Masiliphakamise Kunye Igama LikaYehova
“Menzeni mkhulu uYehova kunye nam, masiliphakamise kunye igama lakhe.”—INDUMISO 34:3.
1. Nguwuphi umzekelo omhle owamiselwa nguYesu kubulungiseleli bakhe emhlabeni?
NGOMHLA kaNisan 14, 33 C.E. ebusuku, uYesu nabapostile bakhe bavumela uYehova iindumiso kwigumbi eliphezulu kwindlu eyayiseYerusalem. (Mateyu 26:30) UYesu wayekwenza okokugqibela oko ekunye nabapostile bakhe. Yayifanelekile into yokuqukumbela intlanganiso yabo ngaloo ndlela. Kwasekuqaleni ukusa ekupheleni kobulungiseleli bakhe emhlabeni, uYesu wadumisa uYise waza enenzondelelo wazisa igama lakhe eluntwini. (Mateyu 4:10; 6:9; 22:37, 38; Yohane 12:28; 17:6) Eneneni, wayevumelana nesi simemo sifudumeleyo somdumisi: “Menzeni mkhulu uYehova kunye nam, masiliphakamise kunye igama lakhe.” (INdumiso 34:3) Lowo ngumzekelo omhle gqitha esimele siwuxelise!
2, 3. (a) Sazi njani ukuba iNdumiso 34 iqulethe isiprofeto? (b) Yintoni eza kuxutyushwa kweli nqaku nakwelilandelayo?
2 Kwiiyure nje ezimbalwa emva kokuvuma iingoma noYesu, umpostile uYohane wabona isiganeko esahluke gqitha kweso. Wabona iNkosi yakhe ibulawa kwisibonda sentuthumbo kunye nezaphuli-mthetho ezibini. Amajoni aseRoma aphula imilenze yezo zaphuli-mthetho ngenjongo yokuba zife ngokukhawuleza. Kodwa uYohane uthi ayishiya engayaphulanga ekaYesu. Athi akufika kuye, amfumana sele efile. KwiVangeli yakhe, uYohane uchaza eso siganeko njengokuzaliseka kwenxalenye yeNdumiso 34 ethi: “Akukho nalinye kuwo [amathambo akhe] elaphulwayo.”—Yohane 19:32-36; INdumiso 34:20.
3 INdumiso 34 iqulethe iinkalo eziliqela ezibangela umdla kumaKristu. Ngoko ke, kweli nqaku nakwelilandelayo siza kuhlolisisa iimeko awayekuzo uDavide xa wayebhala le ndumiso size sinikele ingqalelo kwizinto ezikhuthazayo ezikuyo.
UDavide Usaba USawule
4. (a) Kwakutheni ukuze uDavide athanjiselwe ukuba ngukumkani olandelayo kwaSirayeli? (b) Kwakutheni ukuze uSawule ‘amthande kakhulu’ uDavide?
4 Xa uDavide wayeselula, uSawule wayengukumkani kwaSirayeli. Kodwa, uSawule wayeka ukuthobela waza waphulukana nenkoloseko kaYehova. Ngenxa yoko, umprofeti uSamuweli wathi kuye: “UYehova ulukrazule kuwe namhlanje ulawulo lwasebukhosini lukaSirayeli, yaye ngokuqinisekileyo uya kulunika idlelane lakho elilunge ngakumbi kunawe.” (1 Samuweli 15:28) Kamva, uYehova wayalela uSamuweli ukuba aye kuthambisa uDavide, unyana omncinane kaYese ukuze abe ngukumkani olandelayo kwaSirayeli. Ngelo xesha uKumkani uSawule wayefathula ebumnyameni kuba wawungasekho kuye umoya kaThixo. UDavide, imvumi elichule waziswa eGibheya ukuze alungiselele ukumkani, ibe umculo wakhe wayidambisa imeko kaSawule, waza ke uSawule “wamthanda kakhulu” uDavide.—1 Samuweli 16:11, 13, 21, 23.
