Bazali, Zinyamekeleni Iintswelo Zentsapho
“Ukuba nabani na akabalungiseleli abo bangabakhe, . . . ulukhanyele ukholo.”—1 TIMOTI 5:8.
1, 2. (a) Kutheni kukhuthaza nje ukubona iintsapho zikunye kwiintlanganiso zamaKristu? (b) Ziziphi iingxaki ezijamelana nazo iintsapho ukuze zifike ngexesha kwiintlanganiso?
XA UJONGA ebandleni lamaKristu ngaphambi kokuba kuqalise iintlanganiso, usenokubona abantwana abacocekileyo nabanxibe kakuhle behleli phantsi nabazali babo. Ngaba akukho mnandi ukubona iindlela ezinothando ngayo ezo ntsapho—ukuthanda kwazo uYehova nabanye? Noko ke, kulula ukulibala umsebenzi obandakanyekileyo ekulungiseleleni ukuba intsapho ifike ngexesha kwiintlanganiso.
2 Abazali baba maxhaphetshu imini yonke, kungasathethwa ke ngezo ntsuku zokuya kwiintlanganiso. Kumele kuphekwe, kwenziwe imisebenzi yasekhaya ethile nomsebenzi wesikolo. Abazali banomsebenzi omninzi, wokuqiniseka ukuba wonke umntu ucocekile, utyile yaye sele ekulungele ukuya kwiintlanganiso. Kakade ke, abantwana banokwenza izinto ezinokulibazisa kanye ngexesha ekufanele kuhanjwe ngalo. Omdala ukrazukelwa yibhulukhwe yakhe ngoxa edlala. Omncinane uzichithela ngokutya. Emva koko bayaxambulisana. (IMizekeliso 22:15) Kunokubangela ntoni oku? Nangona abazali besenokucwangcisa ngenyameko, izinto zisenokupatyalaka. Sekunjalo, amaxesha amaninzi ezo ntsapho zifika kwangethuba kwiHolo yoBukumkani. Hayi indlela ekukhuthaza ngayo ukuzibona apho iiveki ngeeveki, iminyaka ngeminyaka njengoko abantwana bekhula bekhonza uYehova!
3. Sazi njani ukuba uYehova uzixabisa gqitha iintsapho?
3 Ngoxa umsebenzi wokuba ngumzali usiba nzima yaye udinisa maxa wambi, unokuqiniseka ukuba uYehova uyixabisa gqitha imigudu yakho. UYehova unguMsunguli welungiselelo lentsapho. Ngenxa yoko iLizwi lakhe lithi yonke intsapho ‘ibizwa ngaye’—ikho ngenxa kaYehova. (Efese 3:14, 15) Ngoko xa nina bazali nisenza umgudu wokuphumeza indima yenu ngendlela efanelekileyo, nizukisa iNkosi enguMongami wendalo iphela. (1 Korinte 10:31) Ngaba asilolungelo libalaseleyo elo? Kufanelekile ke ngoko ukuba, sinikele ingqalelo kumsebenzi onikwe abazali nguYehova. Kweli nqaku, siza kuqwalasela oko kubandakanyekileyo ekunyamekeleni intsapho. Makhe siqwalasele iindlela ezintathu uThixo alindele ukuba abazali banyamekele ngazo iintsapho zabo.
