Ufundisiso—lunomvuzo Kwaye Lumnandi
“Ukuba uyaqhubeka ubufuna . . . , uya kwandula . . . ukufumane ukumazi uThixo.”—IMIZEKELISO 2:4, 5.
1. Ukuchitha isithukuthezi ngokufunda kunokuba luyolo njani kuthi?
ABANTU abaninzi bafunda nje ukuze baziyolise. Ukuba loo mbandela bawufundayo ufanelekile, ukufunda kunokubenza bahlaziyeke baze babe sempilweni. Nangaphandle kocwangciso lokufunda iBhayibhile rhoqo, amanye amaKristu akunandipha ngokwenene ukuzifundela IiNdumiso, IMizekeliso, iingxelo zeVangeli okanye naziphi na iinxalenye zeBhayibhile. Ulwimi olutyebileyo kunye neengcamango ezincamisileyo zitsho kuthi ngco ngaphakathi kuwo. Ukanti amanye akhetha ukuchitha ixesha aphumle ngalo efunda INcwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova, iphephancwadi uVukani!, amabali obomi apapashwa kulo lindixesha, okanye amanqaku athetha ngembali, ijografi nathetha ngendalo.
2, 3. (a) Inkcazelo yezinto zokomoya inokufaniswa njani nokutya okuqinileyo? (b) Yintoni ebandakanyekileyo kufundisiso?
2 Ngoxa ukufunda nje kusenokuba luhlobo oluthile lokuzihlaziya, ukufundisisa kufuna kusetyenziswe ingqondo. Isithandi sobulumko esiliNgesi uFrancis Bacon wabhala: “Ezinye iincwadi zimele nje zingcanyulwe, ezinye ziginywe, kwaye zimbalwa ezimele zihlafunwe zize zetyiswe.” Ngokuqinisekileyo iBhayibhile iwela kolu luhlu lokugqibela. Umpostile uPawulos wabhala: “Ngokuphathelele yena [uKristu, owafuziselwa nguKumkani owayekwanguMbingeleli uMelkitsedeki] sinokuninzi esingakuthetha nekunganzima ukukucacisa, ekubeni niye nabuthuntu ekuveni kwenu. . . . Ukutya okuqinileyo kokwabantu abaqolileyo, abo bathe ngokuwasenzisa amandla abo okuqonda bawaqeqeshela ukwahlula okulungileyo nokubi.” (Hebhere 5:11, 14) Ukutya okuqinileyo kumele kuhlafunwe ngaphambi kokuba kuginywe kuze kwetyiswe. Inkcazelo enzulu yezinto zokomoya ifuna ukucingisiswa ngaphambi kokuba ingeniswe ize igcinwe.
3 Isichazi-magama esithile sichaza “ukufundisisa” ngokuthi “kukuzikisa ingqondo ukuze ufumane ulwazi okanye ukuqonda, ngokufunda, ngokuphanda, njalo njalo.” Loo nto ithetha ukuthi kuninzi okubandakanyekileyo kunokuhambisa nje amehlo emagameni, mhlawumbi sikrwelele amagama njengoko siqhubeka. Ukufundisisa kuthetha ukuzibhokoxa, ukusebenzisa ingqondo namandla okuqonda. Noko ke, ngoxa ukufundisisa kufuna senze umgudu, oko akuthethi kuthi asinakuze sikunandiphe.
Ukwenza Ufundisiso Lube Mnandi
4. Ngokutsho komdumisi, ukufundisisa iLizwi likaThixo kunokuhlaziya kuze kube nomvuzo ngayiphi indlela?
4 Ukufunda kunye nokufundisisa iLizwi likaThixo kunokuhlaziya kuze kunike amandla. Umdumisi wavakalisa oku: “Umthetho kaYehova ugqibelele, ubuyisa umphefumlo. Isikhumbuzo sikaYehova sikholosekile, simenza abe nobulumko ongenamava. Imiyalelo evela kuYehova ithe tye, iyibangela ibe nemihlali intliziyo; umyalelo kaYehova uhlambulukile, uwenza akhanye emehlo.” (INdumiso 19:7, 8) Imithetho nezikhumbuzo zikaYehova ziyawuvuselela umphefumlo wethu, zisenza sibe sempilweni ngokomoya, zisinika uvuyo lwangaphakathi, kwaye zenza amehlo ethu akhanye aze awubone kakuhle umbono weenjongo zikaYehova ezingummangaliso. Hayi indlela okuchulumancisa ngayo oko!
