Sifanele Sizijonge Njani Izilingo?
IIMVAVANYO! Izilingo! Sonke siyajamelana nazo. Zisenokubangelwa kukwahlukana kobuntu bethu, iingxaki zezoqoqosho, impilo enkenenkene, ingcinezelo yoontanga yokwenza okuphosakeleyo, intshutshiso, iimvavanyo ezibangelwa kukungathabathi cala kunqulo-zithixo, nazezinye izinto ezininzi. Kungakhathaliseki ukuba zinjani na izilingo esijamelana nazo, zisoloko zisixhalabisa ngendlela engathethekiyo. Singakwazi njani ukujamelana nazo ngokuphumelelayo? Ngaba ikho indlela ezisinceda ngayo?
Eyona Nkxaso Sinokuyifumana
UKumkani uDavide owayephila mandulo wajamelana nezilingo ezininzi, sekunjalo wafa ethembekile. Wakwazi njani ukuzinyamezela? Wawuchaza umthombo wamandla akhe esithi: “UYehova ngumaLusi wam. Andiyi kuswela nto.” Wahlabela mgama wathi: “Nangona ndihamba kwintlambo yethunzi elimnyama, andoyiki nto imbi, kuba unam wena; intonga yakho nomsimelelo wakho ziyandithuthuzela.” (INdumiso 23:1, 4) Ewe, uYehova ungowona mthombo wenkxaso yethu. Wamxhasa uDavide nakwawona maxesha anzima, yaye ukulungele ukwenjenjalo nakuthi xa kuyimfuneko.
Singayifumana njani inkxaso kaYehova? IBhayibhile isichazela ngokuthi: “Ngcamlani nibone ukuba uYehova ulungile.” (INdumiso 34:8) Eso sisimemo sobubele, kodwa iyintoni intsingiselo yaso? Sisikhuthaza ukuba sikhonze uYehova size sivisisanise ubomi bethu ngokupheleleyo nokuthanda kwakhe. Ukuthabatha elo khondo kuthetha ukuncama inxalenye yenkululeko yethu, nokuzincama. Kwezinye iimeko, kusenokude kukhokelele kwizilingo—kwiintshutshiso nokubandezeleka. Noko ke, abo baye basamkela ngokusuk’ entliziyweni esi simemo sikaYehova abamele bazisole ngokwenjenjalo. UYehova uya kubaphatha ngobubele. Uya kubakhokela aze abanyamekele ngokomoya. Xa bejamelene nezilingo uYehova uya kubomeleza ngeLizwi lakhe, ngomoya wakhe oyingcwele, nangebandla lobuKristu. Yaye ekugqibeleni uya kubavuza ngobomi obungunaphakade.—INdumiso 23:6; 25:9; Isaya 30:21; Roma 15:5.
Abo benza isigqibo sokuguqula ubomi babo ukuze bakhonze uYehova baze babambelele kuso bafumanisa ukuba uYehova uyazizalisekisa zonke izithembiso zakhe. Oko koko kwenzeka kumaSirayeli awalandela uYoshuwa ukuya kungena kwiLizwe Lesithembiso. Emva nje kokuba ewele iYordan, kwafuneka anyamezele izilingo ezithile, alwe amadabi, yaye afunde nezifundo ezibuhlungu. Noko ke, eso sizukulwana sangqineka sithembeke ngakumbi kunooyise, abaphuma eYiputa baza bafela entlango. Ngenxa yoko, uYehova wabaxhasa abo bathembekileyo, yaye ekufeni kukaYoshuwa, iBhayibhile ithi ngabo: “UYehova wabanika ukuphumla entweni yonke, kuko konke awayekufungile kookhokho babo . . . Akukho sithembiso sasilelayo kuzo zonke izithembiso ezilungileyo uYehova awayezenzile kwindlu kaSirayeli; zonke zaba yinyaniso.” (Yoshuwa 21:44, 45) Oko kusenokwenzeka nakuthi ukuba sithembela ngokupheleleyo kuYehova xa sijamelana nezilingo, nangawo onke amanye amaxesha.
