Sondela KuThixo
Xa “Intliziyo Eyaphukileyo Netyumkileyo” Ifuna Ukuxolelwa
SONKE siyona amaxesha amaninzi. Enokuba sibuhlungu kangakanani, sisenokuzibuza ukuba: ‘Ngaba uThixo uyayiva imithandazo yam enyanisekileyo yokuguquka? Ngaba uza kundixolela?’ IBhayibhile isifundisa le nyaniso ithuthuzelayo: Nangona uYehova engakuqwabazeli iliso ukona ukulungele ukuxolela umoni oguqukayo. Le nyaniso yacaca gca kwimeko kaKumkani uDavide woSirayeli wamandulo, njengoko sifunda kweyesi-2 kaSamuweli isahluko 12.
Yiba nomfanekiso ngqondweni wento eyenzekayo. UDavide unetyala lezono ezinzulu. Ukrexeze noBhatshebha waza wabulala umyeni wakhe xa ebona ukuba amaqhinga akhe okufihla eso sono akaphumeleli. UDavide akazange azivume izono zakhe yaye sele kudlule iinyanga ezenza ngathi umsulwa. Kodwa ke uYehova uyayibona yonke loo nto. Uyazibona izono zikaDavide. Kodwa ukwabona nokuba uDavide unako ukuguquka. (IMizekeliso 17:3) Uza kwenza ntoni uYehova?
UYehova uthumela umprofeti uNatan kuDavide. (Vesi 1) UNatan okhokelwa ngumoya oyingcwele uwakhetha kakuhle amazwi aza kuwathetha kukumkani. Uza kumnceda njani uDavide ayeke ukuzikhohlisa aze abone ukuba wenze isono esinzulu?
UNatan ubalisa ibali lomalusi eliza kumenza angazithetheleli uDavide. Eli bali lithetha ngamadoda amabini, enye sisityebi enye lihlwempu. Le isisityebi ‘ineegusha neenkomo ezininzi kakhulu,’ kodwa ke le ilihlwempu ‘inethokazi lemvu elincinane.’ Indoda esisityebi ifikelwa lundwendwe yaye ifuna ukulenzela ukutya. Kodwa ke ayithathi kwenye yezimvu zayo kunoko ithatha imvu yendoda elihlwempu ekuphela kwayo. UDavide ekubonakala ukuba ucinga ukuba liyinyani eli bali, uba ligqabi ngumsindo aze athi: “Indoda eyenza oku ifanelwe kukufa!” Ngoba? UDavide uchaza isizathu esithi: “Ngenxa yokuba ingabanga namfesane.”a—Vesi 2-6.
Umzekeliso kaNatan uyifezile injongo yawo. Enyanisweni uDavide uzibeka ityala. Ngoku uNathan umxelela eziqhitsini ukuba: “Wena ngokwakho uyiloo ndoda.” (iVesi 7) Ekubeni uNathan ethethela uThixo kuyacaca ukuba uYehova usithatha njengesenziwe kuye isono sikaDavide. UDavide uye wadelela uMniki Mthetho ngokwaphula imithetho kaThixo. UThixo uthi: “Undidelile.” (iVesi 10) Esi siluleko siyamosela uDavide aze athi: “Ndonile kuYehova.” UNathan uqinisekisa uDavide ukuba uYehova uyamxolela kodwa ke kuza kufuneka uDavide anyamezele imiphumo yezenzo zakhe.—iiVesi 13, 14.
UDavide wabhala incwadi yeeNdumiso 51 emva kokuba sibhenciwe isono sakhe. Kuloo ncwadi uDavide uphalaza imbilini yakhe ebonisa indlela aguquke ngayo. UDavide uye wamdelela uYehova ngokwenza izono azenzileyo. Kodwa ke, emva kokuxolelwa kwakhe nguYehova lo kumkani uguqukileyo wathi: “Intliziyo eyaphukileyo netyumkileyo, Thixo, akuyi kuyidela.” (INdumiso 51:17) Ambalwa amazwi anokumthuthuzela nje ngala umoni oguqukileyo ofuna inceba kaYehova.
[Umbhalo osemazantsi]
a Umntu onobubele wayezixhelela igusha iindwendwe zakhe. Kodwa ukuba igusha kwakulityala owawuhlawuliswa kane ngalo. (Eksodus 22:1) UDavide wayeyibona ingenanceba loo ndoda ngokuthatha lo mvanazana. Yayithathe imvanazana eyayiza kuvelisela intsapho yaloo indoda ubisi noboya ize izale nezinye izimvu.