“Ziyolise Ngokugqibeleleyo NgoYehova”
“Ziyolise ngokugqibeleleyo ngoYehova, yaye uya kukunika izicelo zentliziyo yakho.”—INDUMISO 37:4.
1, 2. Ngubani uMthombo wolonwabo lokwenene, yaye uKumkani uDavide wanikela njani ingqalelo kwesi sibakala?
“BANOYOLO abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya . . . banoyolo abanenceba, . . . banoyolo abanoxolo.” La mazwi ndawonye nezinye iinkcazelo ezintandathu zabo banoyolo, ayintshayelelo echukumisayo yeNtshumayelo yaseNtabeni kaYesu edumileyo, njengoko ibhalwe ngumbhali weVangeli uMateyu. (Mateyu 5:3-11) Amazwi kaYesu asiqinisekisa ukuba nathi sinokuba noyolo.
2 Ingoma engcwele eyabhalwa nguKumkani uDavide kaSirayeli wamandulo ithetha ngoMthombo wolonwabo lokwenene, uYehova. UDavide wathi: “Ziyolise ngokugqibeleleyo ngoYehova, yaye uya kukunika izicelo zentliziyo yakho.” (INdumiso 37:4) Kodwa ukwazi uYehova neenkalo ezahlukahlukeneyo zobuntu bakhe kunokumenza njani ubani abe ‘noyolo olugqibeleleyo’? Ukuqwalasela oko akwenzileyo noko asaza kukwenza ukufeza iinjongo zakhe kukunika njani ithuba lokufumana “izicelo zentliziyo yakho”? Ukuyihlolisisa ngenyameko INdumiso 37, indinyana 1 ukusa kweye-11, kuya kusenza sifumane iimpendulo.
“Musa Ukubamonela”
3, 4. UDavide ulumkisa athini kwiNdumiso 37:1, yaye kutheni kufanelekile ukusithobela eso silumkiso namhlanje?
3 Siphila ‘kumaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo,’ yaye ububi bandile. Sikubonile ukuzaliseka kwamazwi ompostile uPawulos athi: “Abantu abangendawo namabhedengu baya kuhambela phambili ebubini, belahlekisa yaye belahlekiswa.” (2 Timoti 3:1, 13) Hayi indlela ekulula ngayo ukuphenjelelwa kukubona ngathi abantu abangendawo bayaphumelela yaye baba zizityebi! Konke oko kunokusiphazamisa, kusenze singazinzi ngokomoya. Phawula indlela amazwi okuvula eNdumiso 37 asilumkisa ngayo ngengozi enokwenzeka: “Musa ukuzibonisa uvutha ngumsindo ngenxa yabenzi bobubi. Musa ukubamonela abo benza okungebobulungisa.”
4 Amajelo eendaba mihla le asixelela ngabantu abenza okungekho sikweni. Oosomashishini abangathembekanga bayaqhatha baze bangabanjwa. Izaphuli-mthetho zixhaphaza abangalumkanga. Ababulali ababanjwa okanye bohlwaywe. Xa sibona okungekho sikweni okunjalo kusenokusicaphukisa kuze kusiphange uxolo lwengqondo. Ukubonakala ngathi abangendawo bayaphumelela kusenokude kusenze sibamonele. Kodwa ngaba ukucaphuka kwethu kuya kuzilungisa izinto? Ngaba ukubamonela abangendawo xa kubonakala ngathi bayaphumelela kuyayiguqula into abaya kujamelana nayo ekugqibeleni? Nakanye! Yaye asikho nesincinane isizathu sokuba ‘sivuthe ngumsindo.’ Ngoba?
5. Kutheni abenzi bobubi befaniswa nengca?
5 Lo mdumisi uphendula esithi: “Kuba baya kubuna ngokukhawuleza njengengca, baze njengengca entsha eluhlaza baphelelwe.” (INdumiso 37:2) Ingca entsha eluhlaza isenokubonakala intle, kodwa isenokukhawuleza itshe. Kunjalo kanye nangabenzi bobubi. Nangona bebonakala bephumelela, abasayi kuhlala bephumelela. Xa besifa, ubutyebi ababufumene ngamaqhinga abusayi kuphinda bubancede. Ekugqibeleni isikhuni siya kubuya nomkhwezeli. UPawulos wabhala: “Umvuzo isono esiwuhlawulayo kukufa.” (Roma 6:23) Abenzi bobubi nabo bangengomalungisa ekugqibeleni baya kufumana “umvuzo” wabo kuphela. Hayi indlela obungenamvuzo ngayo ubomi babo!—INdumiso 37:35, 36; 49:16, 17.
