UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | YOBHI 11-15
UYobhi Wayeqinisekile Ngovuko
UYobhi wabonisa ukuba uyakholelwa ukuba uThixo angakwazi ukumvusa
UYobhi wasebenzisa umthi—ekusenokwenzeka ukuba ngumthi womnquma—ukuze abonise ukuba uyakholelwa ukuba uThixo angakwazi ukumvusa
Ingcambu yomthi womnquma exabiso layo likhulu iyakwazi ukuzihlaziya enoba isiphunzi somthi sele sonakele. Ukuba nje iingcambu zawo zisamilile, lo mthi uphinda ukhule kwakhona
Xa imvula inetha apho bekukho imbalela enkulu, isiphunzi somthi womnquma owomileyo siyakwazi ukuphinda sihlume, kuvele “amasebe njengesityalo esitsha”