5. Kungaziphi iindlela olunokuthi ufundisiso lusizisele uyolo olungathethekiyo?
5 Xa sibona iziqhamo ezihle zomsebenzi wethu, sidla ngokukunandipha ukuwenza. Ngaloo ndlela, ukuze senze ufundisiso lube mnandi, sifanele sikhawuleze silusebenzise ulwazi esisandul’ ukulufumana. UYakobi wabhala: “Umntu oqondela kumthetho ogqibeleleyo wenkululeko, nalowo uzingisayo kuwo, yena lowo, ngenxa yokuba uye, akaba ngovayo aze alibale, kodwa waba ngumenzi womsebenzi, uya kuba noyolo ekuwenzeni kwakhe.” (Yakobi 1:25) Ukuzisebenzisa ngokukhawuleza iingongoma esiye sazifunda kuzisa ulwaneliseko olungathethekiyo. Ukwenza uphando ngenjongo ekhethekileyo yokuphendula imibuzo esiyibuzwayo kumsebenzi wethu wokushumayela nowokufundisa nako kuya kusinika ulonwabo olungathethekiyo.
Ukuhlakulela Uthando NgeLizwi LikaThixo
6. Umbhali weNdumiso ye-119 wakuvakalisa njani ukulithanda ilizwi likaYehova?
6 Umbhali weNdumiso ye-119, ekunokwenzeka ukuba yayinguHezekiya ngoxa wayeyinkosana eselula, wavakalisa ukulithanda ilizwi likaYehova. Esebenzisa ulwimi lweembongi, wathi: “Ndiya kubonisa ukuyithanda imimiselo yakho. Andiyi kulilibala ilizwi lakho. Ndiyazithanda izikhumbuzo zakho . . . Ndiya kubonisa ukuyithanda imiyalelo yakho leyo ndiyithandayo. Iinceba zakho mazize kum, ukuze ndiqhubeke ndiphila; kuba ndiyawuthanda umthetho wakho. Ndilangazelele usindiso lwakho, Yehova, nomthetho wakho ndiyawuthanda.”—INdumiso 119:16, 24, 47, 77, 174.
7, 8. (a) Ngokutsho kwenye incwadi, kuthetha ntoni ‘ukubonisa ukulithanda’ iLizwi likaThixo? (b) Sinokubonisa njani ukuba siyalithanda iLizwi likaYehova? (c) UEzra wazilungisa njani ngaphambi kokuba afunde uMthetho kaYehova?
7 Sichaza igama eliguqulelwe ngokuthi ‘ukubonisa ukulithanda’ elikwiNdumiso ye-119, esinye isichazi-magama seZibhalo zesiHebhere sithi: “Indlela elisetyenziswe ngayo kwindi. 16 ithetha into enye [neyesenzi] segama elithi ukuvuya . . . nelithi ukucamngca . . . Xa zibekwa ngokulandelelana kwazo ziba lolu hlobo: vuya, camngca, yoliswa . . . Xa zidibene zibonisa ukuba ekuphela kwendlela yokuba umntu ayoliswe lilizwi likaYahweh kukucingisisa nzulu ngalo. . . . Le ntsingiselo iquka ukubandakanya neemvakalelo.”a
8 Ewe, ukulithanda kwethu iLizwi likaYehova kufanele kusuke entliziyweni, apho iimvakalelo zikhoyo. Sifanele sikuvuyele ukwenza izicatshulwa ezithile esisandul’ ukuzifunda zihlale zinkenteza ezingqondweni zethu. Sifanele siqiqe ngeengcamango ezinzulu zokomoya, sithabatheke zizo, yaye sicamngce ngazo. Oku kufuna ukuba sicamngce yaye sithandaze. Kufuneka silungise iintliziyo zethu njengoEzra ukuze sifunde yaye sifundisise iLizwi likaThixo. Xa kwakubhalwa ngaye kwathiwa: “UEzra wayeyilungisile intliziyo yakhe ukuba ahlole umthetho kaYehova, awenze aze afundise uSirayeli imimiselo nokusesikweni.” (Ezra 7:10) Phawula iinjongo ezintathu zokuba uEzra alungise intliziyo yakhe: yayikukuze afundisise, akusebenzise kuye oko akufundayo, aze afundise. Sifanele siwulandele umzekelo awawumiselayo.