6. Yintoni esiyifundayo kwiNdumiso 37:1, 2?
6 Ngaba ke ngoko, sifanele sizikhathaze ngobutyebi abantu abangendawo ababufumene ngamaqhinga? Nasi isifundo esikwiindinyana zokuqala ezimbini kwiNdumiso 37: Musa ukuvumela impumelelo yabo ikuphambukise kwikhondo olinyulileyo lokukhonza uYehova. Kunoko, nikela ingqalelo kwiintsikelelo nakusukelo lokomoya.—IMizekeliso 23:17.
“Kholosa NgoYehova Wenze Okulungileyo”
7. Kutheni sifanele sikholose ngoYehova?
7 Umdumisi uyasibongoza: “Kholosa ngoYehova wenze okulungileyo.” (INdumiso 37:3a) Xa sijamelene namaxhala okanye amathandabuzo, sifanele sibe nentembelo eqinileyo kuYehova. NguYe onokusikhusela ngokupheleleyo ngokomoya. UMoses wabhala: “Nabani na ohleli kwindawo efihlakeleyo yOyena Uphakamileyo, uya kuzifumanela indawo yokulalisa emthunzini waLowo unguSomandla.” (INdumiso 91:1) Xa sikhathazwa kukwanda kolwaphulo-mthetho kule nkqubo yezinto, sifanele sayame ngakumbi ngoYehova. Ukuba sikruneke iqatha, siyakuvuyela ukubambelela ngothile ongumhlobo wethu. Ngokufanayo, xa sizabalazela ukuhamba ngokuthembeka, siyayifuna inkxaso kaYehova.—Isaya 50:10.
8. Ukuba nenxaxheba kumsebenzi wamaKristu wokushumayela kunokusinceda njani sikuphephe ukuphazamiseka gqitha ngenxa yokuphumelela kwabangendawo?
8 Esinye isicombululo xa uphazanyiswa kukuphumelela kwabangendawo kukuxakeka ufuna yaye unceda abanjengezimvu ukuze bafikelele elwazini oluchanileyo lweenjongo zikaYehova. Ngenxa yokwanda kobungendawo, sifanele sixakeke ngokupheleleyo ekuncedeni abanye. Umpostile uPawulos wathi: “Musani ukulibala ukwenza okulungileyo nokwabelana ngezinto nabanye, kuba uThixo uyakholiswa yimibingelelo enjalo.” Okona “kulungileyo” sinokukwenza kukwabelana nabanye ngeendaba ezilungileyo ezizukileyo zoBukumkani bukaThixo. Ngokwenene umsebenzi wethu wokushumayela kubantu bonke ‘ngumbingelelo wendumiso.’—Hebhere 13:15, 16; Galati 6:10.
9. Chaza umyalelo kaDavide othi “hlala emhlabeni.”
9 UDavide uhlabela mgama esithi: “Hlala emhlabeni, uqhube ngokuthembeka.” (INdumiso 37:3b) ‘Umhlaba’ ngemihla kaDavide yayingummandla uYehova awayewunike uSirayeli, iLizwe Lesithembiso. Ebudeni bokulawula kukaSolomon imida yawo yayiqala kwaDan emantla iye kuthi xhaxhe emazantsi eBer-shebha. Kulapho ke uSirayeli wayehlala khona. (1 Kumkani 4:25) Namhlanje, enoba sihlala phi, sikhangele phambili xa umhlaba wonke uya kuba yiparadesi kwihlabathi elitsha lobulungisa. Okwangoku, sihlala sinqabisekile ngokomoya.—Isaya 65:13, 14.
10. Yintoni eya kwenzeka ukuba “siqhuba ngokuthembeka”?
10 Yintoni eya kwenzeka ukuba “siqhuba ngokuthembeka”? Umzekeliso ophefumlelweyo uyasikhumbuza: “Umntu wezenzo zokuthembeka uya kufumana iintsikelelo ezininzi.” (IMizekeliso 28:20) Ukuzishumayela kwethu ngenzondelelo iindaba ezilungileyo enoba sihlala phi yaye nakubani na ngokuqinisekileyo kuya kusizisela iintsikelelo ezivela kuYehova. Ngokomzekelo, uFrank nomfazi wakhe, uRose, baqalisa ukuba ngoovulindlela kwiminyaka engama-40 eyadlulayo kwidolophu esemantla eSkotlani. Iqela labo babebonakalise umdla enyanisweni layishiya inyaniso. Singatyhafiswanga yiloo nto, esi sibini singoovulindlela saqalisa ukushumayela nokwenza abafundi. Ngoku kukho ibandla elikhulayo kuloo dolophu. Ukuthembeka kwesi sibini ngokwenene kwasikelelwa nguYehova. Ngokuthobeka uFrank ucacisa esithi: “Eyona ntsikelelo inkulu kukuba sisesenyanisweni yaye uYehova uyasisebenzisa.” Ewe, xa “siqhuba ngokuthembeka,” sizuza iintsikelelo ezininzi.
“Ziyolise Ngokugqibeleleyo NgoYehova”
11, 12. (a) Sinokulufumana njani ‘uyolo olugqibeleleyo ngoYehova’? (b) Luluphi usukelo onokuzibekela lona ngokuphathelele isifundo sobuqu, yaye oku kunokuba nayiphi imiphumo?
11 Ukuze someleze ulwalamano lwethu noYehova size sihlale sithembele kuye, simele ‘siziyolise ngokugqibeleleyo ngoYehova.’ (INdumiso 37:4a) Sinokukwenza njani oko? Kunokuba sisoloko sicinga ngemeko yethu, enoba inzima kangakanani na, sisoloko sicinga ngoYehova. Enye indlela yokwenza oku kukuzipha ixesha lokufunda iLizwi lakhe. (INdumiso 1:1, 2) Ngaba uyayoliswa kukufunda iBhayibhile? Uya kuyoliswa kuko ukuba ufunda ngenjongo yokwazi okungakumbi ngoYehova. Kutheni unganqumami emva kokufunda inxalenye ethile uze uzibuze, ‘Le ndinyana indifundise ntoni ngoYehova?’ Usenokukufumanisa kuluncedo ukuba nencwadi okanye iphepha lokubhala amanqaku xa ufunda iBhayibhile. Ngalo lonke ixesha unqumama ukuze ucingisise ngoko ukufundileyo, bhala phantsi ibinzana elithile elikukhumbuza olunye uphawu kwiimpawu zikaThixo ezithandekayo. Kwenye indumiso, uDavide wavuma esithi: “Amazwi omlomo wam nokucamngca kwentliziyo yam makukukholise, Yehova Liwa lam noMkhululi wam.” (INdumiso 19:14) Ukunikela kwethu ingqalelo ekhethekileyo kwiLizwi likaThixo ‘kuyamkholisa’ uYehova kuze nathi kusizisele uyolo.
12 Sinokulufumana njani uyolo ngokufundisisa nokucamngca? Sinokuzibekela usukelo lokufunda kangangoko sinako ngoYehova neendlela zakhe. Iincwadi ezinjengethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila nethi Sondela KuYehovaa ziqulethe inkcazelo eninzi enokusenza sicingisise ngoxabiso. UDavide uqinisekisa abo bangamalungisa ukuba, uYehova ‘uya kuninika izicelo zentliziyo yenu.’ (INdumiso 37:4b) Yintembelo elolu hlobo eyabangela umpostile uYohane ukuba abhale la mazwi: “Sinentembelo yokuba, kungakhathaliseki ukuba yintoni na esiyicelayo ngokuvumelana nokuthanda kwakhe, uyasiva. Njengoko sisazi ukuba uyasiva kuko konke esikucelayo, siyazi ke ukuba siza kuzifumana izinto esizicelileyo kuye.”—1 Yohane 5:14, 15.
13. Kwiminyaka yakutshanje, luluphi ulwando kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani oluye lwaphawulwa kumazwe amaninzi?
13 Njengabagcini bengqibelelo, eyona nto isivuyisa kakhulu kukubona ulongamo lukaYehova luthethelelwe. (IMizekeliso 27:11) Ngaba iintliziyo zethu aziphuphumi lulonwabo xa sisiva ngomsebenzi omkhulu wokushumayela owenziwa ngabazalwana bethu kumazwe awayefudula elawulwa ngoozwilakhe? Ngolangazelelo sikhangele phambili ukubona inkululeko eyongezelelekileyo enokubakho ngaphambi kokuba le nkqubo iphele. Abakhonzi bakaYehova abaninzi abahlala kumazwe asentshona baye benza umsebenzi omkhulu ekushumayeleni kubafundi, kwiimbacu nakwabanye abantu abahleli okwethutyana kumazwe asentshona nabanenkululeko yonqulo. Sinqwenela ukuba xa aba bebuyela emakhaya, baqhubeke bevumela inyaniso ikhanyise nakwiindawo ezisisithokothoko sobumnyama.—Mateyu 5:14-16.
