Buchase Ubuxoki Obusasazwa NguSathana
‘MUSANI ukuqhatheka. UThixo wenu akayi kunihlangula. Nikezelani kungenjalo niya kwehlelwa yintlekele!’ Lo ngumongo womyalezo owadluliselwa kubemi baseYerusalem, nguRabheshake owayengumthunywa kaKumkani uSenaribhe waseAsiriya. Umkhosi walo kumkani wawurhangqe ilizwe lakwaYuda. Injongo yomyalezo womthunywa yayikukuze abantu baseYerusalem bangenwe yintaka baze banikezele.—2 Kum. 18:28-35.
Ama-Asiriya ayedume ngokungabi nanceba nangokukhohlakala. Ayedla ngokoyikisa iintshaba zawo ngokuchaza zonke izinto ezihlasimlis’ umzimba awayezenza kubathinjwa bawo. Ngokutsho kombhali-mbali uPhilip Taylor ayedla “ngokoyikisa amaxhoba awo ngokuwaxokisa echaza inkohlakalo emanyumnyezi awayenza kwiintshaba zawo zangaphambili.” Inkcazelo ebubuxoki isisixhobo esinamandla. UTaylor uthi “yonakalisa ingqondo.”
AmaKristu okwenyaniso ‘azamazamana, kungekhona negazi nenyama, kodwa nemikhosi yoomoya abangendawo,’ oko kukuthi, izidalwa zomoya ezavukela uThixo. (Efe. 6:12) Olona tshaba luphambili nguSathana uMtyholi. Naye uyaboyikisa abantu aze abaxokise.
USathana unokubangela ukuba siyilahle ingqibelelo yethu sonke. Ngemihla kasolusapho uYobhi, wathi kuYehova uThixo: “Yonke into anayo umntu uya kuyinikela ngenxa yomphefumlo wakhe.” Ngamany’ amazwi wayesithi, khawube ngathi uyaziqinisa iintambo, uya kubona umntu uya kuyilahla ingqibelelo yakhe kuThixo. (Yobhi 2:4) Ngaba uSathana uthetha inyaniso? Ngaba kukho izinto esingenakukwazi ukuzinyamezela—ezinokusibangela silahle ingqibelelo yethu kuba sifuna ukusindisa ubomi bethu? USathana ufuna sicinge njalo. Ngenxa yoko, usebenzisa ubuqhophololo ukuze abethelele oko ezingqondweni zethu. Makhe sibone ezinye iindlela azisebenzisayo nendlela esinokuzixhathisa ngayo.
‘Iziseko Zabo Ziseluthulini’
USathana wasebenzisa uElifazi, omnye wabahlobo abathathu bakaYobhi, ukuba amxelele ukuba abantu abanakukwazi ukumelana noSathana. Ebhekisela kubantu ‘njengabo bahlala ezindlwini zodongwe,’ wathi kuYobhi: ‘Iziseko zabo ziseluthulini! Batyunyuzwa ngokukhawuleza ngakumbi kunenundu. Kususela kusasa kude kube ngokuhlwa batyunyuzwa babe ziingceba; batshabalala ngonaphakade kungekho mntu ukuthabathela entliziyweni oko.’—Yobhi 4:19, 20.
Kwenye indinyana yeZibhalo, sifaniswa ‘nezitya zodongwe’ eziethe-ethe. (2 Kor. 4:7) Sibuthathaka ngenxa yesono nokungafezeki esakuzuz’ ilifa. (Roma 5:12) Ukuba besingenakuncedwa, ebenokusihlasela lula uSathana. Kodwa thina njengamaKristu sinokulufumana uncedo. Nangona sisenza iimpazamo, sibekekile emehlweni kaThixo. (Isa. 43:4) Ngaphezu koko, uYehova ubanika umoya oyingcwele abo bamcelayo. (Luka 11:13) Umoya wakhe unokusinika “amandla angaphaya koko kuqhelekileyo,” ukuze sikwazi ukumelana nazo naziphi na iinzima uSathana asithwaxa ngazo. (2 Kor. 4:7; Fil. 4:13) Ukuba sima nxamnye noMtyholi, ‘siqinile elukholweni,’ uThixo uya kusomeleza. (1 Pet. 5:8-10) Ngenxa yoko, asifanele simoyike uSathana uMtyholi.