5. Yintoni eyatshintsha isimo sengqondo sikaSawule ngoDavide, ibe oko kwamnyanzela ukuba enze ntoni uDavide?
5 Njengoko ixesha lihamba, uYehova wazingqina ukuba unoDavide. Wanceda woyisa ingxilimbela yamaFilisti uGoliyati waza wamxhasa njengoko uDavide wayesiya ehlonelwa kwaSirayeli ngobukroti bakhe emkhosini. Kodwa, ukusikelelwa kwakhe nguYehova kwenza uSawule wanomona, waza wamthiya uDavide. Kabini wayethi uDavide esadlalela uSawule uhadi, suke afune ukumqhama nodonga ngomkhonto. Zozibini ezo zihlandlo waphepha wabaleka. Kwilinge lesithathu, uSawule ezama ukumbulala, uDavide wagqiba ekubeni asabe. Ngenxa yemigudu engapheliyo kaSawule emzingela ukuze ambulale, uDavide waya kufuna ikhusi ngaphandle kwelo lakwaSirayeli.—1 Samuweli 18:11; 19:9, 10.
6. Kwakutheni ukuze uSawule ayalele ukubulawa kwabemi baseNobhi?
6 Ngaphambi kokuba aphume kumda wakwaSirayeli, uDavide wathi vu kwisixeko saseNobhi, owawukuso umnquba kaYehova. Kuyacaca ukuba wayehamba neqela labafana, kuba naku ecelela yena nabo into etyiwayo. USawule weva ukuba umbingeleli omkhulu ubanike ukutya nelo krele lalithatyathwe nguDavide kuGoliyati. Enomsindo, wayalela ukuba kubulawe bonke abemi beso sixeko, kuquka ababingeleli abangama-85.—1 Samuweli 21:1, 2; 22:12, 13, 18, 19; Mateyu 12:3, 4.
Ubhungca Ekufeni Kwakho
7. Kutheni yayingebobulumko nje ukuba uDavide abalekele eGati?
7 Ukusuka eNobhi, uDavide wabaleka malunga neekhilomitha ezingama-40 esinge entshona kummandla wamaFilisti wafuna ikhusi kuKumkani uAkishe eGati, isixeko sakuloGoliyati. Mhlawumbi waqiqa ngelithi uSawule wayengenakuyicinga nakancinane eyokuba angaya eGati. Kodwa, akuzange kube kudala abakhonzi bokumkani walapho bamazi uDavide. Wathi akuva ukuba uyaziwa, “woyika kakhulu ngenxa ka-Akishe ukumkani waseGati.”—1 Samuweli 21:10-12.
8. (a) Yintoni esiyixelelwa yiNdumiso 56 ngoko kwehlela uDavide eGati? (b) UDavide wasinda cebetshu njani ekufeni?
8 AmaFilisti ambamba uDavide. Mhlawumbi leli xesha uDavide awaqamba ngalo indumiso esuka entliziyweni ebhenela kuYehova esithi: “Iinyembezi zam zifake kwintsuba yakho.” (INdumiso 56:8 nombhalo osemantla) Wavakalisa indlela amthembe ngayo uYehova ukuba akanakuze ayilibale intlungu yakhe kunoko uya kumnyamekela ngothando aze amkhusele. UDavide weza necebo lokuziphambanisa, elamkhohlisa kwaphela ukumkani wamaFilisti. Ebona loo mpambano, uKumkani uAkishe wangxolisa abakhonzi bakhe ngokumzisela indoda ‘ephambeneyo.’ UYehova walisikelela elo cebo likaDavide. Wakhutshwa kweso sixeko, esinda cebetshu ekufeni kwakho.—1 Samuweli 21:13-15.
9, 10. Sisiphi isizathu esabangela ukuba uDavide abhale iNdumiso 34, ibe ngoobani asenokuba wayecinga ngabo xa wayeqamba le ndumiso?
9 IBhayibhile ayichazi ukuba amahlakani kaDavide aya naye kusini na eGati okanye asala ngasemva ukuze amkhusele kwiidolophana ezikufuphi zakwaSirayeli. Noba kwakunjani na, amele ukuba avuya gqitha xa edibana nawo ebalisa indlela aphinde wahlangulwa ngayo nguYehova. Oko kwakhokelela ekubeni aqambe iNdumiso 34, njengokuba umbhalo osemantla ubonisa. Kwiindinyana ezisixhenxe zokuqala zale ndumiso, uDavide udumisa uThixo ngokumhlangula abe sele emema amahlakani akhe ukuba amthelele ekudumiseni uYehova njengoMhlanguli Omkhulu wabantu bakhe.—INdumiso 34:3, 4, 7.
