Sondela KuThixo
Ukhangela Iimpawu Ezintle Ebantwini
“UYEHOVA uyazigocagoca zonke iintliziyo, akuqonde konke ukutyekela kweengcamango.” (1 Kronike 28:9) Loo mazwi aphefumlelweyo abhalelwa ukuze asenze siqonde umdla onzulu anawo uYehova kuthi. UYehova ukhangela iimpawu ezintle kuthi nangona singafezekanga. Loo nto ibonakala kumazwi awawathetha ngoAbhiya, afumaneka kweyo-1 yooKumkani 14:13.
UAbhiya wayehlala kwikhaya elalinabantu abangalunganga. Uyise uYerobhoham wayeyikumkani yobukhosi obuwexukileyo.a UYehova wayefuna ukuyisiphula neengcambu indlu kaYerobhoham, “kanye njengoko ubani esusa ubulongwe abulahle.” (1 Kumkani 14:10) Kodwa uThixo wayalela ukuba uAbhiya wendlu kaYerobhoham owayegula gqitha ibe nguye kuphela owayefanele angcwatywe ngendlela ebekekileyo.b Ngoba? UThixo wachaza: “Ngenxa yokuba kuye kufunyenwe okuthile okulungileyo kuYehova uThixo kaSirayeli endlwini kaYerobhoham.” (1 Kumkani 14:1, 12, 13) Asixelela ntoni la mazwi ngoAbhiya?
IBhayibhile ayithi uAbhiya wayengumnquli kaThixo othembekileyo. Nakuba kunjalo, yayikho into elungileyo ngaye. Mhlawumbi oku kulunga “kuYehova uThixo,” kwakubandakanya unqulo lokwenyaniso. Ababhali abangoorabhi bathi mhlawumbi uAbhiya waya kwitempile kaThixo eYerusalem okanye wasusa abalindi ababegada abantu xa besiya eYerusalem.
Nangona singazi ukuba yintoni le yamenza kwathiwa ulungile uAbhiya, kodwa ke ukulunga kwakhe kwabonakala. Okokuqala, kwakunyanisekile. Oku kulunga “kwakukuye” nto leyo ethetha ukuba kwakusentliziyweni yakhe. Okwesibini, kwakukhethekile. UAbhiya wakubonisa oku kulunga nangona “wayesendlwini kaYerobhoham.” Omnye umphengululi uthi: “Yinto entle ngomntu ukukwazi ukuhlala elungile nangona ehlala endaweni okanye kwintsapho engafanelekanga.” Omnye uthi ukulunga kuka-Abhiya “kwakubonakala . . . , kanye njengokuba iinkwenkwezi zibonakala ebusuku xa kuzolile yaye imisedare iba mihle gqitha xa eminye imithi itshazile.”
Okona kubalulekileyo kukuba amazwi akweyoku-1 yooKumkani asifundisa okuthile ngoYehova noko akukhangelayo kuthi. Khumbula ukuba “kwafunyanwa” into elungileyo kuAbhiya. Kuyabonakala ukuba uYehova wakhangela entliziyweni ka-Abhiya de wafumana into elungileyo. Omnye umphengululi uthi uAbhiya wayeyiperile “phakathi kweentlalutye” xa umthelekisa nentsapho yakhe. UYehova wakuxabisa oku kulunga waza wamvuza ngako, emenzela inceba nangona wayephuma kwintsapho engendawo.
Ngaba akukhuthazi ukwazi ukuba uYehova ukhangela iimpawu ezintle kuthi nangona singafezekanga? (INdumiso 130:3) Ukwazi oku kumele kusisondeze kuYehova, uThixo ohlola iintliziyo zethu ukuze abone kwanezona mpawu zincinane zokulunga.
[Imibhalo esemazantsi]
a UYerobhoham wasungula unqulo-zithixo lwethole legolide kwizizwe ezilishumi zobukumkani obungasentla bakwaSirayeli ukuze abantu bangayi kunqula uYehova kwitempile yakhe eYerusalem.
b Abantu bamaxesha okubhalwa kweBhayibhile babesithi ukungangcwatywa ngokubekekileyo kwakuthetha ukuba loo mntu akafunwa nguThixo.—Yeremiya 25:32, 33.