Yintoni enokusenza siyeke ukuthembela kuYehova? UYesu wachaza enye yazo esithi: “Akukho bani unokukhonza iinkosi ezimbini . . . Aninakukhonza uThixo nobuTyebi.” (Mateyu 6:24) Ukuba sithembela kuYehova, asiyi kufuna unqabiseko ehlabathini, kwizinto eziphathekayo, njengokuba abaninzi besenjenjalo. UYesu waluleka abalandeli bakhe wathi: “Qhubekani, ke ngoko, nifuna kuqala ubukumkani nobulungisa bakhe, yaye zonke ezinye izinto [eziphathekayo enizisweleyo] ziya kongezelelwa kuni.” (Mateyu 6:33) UmKristu ozigcina enembono elungeleleneyo ngezinto eziphathekayo aze abeke uBukumkani bukaThixo kwindawo yokuqala ebomini bakhe wenza eyona nto ifanelekileyo. (INtshumayeli 7:12) Kakade ke, kusenokwenzeka ukuba alahlekelwe kokuthile. Kusenokufuneka ancame izinto ezithile eziphathekayo. Kodwa uya kuvuna lukhulu. Yaye uYehova uya kumxhasa.—Isaya 48:17, 18.
Oko Sikufundayo Kwizilingo
Kakade ke, ukukhetha ‘ukungcamla ukuze sibone ukuba uYehova ulungile’ akusikhuseli ekubeni sehlelwe zizinto ezibuhlungu; kungasikhuseli ngokupheleleyo nasekuhlaselweni nguSathana namahlakani akhe. (INtshumayeli 9:11) Ngenxa yoko, ukunyaniseka nokuzimisela komKristu kusenokuvavanywa. Kutheni uYehova eyekela abakhonzi bakhe bachanabeke kwizilingo ezinjalo? Umpostile uPetros wachaza esinye isizathu wathi: ‘Kuba okwethutyana ngoku, niva ubuhlungu ngenxa yezilingo ezahlukahlukeneyo, ukuze umlinganiselo ovavanyiweyo wokholo lwenu, oluxabiso likhulu ngakumbi kunegolide etshabalalayo phezu kwako nje ukucikidwa kwayo ngomlilo, ufunyanwe ungunobangela wendumiso nozuko nembeko ekutyhilekeni kukaYesu Kristu.’ (1 Petros 1:6, 7) Ewe, iimvavanyo zisenza sibonakalise ukholo lwethu nothando lwethu ngoYehova. Yaye ziluncedo ekunikeleni impendulo kungcikivo nakwizityholo zikaSathana uMtyholi.—IMizekeliso 27:11; ISityhilelo 12:10.
Kwakhona iimvavanyo zisinceda sivelise ezinye iimpawu zobuKristu. Ngokomzekelo, cinga nje ngamazwi omdumisi athi: “[UYehova] uyambona othobekileyo; kodwa ophakamileyo umazela mgama kuphela.” (INdumiso 138:6) Abaninzi kuthi abathobekanga ngendalo, kodwa izilingo zinokusinceda sihlakulele olo phawu lubalulekileyo. Cinga ngoko kwenzekayo ngexesha likaMoses xa abanye kwaSirayeli bakruqukayo kukutya imana iiveki ngeeveki, neenyanga ngeenyanga. Kuyabonakala ukuba, oko kwakusisilingo kubo, nangona imana yayiveliswe ngokungummangaliso. Yayiyintoni injongo yolo vavanyo? UMoses wathi kubo: ‘UYehova wakudlisa imana entlango ukuze akuthobe, yaye akuvavanye.’—Duteronomi 8:16.