Ukuyinyamekela Ngezinto Eziphathekayo
4. Ngawaphi amalungiselelo uYehova awenzele intsapho ukuze kunyanyekelwe iintswelo zabantwana?
4 Umpostile uPawulos wabhala: “Ngokuqinisekileyo ukuba nabani na akabalungiseleli abo bangabakhe, ngokukodwa amalungu endlu yakhe, ngokuqinisekileyo ulukhanyele ukholo yaye mbi ngaphezu kongakholwayo.” (1 Timoti 5:8) Wayecinga ngabani apha uPawulos xa esithi “nabani na”? Wayecinga ngentloko-ntsapho, ngokuqhelekileyo utata. Kwakhona uThixo uye wanika umfazi indima ebalulekileyo yokuba ngumncedi womyeni wakhe. (Genesis 2:18) Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile abafazi babedla ngokuncedisa amadoda abo ekunyamekeleni intsapho. (IMizekeliso 31:13, 14, 16) Namhlanje, zixhaphakile iintsapho ezinomzali omnye.a Abazali abaninzi abangamaKristu abangenamaqabane bazinyamekela kakuhle gqitha iintsapho zabo. Kakade ke, kuhle ukuba intsapho ibe nabo bobabini abazali, ize ibe ngutata okhokelayo.
5, 6. (a) Ziziphi ezinye zeengxaki abajamelene nazo abo bazama ukunyamekela iintsapho zabo ngezinto eziphathekayo? (b) Abazali abangamaKristu bamele bahlale benayiphi imbono ngokuphathelele umsebenzi wempangelo ukuze bakwazi ukunyamezela?
5 Kweyoku-1 kuTimoti 5:8, yiyiphi indlela yokulungiselela awayecinga ngayo uPawulos? Umongo ubonisa ukuba wayethetha ngokungqalileyo ngeentswelo zezinto eziphathekayo zentsapho. Kwihlabathi lanamhlanje, mininzi imiqobo enokujamelana nayo intloko-ntsapho ukuze ikwazi ukunyamekela intsapho yayo ngezinto eziphathekayo. Ubunzima kwezoqoqosho obugqugqise ihlabathi lonke, ukudendwa emsebenzini, ukwanda kwabantu abangaphangeliyo nokunyuka kwamaxabiso. Yintoni enokunceda umzali onyamekela intsapho akwazi ukunyamezela ezo ngxaki?
6 Umzali ufanele akhumbule ukuba wenza umsebenzi awunikwe nguYehova. Amazwi kaPawulos aphefumlelweyo abonisa ukuba umntu onokukwazi ukwenza oku kuthethwa apha aze angakuthobeli ufaniswa nalowo “ukhanyele ukholo.” UmKristu uya kwenza konke okusemandleni ukuze aphephe ukuba njalo phambi koThixo. Noko ke, okubuhlungu kukuba, abantu abaninzi namhlanje “abanawo umsa wemvelo.” (2 Timoti 3:1, 3) Eneneni, ootata abaninzi bayayityeshela imbopheleleko yabo ngokusuka bashiye iintsapho zabo kwesinomhlwa. Abayeni abangamaKristu abayenzi loo nkohlakalo. Ngokungafaniyo nabaninzi abasebenza nabo, abazali abangamaKristu bayawuvuyela yaye bayawuxabisa nowona msebenzi ujongelwa phantsi ekubeni ubanceda banyamekele iintsapho zabo nto leyo emkholisayo uYehova uThixo.
7. Kutheni kufanelekile nje ukuba abazali baxelise umzekelo kaYesu?
7 Iintloko-ntsapho zisenokukufumanisa kuluncedo ukuxelisa umzekelo kaYesu ogqibeleleyo. Khumbula ukuba, isiprofeto seBhayibhile sibhekisela kuYesu ‘njengoBawo wethu ongunaPhakade.’ (Isaya 9:6, 7) ‘NjengoAdam wokugqibela,’ uYesu ukufanelekela kakuhle ukuthabathel’ indawo “umntu wokuqala uAdam” abe ngubawo wabantu abanokholo. (1 Korinte 15:45) Ngokungafaniyo noAdam, owaba ngubawo ozingcayo, uYesu ungubawo ogqibeleleyo. IBhayibhile ithi ngaye: “Uthando silubone kwinto yokuba yena wanikela umphefumlo wakhe ngenxa yethu.” (1 Yohane 3:16) Ewe, ngokuzithandela uYesu wanikela ubomi bakhe ngenxa yabanye. Kubomi bemihla ngemihla wayebeka iimfuno zabanye kuqala kunezakhe nakwezona zinto zincinane. Bazali nenza kukuhle xa nixelisa loo moya wokuzincama.
