Sondela KuThixo
Xa Abantu Abakhulu Beya Kuphinda Babebatsha Kwakhona
NGUBANI kuthi okuvuyelayo ukwaluphala—ubuso obunamanya, urhatyazo, ukungeva kakuhle nemilenze engavumiyo? Usenokuzibuza ukuba, ‘kutheni uThixo esidale sanomnqweno wokufuna ukuhlala sibatsha kodwa size sisuke saluphale?’ Iindaba ezimnandi kukuba yayingeyonjongo kaThixo le. Kunoko, unenjongo yokusinceda siyeke ukwaluphala. Khawuve amazwi athethwa kuYobhi 33:24, 25.
Cinga ngemeko kaYobhi, indoda enyanisekileyo ethandwa nguYehova. Engazi uYobhi, uSathana wayeyithandabuza ingqibelelo yakhe, esithi ukhonza uThixo ngenxa yezinto amenzela zona. Ekubeni uYehova wayemthemba uYobhi esazi ukuba unamandla okulungisa nawuphi na umonakalo, wavumela uSathana ukuba amvavanye uYobhi. USathana “wambetha uYobhi ngamathumba abuhlungu ukususela entendeni yonyawo lwakhe ukuya elukakayini lwentloko yakhe.” (Yobhi 2:7) Umzimba wawunyakazela iimpethu isikhumba sakhe sasinamakhoko ezilonda, sife mnyama. (Yobhi 7:5; 30:17, 30) Ngaba unokuyithelekelela intlungu awayekuyo? Sekunjalo uYobhi wahlala ethembekile, esithi: “Ndide ndibhubhe andiyi kuyisusa kum ingqibelelo yam!”—Yobhi 27:5.
Noko ke, uYobhi wenza impazamo enkulu. Njengoko kwakubonakala ukuba usecicini lokufa, wayezithethelela kakhulu evakalisa “umphefumlo wakhe ulilungisa endaweni kaThixo.” (Yobhi 32:2) UElihu indoda esisithethi sikaThixo yamluleka uYobhi. Kodwa uElihu wamchazela isigidimi esikhuthazayo esivela kuThixo uYobhi esithi: “Mkhulule [uYobhi] angehli aye emhadini[ingcwaba eliqhelekileyo]! Ndifumene intlawulelo! Inyama yakhe mayihlaziyeke ngakumbi kunasebutsheni; makabuyele emihleni yamandla obutsha bakhe.” (Yobhi 33:24, 25) Loo mazwi afanele ukuba amnika ithemba uYobhi. Kwakungekho mfuneko yokuba abandezeleke ade aye kufa. Ukuba uYobhi wayeza kuguquka, uThixo wayekulungele ukuba amkele intlawulelo aze amkhulule kwintlungu awayekuyo.a
Ngokuthobeka, uYobhi wavuma ukulungiswa waza waguquka. (Yobhi 42:6) Kubonakala ukuba, uYehova wayamkela intlawulelo kaYobhi ukuze igubungele impazamo yakhe aze uThixo akwazi ukumvuza nokumbuyisela izinto zakhe. UYehova “wakusikelela ukuphela kukaYobhi emva koko ngaphezu kwesiqalo sakhe.” (Yobhi 42:12-17) Unokuyithekelela indlela awavakalelwa ngayo uYobhi xa wasikelelwayo, isifo sakhe esenyanyekayo saye sanyangeka yaza nenyama yakhe ‘yahlaziyeka ngakumbi kunasebutsheni.’!
Intlawulelo kaYobhi awayamkelayo uThixo yayisikelwe umda, ngenxa yokuba wayengafezekanga wafa ekugqibeleni. Sinentlawulelo elunge ngakumbi. Ngothando, uYehova wanikela ngoNyana wakhe, uYesu, njengentlawulelo yethu. (Mateyu 20:28; Yohane 3:16) Bonke abantu abanokholo kule ntlawulelo banethemba lokuphila ngonaphakade kumhlaba oyiparadesi. Kwihlabathi elitsha elizayo, uThixo uza kubanceda abantu abathembekileyo bayeke ukwaluphala. Kutheni ungafundi okungakumbi ngendlela onokuphila ngayo ukuze ubone xa abantu abadala bebona ‘inyama yabo ihlaziyeka ngakumbi kunasebutsheni’?
Izibhalo Onokuzifunda NgoAprili:
[Umbhalo osemazantsi]
a Igama elisetyenziswe apha elithi “intlawulelo” lithetha “ukugubungela.” (Yobhi 33:24) Kwimeko kaYobhi, intlawulelo yayiza kuba lidini lesilwanyana, uThixo awayeza kulamkela ukuze ligubungele iimpazamo zakhe.—Yobhi 1:5.