-
Ilifa Onokuqiniseka NgaloIMboniselo—2004 | Oktobha 1
-
-
Ilifa Onokuqiniseka Ngalo
“UKUBA ufumana ileta evela ‘kumabi wamafa’ ethi unelifa ofanele ulifumane, lumka. Usenokuba lixhoba lomkhohlisi okrelekrele.”
Eso sisilumkiso esikwi-Web site yeSebe lePosi laseUnited States. Yintoni ebangela ukuba kubekho esi silumkiso? Kungenxa yokuba abantu abangamawaka baye bafumana ileta ethi, ