-
“Apho Uya Khona Ndiya Kuya”Xelisa Ukholo Lwabo
-
-
16-18. (a) URute walubonisa njani uthando olunyanisekileyo? (b) Sinokufunda ntoni kuRute ngothando olunyanisekileyo? (Bona nomfanekiso wala mabhinqa mabini.)
16 Njengoko bebodwa kuloo ndlela, uRute wayemile kwisigqibo sakhe. Wayemthand’ engazenzi uNahomi—ethanda noThixo owayenqulwa nguNahomi. Ngoko uRute waphendula wathi: “Musa ukundibongoza ukuba ndikushiye, ndijike ekukuphelekeni; kuba apho uya khona ndiya kuya, nalapho uchitha ubusuku khona ndiya kuchitha ubusuku. Abantu bakowenu baya kuba ngabantu basekhaya, noThixo wakho abe nguThixo wam. Apho ufela khona ndiya kufela khona, ndingcwatyelwe khona. Wanga uYehova angenjenjalo kum aze ongeze kuko ukuba kungabikho nantoni na enokusahlula ngaphandle kokufa.”—Rute 1:16, 17.
17 Amazwi kaRute ayamangalisa—kangangokuba aye agcinwa nasemva kokuba efile, de kwangoku, emva kweenkulungwane ezimalunga nama-30. Abonisa uphawu oluxabisekileyo, uthando olunyanisekileyo. Uthando awayenalo uRute lwalomelele yaye lunyanisekile kangangokuba wayezimisele ukuthi nca kuNahomi naphi apho aya khona. Babeza kwahlulwa kukufa kuphela. Abantu bakuloNahomi babeza kuba ngabakowabo, kuba uRute wayekulungele ukushiya yonke into kwaMowabhi—nkqu noothixo bamaMowabhi. Ngokungafaniyo no-Orpa, uRute wayefuna ngentliziyo yakhe yonke ukuba uThixo kaNahomi, uYehova, abe nguThixo wakhe.a
-
-
“Apho Uya Khona Ndiya Kuya”Xelisa Ukholo Lwabo
-
-
a Phawula ukuba uRute akazange asebenzise kuphela isibizo esithi “Thixo,” njengoko abantu basemzini babeqhele ukwenza; wasebenzisa negama likaThixo, uYehova. IThe Interpreter’s Bible ithi: “Umbhali ugxininisa ukuba lo mntu wasemzini ngumlandeli woThixo oyinyaniso.”
-