukuzihlolisisa wena kuqala. Umele ube ngumzekelo omhle. Kubalulekile nokuba wamkele imbopheleleko yokuqeqesha abantwana bakho uze uchithe ixesha nabo ukuze uphumelele. Noko ke, ngaphambi kokuba ucinge ngoku, makhe sikhangele ukuba siyintoni na isiseko semfundo exabisekileyo.
Isiseko Semfundo Yokwenene
Singafunda lukhulu kuKumkani uSolomon wakwaSirayeli, omnye wabona bantu balumkileyo bakha baphila. IBhayibhile isixelela oku: “UThixo waqhubeka emnika uSolomon ubulumko nokuqonda ngomlinganiselo omkhulu kakhulu nobubanzi bentliziyo, njengentlabathi eselunxwemeni lolwandle. Yaye ubulumko bukaSolomon babubuninzi ngakumbi kunobulumko bonke baseMpumalanga nakunabo bonke ubulumko baseYiputa.” USolomon “wayenokuthetha imizekeliso engamawaka amathathu, kwaye iingoma zakhe zaba liwaka elinesihlanu.” Wayenolwazi oluphangaleleyo ngezityalo nezilwanyana. (1 Kumkani 4:29-34) Waphinda wongamela nemisebenzi yakwaSirayeli yokwakha, kuquka itempile ebalaseleyo kaYehova eYerusalem.
Imibhalo kaSolomon, njengaleyo ikwincwadi yeNtshumayeli, ibonisa ukuba wayebaqonda kakuhle abantu. Waphefumlelwa nguThixo ukuze agxininise isiseko semfundo yokwenene. USolomon wathi: “Ukoyika uYehova kukuqalisa kolwazi. Ubulumko nengqeqesho koko izidenge nje zikudelileyo. Ukoyika uYehova kukuqala kobulumko, nokwaziwa kwaLowo Ungoyena Ungcwele kukuqonda.”—IMizekeliso 1:7; 9:10.
Xa simoyika uThixo, siye simhlonele size sikulumkele ngamandla ukungamkholisi. Siye siqonde ukuba ungOyena Uphakamileyo ibe thina siphantsi kwakhe. Abo bangenantlonelo ngalowo buxhomekeke kuye ubomi bethu basenokujongwa njengabalumkileyo, kodwa obo bulumko babo “bubudenge kuThixo.” (1 Korinte 3:19) Abantwana kufuneka bafumane imfundo esekelwe ‘kubulumko obuvela phezulu.’—Yakobi 3:15, 17.
Ukoyika ukungamkholisi uYehova kungumtya nethunga nokumthanda. UYehova ufuna ukuba abakhonzi bakhe bamoyike yaye bamthande. UMoses wathi: “Kaloku ke, Sirayeli, yintoni na uYehova uThixo wakho ayifunayo kuwe ngaphandle kokuba woyike uYehova uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe zonke uze umthande yaye umkhonze uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke nangomphefumlo wakho wonke; ugcine imiyalelo kaYehova nemimiselo yakhe endikuyalela ngayo namhlanje, ukuze kulunge kuwe?”—Duteronomi 10:12, 13.
Ukuba senza abantwana bethu bamoyike uYehova, siya kuba sibeka isiseko semfundo eya kubanceda babe zizilumko zokwenene. Njengoko behlakulela ukumoyika, baya bemxabisa ngakumbi uMdali, uMthombo wolwazi lokwenene. Oku kuya kubanceda bakuqonde kakuhle oko bakufundayo, bangenzi izigqibo ezingafanelekanga. Baya kukwazi “ukwahlula okulungileyo nokubi.” (Hebhere 5:14) Eso siseko siya kubanceda bahlale bethobekile baze baphephe okubi.—IMizekeliso 8:13; 16:6.
Abantwana Bakho Bajonge Kuwe!
Kodwa sinokubanceda njani abantwana bethu bamthande baze bamoyike uYehova? Impendulo yalo mbuzo ifumaneka kuMthetho uYehova awawunika abantu bakhe amaSirayeli ngomprofeti uMoses. Kwathiwa kubazali abangamaSirayeli: “Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke nangomphefumlo wakho wonke nangamandla akho onke. La mazwi ndikuyalela wona namhlanje amele abe sentliziyweni yakho; uze uwabethelele kunyana wakho yaye uthethe ngawo ekuhlaleni kwakho endlwini yakho, nasekuhambeni kwakho ngendlela, nasekulaleni kwakho, nasekuvukeni kwakho.”—Duteronomi 6:5-7.
Le ndinyana ifundisa abazali izifundo ezibalulekileyo. Esinye sesi: Umzali umele abe ngumzekelo omhle. Ukuze ufundise abantwana bakho ukuthanda uYehova, wena kuqala umele umthande, namazwi akhe abe sentliziyweni yakho. Kutheni kubalulekile nje oku? Kungenxa yokuba nguwe oyena mntu uphambili ekufundiseni abantwana bakho. Oko bakufunda kumzekelo wakho kuya kubetheleleka ngakumbi kubo. Ayikho enye into enempembelelo emntwaneni njengomzekelo womzali.