Ufundisiso Njengesenzo Sonqulo
9, 10. (a) Ziziphi iindlela umdumisi abonisa ukulixhalabela ngazo iLizwi likaYehova? (b) Sithetha ntoni isenzi sesiHebhere esiguqulelwe ngokuthi ‘ukuzixhalabisa’? (c) Kutheni kubalulekile ukuba sigqale ukufundisisa iBhayibhile ‘njengesenzo sonqulo’?
9 Umdumisi uyachaza ukuba wayeyixhalabele imithetho, imimiselo, kunye nezikhumbuzo zikaYehova. Uvuma ingoma esithi: “Ndiza kuzixhalabisa ngemiyalelo yakho, kwaye ndiza kukhangela umendo wakho. Ndiya kuyiphakamisela izandla zam imiyalelo yakho endiyithandayo, kwaye ndiza kuzixhalabisa ngemimiselo yakho. Hayi indlela endiwuthanda ngayo umthetho wakho! Imini le yonke ndiwuxhalabele. Ndiye ndaba nengqiqo ngakumbi kunabafundisi bam bonke, ngenxa yokuba ndixhalabele izikhumbuzo zakho.” (INdumiso 119:15, 48, 97, 99) Kuthetha ntoni ‘ukuzixhalabisa’ ngeLizwi likaYehova?
10 Isenzi sesiHebhere esiguqulelwe ngokuthi ‘ukuzixhalabisa’ sikwathetha “ukucamngca, ukuqiqa,” “ukuwuhlafunisisa engqondweni umba othile.” “Sisetyenziswa xa kuthethwa ngokucamngca ngemisebenzi kaThixo . . . nangelizwi likaThixo.” (Theological Wordbook of the Old Testament) Isibizo esithi “ixhala” sichaza “ukucamngca komdumisi,” “ufundisiso oluqhutywa kukuthanda” umthetho kaThixo, ‘njengesenzo sonqulo.’ Ukugqala ufundisiso lweLizwi likaThixo njengenxalenye yonqulo lwethu kulwenza lubaluleke nangakumbi. Ngoko lufanele lwenziwe ngokuthembeka yaye luthandazelwe. Ukufundisisa kuyinxalenye yonqulo lwethu kwaye kwenziwa ngenjongo yokuphucula unqulo lwethu.
Ukungena Nzulu KwiLizwi LikaThixo
11. UYehova uzityhila njani iingcamango ezinzulu zokomoya kubantu bakhe?
11 Evakalisa amazwi okuncoma anentlonelo, umdumisi wadanduluka esithi: “Hayi indlela emikhulu ngayo imisebenzi yakho, Yehova! Iingcamango zakho zinzulu kakhulu.” (INdumiso 92:5) Yaye umpostile uPawulos wathetha ‘ngezinto ezinzulu zikaThixo,’ iingcamango ezinzulu ezityhilwa nguYehova kubantu bakhe “ngomoya wakhe” osebenza kudidi lwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi. (1 Korinte 2:10; Mateyu 24:45) Udidi lwekhoboka lukukhuthalele ukondla wonk’ ubani ngokutya kokomoya—“ubisi” kwabasebatsha ize ibe ‘kukutya okuqinileyo’ ‘kubantu abaqolileyo.’—Hebhere 5:11-14.