“Yiqengqele KuYehova Indlela Yakho”
14. Bubuphi ubungqina obukhoyo bokuba sinokuthembela kuYehova?
14 Hayi indlela okusinika isiqabu ngayo ukwazi ukuba iingxaki zethu nezo zinto zibonakala ngathi ziyasicinezela zinokuthulwa! Njani? UDavide uthi: “Yiqengqele kuYehova indlela yakho, uze uthembele ngaye,” aze ongezelele ngokuthi, “kwaye yena uya kwenza.” (INdumiso 37:5) Kumabandla ethu, sinobungqina obubambekayo bokuba uYehova unokusixhasa. (INdumiso 55:22) Abo bakwinkonzo yexesha elizeleyo, enoba bangoovulindlela, abaveleli abahambahambayo, abavangeli basemazweni, okanye abo basebenza eBheteli, banokungqina ukuba uYehova unokuthenjwa. Kutheni ungathethi nabo ubaziyo uze ubuze indlela uYehova abancede ngayo? Ngokungathandabuzekiyo uya kuva amava amaninzi abonisa ukuba nakumaxesha anzima, isandla sikaYehova asizange sibe sifutshane. Usoloko elungiselela izinto eziyimfuneko.—INdumiso 37:25; Mateyu 6:25-34.
15. Ubulungisa babantu bakaThixo bukhanya njani?
15 Xa sithembele ngoYehova yaye sikholose ngaye ngokupheleleyo, amazwi omdumisi anokuzaliseka kuthi, xa wathi: “Ngokuqinisekileyo uya kubuzisa njengokukhanya ubulungisa bakho, nokusesikweni kwakho njengemini emaqanda.” (INdumiso 37:6) NjengamaNgqina kaYehova, amaxesha amaninzi abantu bathetha ubuxoki ngathi. Kodwa uYehova uvula amehlo abo baneentliziyo ezinyanisekileyo ukuze babancede babone ukuba sishumayela kubantu bonke ngenxa yothando ngoYehova nangommelwane. Kwangaxeshanye, enoba abantu bathetha ubuxoki ngathi, ukuziphatha kwethu kakuhle, kuyinto engenakukhanyelwa. UYehova uyasilondoloza kulo lonke uhlobo lwenkcaso nentshutshiso. Ngenxa yoko, ubulungisa babantu bakaThixo bukhanya njengelanga emini emaqanda.—1 Petros 2:12.
‘Yithi Cwaka Ulinde Ngolangazelelo’
16, 17. Ngokuvisisana neNdumiso 37:7, ngoku lixesha lokwenza ntoni, yaye ngoba?
16 Umdumisi uhlabela mgama aze athi: “Yithi cwaka phambi koYehova uze ulindele kuye ngolangazelelo. Musa ukuvutha ngumsindo nakubani na owenza indlela yakhe iphumelele, kwindoda ephumeza iingcamango zayo.” (INdumiso 37:7) Apha uDavide ugxininisa imfuneko yokumlinda uYehova ngomonde ukuba athabathe amanyathelo. Nangona isiphelo sale nkqubo singekafiki, eso ayisosizathu sakukhalaza. Ngaba asibonanga ukuba uYehova unenceba nomonde ongaphezu kokuba besicinga? Ngaba nathi ngoku sinokubonisa ukuba silinde ngomonde njengoko sizigcina sixakekile ekushumayeleni iindaba ezilungileyo ngaphambi kokuba kufike isiphelo? (Marko 13:10) Ngoku lixesha lokuba sikuphephe ukudyuduzela nto leyo enokusenza singonwabi size singomeleli ngokomoya. Eli lixesha lokuyixhathisa ngamandla kunanini na ngaphambili impembelelo eyonakalisayo yehlabathi likaSathana. Yaye ngoku lixesha lokuba sizigcine sinyulu ngokuziphatha yaye singaze sonakalise indlela uYehova asijonga ngayo njengamalungisa. Ngamana singasoloko siziphepha iingcinga ezingcolileyo size siziphephe izenzo ezimbi nabantu besini esahlukileyo, okanye nabo besini esifana nesethu.—Kolose 3:5.
17 UDavide uyasiluleka: “Wuyeke umsindo uyishiye ingqumbo; musa ukuvutha ngumsindo uze wenze ububi. Kuba abenzi bobubi baya kunqunyulwa, kodwa abathembela kuYehova baya kuwudla ilifa umhlaba.” (INdumiso 37:8, 9) Ewe, sinokukhangela phambili ngentembelo kwixesha—ngoku elingekude—xa uYehova eya kuphelisa emhlabeni bonke ububi nabo babubangelayo.
