-
“UYehova . . . Unamandla Kakhulu”Sondela KuYehova
-
-
15. UYehova uwasebenzisela yiphi injongo amandla akhe ngokuphathelele abakhonzi bakhe, yaye kwaboniswa njani oku kwimeko kaEliya?
15 Kwakhona uYehova usebenzisa amandla akhe ukuze kungenelwe thina. Phawula oko kuthethwa yeyesi-2 yeziKronike 16:9, ethi: “Ngokubhekisele kuYehova, amehlo akhe asingasinga emhlabeni wonke ukuba ababonise amandla abo bantliziyo ziphelele kuye.” Umzekelo woku, ngamava kaEliya akhankanywe ekuqaleni. Kwakutheni ukuze uYehova awabonakalise ngendlela eyoyikeka ngolo hlobo amandla akhe kuye? Kaloku, uKumkanikazi ongendawo uIzebhele wayefunge ukumbulala uEliya. Lo mprofeti wabaleka, esindisa ubomi bakhe. Wayelilolo, esoyika, yaye edimazekile—ngokungathi konke ukusebenza kwakhe nzima kwakulilize. Ukuze akhuthaze le ndoda idandathekileyo, uYehova wamkhumbuza ngokucacileyo uEliya ngamandla akhe obuthixo. Loo moya, inyikima, nomlilo, zazibonisa ukuba uEliya wayekunye noyena Mntu unamandla kwindalo iphela. Wayenokumoyikela ntoni uIzebhele, xa exhaswa nguThixo usomandla?—1 Kumkani 19:1-12.b
-
-
“UYehova . . . Unamandla Kakhulu”Sondela KuYehova
-
-
b IBhayibhile ithi “uYehova wayengekho kuloo moya . . . , kuloo nyikima . . . , kuloo mlilo.” Ngokungafaniyo nabanquli boothixo bendalo basentsomini, abakhonzi bakaYehova abamfuni kumandla endalo. Mkhulu kakhulu ukuba angahlala kuyo nantoni na ayidalileyo.—1 Kumkani 8:27.
-