8, 9. (a) Yintoni abazali abanokuyifunda kwiintaka ngendlela yokunyamekela abantwana ngokungazingci? (b) Abazali abaninzi abangamaKristu bawubonakalisa njani umoya wokuzincama?
8 Abazali banokufunda lukhulu ngothando lokungazingci kumazwi awathethwa nguYesu kubantu bakaThixo abaphambukileyo athi: “Kufuthi kangakanani na ndifuna ukuhlanganisela ndawonye abantwana bakho, ngendlela esithi isikhukukazi sihlanganisele ngayo ndawonye amantshontsho aso phantsi kwamaphiko aso!” (Mateyu 23:37) Apha uYesu wayichaza ngokucacileyo indlela isikhukukazi esiwakhusela ngayo amantshontsho aso ngaphantsi kwamaphiko aso. Eneneni, abazali banokufunda lukhulu kwithuku lentaka elenza ixolele ukwenzakala kuba ikhusela amantshontsho ayo. Noko ke, kuchukumisa gqitha ukubona oko kwenziwa yimazi nenkunzi mihla le. Ziquqa zibuyelela ukuya kufunela amantshontsho azo ukutya. Nokuba sezidiniwe, ziye zifunzele amantshontsho azo, athi eginya nje abe efuna okunye. Izidalwa zikaYehova ezininzi “ngethuku lemvelo zilumkile” kwindlela ezinyamekela ngayo abantwana bazo.—IMizekeliso 30:24.
9 Ngendlela efanayo, abazali abangamaKristu ehlabathini lonke babonakalisa loo moya mhle wokuzincama. Uxolela ukuba kwenzakale wena kunokuba kwenzakale abantwana bakho. Ngapha koko, yonk’ imihla uncama izinto ezithile ukuze ulungiselele intsapho yakho. Abaninzi kuni bavuka ngentseni besiya emsebenzini oqobayo okanye okruqulayo. Usebenza nzima ukuze intsapho yakho ifumane ukutya okusempilweni. Wenza konke okusemandleni ukuqiniseka ukuba abantwana bakho banempahla ecocekileyo, indawo efanelekileyo yokuhlala nemfundo esemgangathweni. Yaye konke oku ukwenza yonk’ imihla iminyaka ngeminyaka. Ngokuqinisekileyo oko kuzincama nokunyamezela kuyamkholisa uYehova! (Hebhere 13:16) Noko ke, kwangaxeshanye, khumbula ukuba kukho iindlela ezibalulekileyo onokuyinyamekela ngazo intsapho yakho.
Ukuyinyamekela Ngokomoya
10, 11. Yiyiphi eyona ntswelo ibalulekileyo ebantwini, yaye yintoni abamele bayenze abazali abangamaKristu ukuze bakwazi ukuyanelisa kubantwana babo?
10 Eyona nto ibaluleke ngakumbi kunokunyamekela intsapho ngezinto eziphathekayo kukuyinyamekela ngokomoya. UYesu wathi: “Akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaYehova.” (Mateyu 4:4; 5:3) Bazali yintoni eninokuyenza ukuze ninyamekele iintsapho zenu ngokomoya?
11 Xa kuthethwa ngalo mbandela, mhlawumbi esona Sibhalo sidla ngokucatshulwa yincwadi yeDuteronomi 6:5-7. Nceda uvule iBhayibhile yakho uze ufunde ezo ndinyana. Phawula ukuba abazali kuqala baxelelwa ukuba bahlakulele ulwalamano lwabo noYehova, bamthande baze amazwi akhe bawafake entliziyweni. Ewe, ufanele ube ngumfundi weLizwi likaThixo ozimiseleyo, uyifunde rhoqo iBhayibhile uze ucamngce ngayo ukuze uziqonde kakuhle uze uzithande iindlela, imigaqo nemithetho kaYehova. Ngenxa yoko, intliziyo yakho iya kuzaliswa ziinyaniso zeBhayibhile ezichulumancisayo eziya kukwenza uvuye, umhlonele ngokunzulu uYehova uze umthande. Uya kuba nezinto ezilungileyo ezininzi onokuzinika abantwana bakho.—Luka 6:45.