12. Chaza umzekelo ‘wezinto ezinzulu zikaThixo’ oye wacaciswa ludidi lwekhoboka.
12 Ukuze siziqonde ezo ‘zinto zinzulu zikaThixo,’ kufuneka sifundisise ngokuzimisela size sicamngce ngeLizwi lakhe. Ngokomzekelo, kuye kwapapashwa umbandela omhle obonisa ukuba uYehova uyakwazi ukumela okusesikweni aze abe nenceba kwangaxeshanye. Inceba yakhe ayikwenzi kube yekeyeke okusesikweni kwakhe; kunoko, inceba yobuthixo iyimbonakaliso yokusesikweni kunye nothando lukaThixo. Xa egweba umoni, uYehova uqala ajonge enoba kunokwenzeka na ukumenzela inceba ngesizinzi sedini lentlawulelo loNyana wakhe. Ukuba umoni lowo akaguquki okanye unemvukelo, uThixo uvumela okusesikweni kwakhe kuphumeze indima yako ngaphandle kokubonakalisa inceba ngokungafanelekanga. Enoba kunjani na, uthembekile kwimigaqo yakhe ephakamileyo.b (Roma 3:21-26) ‘Hayi ubunzulu bobulumko bukaThixo!’—Roma 11:33.
13. Sifanele silubonakalise njani uxabiso ‘ngesimbuku’ seenyaniso zokomoya ezisele zityhiliwe ukuza kuthi ga ngoku?
13 Njengomdumisi, isibangel’ imincili into yokuba uYehova abelane nathi ngeengcamango zakhe. UDavide wabhala: “Hayi indlela ezixabiseke ngayo iingcamango zakho kum! Owu Thixo, hayi indlela esisikhulu ngayo isimbuku sazo! Ukuba bendingazama ukuzibala, zininzi ngakumbi kunentlabathi.” (INdumiso 139:17, 18) Nangona ulwazi esinalo namhlanje lunjengethontsi emphandeni xa luthelekiswa neengcamango ezingenakubalwa zikaYehova aya kusityhilela zona ukusa emaphakadeni, sisixabisa kakhulu “isimbuku” seenyaniso zokomoya ezixabisekileyo esisele sizityhilelwe ukuza kuthi ga ngoku, kwaye sisaqhubeka singena nzulu kweso simbuku, okanye kumongo, weLizwi likaThixo.—INdumiso 119:160, umbhalo osemazantsi weNW eneembekiselo.
Umgudu Kunye Nezixhobo Eziluncedo Ezifunekayo
14. IMizekeliso 2:1-6 iyibethelela njani imfuneko yokwenza umgudu wokufundisisa iLizwi likaThixo?
14 Ufundisiso olunzulu lweBhayibhile lufuna ubani enze umgudu. Loo nto icaca kakuhle xa ufundisisa ngenyameko IMizekeliso 2:1-6. Phawula izenzi ezasetyenziswa nguKumkani uSolomon owayesisilumko ukuze abethelele umgudu oyimfuneko ukuze ubani afumane ulwazi, ubulumko nokuqonda kobuthixo. Wabhala: “Nyana wam, ukuba uya kuwamkela amazwi am uze uyigcine kuwe imiyalelo yam, khon’ ukuze unikele ingqalelo kubulumko ngendlebe yakho, ukuba uyithobele ukuqonda intliziyo yakho; ukuba uthe, ngaphezu koko, wabiza ukuqonda, nelizwi lakho walisa ekuqondeni, ukuba uyaqhubeka ubufuna njengesilivere, ubuphande njengobuncwane obufihliweyo, uya kwandula ukukuqonda ukoyika uYehova, ukufumane ukumazi uThixo. Kuba uYehova unika ubulumko; emlonyeni wakhe kuphuma ukwazi nokuqonda.” Ewe, ukuze uzuze okuthile kufundisiso, ufanele uphande, umbe, ngokungathi ufuna ubuncwane obufihliweyo.
