ILizwi LikaYehova Liphilile
Iimbalasane Zencwadi Yesibini YooKumkani
INCWADI yeBhayibhile Yesibini yooKumkani iqala apho iphela khona incwadi Yokuqala yooKumkani. Ixubusha ngookumkani abangama-29—abali-12 bephuma kubukumkani basentla bakwaSirayeli bona abali-17 ingabobukumkani basezantsi bakwaYuda. Eyesibini yooKumkani iquka nemisebenzi yabaprofeti uEliya, uElisha noIsaya. Nangona ingabhalwanga ngokolandelelwano lweziganeko, ingxelo yayo iquka iziganeko zexesha lokutshatyalaliswa kweSamariya neYerusalem. Eyesibini yooKumkani igubungela iminyaka engama-340—esusela kowama-920 B.C.E. ukusa kowama-580 B.C.E. elo lixesha agqiba ngalo ukuyibhala umprofeti uYeremiya le ncwadi.
Ibaluleke ngantoni kuthi Eyesibini yooKumkani? Isifundisa ntoni ngoYehova nangendlela aqhubana ngayo nabantu. Ziziphi izifundo esinokuzifunda kwindlela abaziphatha ngayo ookumkani, abaprofeti nabanye abakhankanywe kule ncwadi? Makhe sibone ukuba yintoni esinokuyifunda kweYesibini yooKumkani.
UELISHA UNGENA EZIHLANGWINI ZIKAELIYA
UKumkani uAhaziya wakwaSirayeli uye wawa kwigumbi lakhe eliphezulu ngoku uyagula. Uchazelwa ngumprofeti uEliya ukuba uza kufa. Uyafa, aze umntakwabo uYehoram angene esikhundleni sakhe. Ngeloo xesha, uYehoshafati ngukumkani wakwaYuda. UEliya uthatyathwa sisaqhwithi somoya, aze umlindi wakhe uElisha abe ngumprofeti emva kwakhe. Ebudeni beminyaka engama-60 yobulungiseleli bakhe, uElisha wenza imimangaliso emininzi.—Bona ibhokisi ethi “Imimangaliso KaElisha.”
Xa ukumkani wakwaMowabhi evukela uSirayeli, uYehoram, uYehoshafati nokumkani wakwaEdom balwa naye. Bayamoyisa ngenxa yokuthembeka kukaYehoshafati. Kamva, ukumkani waseSiriya uceba ukuhlasela uSirayeli engalindelanga. Noko ke, uElisha uyaliphanzisa elo yelenqe. Oku kumcaphukisa kakhulu ukumkani waseSiriya yaye uthumela “amahashe neenqwelo zokulwa nomkhosi wamajoni onamandla” ukuze ubambe uElisha. (2 Kumkani 6:14) UElisha wenza imimangaliso emibini aze awandulule ngoxolo amaSiriya. Ethubeni, umkhosi kaKumkani uBhen-hadadi waseSiriya ungqinga iSamariya. Olu ngqingo luphumela kwindlala engathethekiyo, kodwa uElisha uxela kwangaphambili ukuba indlala iza kuphela.
Emva kwexesha elithile, uElisha uya eDamasko. Ngoku uKumkani uBhen-hadadi, uyagula, uthumela uHazayeli ukuba aye kubuzisa ukuba uza kuchacha kusini na. UElisha umxelela ukuba ukumkani uza kufa kwaye uHazayeli uza kungena esikhundleni sakhe. Ngosuku olulandelayo uHazayeli ufuthanisela ukumkani “ngesigqubuthelo somandlalo” afe aze abe ngukumkani. (2 Kumkani 8:15) KwaYuda uYehoram unyana kaYehoshafati uba ngukumkani, aze alandelwe ngunyana wakhe uAhaziya.—Bona ibhokisi ethi “Ookumkani BakwaYuda NakwaSirayeli.”
