UBbharzilayi—Indoda Eyayikuqonda Ukulinganiselwa Kwayo
‘KUTHENI ndifanele ndibe luxanduva kuwe?’ Le ndoda ineminyaka engama-80 ubudala eyathetha la mazwi kuKumkani uDavide wakwaSirayeli, nguBharzilayi. IBhayibhile ithi “wayengumntu omkhulu kakhulu,” ngokuqinisekileyo ngenxa yobutyebi awayenabo. (2 Samuweli 19:32, 35) UBharzilayi wayehlala kwilizwe laseGiliyadi, ummandla oneentaba owawungakwimpuma yoMlambo iYordan.—2 Samuweli 17:27; 19:31.
Kwakwenzeke ntoni ukuze uBharzilayi athethe la mazwi kuDavide? Yaye kwakutheni ukuze le ngwevu ithethe ngale ndlela?
Ukuvukela Ukumkani
UDavide wayesengozini. Unyana wakhe uAbhisalom wayerhwaphilize isihlalo sobukhosi emva kokuba ‘ebe iintliziyo zamadoda akwaSirayeli.’ Kwakucacile ukuba uAbhisalom ufuna ukubatshayela bonke abangakwicala likayise. Ngoko uDavide nabakhonzi bakhe bemka eYerusalem. (2 Samuweli 15:6, 13, 14) Wathi uDavide akufika eMahanayim, ummandla owawungakwimpuma yeYordan, wancedwa nguBharzilayi.
UDavide waphiwa izinto ezininzi nguBharzilayi namanye amadoda amabini. La madoda mathathu anyanisekileyo abonisa ukuba ayayiqonda imeko akuyo uDavide namadoda akhe ngokuthi: “Abantu balambile, badiniwe, banxaniwe entlango.” UBharzilayi, uShobhi noMakire benza konke okusemandleni ukuze banelise iintswelo zikaDavide namadoda akhe, babanika iimandlalo, ingqolowa, irhasi, umgubo, iinkozo ezigcadiweyo, iimbotyi ezinkulu, iintlumayo, ubusi, ibhotolo, izimvu nezinye izinto.—2 Samuweli 17:27-29.
Ukunceda uDavide kwakuyingozi. UAbhisalom wayengenakungamohlwayi nabani na oxhasa ukumkani. Ngoko ke, uBharzilayi wayebonisa inkalipho ngokuxhasa uDavide.
Izinto Ziyatshintsha
Ngokukhawuleza emva koko, imikhosi ka-Abhisalom evukelayo yaqubisana namadoda kaDavide. La madoda alwela kwihlathi lakwaEfrayim, ekusenokwenzeka ukuba lalikummandla waseMahanayim. Umkhosi ka-Abhisalom woyiswa, “kwabakho ukubulawa ngogonyamelo kwabaninzi ngaloo mini.” Nangona uAbhisalom wazama ukubaleka, wafunyanwa wabulawa.—2 Samuweli 18:7-15.
UDavide waphinda waba ngukumkani wakwaSirayeli kungekho mntu usukuzana naye. Abalandeli bakhe akuzange kufuneke bahambe bengcuchalaza. Ngapha koko, ngenxa yokunyaniseka kwabo uDavide wabahlonela yaye wababulela.
Xa uDavide wayesele eza kubuyela eYerusalem, “uBharzilayi umGiliyadi wehla evela eRogelim ukuze abe nokuwela iYordan nokumkani ukuze ampheleke ukuya eYordan.” Ngeso sihlandlo, uDavide wamema uBharzilayi owalupheleyo wathi: “Wela nam wena, yaye ngokuqinisekileyo ndiya kukubonelela ngokutya ukum eYerusalem.”—2 Samuweli 19:15, 31, 33.
Ngokuqinisekileyo, uDavide wayeluxabisa kakhulu uncedo awayelenzelwe nguBharzilayi. Akubonakali ngathi lo kumkani wayefuna nje ukubuyekeza ububele awayebenzelwe ngezinto eziphathekayo. UBharzilayi owayesisityebi wayengaswele nto. Kusenokwenzeka ukuba uDavide wayefuna abe kwindlu yasebukhosini ngenxa yeempawu ezintle awayenazo. Ukuhlala apho ebhotwe kwakuya kuba lilungelo elikhulu, yaye uBharzilayi wayeya kuba nolwalamano olusondeleyo nokumkani.