15. Nguwuphi umzekeliso weBhayibhile obethelela imfuneko yokusebenzisa iindlela ezilungileyo zokufundisisa?
15 Ufundisiso oluyingenelo ngokomoya lukwafuna ubani asebenzise iindlela ezilungileyo zokufundisisa. USolomon waphinda wabhala esithi: “Ukuba isixhobo sentsimbi siba buthuntu yaye uthile akalulolanga uhlangothi lwaso, ngoko uya kuwabhokoxa amandla akhe.” (INtshumayeli 10:10) Ukuba umntu osebenzayo usebenzisa isixhobo sokusika esingalolwanga okanye akasisebenzisi ngabuchule, uza kubulalekel’ ilize yaye umsebenzi wakhe awuyi kuba mhle. Ngendlela efanayo, zinokwahluka kakhulu iingenelo esizifumanayo ngexesha esilichitha ekufundisiseni, kuxhomekeka kwiindlela esizisebenzisayo zokufundisisa. Amacebiso amahle nasebenzisekayo okuphucula indlela esifundisisa ngayo anokufunyanwa kwiSifundo 7 seNcwadi Yesikhokelo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo.c
16. Ngawaphi amacebiso asebenzisekayo anikelwayo okusinceda senze ufundisiso olunzulu?
16 Xa igcisa liqalisa umsebenzi walo, lisondeza izixhobo zokusebenza eliza kuzifuna. Ngokufanayo ke, xa kufika ixesha lokufundisisa, sifanele sikhethe izixhobo zokufundisisa esiza kuzifuna kwithala lethu. Sikhumbula ukuba ufundisiso ngumsebenzi kwaye lufuna ubani asebenzise ingqondo, kuya kuba kuhle ukuba sihlale ngendlela efanelekileyo. Ukuba sifuna ukugcina iingqondo zethu zithe qwa, ukuhlala esitulweni uze ufundele etafileni okanye edesikeni kunokuba yingenelo kunokungqengqa ebhedini okanye ukuthi zava kwisitulo esihlalisa tofotofo. Emva kokunikela ingqalelo kangangexesha elide, usenokukufumanisa kuyingenelo ukukha wolule umzimba okanye ubethwe ngumoya ngaphandle.
17, 18. Chaza imizekelo yeendlela zokusebenzisa izixhobo zokufundisisa ezisemagqabini onokuzifumana.
17 Zininzi nezinye izixhobo zokufundisisa ezinokufumaneka kuthi. Esona sixhobo sibalaseleyo kwezi yiNguqulelo Yehlabathi Elitsha yeBhayibhile, ngoku efumaneka iphelele okanye ingaphelelanga ngeelwimi ezingama-37. Uhlelo oluqhelekileyo lweNguqulelo Yehlabathi Elitsha luneembekiselo no-“Ludwe Lweencwadi ZeBhayibhile” oluchaza igama lombhali, indawo eyabhalelwa kuyo kunye nexesha eligubungelayo. Kwakhona lunesalathiso samagama eBhayibhile, iappendix kunye neemapu. Ngezinye iilwimi, le Bhayibhile ishicilelwa ngohlelo olunamagama amakhulu, olwaziwa ngokuba yiReference Bible. Luqulethe zonke ezi zinto zingasentla kunye nezinye ezininzi, kuquka imibhalo esemazantsi engena nzulu, kwaye nayo inesalathiso. Ngaba ukusebenzisa ngokupheleleyo oko kufumanekayo ngolwimi lwakho ukukunceda umbe nzulu kwiLizwi likaThixo?