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
2:9—Kwakutheni ukuze uElisha acele ‘iinxalenye ezimbini zomoya kaEliya’? Ukuze aphumeze isabelo sakhe njengomprofeti wakwaSirayeli, uElisha kwakuza kufuneka naye akhaliphe aze angoyiki njengoEliya. Ekubeni wayekuqonda oku, uElisha wacela isahlulo esiphindwe kabini somoya kaEliya. UElisha wathanjiswa nguEliya njengelandela lakhe kwaye wayengumlindi wakhe iminyaka emithandathu, ngaloo ndlela uElisha wayemthabatha njengoyise wokomoya uEliya; yena uElisha enjengonyana wokuqala wokomoya kaEliya. (1 Kumkani 19:19-21; 2 Kumkani 2:12) Kanye njengokuba unyana wokuqala wayefumana izahlulo ezibini zelifa likayise, uElisha wacela izahlulo ezibini zelifa lokomoya likaEliya.
2:11—Ngawaphi la ‘mazulu uEliya wenyukela kuwo ngesaqhwithi somoya’? La mazulu asizondawo zikude zendalo okanye ummandla wokomoya ahlala kuwo uThixo neengelosi zakhe. (Duteronomi 4:19; INdumiso 11:4; Mateyu 6:9; 18:10) “Amazulu” aya kuwo uEliya asingomazulu okoqobo. (INdumiso 78:26; Mateyu 6:26) Le nqwelo yanqumla isibhakabhaka, isisa uEliya kwenye indawo, apho wahlala khona ixesha elithile. Emva kweminyaka ethile, uEliya wabhalela uYehoram, ukumkani wakwaYuda.—2 Kronike 21:1, 12-15.
5:15, 16—Kwakutheni ukuze uElisha angasamkeli isipho sikaNahaman? UElisha wasala isipho sikaNahaman kuba wayesazi ukuba wayephiliswe ngamandla kaYehova, kungekhona awakhe. Akazange ayicinge nokuyicinga into yokuzenzela imali ngesikhundla amiselwe kuso nguThixo. Abanquli bokwenyaniso namhlanje abazami kusebenzisa inkonzo kaYehova ukuze bazenzele imali. Basithabatha nzulu isiluleko sikaYesu esithi: “Namkele ngesisa, yiphani ngesisa.”—Mateyu 10:8.
5:18, 19—Ngaba uNahaman wayecela ukuxolelwa ngenxa yokuba ebandakanyeka kunqulo lobuxoki? Kuyabonakala ukuba ukumkani waseSiriya wayesele ekhulile kwaye ebuthathaka, ngenxa yoko uNahaman kwakufuneka amsekele. Xa loo kumkani equbuda kuRimon, noNahaman wayequbuda. Noko ke, uNahaman wayesenjenjalo ukuze asekele ukumkani angawi, kungekhona ngenjongo yokunqula. Lolo hlobo lwenkonzo olu uNahaman wayecela ukuxolelwa ngalo nguYehova. UElisha wamkholelwa uNahaman, waze wathi kuye: “Hamba ngoxolo.”
Oko Sikufundayo:
1:13, 14. Ukufunda ngokubukela nokwenza izinto ngokuthobeka kunokusindisa ubomi.
2:2, 4, 6. Nangona uElisha esenokuba wayengumlindi kaEliya kangangeminyaka emithandathu, wambongoza ukuba angamshiyi. Onjani ukuba mhle umzekelo wokunyaniseka nobuhlobo!—IMizekeliso 18:24.
2:23, 24. Kubonakala ukuba esona sizathu sokugculelwa kukaElisha kukuba le ndoda inempandla yayinxibe ingubo kaEliya. Aba bantwana baqonda ukuba uElisha ngummeli kaYehova kwaye babengamfuni phakathi kwabo. Bathi “nyuka,” ngamanye amazwi babesithi yiya eBheteli okanye uthatyathwe sisaqhwithi njengoEliya. Kucacile ukuba isimo sengqondo saba bantwana sasityhila intiyo ababenayo abazali babo kubameli bakaThixo. Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba abazali bafundise abantwana babo ukuhlonela abameli bakaThixo!
3:14, 18, 24. Ilizwi likaYehova lisoloko liyinyaniso.
3:22. Ukukhanya kwasekuseni kwabangela ukuba amanzi abonakale ngathi ligazi, mhlawumbi lo mjelo wawusandul’ ukombiwa kumhlaba obomvu. UYehova usenokukhetha ukusebenzisa izinto azidalileyo ukuze aphumeze iinjongo zakhe.
