Indlela UHana Awafumana Ngayo Uxolo Lwengqondo
IBHINQA elithembekileyo lithandaza ngokuvakalayo lidumisa uYehova. Livakalelwa kukuba uThixo uye waliphakamisa eluthulini, wasusa ukudandatheka latsho lanemihlali.
Eli bhinqa nguHana. Yintoni emncede wavuya kangaka? Kutheni sele echulumance kangaka nje? Singazuza ntoni thina koko kwenzeka kuye? Impendulo yale mibuzo, siya kuyifumana ngokuqwalasela ibali likaHana.
Intsapho Ixinezelekile
UHana ngomnye wabafazi ababini bakaElikana, umLevi ohlala kummandla wakwaEfrayim. (1 Samuweli 1:1, 2a; 1 Kronike 6:33, 34) Nakuba ekuqaleni uThixo wayengenanjongo yokuba abantu batshate isithembu, uye wasivumela waza wamisela nemithetho ephathelele sona kuMthetho kaMoses. Intsapho kaElikana inqula uYehova, kodwa isithembu sihlala sibangela iingxaki njengoko kunjalo kwintsapho kaElikana.
UHana ludlolo, ngoxa uPenina omnye umfazi kaElikana enabantwana. UPenina usukuzana noHana.—1 Samuweli 1:2b.
Ubudlolo sisigculelo kubafazi bamaSirayeli yaye kude kugqalwe njengophawu lokungakholiswa kukaThixo nguwe. Kodwa akukho nto ibonisa ukuba ukungazali kukaHana kubangelwa kukungakholiswa kukaThixo nguye. Kunokuba uPenina athuthuzele uHana, ufaka ityuwa kwelo nxeba aze asukuzane naye kabuhlungu.
Uhambo Oluya Kwingcwele KaYehova
Phezu kwako nje oku kuxinezeleka, minyaka le intsapho kaElikana ihlala isiya kwingcwele kaYehova isiya kubingelela eShilo.a Kuyacaca ukuba olu hambo lweekhilomitha ezingama-60 ukuya nokubuya lwaluhanjwa ngeenyawo. Ezi zihlandlo zimele zibe nzima gqitha kuHana ngenxa yobuninzi bezabelo ezinikwa uPenina ukuze abingelele nabantwana bakhe, ngoxa yena enikwa esinye kuphela. UPenina usebenzisa loo mathuba ukucaphukisa uHana, kuba kwakungathi uYehova “wayesivalile isibeleko sakhe.” Oku kwakuyinto yaminyaka le, kusenza uHana alile de angadli. Uhambo olwalumele lumvuyise lwalusiba lixesha lentlungu. Sekunjalo, wayesiya kwingcwele kaYehova.—1 Samuweli 1:3-7.
Ngaba uyawubona lo mzekelo mhle asibekela wona uHana? Yintoni oyenzayo xa ukhathazekile? Ngaba uyazikhetha uyeke ukunxulumana namanye amaKristu? UHana akazange enjenjalo. Wayenomkhwa wokuba kunye nabanquli bakaYehova. Nokuba sele kunzima, simele sizeke mzekweni.—INdumiso 26:12; 122:1; IMizekeliso 18:1; Hebhere 10:24, 25.
UElikana uzama ukuthuthuzela uHana amkhuthaze ukuba azityand’ igila. Uthi: “Hana, kutheni ulila nje, yaye kutheni ungadli nje, kwaye kutheni intliziyo yakho imbi nje? Andilungile na kuwe ngaphezu koonyana abalishumi?” (1 Samuweli 1:8) Kungenzeka ukuba uElikana akazi ngempatho-mbi kaPenina, wabe noHana ekhetha ukuthula anyamezele. Enoba sasiyintoni na isizathu, uHana owayenokholo kuThixo wakhetha ukufumana uxolo lwengqondo ngokuthandaza kuYehova.