10 UDavide namadoda akhe bafumana ikhusi kumqolomba waseAdulam kwiintaba zommandla wakwaSirayeli, malunga neekhilomitha ezili-15 kwimpuma yeGati. Apho, wathelelwa ngamaSirayeli awayenganeliseki lulawulo lukaKumkani uSawule. (1 Samuweli 22:1, 2) Xa wayeqamba amazwi eNdumiso 34:8-22, usenokuba wayecinga ngabo bantu. Izikhumbuzo ezikwezo ndinyana zibaluleke nakuthi namhlanje, ibe kuya kusinceda gqitha ukuxutyushwa ngokweenkcukacha kwale ndumiso ibalaseleyo.
Ngaba Iminqweno Yakho Ifana NekaDavide?
11, 12. Ziziphi izizathu esinazo zokumdumisa rhoqo uYehova?
11 “Ndiya kumbonga uYehova ngamaxesha onke; indumiso yakhe iya kuba semlonyeni wam rhoqo.” (INdumiso 34:1) Ekubeni wayelikheswa, uDavide umele ukuba wayexhalatyiswa zizinto ezininzi eziphathekayo awayengenazo, kodwa amazwi akhe abonisa ukuba, iingxaki zemihla ngemihla azizange zimenze alibale umnqweno wakhe wokudumisa uYehova. Lo ngumzekelo omhle esimele siwuxelise xa sisebunzimeni! Enoba sisesikolweni, emsebenzini, sinamanye amaKristu, okanye sikubulungiseleli basentsimini, owona mnqweno wethu imele ibe kukudumisa uYehova. Cinga izizathu ezininzi esinazo zokumdumisa! Ngokomzekelo, sihlala sinezinto ezintsha esizifundayo zize zisivuyise kwimisebenzi emangalisayo yendalo kaYehova. Cinga ngoko aye wakufeza esebenzisa inxalenye esemhlabeni yentlangano yakhe! Bengafezekanga benjalo, kule mihla uYehova uye wabasebenzisa gqitha abantu abathembekileyo. Injani imisebenzi kaThixo xa ithelekiswa neyabantu abanqulwa lihlabathi? Ngaba akuvumelani noDavide, owathi: “Akukho unjengawe phakathi koothixo, Yehova, yaye akukho misebenzi injengeyakho.”—INdumiso 86:8.
12 NjengoDavide, siziva sinyanzelekile ukuba sidumise uYehova rhoqo ngexa yemisebenzi yakhe engenakuthelekiswa nanto. Ngaphezulu, sivuyiswa kukwazi ukuba ngoku uBukumkani bukaThixo busezandleni zeNdlalifa kaDavide engunaphakade, uYesu Kristu. (ISityhilelo 11:15) Oku kutheth’ ukuba isiphelo sale nkqubo yezinto sikufuphi. Ithuba lokuba abantu abangaphezu kwamawaka ezigidi ezithandathu bafumane ikamva likanaphakade lisesichengeni. Zange khe ibe ngaka imfuneko yokuxelela abanye ngoBukumkani bukaThixo noko sele buza kukwenzela uluntu luze luncedwe ludumise uYehova kunye nathi. Ngoko eyona nto imele ibe phambili kubomi bethu kukusebenzisa naliphi na ithuba sikhuthaze abantu bamkele ezi “ndaba zilungileyo” bengekashiywa lixesha.—Mateyu 24:14.
13. (a) Ngubani awaqhayisa ngaye uDavide, ibe ngabantu abanjani abaye basabela kakuhle koko? (b) Abalulamileyo batsaleleka njani kwibandla lamaKristu namhlanje?
13 “Uya kuqhayisa ngoYehova umphefumlo wam; abalulamileyo baya kuva babe nemihlali.” (INdumiso 34:2) Apha uDavide akaqhayisi ngayo nantoni na ayifezileyo. Ngokomzekelo, zange azigwagwise ngendlela akhohlise ngayo ukumkani waseGati. Waqonda ukuba wakhuselwa nguYehova eGati, ibe wancedwa nguye ukuze asinde. (IMizekeliso 21:1) Ngoko, uDavide zange aqhayise ngaye, kunoko waqhayisa ngoYehova. Ngenxa yale ndumiso, abalulamileyo batsho basondela kuYehova. NoYesu walizukisa igama likaYehova ibe oko kwatsala abantu abathobekileyo, nabafundiseka lula. Namhlanje, abantu abalulamileyo bazo zonke iintlanga batsaleleka kwibandla lomhlaba wonke lamaKristu athanjisiweyo, neliNtloko yalo inguYesu. (Kolose 1:18) Iintliziyo zabo ziyachukumiseka xa besiva igama likaThixo lidunyiswa ngabakhonzi bakhe abathobekileyo naxa besiva isigidimi seBhayibhile, abancedwa ngumoya oyingcwele kaThixo ukuze basiqonde.—Yohane 6:44; IZenzo 16:14.
Iintlanganiso Ziyalomeleza Ukholo Lwethu
14. (a) Ngaba uDavide wayemdumisa ngasese kuphela uYehova? (b) Nguwuphi umzekelo owamiselwa nguYesu ngeentlanganiso zokunqula uThixo?
14 “Menzeni mkhulu uYehova kunye nam, masiliphakamise kunye igama lakhe.” (INdumiso 34:3) UDavide wayenganeliswa kukumdumisa ngasese nje kuphela uYehova. Wamema oogxa bakhe ukuba bamthelele ekuphakamiseni igama likaThixo. Ngokufanayo, uYesu Kristu, uDavide Omkhulu wayevuyiswa kukudumisa uYehova esidlangalaleni—kwindlu yesikhungu, kwimibhiyozo yetempile kaThixo eYerusalem naxa ekunye nabalandeli bakhe. (Luka 2:49; 4:16-19; 10:21; Yohane 18:20) Lilungelo elingathethekiyo ukuxelisa umzekelo kaYesu wokudumisa uYehova ngalo lonke ixesha elivelayo kunye nabazalwana bethu, ngakumbi ngoku ekubeni ‘sibona ukuba imini iyasondela’!—Hebhere 10:24, 25.
15. (a) Izinto ezenzeka kuDavide zaba naliphi ifuthe kumadoda akhe? (b) Sizuza njani ngukubakho kwethu kwiintlanganiso?
15 “Ndabuza kuYehova, waza wandiphendula, yaye wandihlangula kwizinto ezindothusayo.” (INdumiso 34:4) Oku kwakubalulekile kuDavide. Ngoko, wahlabela mgama wathi: “Lo uxhwalekileyo wabiza, waza uYehova weva. Yaye wamsindisa kuko konke ukubandezeleka kwakhe.” (INdumiso 34:6) Xa sikunye nabazalwana bethu, sifumana amathuba okubalisa amava akhayo endlela aye wasinceda ngayo uYehova sanyamezela ubunzima. Oku kuyalomeleza ukholo lwabazalwana bethu, kanye njengokuba amazwi kaDavide ayesomeleza ukholo lwabo babekunye naye. Kwimeko kaDavide, amahlakani akhe ‘akhangela [kuYehova] aza akhazimla, yaye ubuso bawo babungenakuba nazintloni.’ (INdumiso 34:5) Nakuba ayebaleka uKumkani uSawule, zange azive eneentloni. Ayeqinisekile ukuba uThixo uyamxhasa uDavide, ngoko ubuso bawo bakhazimla. Ngokufanayo, abo basandul’ ukuba nomdla nabo kudala bengamaKristu balindela ukuxhaswa nguYehova. Ekubeni beye bancedwa nguye, ubuso babo obukhazimlayo buntama ukuzimisela kwabo ukuhlala bethembekile.