Indoda ‘Isela Intswela-bulungisa Njengamanzi’
UElifazi wabuza: “Uyintoni na umntu ofayo ukuba angahlambuluka, okanye nabani na ozelwe ngumfazi ukuba angaba ngolungileyo?” Emva koko waphendula wathi: “Khangela! [UThixo] akakholwa ngabangcwele bakhe, namazulu eneneni akacocekanga emehlweni akhe. Kubeke phi na ke xa ubani ecekiseka yaye onakele, indoda esela intswela-bulungisa njengamanzi!” (Yobhi 15:14-16) UElifazi wayexelela uYobhi ukuba akakho umntu uYehova amjonga njengelungisa. NoMtyholi ufuna sicinge ngezinto ezidimazayo. Ufuna sikhathazeke ngeziphoso esazenzayo ngaphambili, sizigxeke size sivakalelwe kukuba singoongantweni abangenakuhlangulwa. Ufuna sicinge nokuba uYehova ulindele ukuba senze okungaphaya kwamandla ethu yaye imfesane yakhe, ukuxolela kwakhe nenkxaso yakhe ayinakusinceda kangako.
Kakade ke, sonke ‘sonile saza sasilela kuzuko lukaThixo.’ Akakho umntu ongafezekanga onokufikelela imilinganiselo kaYehova egqibeleleyo. (Roma 3:23; 7:21-23) Noko ke, oko akuthethi ukuba usijonga njengabantu abangaxabisekanga. UYehova uyazi ukuba ‘yinyoka yantlandlolo, leyo ibizwa ngokuba nguMtyholi, noSathana,’ osivuyelelayo kuba sinesono. (ISityhi. 12:9, 10) UThixo uyaqonda ukuba “siluthuli” yaye ‘akaqhubeki esihlab’ amadlala ngalo lonke ixesha.’—INdu. 103:8, 9, 14.
Ukuba siyayeka ukwenza izinto ezingendawo size siguquke ngokunyanisekileyo sicele uxolo kuYehova, ‘uya kusixolela ngokukhulu.’ (Isa. 55:7; INdu. 51:17) IBhayibhile ithi nangona izono zethu “zingqombela, ziya kwenziwa mhlophe njengekhephu.” (Isa. 1:18) Ngoko ke, ungaze unikezele ekwenzeni ukuthanda kukaThixo.
Lo gama sinesono, asinakuba ngamalungisa phambi koThixo. UAdam noEva baphulukana nemfezeko nokuphila ngonaphakade ibe oko kwachaphazela thina sonke. (Roma 6:23) Sekunjalo, ngenxa yokuba ebathanda abantu, uYehova uye wenza ilungiselelo lokuba azixolele izono zethu ukuba nje sinokholo kwidini lentlawulelo loNyana wakhe, uYesu Kristu. (Mat. 20:28; Yoh. 3:16) UThixo ubonisa “ububele obungasifanelanga” ngokwenene! (Tito 2:11) Izono zethu zinokuxolelwa! Ngoko, kutheni sivumela uSathana asenze sicinge ukuba asinakuxolelwa?
‘Chukumisa Ufikelele Ethanjeni Lakhe Nasenyameni Yakhe’
USathana wathi uYobhi uya kuyeka ukuba nokholo xa impilo yakhe inokuwohloka. Ecel’ umngeni uYehova, uMtyholi wathi: ‘Chukumisa ufikelele ethanjeni lakhe nasenyameni yakhe uze ubone enoba akayi kukuqalekisa ebusweni bakho na.’ (Yobhi 2:5) UMchasi kaThixo unokuvuya xa enokusenza sizive singento yanto ngenxa yobuthathaka esinabo.
