-
Nikela Ingqalelo Kwimisebenzi KaThixo EmangalisayoIMboniselo—2001 | Aprili 15
-
-
3. Njengoko kubhalwe kuYobhi 38:22, 23, 25-29, ziziphi izinto ezabuzwa nguThixo?
3 Ngaxa lithile, uThixo wabuza uYobhi: “Ngaba ungenile koovimba bekhephu, okanye ngaba ubona kwanoovimba besichotho, endibagcinele ixesha lokubandezeleka, imini yokulwa nemfazwe?” Kwiindawo ezininzi emhlabeni, ikhephu nesichotho zizinto eziqhelekileyo. UThixo wahlabela mgama esithi: “Ngubani owahlule umjelo ukwenzela isikhukula nendlela yamafu esiphango, ukuyenza ine elizweni ekungekho mntu kulo, phezu kwentlango ekungekho mntu wasemhlabeni kuyo, ukwanelisa iindawo ezibethwe sisiphango neziphanzileyo nokubangela ingca ihlume? Ngaba imvula inaye na uyise, okanye ngubani na owazala amathontsi ombethe? Umkhenkce uphuma esiswini sikabani na, ke yona iqabaka yezulu, ngubani na eneneni oyizalayo?”—Yobhi 38:22, 23, 25-29.
-
-
Nikela Ingqalelo Kwimisebenzi KaThixo EmangalisayoIMboniselo—2001 | Aprili 15
-
-
7. Umntu wazi kangakanani ngemvula?
7 Kuthekani ngemvula? UThixo wabuza uYobhi esithi: “Ngaba imvula inaye na uyise, okanye ngubani na owazala amathontsi ombethe?” Le ntyilalwazi yenzululwazi ithi: “Ngenxa yokuntsonkotha kwendlela ohamba ngayo umoya osesibhakabhakeni nomahluko omkhulu kumphunga namasuntswana akhoyo emoyeni, kubonakala kungenakwenzeka ukuba kunikelwe iinkcukacha ngendlela ayileka ngayo amafu kunye nomkhenkce.” Ngamafutshane, izazinzulu ziye zachaza iingcamango zazo ngokweenkcukacha, kodwa azikwazi ukuchaza imvula ngokupheleleyo. Ukanti, uyazi ukuba imvula enkcenkceshela umhlaba, ihlaziya izityalo ize ibangele ubomi bube myoli.
-