4:8-11. Ibhinqa laseShunem lamenzela ububele uElisha kuba laliqonda ukuba ‘uyindoda engcwele yakwaThixo.’ Ngaba asimele senze okufanayo kubanquli bakaYehova abanyanisekileyo?
5:3. Intombazana yakwaSirayeli yayikholelwa kumandla kaThixo okwenza imimangaliso. Kwakhona yakhalipha ngokwaneleyo ukuba ithethe ngokholo lwayo. Ngaba nina lutsha niyalomeleza ukholo lwenu kumadinga kaThixo ukuze niqwebe isibindi sokuthetha ngenyaniso kootitshala nakwabanye abantwana esikolweni?
5:9-19. Ngaba umzekelo kaNahaman awubonisi ukuba umntu onekratshi unako ukufunda ukuthobeka?—1 Petros 5:5.
5:20-27. Enjani ingozi yokunganyaniseki! Ukucamngca ngentlungu nentlekele enokubangelwa kukuphila ubomi obumbaxa kuya kusinceda siliphephe ikhondo elinjalo.
USIRAYELI NOYUDA BAYATHINJWA
UYehu uyathanjiswa aze abe ngukumkani wakwaSirayeli. Engaphozisanga maseko uqalisa iphulo lokutshabalalisa indlu ka-Ahabhi. Ngobuchule uYehu ‘uyalubhubhisa unqulo lukaBhahali kwaSirayeli.’ (2 Kumkani 10:28) Esakuva ukuba unyana wakhe ubulewe nguYehu, uAtaliya unina ka-Ahaziya ‘utshabalalisa yonke inzala yobukumkani bakwaYuda’ aze athabathele kuye ulawulo. (2 Kumkani 11:1) Ngumntwana ka-Ahaziya oselusana, uYehowashe kuphela osindiswayo ibe emva kweminyaka emithandathu ezimele umiselwa njengokumkani wakwaYuda. Ekubeni efundiswa nguYehoyada umbingeleli, uYehowashe uyaqhubeka esenza okulungileyo emehlweni kaYehova.
Emva kukaYehu, bonke ookumkani abalawula uSirayeli benza okubi emehlweni kaYehova. UElisha uyafa ngexesha lokulawula komzukulwana kaYehu. Ukumkani wesine kwaYuda emva koYehowashe iba nguAhazi, kwaye ‘akenzi okulungileyo emehlweni kaYehova.’ (2 Kumkani 16:1, 2) Noko ke, unyana wakhe uHezekiya ‘uqhubeka enamathele kuYehova.’ (2 Kumkani 17:20; 18:6) Ngowama-740 B.C.E., xa uHezekiya engukumkani kwaYuda yena uHosheya elawula kwaSirayeli, uKumkani waseAsiriya uShalemanesere ‘uthimba iSamariya aze athimbe uSirayeli amse eAsiriya.’ (2 Kumkani 17:6) Ekugqibeleni, kuziswa abantu basemzini kumhlaba wakwaSirayeli, kutsho kuqalise unqulo lwamaSamariya.
Kookumkani abasixhenxe abaza emva kukaHezekiya kwaYuda, nguYosiya kuphela obhangisa unqulo lobuxoki elizweni. Ekugqibeleni, ngowama-607 B.C.E., amaBhabhiloni athimba iYerusalem aze ‘uYuda emke kumhlaba wakhe aye ekuthinjweni.’—2 Kumkani 25:21.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
13:20, 21—Ngaba lo mmangaliso uxhasa ukunqulwa kwabo bafayo kuthiwa ziingcwele? Akunjalo. IBhayibhile ayibonisi ukuba amathambo kaElisha akha anqulwa. Yayingamandla kaThixo awabangela lo mmangaliso, kanye njengokuba kwakunjalo ngemimangaliso awayenzayo uElisha ngoxa wayesaphila.
