-
‘Umfazi Obalaseleyo’Xelisa Ukholo Lwabo
-
-
22, 23. (a) Kusenokwenzeka ukuba sasithetha ntoni isipho esanikwa uRute nguBhohazi? (Funda nombhalo osemazantsi.) (b) UNahomi wacebisa uRute ukuba makenze ntoni?
22 “Ungubani na, ntombi yam?” UNahomi wathetha loo mazwi akufika uRute. Mhlawumbi wabuza kuba engamboni ebumnyameni, kodwa uNahomi wayefuna nokwazi ukuba uRute wayesengumhlolokazi na okanye wayenethemba lomtshato. URute wakhawuleza wabalisela uninazala yonke into eyenzeka phakathi kwakhe noBhohazi. Wamnika nesipho serhasi uBhohazi awayethe makasinike uNahomi.c—Rute 3:16, 17.
-
-
‘Umfazi Obalaseleyo’Xelisa Ukholo Lwabo
-
-
c UBhohazi wanika uRute imilinganiselo emithandathu engachazwanga—mhlawumbi oku kwakufuzisela iintsuku ezintandathu ezilandelwa luphumlo lweSabatha, ngoko neentsuku zikaRute engumhlolokazi zaziza kuthatyathelwa indawo ‘luphumlo’ oluziswa kukuba nekhaya nomyeni. Kwelinye icala, kusenokwenzeka ukuba le milinganiselo mithandathu—mhlawumbi elinganiswa ngemihlakulo—yayikuphela komthwalo anokuwuthwala uRute.
-