UHana Wenza Isifungo
Iminikelo yobudlelane yayidlelwa kwingcwele kaYehova. Emva kokushiya elo gumbi lokutyela, uHana uthandaza kuThixo. (1 Samuweli 1:9, 10) Ucela uThixo athi: “Owu Yehova wemikhosi, ukuba nakanjani na uthe wayikhangela inkxwaleko yekhobokazana lakho waza okunene wandikhumbula, ungalilibali ikhobokazana lakho uze okunene ulinike ikhobokazana lakho inzala eyinkwenkwe, ndiza kuyinikela kuYehova yonke imihla yobomi bayo, nencakuba ayiyi kufika entlokweni yayo.”—1 Samuweli 1:11.
Umthandazo kaHana ungqalile. Ucela umntwana oyinkwenkwe aze enze isifungo sokuba uya kumnikela kuYehova abe ngumNaziri ubomi bakhe bonke. (Numeri 6:1-5) Esi sifungo simele sigunyaziswe yindoda yakhe, ibe izenzo zikaElikana emva koko zibonisa ukuba uyavumelana nesithembiso somfazi wakhe amthandayo.—Numeri 30:6-8.
Indlela athandaza ngayo uHana yenza uMbingeleli Omkhulu uEli acinge ukuba unxilile. Imilebe yakhe iyashukuma, kodwa akuvakali lizwi kuba uthethela ngaphakathi. Umthandazo wakhe unyaniseke ngokukhethekileyo. (1 Samuweli 1:12-14) Cinga nje indlela amele ukuba uvakalelwa ngayo xa uEli emtyhola ngokunxila. Sekunjalo, umphendula ngembeko umbingeleli omkhulu. UEli uthi akuqonda ukuba ebethandaza, ‘ngenxa yokuxhalaba nengqumbo yakhe enkulu,’ athi kuye: “Ngamana uThixo kaSirayeli angenza ngokwesibongozo sakho.” (1 Samuweli 1:15-17) Emva koko, uHana uyahamba aze adle, ‘nobuso bakhe bungabi saba bobuxhalabileyo.’—1 Samuweli 1:18.
Yintoni esinokuyifunda koku? Xa sithandazela izinto ezisixhalabisayo, sinokumxelela uYehova indlela esivakalelwa ngayo size sicele oko kusentliziyweni yethu. Ukuba akusekho nto sinokuyenza ukucombulula loo ngxaki, simele siwuyekele ezandleni zikaYehova loo mbandela. Leyo yeyona ndlela simele senze ngayo.—IMizekeliso 3:5, 6.
Emva kokuzingisa bethandaza, abakhonzi bakaYehova badla ngokuba noxolo lwengqondo njengoHana. Ethetha ngomthandazo, umpostile uPawulos wathi: “Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo; yaye uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo ngoKristu Yesu.” (Filipi 4:6, 7) Sakuba siwulahlele kuYehova umthwalo wethu, simele siyekele kuye awuthwale. NjengoHana, asimele siphinde sizixhalabise.—INdumiso 55:22.
UNyana Ubolekwa UYehova
UThixo unikela ingqalelo kuHana; uyakhulelwa aze azale unyana. (1 Samuweli 1:19, 20) Esi sesinye sezihlandlo ezimbalwa kwingxelo yeBhayibhile apho uThixo abangela kuzalwe umntu oza kuba ngumkhonzi wakhe. Unyana kaElikana noHana uSamuweli uza kuba ngumprofeti kaYehova, abe nendima ebalulekileyo ekumiselweni kolawulo lookumkani bakwaSirayeli.
UHana ufundisa uSamuweli ngoYehova ngoxa eselusana. Ngaba uyalibala ngesifungo sakhe? Nakanye! Uthi: “Kamsinya nje yakuba ilunyulwe inkwenkwe, ndimele ndiyizise, yaye imele ibonakale phambi koYehova ize ihlale khona ixesha elingenammiselo.” Akuba nje elunyulwe uSamuweli, mhlawumbi eminyaka mithathu nangaphezulu ubudala, uHana umsa kwingcwele kaYehova, kanye njengoko ebefungile.—1 Samuweli 1:21-24; 2 Kronike 31:16.