15:1-6—Kwakutheni ukuze uYehova ambethe ngeqhenqa uAzariya? (U-Uziya, 15:6, umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo) “Wathi kamsinya nje akomelela [u-Uziya], intliziyo yakhe yaba nekratshi . . . , kangangokuba wenza ngokungathembeki kuYehova uThixo wakhe wangena etempileni kaYehova ukuba atshise isiqhumiso esibingelelweni sesiqhumiso.” Xa ababingeleli “bema nxamnye noUziya” bemyalela ukuba ‘aphume engcweleni,’ wavutha ngumsindo waza wabethwa ngeqhenqa.—2 Kronike 26:16-20.
18:19-21, 25—Ngaba uHezekiya wenza ubuhlobo neYiputa? Akunjalo. Izityholo zikaRabheshake zazibubuvuvu, njengokuba kwakunjalo ngezimangalo zakhe zokuba ‘wayegunyaziswe nguYehova.’ UKumkani uHezekiya othembekileyo wakholosa ngoYehova ngokupheleleyo.
Oko Sikufundayo:
9:7, 26. Ukugwetywa ngokuqatha kwendlu ka-Ahabhi kubonisa ukuba unqulo zithixo nokuphalazwa kwegazi elimsulwa zizinto azicekisayo uYehova.
9:20. Ukuqhuba kukaYehu inqwelo ndlongondlongo kwakubonisa inzondelelo awayenayo ngothumo lwakhe. Ngaba waziwa ngokuba ngumvakalisi woBukumkani onenzondelelo?—2 Timoti 4:2.
9:36, 37; 10:17; 13:18, 19, 25; 14:25; 19:20, 32-36; 20:16, 17; 24:13. Singaqiniseka ukuba ‘ilizwi eliphuma emlonyeni kaYehova liya kusoloko liphumelela.’—Isaya 55:10, 11.
10:15. Kanye njengokuba uYehonadabhi wasamkela ngentliziyo engenamikhinkqi isimemo sikaYehu sokuba akhwele naye enqweleni, ngokuzithandela “isihlwele esikhulu” sixhasa uYesu Kristu, uYehu wanamhlanje, nabalandeli bakhe abathanjisiweyo.—ISityhilelo 7:9.
10:30, 31. Nangona uYehu wenza iimpazamo, uYehova wakuxabisa konke oko wakwenzayo. Kakade ke, ‘uThixo akanantswela-bulungisa ukuba angawulibala umsebenzi wethu omhle.’—Hebhere 6:10.
13:14-19. Ekubeni umzukulwana kaYehu uYehowashe watola izihlandlo ezithathu kuphela emhlabeni, akazange awoyise ngokupheleleyo amaSiriya. UYehova ulindele ukuba sizibhokoxe size siwenze ngenzondelelo umsebenzi asabele wona.
20:2-6. UYehova ‘ngumphulaphuli wemithandazo.’—INdumiso 65:2.
24:3, 4. Ngenxa yetyala legazi likaManase, uYehova ‘akazange avume ukumxolela’ uYuda. UThixo uyalihlonela igazi elimsulwa. Sinokuqiniseka ukuba uYehova uya kuliphindezelela igazi elimsulwa ngokutshabalalisa abo baye baliphalaza.—INdumiso 37:9-11; 145:20.
Ibalulekile Kuthi
Incwadi Yesibini yooKumkani ibonisa uYehova njengoMzalisekisi wezithembiso. Ukuthinjwa kwabantu bezi zizwe zibini esakwaSirayeli nesakwaYuda, kuzisa engqalelweni yethu ubunyaniso besiprofeto esikwiDuteronomi 28:15–29:28. Eyesibini yooKumkani ichaza uElisha njengomprofeti onenzondelelo enkulu ngegama likaYehova nonqulo lokwenyaniso. UHezekiya noYosiya bachazwa njengookumkani abathobekileyo ababehlonela uMthetho kaThixo.