Ukuthozama Nokubonakalisa Ukuqonda
Ephendula uKumkani uDavide kwisimemo sakhe, uBharzilayi wathi: “Injani na imihla yeminyaka yobomi bam, ukuba ndingenyuka nokumkani ndiye eYerusalem? Namhlanje ndineminyaka engamashumi asibhozo ubudala. Ndinako na ukuqonda phakathi kokulungileyo nokubi, okanye unako na umkhonzi wakho ukungcamla oko ndikudlileyo noko ndikuseleyo, okanye ndisenako na ukuphulaphula ilizwi leemvumi neemvumikazi?” (2 Samuweli 19:34, 35) Ngaloo ndlela, uBharzilayi akazange asamkele isimemo sokuxhamla eli lungelo lokuhlala ebhotwe. Sasiyintoni isizathu soko?
Kusenokwenzeka ukuba esinye isizathu soko kukuba wayesele aluphele engasakwazi ukwenza izinto ezininzi. Kusenokwenzeka ukuba uBharzilayi wavakalelwa kukuba akayi kuphila ixesha elide emva koko. (INdumiso 90:10) Wayekwenzile anokukwenza ukuze axhase uDavide kodwa wayeyiqonda into yokuba waluphele. UBharzilayi akazange athi phithi ludumo awayenokulufumana ngokuba sebhotwe, ize loo nto imenze azilibale ukuba waluphele. Ngokungafaniyo noAbhisalom owayezele ngamabhongo, uBharzilayi wabonakalisa ukuthozama.—IMizekeliso 11:2.
Kusenokwenzeka ukuba esinye isizathu sokuba uBharzilayi afikelele kweso sigqibo kukuba wayengafuni ukuba umsebenzi kakumkani omiselwe nguThixo uphazamiseke ngenxa yakhe. UBharzilayi wabuza: “Kutheni na umkhonzi wakho efanele abe luxanduva kwakhona kwinkosi yam ukumkani?” (2 Samuweli 19:35) Nangona uBharzilayi wayengakwicala likaDavide, kusenokwenzeka ukuba wayekholelwa ukuba umfana oselula unokuba luncedo ngakumbi ebhotwe. Mhlawumbi ebhekisela kunyana wakhe, uBharzilayi wathi: “Nanku umkhonzi wakho uKimham. Makawele nenkosi yam ukumkani; uze wenze kuye oko kulungileyo emehlweni akho.” Endaweni yokuba akhathazeke, uDavide walamkela eli cebiso. Eneneni, ngaphambi kokuba awele iYordan uDavide “wamanga uBharzilayi waza wamsikelela.”—2 Samuweli 19:37-39.
Kufuneka Sibe Ngabalungeleleneyo
Ingxelo ethetha ngoBharzilayi ibonisa ukuba sifanele sibe ngabalungeleleneyo. Kwelinye icala, asifanele singalamkeli ilungelo lenkonzo okanye singazenzi sifumaneke kuba sifuna ukuphila ubomi obulula okanye sizive singakufanelekelanga ukusingatha imbopheleleko ethile. UThixo unokusixhasa xa sithembele kumandla nobulumko bakhe.—Filipi 4:13; Yakobi 4:17; 1 Petros 4:11.
Kwelinye icala, sifanele sikwazi ukulinganiselwa kwethu. Ngokomzekelo, masithi umKristu othile sele eneembopheleleko ezininzi zokomoya. Uyaqonda ukuba xa esamkela izabelo ezingakumbi, usenokungakwazi ukuzifeza ezinye iimbopheleleko zakhe ezingokweZibhalo, njengokunyamekela intsapho yakhe. Xa kunjalo, ngaba ebengayi kubonakalisa ukuthozama nokuqonda xa engavumi ukwamkela izabelo ezingakumbi okwelo xesha?—Filipi 4:5; 1 Timoti 5:8.
UBharzilayi ungumzekelo omhle esifanele siwuxelise. Wayenyanisekile, ekhaliphile, enobubele yaye ethozamile. Ngaphezulu, uBharzilayi wayezimisele ukubeka ukuthanda kukaThixo kwindawo yokuqala.—Mateyu 6:33.
[Imaphu ekwiphepha 15]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
UBharzilayi owayeneminyaka engama-80 ubudala wahamba uhambo olude eye kunceda uDavide
IGILIYADI
IRogelim
ISukoti
IMahanayim
Umlambo IYordan
IGiligali
IYeriko
IYerusalem
KWAEFRAYIM
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Kwakutheni ukuze uBharzilayi angavumi ukuhamba noDavide?