18 Esinye isixhobo sokufundisisa esixabisekileyo yintyilalwazi yeBhayibhile enemiqulu emibini i-Insight on the Scriptures. Ukuba le ncwadi ikho ngolwimi olwaziyo, ifanele isoloko ilihlakani lakho xa ufundisisa. Iya kukunika inkcazelo enzulu ephathelele inkoliso yemixholo yeBhayibhile. Esinye isixhobo esifana nayo esiluncedo yincwadi ethi “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo.” Xa uqalisa incwadi yeBhayibhile entsha, kuhle ukuhlola isifundo esixubusha loo nkcazelo kwincwadi ethi “Sonke ISibhalo,” ukuze ufumane inkcazelo engokuma komhlaba nembali, kuquka nokushwankathelwa kweziqulatho zaloo ncwadi yeBhayibhile nendlela ebaluleke ngayo kuthi. Kutshanje kuye kongezelelwa isixhobo sokufundisisa esishicilelweyo sekhompyutha esiyiWatchtower Library, ngoku esifumaneka ngeelwimi ezisithoba.
19. (a) Kutheni uYehova eye wasilungiselela izixhobo ezisemagqabini zokufundisisa iBhayibhile? (b) Yintoni efunekayo ukuze ubani afundisise kakuhle?
19 UYehova ulungiselele zonke ezi zixhobo esebenzisa “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” ukuze abakhonzi bakhe basemhlabeni bakwazi ‘ukufuna baze bakufumane ukumazi uThixo.’ (IMizekeliso 2:4, 5) Imikhwa elungileyo yokufundisisa isenza sikwazi ukumazi nangakumbi uYehova size sibe nolwalamano olusondeleyo naye. (INdumiso 63:1-8) Ewe, ukufundisisa kuthetha ukusebenza, kodwa kungumsebenzi omnandi nonomvuzo. Noko ke, kuthabatha ixesha, ibe mhlawumbi uyazibuza, ‘Ndiza kulifumana phi ke ixesha lokunikela ingqalelo ngokwaneleyo kufundo lweBhayibhile nakufundisiso lwam lobuqu?’ Lo mba siza kukha siwushukuxe kwinqaku eliqukumbelayo kolu ngcelele.
[Imibhalo esemazantsi]
a INew International Dictionary of Old Testament Theology & Exegesis, Umqulu 4, iphepha 205-7.
b Bona IMboniselo ka-Agasti 1, 1998, iphepha 13, isiqendu 7. Xa usenza ufundisiso lweBhayibhile, usenokuwaphinda omabini amanqaku afundisiswayo akuloo nkupho kunye nenqaku elithi “Justice [Okusesikweni],” “Mercy [Inceba],” nelithi “Righteousness [Ubulungisa]” akwintyilalwazi yeBhayibhile i-Insight on the Scriptures, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
c Ipapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc. Ukuba le ncwadi ayikho ngolwimi lwakho, amacebiso amahle aphathelele iindlela zokufundisisa anokufunyanwa kwezi nkupho zilandelayo zeMboniselo: Agasti 15, 1993, iphepha 13-17; Meyi 15, 1986, iphepha 19-20.
Imibuzo Yempinda
• Sinokwenza njani ukuze ufundisiso lwethu lobuqu luhlaziye yaye lube nomvuzo?
• Njengomdumisi, sinokukubonisa njani “ukulithanda” ‘nokulixhalabela’ iLizwi likaYehova?
• IMizekeliso 2:1-6 iyibonisa njani imfuneko yokwenza umgudu ekufundisiseni iLizwi likaThixo?
• Ziziphi izixhobo ezisemagqabini zokufundisisa eziye zalungiselelwa nguYehova?
[Umfanekiso okwiphepha 14]
Ukucamngca kunye nomthandazo zinokusinceda sihlakulele uthando ngeLizwi likaThixo
[Imifanekiso ekwiphepha 17]
Ngaba uzisebenzisa ngokuzeleyo izixhobo ezikhoyo zokufundisisa ukuze umbe nzulu kwiLizwi likaThixo?