Emva kokwenziwa kombingelelo kuYehova, uHana nomyeni wakhe basa uSamuweli kuEli. Mhlawumbi uHana uyibambe ngesandla le nkwenkwana njengoko esithi kuEli: “Ndiyangxengxeza, nkosi yam! Ngobomi bomphefumlo wakho, nkosi yam, ndingulaa mfazi wayemi kunye nawe kule ndawo ethandaza kuYehova. Ndandithandaza ngokubhekisele kule nkwenkwe ke ukuba uYehova andinike isibongozo endasicelayo kuye. Nam ke, ndibolekise ngayo kuYehova. Yonke imihla yokubakho kwayo, ingocelelwe uYehova.” Iqala njalo ke inkonzo ekhethekileyo yobomi bukaSamuweli kuThixo.—1 Samuweli 1:25-28; 2:11.
Njengoko kuhamba ixesha, uHana akamlibali uSamuweli. IZibhalo zithi: “Unina wayemenzela isambatho esincinane esingenamikhono, aze asizise kuye iminyaka ngeminyaka xa enyuka nendoda yakhe ukuza kubingelela umbingelelo waminyaka le.” (1 Samuweli 2:19) Ngokuqinisekileyo uHana akamlibali uSamuweli emthandazweni. Minyaka le xa emtyelele, umele ukuba uyamkhuthaza ukuba athembeke kwinkonzo ayenzela uThixo.
Ngesinye isihlandlo, uEli usikelela abazali bakaSamuweli aze athi kuElikana: “Ngamana uYehova angakumisela inzala ngalo mfazi esikhundleni sento ekubolekiswe ngayo, ekwabolekiswa ngayo kuYehova.” Ngokwaloo mazwi, uHana noElikana basikelelwa ngabanye oonyana abathathu neentombi ezimbini.—1 Samuweli 2:20, 21.
Ngumzekelo omhle gqitha lo kaElikana noHana kubazali abangamaKristu. Oomama nootata abaninzi baye bavuma ukubolekisa ngoonyana neentombi zabo kuYehova, kuba baye babakhuthaza baya kumkhonza ixesha elizeleyo kude nekhaya. Abo bazali bamele banconywe ngokuzincama kwabo. NoYehova uya kubavuza gqitha.
Umthandazo Wovuyo KaHana
UHana owayesakuba ludlolo uvuya gqitha. Imithandazo yabafazi ayifane ivele kwiZibhalo. Kodwa yona ekaHana sazi de ibe mibini kuyo. Kowokuqala uchaza indlela awayevakalelwa ngayo xa wayequmbile ebandezelekile, aze kowesibini adumise ebulela. UHana uqala ngokuthi: “Intliziyo yam iyagcoba ngoYehova.” Uvuyiswa yinto yokuba “kwanodlolo luzele,” aze adumise uYehova ‘njengoMphakamisi wesisweli eluthulini.’ Ewe, “uyamphakamisa olihlwempu eluthuthwini.”—1 Samuweli 2:1-10.
Le ngxelo iphefumlelweyo kaHana ibonisa ukuba sinokukhutyekiswa kukungafezeki okanye ulunya lwabanye. Ukanti, asimele sivumele ezo zilingo zisenze siphelelwe luvuyo lokukhonza uYehova. NguMphulaphuli wemithandazo omkhulu, osabelayo kwisikhalo sabakhonzi bakhe abathembekileyo, abahlangule kwinkxwaleko abanike uxolo lwengqondo olungathethekiyo nezinye iintsikelelo.—INdumiso 22:23-26; 34:6-8; 65:2.
[Umbhalo osemazantsi]
a IBhayibhile ibiza esi sazulu sonqulo lwenyaniso ngokuthi “yitempile” kaYehova. Noko ke, kweli xesha lembali kaSirayeli ityeya yomnqophiso isahlala ententeni, okanye umnquba. Itempile yokuqala esisigxina kaYehova iza kwakhiwa xa kulawula uKumkani uSolomon.—1 Samuweli 1:9; 2 Samuweli 7:2, 6; 1 Kumkani 7:51; 8:3, 4.
[Umfanekiso okwiphepha 17]
UHana ubolekisa ngoSamuweli kuYehova