“Kusele Ithutyana”
18, 19. INdumiso 37:10 ikukhuthaza njani?
18 “Kusele ithutyana, angabikho ongendawo; uya kuyikhangela indawo yakhe, abe engekho.” (INdumiso 37:10) Hayi indlela asikhuthaza ngayo loo mazwi njengokuba sisondela esiphelweni sale nkqubo nemiphumo eyintlekele yokuzimela geqe kuYehova! Naluphi na uhlobo lorhulumente oluyilwe ngabantu luye lwasilela ngendlela elihlazo. Yaye ngoku sisondela kwixesha lokufika kolawulo lukaThixo, uBukumkani bukaYehova obulawulwa nguYesu Kristu. Lo rhulumente uya kulawula umhlaba wonke uze ushenxise bonke abo babuchasileyo uBukumkani bukaThixo.—Daniyeli 2:44.
19 Kwihlabathi elitsha elilawulwa buBukumkani bukaThixo, enoba unokumkhangela, soze umfumane umntu “ongendawo.” Enyanisweni, nabani na ovukela uYehova uya kushenxiswa ngokukhawuleza. Akukho mntu uhlasela ulongamo lwakhe nongafuniyo ukuzithoba kwigunya likaThixo oya kuba ekho. Bonke abamelwane bakho baya kuba bentliziyo-nye kumnqweno wabo wokukholisa uYehova. Oku kuya kuzisa unqabiseko lokwenene—akusayi kufuneka zitshixo, imivalo, akukho nto eya kubangela abantu bangathembani yaye bangonwabi!—Isaya 65:20; Mika 4:4; 2 Petros 3:13.
20, 21. (a) Ngoobani “abathobekileyo” ekuthethwa ngabo kwiNdumiso 37:11 yaye balufumana phi ‘uxolo oluninzi’? (b) Ziziphi iintsikelelo esiya kuzifumana ukuba sixelisa uDavide Omkhulu?
20 Bona “abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba.” (INdumiso 37:11a) Kodwa ngoobani aba “balulamileyo”? Igama eliguqulelwe ngokuthi “lulamileyo” lisuka kwigama lesiNgesi elithetha “ukubangela intlungu, ukuzithoba, ukuhlazisa.” Ewe, “abalulamileyo” ngabo bathi ngokuzithoba balindele uYehova ukuba alungise konke okungekho sikweni okuye kwenziwa kubo. ‘Baya kuziyolisa ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.’ (INdumiso 37:11b) Kwanangoku sifumana uxolo oluninzi kwiparadesi yokomoya efumaneka kwibandla lamaKristu okwenyaniso.
21 Nangona zingekapheli iinkxwaleko, siyancedana size sibathuthuzele abo badandathekileyo. Ngenxa yoko, kubakho ulwaneliseko lokwenene phakathi kwabantu bakaYehova. Abazalwana abangabelusi bayasinceda ngokomoya—yaye maxa wambi nangokwenyama—nto leyo esinceda sinyamezele iinkxwaleko ngenxa yobulungisa. (1 Tesalonika 2:7, 11; 1 Petros 5:2, 3) Hayi indlela oluxabiseke ngayo uxolo esinalo! Kwakhona sinethemba lokuphila ngonaphakade kwiParadesi enoxolo ezayo. Ngoko ke, ngamana singaxelisa uDavide Omkhulu, uKristu Yesu, owashukunyiswa yinzondelelo yakhe ngoYehova ukuba amkhonze ngokuthembeka kwade kwasekupheleni. (1 Petros 2:21) Ngokwenjenjalo, siya kuqhubeka sonwabile, sidumisa lowo siyoliswa nguye ngokugqibeleleyo, uThixo wethu, uYehova.
[Umbhalo osemazantsi]
a Zipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
Ngaba Unokuphendula?
• Ufunde ntoni kwiNdumiso 37:1, 2?
• ‘Unokuziyolisa njani ngokugqibeleleyo ngoYehova’?
• Yintoni enokusenza sikholose ngoYehova?
[Umfanekiso okwiphepha 9]
AmaKristu ‘akabamoneli abo benza okungebobulungisa’
[Umfanekiso okwiphepha 10]
“Kholosa ngoYehova wenze okulungileyo”
[Umfanekiso okwiphepha 11]
Yoliswa nguYehova ngokufunda kangangoko unako ngaye
[Umfanekiso okwiphepha 12]
“Abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba”