Ngaba ElakwaYuda Lasala Kusenkangala?
IBHAYIBHILE yaxela kwangaphambili ngokutshatyalaliswa kwelizwe lobukumkani bakwaYuda yiBhabhiloni lize lisale liyinkangala de amaYuda akhululwe ekuthinjweni. (Yeremiya 25:8-11) Esona sizathu sokukholelwa ukuba esi siprofeto sazaliseka, yimbali ephefumlelweyo eyabhalwa kwiminyaka engama-75 emva kokuba libuyile iqela lokuqala labo babethinjiwe. Le ngxelo ithi ukumkani waseBhabhiloni “wathabatha abaseleyo ekreleni wabathimbela eBhabhiloni, yaye baba ngabakhonzi bakhe naboonyana bakhe de ubukhosi bamaPersi baqalisa ukulawula.” Ngokuphathelele ilizwe lakwaYuda le ngxelo ithi: “Yonke imihla yokuphanza kwalo lagcina isabatha.” (2 Kronike 36:20, 21) Ngaba bukho ubungqina bokwembiwa kwezinto zakudala obuxhasa oku?
Kulindixesha iBiblical Archaeology Review, uEphraim Stern, unjingalwazi wokwembiwa kwezinto zakudala ePalestina kwiYunivesithi yesiHebhere uthi: “Ama-Asiriya namaBhabhiloni awudlakaza kanobom ummandla omkhulu welo lakwaSirayeli mandulo, ukanti ubungqina bokwembiwa kwezinto zakudala emva kolo loyiso bubonisa iinkalo ezimbini ezahlukeneyo.” Ucacisa athi: “Ngoxa kukho ubungqina obucacileyo bobukho bama-Asiriya kwelo lasePalestina, buyamangalisa noko bona obokutshabalalisa kweBhabhiloni kwelo. . . . Akukho bungqina bokumiwa kwelo de kwalawula amaPersi . . . Akukho kwanto ibonisa ukuba amaBhabhiloni akha ahlala kwelo. Akukho nanye idolophu eyakha yatshatyalaliswa yiBhabhiloni kwaza kwakho abantu abahlala kuyo.”
Unjingalwazi wokwembiwa kwezinto zakudala kwaSirayeli uLawrence E. Stager kwiYunivesithi yaseHarvard uyavumelana noku esithi: “Iphulo lekumkani yaseBhabhiloni lokutshabalalisa elo lasePalestina, kamva nelakwaYuda, kwawushiya ungumqwebedu ngokupheleleyo ummandla okwintshona yoMlambo iYordan.” Lo kaStager woleka athi: ‘Ingxelo yokwembiwa kwezinto zakudala eYerusalem nakwaYuda ithi xa kwalawula uKoreshi Omkhulu, engena ezihlangwini zeBhabhiloni amaYuda amaninzi awayethinjiwe aye abuyela kwilizwe lawo.’
Ngokwenene, lazaliseka ilizwi likaYehova lokuphanziswa kwelakwaYuda libe yinkangala. Oko uYehova uThixo akuchaza kusengaphambili kusoloko kuzaliseka. (Isaya 55:10, 11) Simele sibe nentembelo epheleleyo kuYehova nakwizithembiso ezikwiLizwi lakhe, iBhayibhile.—2 Timoti 3:16.