Noko ke, uYehova akasilahli xa singasakwazi ukwenza zonke izinto esasizenza ngaphambili enkonzweni yakhe. Yintoni esinokuyenza xa umhlobo wethu enokuhlaselwa okanye enzakale? Ngaba sinokumjonga njengomntu ongabalulekanga ngenxa yokuba engasakwazi ukwenza izinto awayezenza? Ngokuqinisekileyo asinakuyenza into enjalo! Sinokuqhubeka simthanda yaye simnyamekela—ingakumbi ukuba wenzakele ezama ukusenzela okuthile. Ngaba asinakulindela ukuba noYehova enze okufanayo? IBhayibhile ithi: “UThixo akanantswela-bulungisa ukuba angawulibala umsebenzi wenu nothando enalubonisayo ngegama lakhe.”—Heb. 6:10.
IZibhalo zithetha ‘ngomhlolokazi othile osisisweli’ ekusenokwenzeka ukuba wayexhasa unqulo lukaThixo kangangeminyaka. Xa uYesu wambona ephosa “iingqekembe ezimbini ezincinane zexabiso elincinane kakhulu” kwisikhongozelo sobuncwane etempileni, ngaba wamjonga njengomntu ongaxabisekanga kuquka umnikelo wakhe? Kunokuba enjenjalo, wathetha kakuhle ngaye kuba enze konke okusemandleni akhe ukuze axhase unqulo lwenyaniso.—Luka 21:1-4.
Xa siyigcinile ingqibelelo yethu, sinokuqiniseka ukuba ulwalamano lwethu noYehova luya komelela enoba siyaluphala okanye siyagula ngenxa yokungafezeki. UThixo akasayi kuze abalahle abantu abathembekileyo ngenxa yokuba nje iinzima zibangela ukuba bangakwazi ukumkhonza ngamandla abo onke.—INdu. 71:9, 17, 18.
Yamkela “Isigcina-ntloko Sosindiso”
Sinokuzikhusela njani kubuxoki obusasazwa nguSathana? Umpostile uPawulos wabhala wathi: “Qhubekani nizuza amandla eNkosini nasekomeleleni kwayo. Yambathani sonke isikrweqe sikaThixo ukuze nikwazi ukuma niqinile nxamnye namaqhinga kaMtyholi.” “Isigcina-ntloko sosindiso” yinxalenye yeso sikrweqe sokomoya. (Efe. 6:10, 11, 17) Ukuze sizikhusele kubuxoki bukaSathana, simele siqiniseke ukuba siyasithwala isigcina-ntloko size siqhubeke sisithwele. Isigcina-ntloko sejoni sikhusela intloko yalo. ‘Ithemba lethu losindiso’—ukuqiniseka kwethu ngokuzaliseka kwezithembiso zikaThixo zehlabathi elitsha—liya kuzikhusela iingqondo zethu kubuxoki bukaSathana. (1 Tes. 5:8) Sifanele siligcine liqaqambile eli themba ngokufunda iZibhalo ngokuzimisela.
UYobhi wanyamezela ukuhlaselwa nguSathana ngenkohlakalo. UYobhi wayenokholo eluvukweni kangangokuba wayengoyiki nokufa. Kunoko, wathi kuYehova: “Uya kubiza, ndisabele. Uya kuwulangazelela umsebenzi wezandla zakho.” (Yobhi 14:15) Kwanokuba uYobhi wayenokufa ngenxa yokugcina ingqibelelo yakhe, wayenethemba lokuba uThixo obathandayo abakhonzi bakhe uza kumbiza kwelabafileyo.
Kwanga nathi singamthemba ngaloo ndlela uThixo oyinyaniso. UYehova unokushenxisa nantoni na ebangelwa nguSathana nabaxhasi bakhe. Kwakhona khumbula ukuba uPawulos usiqinisekisa ngala mazwi: “UThixo uthembekile, yaye akayi kuniyekela nihendwe ngaphaya koko ninokukuthwala, kodwa kunye nesihendo eso uya kwenza nendlela yokuphuma ukuze nikwazi ukusinyamezela.”—1 Kor. 10:13.
[Umfanekiso okwiphepha 20]
UYehova uyayixabisa inkonzo yakho yokuthembeka
[Umfanekiso okwiphepha 21]
Thwala isigcina-ntloko uze uqhubeke usithwele