12. Abazali banokuwuxelisa njani umzekelo kaYesu xa bebethelela iinyaniso zeBhayibhile kubantwana babo?
12 Abazali abomeleleyo ngokomoya bahlala bekulungele ukusebenzisa isiluleko esikwiDuteronomi 6:7, ukuze ‘babethelele’ amazwi kaYehova kubantwana babo ngalo lonke ixesha kuvela ithuba. ‘Ukubethelela’ kuthetha ukufundisa nokugxininisa ngokuphindaphinda. UYehova uyazi ukuba sonke—ingakumbi abantwana—sifunda kakuhle xa into iphindaphindwa. Ngenxa yoko, uYesu wayekuphindaphinda oko akuthethayo kubulungiseleli bakhe. Ngokomzekelo, xa wayefundisa abafundi bakhe ukuba bathobeke kunokuba babe nekratshi okanye bakhuphisane, wasebenzisa iindlela ezahlukahlukeneyo zokuphindaphinda loo mgaqo. Wabafundisa ngokuqiqa nabo, ngemizekeliso nangokukwenza ngokoqobo oko akufundisayo. (Mateyu 18:1-4; 20:25-27; Yohane 13:12-15) Noko ke, okuphawulekayo kukuba, uYesu wayesoloko esiba nomonde. Ngokufanayo, abazali bafanele bafumane iindlela zokufundisa abantwana babo iinyaniso ezisisiseko, bephindaphinda ngomonde imigaqo kaYehova de abantwana babo bayiqonde baze bayisebenzise.
13, 14. Ziziphi izihlandlo abazali abanokubethelela kubantwana babo iinyaniso zeBhayibhile, besebenzisa ziphi iimpapasho?
13 Isifundo sentsapho sisihlandlo esifanelekileyo sokwenza oko. Enyanisweni, isifundo seBhayibhile esiqhutywa rhoqo nesakhayo yeyona nto iluncedo entsatsheni ngokomoya. Iintsapho zamaKristu ehlabathini lonke ziyavuyiswa sisifundo esinjalo, zisebenzisa iincwadi ezilungiselelwe yintlangano kaYehova yaye zilungiselela isifundo ngendlela efanele umntwana ngamnye. Incwadi ethi Funda Kumfundisi Omkhulu iluncedo gqitha kule nkalo, njengoko kunjalo ngencwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo.b Noko ke, isifundo sentsapho asikuphela kwexesha lokufundisa abantwana.
14 Njengoko iDuteronomi 6:7 ibonisa, zininzi izihlandlo nina bazali eninokuthetha ngazo nabantwana benu ngezinto zokomoya. Enoba nihamba nabo, niyasebenza okanye niphumle kunye, ninokufumana amathuba okunyamekela iintswelo zokomoya zabantwana benu. Kakade ke, anifanele ningxixhe abantwana benu ngeenyaniso zeBhayibhile. Kunoko, zamani ukuhlala nincokola izinto ezakhayo nezokomoya njengentsapho. Ngokomzekelo, iphephancwadi uVukani! linamanqaku amaninzi athetha ngemibandela eyahlukahlukeneyo. Loo manqaku anokuvula ithuba lokuncokola ngendalo kaYehova njengezilwanyana, iindawo ezintle ehlabathini, amasiko neendlela ezahlukahlukeneyo abaphila ngazo abantu. Ukuncokola ngezo zinto kunokukhuthaza abaselula bazifunde ngakumbi iincwadi ezilungiselelwe ludidi lwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.—Mateyu 24:45-47.