Yiba Nombulelo Ngoncedo Lweengelosi
16. UYehova uye wazisebenzisa njani iingelosi zakhe ukusihlangula?
16 “Ingelosi kaYehova imisa inkampu macala onke kwabo bamoyikayo, ize ibahlangule.” (INdumiso 34:7) UDavide akazange acinge ukuba nguye kuphela onokuhlangulwa nguYehova. Yinyaniso ukuba, wayengumthanjiswa kaYehova, eza kuba ngukumkani kwaSirayeli; kodwa wayesazi ukuba uYehova usebenzisa iingelosi zakhe ukulinda bonke abakhonzi bakhe abathembekileyo, enoba kukho into ababalasele ngayo okanye akunjalo. Nanamhlanje abakhonzi bokwenyani baye bakhuselwa nguYehova. KwiJamani yamaNazi, eAngola, eMalawi, eMozambiki nakwamanye amazwe, abasemagunyeni benza amaphulo okuwatshayela nya amaNgqina kaYehova. Yonke loo migudu yabo yawa phantsi. Kodwa bona abantu bakaYehova basaqhubeka besanda kuloo mazwe njengoko bephakamisa igama lakhe ngaxhathalinye. Kubangelwa yintoni oko? Kaloku uYehova usebenzisa iingelosi ezingcwele ukukhusela nokwalathisa abantu bakhe.—Hebhere 1:14.
17. Ziziphi iindlela esincedwa ngazo ziingelosi zikaThixo?
17 Enye into, iingelosi zikaYehova zinokulungisa imicimbi ukuze nabani na ophazamisa abanye asuswe kubantu bakhe. (Mateyu 13:41; 18:6, 10) Nakuba sisenokungakuqondi oko xa kusenzeka, iingelosi zisusa imiqobo enokusithintela ekukhonzeni uThixo, ibe ziyasikhusela kwizinto ezinokonakalisa ulwalamano lwethu noYehova. Okona kubalulekileyo, zisalathisa kumsebenzi wokuvakalisa ‘iindaba ezilungileyo ezingunaphakade’ kubo bonke abantu, kuquka abo bahlala kwiindawo ekuyingozi ukushumayela kuzo. (ISityhilelo 14:6) Ubungqina bokuba iingelosi ziluncedo kudla ngokubaliswa ngabo kwiincwadi zeBhayibhile ezipapashwa ngamaNgqina kaYehova.a Amava anjalo maninzi gqitha ukuba angasuka abethwe ngoyaba ngokungathi asuke azenzekela.
18. (a) Yintoni efunekayo kuthi ukuze iingelosi zisincede? (b) Yintoni eza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo?
18 Ukuze iingelosi zihlale zisalathisa yaye zisikhusela, simele siqhubeke siphakamisa igama likaYehova nokuba sele sichaswa. Khumbula ukuba, ingelosi kaThixo imisa inkampu kuphela “macala onke kwabo bamoyikayo [uYehova].” Kuthetha ukuthini oku? Kukuthini ukoyika uThixo, ibe singenza njani ukuze simoyike? Kutheni uThixo onothando efuna simoyike nje? Le mibuzo iza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Funda incwadi ethi AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi BoBukumkani BukaThixo, iphepha 550; INcwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowama-2005, iphepha 53; IMboniselo, kaMatshi 1, 2000, iphepha 5-6; ekaJanuwari 1, 1991, iphepha 27; nekaFebruwari 15, 1991, iphepha 26.
Ubuya Kuthini?
• Ziziphi izilingo ezanyamezelwa nguDavide eselula?
• NjengoDavide, yiyiphi eyona minqweno yethu?
• Sizijonga njani iintlanganiso zamaKristu?
• UYehova uzisebenzisa njani iingelosi zakhe ukuze zisincede?
[Imaphu ekwiphepha 21]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
Rama
Gati
Tsikelage
Gibheya
Nobhi
Yerusalem
Bhetelehem
Adulam
Keyila
Hebron
Zifi
Horeshi
Karmele
Mahon
En-gedi
ULwandle LweTyuwa
[Inkcazelo]
Map: Based on maps copyrighted by Pictorial Archive (Near Eastern History) Est. and Survey of Israel
[Umfanekiso okwiphepha 21]
Nakuba wayeselubhacweni, uDavide waliphakamisa igama likaYehova
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Ukholo lwethu luyomelela njengoko siphulaphula amava akhayo kwiintlanganiso zamaKristu