Ngokufanayo ukuthobeka kwethu kusenokuvavanywa. Njani? Ngokomzekelo, sisabela njani xa kukho uhlengahlengiso olwenziwa yintlangano? (Isaya 60:17) Ngaba siwuxhasa ngokusuk’ entliziyweni umsebenzi wokushumayela nokufundisa? (Mateyu 24:14; 28:19, 20) Ngaba siyamkela ngolangazelelo ingcaciso yenyaniso yeBhayibhile elungiselelwe “likhoboka elithembekileyo neliyingqondi”? (Mateyu 24:45-47; IMizekeliso 4:18) Ngaba siyawuxhathisa umnqweno wokulangazelela ukuba nezinto zamva nje, izinto zefashoni, okanye imoto yakutshanje? Umntu othobekileyo uya kukwazi ukuyiphendula ngokuthi ewe loo mibuzo.—1 Petros 1:14-16; 2 Petros 3:11.
Kwakhona izilingo zisinceda sivelise olunye uphawu olubalulekileyo—unyamezelo. Umfundi uYakobi wathi: “Kugqaleni kuluvuyo olukhulu, bazalwana bam, xa nihlangabezana nezilingo ezahlukahlukeneyo, nisazi nje ukuba ukuvavanywa kokholo lwenu kuvelisa unyamezelo.” (Yakobi 1:2, 3) Ukuzinyamezela ngokuphumelelayo iimvavanyo sithembele ngokupheleleyo kuYehova kusenza sime ngokuqinileyo, singagungqi, yaye sigcine ingqibelelo. Kusinika amandla okuxhathisa ezinye izilingo ezinokuziswa nguSathana, uthixo onomsindo weli hlabathi.—1 Petros 5:8-10; 1 Yohane 5:19; ISityhilelo 12:12.
Hlala Unembono Efanelekileyo Ngezilingo
UNyana ofezekileyo kaThixo, uYesu Kristu, wajamelana nezilingo ezininzi ngoxa wayesemhlabeni yaye wavuzwa ngendlela engathethekiyo ngokuzinyamezela. UPawulos wabhala wathi uYesu “wafunda ukuthobeka ngeembandezelo awazifumanayo.” (Hebhere 5:8) Ukuthembeka kwakhe de kuse ekufeni kwazisa indumiso kwigama likaYehova, nto leyo eyenza uYesu wakwazi ukunikela ubomi bakhe obufezekileyo njengentlawulelo yoluntu. Oko kwanika abo banokholo kuYesu ithemba lokuphila ubomi obungunaphakade. (Yohane 3:16) Ngenxa yokuba uYesu wahlala ethembekile ngoxa wayelingwa, ngoku unguMbingeleli wethu Omkhulu noKumkani omiselweyo.—Hebhere 7:26-28; 12:2.
Kuthekani ngathi? Ngokufanayo ukuthembeka kwethu xa sijamelene nezilingo kuya kusizisela iintsikelelo. Ngokuphathelele abo banethemba lokuphila ezulwini, iBhayibhile ithi: “Unoyolo umntu oqhubeka enyamezela isilingo, ngenxa yokuba akuba ekholekile uya kwamkela isithsaba sobomi, awabathembisa ngaso uYehova abo baqhubeka bemthanda.” (Yakobi 1:12) Abo banethemba lokuphila emhlabeni bangaqiniseka ukuba ukuba banyamezela ngokuthembekileyo, baya kufumana ubomi obungunaphakade kumhlaba oyiparadesi. (ISityhilelo 21:3-6) Yaye okona kubaluleke ngakumbi kukuba, ukunyamezela kwabo ngokuthembekileyo kuzisa indumiso kwigama likaYehova.
Njengoko silandela emanyathelweni kaYesu, sinokuqiniseka ukuba singakwazi ukuzeyisa zonke izilingo esijamelana nazo kule nkqubo yezinto. (1 Korinte 10:13; 1 Petros 2:21) Njani? Ngokuthembela kwethu kuYehova, obanika “amandla angaphaya koko kuqhelekileyo” abo bakholosa ngaye. (2 Korinte 4:7) Kwanga nathi singeyiseka njengoYobhi, owayenyamezele izilingo ezinzima waza eqinisekile wathi: “Emva kokuba endivavanyile, ndiya kuphuma ndinjengegolide.”—Yobhi 23:10.
[Umfanekiso okwiphepha 31]
Ukuthembeka kukaYesu xa wayevavanywa kwazisa indumiso kwigama likaYehova. Nathi sinokwenjenjalo