15. Abazali banokubanceda njani abantwana babo bajonge ubulungiseleli bamaKristu njengobubangel’ umdla nobunomvuzo?
15 Ukuncokola ngezinto ezakhayo nabantwana bakho kuya kukunceda wanelise enye intswelo yokomoya. Abantwana abangamaKristu bafanele bafunde ukuthetha nabanye ngokholo lwabo. Ngoxa uthetha ngeengongoma ezithile ezibangel’ umdla ezikwiMboniselo okanye uVukani! unokujonga amathuba okunxulumanisa oko nentsimi. Ngokomzekelo, usenokubuza: “Ngaba bekungayi kuba kuhle ukuba abantu abaninzi bebekwazi oku ngoYehova? Ucinga ukuba singamenza njani umntu abe nomdla kulo mbandela?” Iingxubusho ezinjalo zisenokubanceda abaselula babe nomdla ongakumbi wokuxelela abanye ngezinto abazifundayo. Kuya kwandula ke, xa abantwana bakho behamba nawe entsimini, babone kuwe indlela yokusebenzisa izinto ebenincokola ngazo. Kwakhona banokufunda ukuba intsimi ngumsebenzi obangel’ umdla nowonwabisayo, ubangela ulwaneliseko olukhulu novuyo.—IZenzo 20:35.
16. Yintoni abantwana abanokuyifunda ngokuphulaphula imithandazo yabazali babo?
16 Kwakhona abazali banyamekela iintswelo zokomoya zabantwana babo xa bethandaza. UYesu wafundisa abafundi bakhe indlela yokuthandaza, yaye wathandaza nabo izihlandlo ezininzi. (Luka 11:1-13) Khawucinge nje oko bakufundayo xa babethandaza noNyana kaYehova! Ngokufanayo, abantwana bakho banokufunda izinto ezininzi kwimithandazo yakho. Ngokomzekelo, banokufunda ukuba uYehova ufuna sithethe naye ngokukhululekileyo, sithethe nangayiphi na ingxaki esinayo. Ewe, imithandazo yakho inokunceda abantwana bakho bafunde inyaniso ebalulekileyo yokuba: Banokuba nolwalamano noBawo wabo wasemazulwini.—1 Petros 5:7.
Ukuyinyamekela Ngokweemvakalelo
17, 18. (a) IBhayibhile ikubonisa njani ukubaluleka kokubonakalisa uthando ebantwaneni? (b) Ootata banokumxelisa njani uYehova ekuchazeni indlela ababathanda ngayo abantwana babo?
17 Kakade ke, nabantwana bayakufuna ukunyanyekelwa ngokweemvakalelo. ILizwi likaThixo lixelela abazali indlela ekubaluleke ngayo ukunyamekela loo ntswelo. Ngokomzekelo, abafazana babongozwa ukuba “bathande abantwana babo.” (Tito 2:4) Ukwenjenjalo kunxulumene nokubuyiselwa kwabafazana ezingqondweni. Eneneni, kububulumko ukubonakalisa uthando emntwaneni. Oku kufundisa umntwana ukuthanda abanye yaye kuneengenelo ezingapheliyo. Kwelinye icala, ukungabonakalisi uthando emntwaneni bubudenge. Kubangela intlungu engathethekiyo yaye asiyondlela yokuxelisa uYehova, obonakalisa uthando lwakhe olukhulu kuthi nangona singafezekanga.—INdumiso 103:8-14.
18 UYehova ude athabathe inyathelo kuqala ekubonakaliseni uthando kubantwana bakhe basemhlabeni. Njengoko eyoku-1 kaYohane 4:19 isitsho, “wasithanda kuqala.” Nina bootata ngokuyintloko nimele nixelise umzekelo kaYehova, kuqale nina ukwakha uthando oluluqilima nabantwana benu. IBhayibhile ibongoza ootata ukuba bakuphephe ukucaphukisa abantwana babo, “ukuze bangadakumbi.” (Kolose 3:21) Ayikho into ecaphukisa abantwana njengokuziva bengathandwa okanye bengaxatyiswanga ngumzali wabo. Ootata abamadolw’ anzima ukuchaza indlela abavakalelwa ngayo bafanele bakhumbule umzekelo kaYehova. UYehova wade wathetha esezulwini ukuchaza ukuba uyakholiswa nguNyana wakhe yaye uyamthanda. (Mateyu 3:17; 17:5) Hayi indlela ekumele ukuba kwamkhuthaza ngayo uYesu oko! Ngokufanayo, kuyabomeleza kuze kubakhuthaze abantwana xa abazali babo ngokunyaniseka bechaza indlela ababathanda nabakholiswa ngayo ngabo.