Iminqweno yakho, izinto eziphambili, ozixabisayo nonomdla kuzo azibonakali koko ukutshoyo kuphela kodwa nakoko ukwenzayo. (Roma 2:21, 22) Kwasebusaneni babo, abantwana bafunda ngokondela abazali babo. Abantwana bayakwazi ukubona izinto ezibalulekileyo kubazali babo, ibe ezo zinto zidla ngokubaluleka kwabaselula. Ukuba umthanda ngokwenene uYehova, abantwana bakho baya kukubona oko. Ngokomzekelo, baya kukwazi ukubona ukuba ukufunda iBhayibhile nokufundisisa zizinto ezibalulekileyo kuwe. Baya kutsho baqonde ukuba ubeka izilangazelelo zoBukumkani kuqala ebomini bakho. (Mateyu 6:33) Ukubakho kwakho rhoqo kwiintlanganiso zamaKristu nokuba nenxaxheba kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani kuya kwenza babone ukuba ukwenza inkonzo engcwele kaYehova yeyona nto ibalulekileyo kuwe.—Mateyu 28:19, 20; Hebhere 10:24, 25.
Thwala Imbopheleleko Yakho
Nasi isifundo esinokufundwa ngabazali kwiDuteronomi 6:5-7: Unembopheleleko yokuqeqesha abantwana bakho. Kubantu bakaYehova bamandulo, abazali babenembopheleleko yokufundisa abantwana babo. KumaKristu enkulungwane yokuqala, abazali baqhubeka benendima ephambili ekufundiseni abantwana babo. (2 Timoti 1:5; 3:14, 15) Ebhalela amanye amaKristu, umpostile uPawulos wabonisa ukuba ngokukhethekileyo, ngooyise ababemele ‘baqhubeke bekhulisela [abantwana babo] kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova.’—Efese 6:4.
Ngenxa yeengcinezelo zanamhlanje, umsebenzi nokhuphiswano, abazali basenokulingelwa ekubeni bayiyekele kwabanye imbopheleleko yokuqeqesha abantwana babo, njengootitshala. Noko ke, akakho umntu onokungena ezihlangwini zomzali onothando nenyameko. Ungaze ukuthabathe lula ukubaluleka kwakho nempembelelo yakho. Ukuba ufuna uncedo kwimfundo yabantwana bakho, lukhethe ngobulumko, kodwa ungaze uyiyeke le mbopheleleko ingcwele.
Yiba Nexesha Lokuqeqesha Abantwana Bakho
Esinye isifundo esifundwa ngabazali kwiDuteronomi 6:5-7 sesi: Ukuqeqesha umntwana kuthabatha ixesha yaye kufuna umgudu. Abazali abangamaSirayeli babemele ‘babethelele’ inyaniso kaThixo kubantwana babo. Igama lesiHebhere santlandlolo eliguqulelwe ngokuthi ‘bethelela’ lithetha ‘ukuphindaphinda,’ ‘ukuthetha into kaninzi.’ Oku kwakumele kwenziwe imini yonke, ewe, ukususela ekuseni de kube ngorhatya, ‘endlwini nasendleleni.’ Kufuneka ixesha nomgudu ukuze ufundise umntwana nokulungisa isimo sakhe sengqondo nokuziphatha ukuze akholise uThixo.
Yintoni ke, onokuyenza ukuze uncede abantwana bakho bafumane imfundo yokwenene? Ngumgudu ongathethekiyo. Bafundise ukumthanda nokumoyika uYehova. Misela umzekelo omhle. Thwala imbopheleleko yakho yokubafundisa, uze uchithe ixesha elifunekayo ekubaqeqesheni. Awufezekanga, ibe uya kuhlala uzenza iimpazamo njengoko ubafundisa. Kodwa ukuba uzimisele ngokwenene ukwenza ukuthanda kukaThixo, abantwana bakho baya kuyixabisa ngokwenene imigudu yakho baze bazuze lukhulu kuyo. IMizekeliso 22:6 ithi: “Yiqeqeshe inkwenkwe ngokwendlela yayo; naxa indala ayisayi kuphambuka kuyo.” Kukwanjalo nakumantombazana.
Imfundo luhambo lobomi bonke. Ukuba wena nabantwana bakho niyamthanda uThixo, luhambo eniya kulunandipha ngonaphakade. Oku kunjalo kuba kuninzi okuya kufundwa ngoYehova nendlela esinokuyiphumeza ngayo injongo yakhe.—INtshumayeli 3:10, 11.
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Ngaba uyabafundela iBhayibhile abantwana bakho?
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Zibekele ixesha lokufundisa abantwana bakho ngoMdali