Njengoko sicamngca ngesimo sengqondo nezenzo zookumkani, abaprofeti nabanye ekuthethwa ngabo kweYesibini yooKumkani, ngaba asifundi okubalulekileyo ngezinto esifanele sizisukele nezo sifanele siziphephe? (Roma 15:4; 1 Korinte 10:11) Ewe “ilizwi likaThixo liphilile, linamandla.”—Hebhere 4:12.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 10]
IMIMANGALISO KAELISHA
1. Amanzi omlambo iYordan ayahlukana.—2 Kumkani 2:14
2. Amanzi amabi aseYeriko enziwa akwazi ukuselwa ngabantu.—2 Kumkani 2: 19-22
3. Abantwana abaziinjubaqa bahlaselwa ziibhere.—2 Kumkani 2:23, 24
4. Umkhosi unikwa amanzi.—2 Kumkani 3:16-26
5. Umhlolokazi ufumana ioli ukuze abe nento yokutya.—2 Kumkani 4:1-7
6. Umfazi waseShunem ongafumani bantwana ukhawula umntwana.—2 Kumkani 4:8-17
7. Umntwana obefile uyavuswa.—2 Kumkani 4:18-37
8. Isityu esinetyhefu siyatyeka.—2 Kumkani 4:38-41
9. Amadoda alikhulu ondliwa ngezonka ezingama-20.—2 Kumkani 4:42-44
10. Iqhenqa likaNahaman liyanyangwa.—2 Kumkani 5:1-14
11. UGehazi ufumana iqhenqa likaNahaman.—2 Kumkani 5:24-27
12. Intloko yezembe iyadada.—2 Kumkani 6:5-7
13. Umkhonzi ubona umkhosi wengelosi.—2 Kumkani 6:15-17
14. Umkhosi waseSiriya ubethwa ngobumfama.—2 Kumkani 6:18
15. Umkhosi waseSiriya uyabona kwakhona.—2 Kumkani 6:19-23
16. Indoda efileyo iyavuswa.—2 Kumkani 13:20, 21
[Isicangca/Imifanekiso ekwiphepha 12]
OOKUMKANI BAKWAYUDA NABAKWASIRAYELI
USawule/UDavide/USolomon: 1117/1077/1037 B.C.E.a
UBUKUMKANI BAKWAYUDA UMHLA (B.C.E.) UBUKUMKANI BAKWASIRAYELI
Rehobhoham ․․․․․ 997 ․․․․․ Yerobhoham
Abhiya/Asa ․․․ 980/978 ․․․
․․ 976/975/952 ․․ Nadabhi/Bhahasha/Ela
․․ 951/951/951 ․․ Zimri/Omri/Tibheni
․․․․․ 940 ․․․․․ Ahabhi
Yehoshafati ․․․․․ 937 ․․․․․
․․․ 920/917 ․․․ Ahaziya/Yehoram
Yehoram ․․․․․ 913 ․․․․․
Ahaziya ․․․․․ 906 ․․․․․
(Ataliya) ․․․․․ 905 ․․․․․ Yehu
Yehowashe ․․․․․ 898 ․․․․․
․․․ 876/859 ․․․ Yehowahazi/Yehowashe
Amatsiya ․․․․․ 858 ․․․․․
․․․․․ 844 ․․․․․ Yerobhoham II
Azariya (Uziya) ․․․․․ 829 ․․․․․
․․ 803/791/791 ․․ Zekariya/Shalum/Menahem
․․․ 780/778 ․․․ Pekaya/Peka
Yotam/Ahazi ․․․ 777/762 ․․․
․․․․․ 758 ․․․․․ Hoseya
Hezekiya ․․․․․ 746 ․․․․․
․․․․․ 740 ․․․․․ Isixeko saseSamariya
siyathinjwa
Manase/Amon/Yosiya ․․ 716/661/659 ․․
Yehowahazi/Yehoyakim ․․․ 628/628 ․․․
Yehoyakin/Zedekiya ․․․ 618/617 ․․․
IYerusalem
iyatshatyalaliswa ․․ ngowama-607 ․․
[Umbhalo osemazantsi]
a Eminye imihla ibonisa unyaka wokuqala kolawulo lwaloo kumkani.
[Umfanekiso okwiphepha 8, 9]
UNahaman wazithoba waze waphiliswa ngamandla kaYehova
[Umfanekiso okwiphepha 8, 9]
Kwenzeka ntoni kuEliya njengoko ‘wayenyuka ngesaqhwithi somoya’?