19. Kutheni uqeqesho lubalulekile, yaye yiyiphi indlela elungeleleneyo abazali abangamaKristu abazabalazela ukuyibonakalisa?
19 Kakade ke, akwanele ukuba abazali batsho ngamazwi nje kuphela ukuba bayabathanda abantwana babo. Uthando lubonakaliswa ngezenzo. Ukunyamekela intsapho ngezinto eziphathekayo nangokomoya kunokubonisa uthando abanalo abazali, ingakumbi ukuba oko ngokuyintloko bakwenza ngenxa yothando. Ukongezelela, uqeqesho yeyona ndlela ibalulekileyo yokubonisa kwabazali uthando. Eneneni, “lowo uYehova amthandayo uyamqeqesha.” (Hebhere 12:6) Kwelinye icala, ukungaqeqeshi kubonisa ukuba abazali babathiyile abantwana babo! (IMizekeliso 13:24) UYehova usoloko eqeqesha ngendlela elungeleleneyo “ngomlinganiselo ofanelekileyo.” (Yeremiya 46:28) Akuyonto ilula ukuba abazali abangafezekanga babonakalise ulungelelwano olunjalo. Sekunjalo, kuhle ukwenza umgudu ukuze ulungelelane. Uqeqesho oluqinileyo nolothando lunceda abantwana baphile ubomi obonwabisayo nobunomvuzo. (IMizekeliso 22:6) Ngaba le asinto efunwa ngabo bonke abazali abangamaKristu ebantwaneni babo?
20. Abazali banokubanika njani abantwana babo elona thuba lihle ‘lokonyula ubomi’?
20 Xa nina bazali nisenza umsebenzi obalulekileyo aninike wona uYehova—ukunyamekela abantwana benu ngezinto eziphathekayo, ngokomoya nangokweemvakalelo—niya kufumana umvuzo omkhulu. Ngaloo ndlela ninika abantwana benu elona thuba lihle ‘lokonyula ubomi’ ukuze emva koko ‘baphile.’ (Duteronomi 30:19) Abo bantwana bakhetha ukukhonza uYehova baze bahlale kwindlela yobomi njengoko bekhula bazisela abazali babo uvuyo olungathethekiyo. (INdumiso 127:3-5) Olo vuyo luya kuhlala ngonaphakade! Noko ke, abaselula banokumdumisa njani uYehova ngoku? Inqaku elilandelayo liza kuqwalasela loo mbandela.
[Imibhalo esemazantsi]
a Kule ngxubusho, xa kuthethwa ngomntu omele anyamekele intsapho kubhekiselwa kwindoda. Noko ke, imigaqo ikwasebenza nakubafazi abangamaKristu abanyamekela iintsapho zabo.
b Zipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
Ubuya Kuphendula Uthini?
Yintoni enokwenziwa ngabazali ukuze banyamekele abantwana babo
• ngezinto eziphathekayo?
• ngokomoya?
• ngokweemvakalelo?
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Iintaka ezininzi zisebenza ngamandla zingadinwa ukuze zondle amantshontsho azo
[Umfanekiso okwiphepha 20]
Abazali bamele kuqala bahlakulele ukuthanda izinto zokomoya
[Imifanekiso ekwiphepha 20, 21]
Abazali banokufumana amathuba amaninzi okufundisa abantwana babo ngoMdali
[Umfanekiso okwiphepha 22]
Uthando lwabazali lwenza abantwana bomelele baze bakhuthazeke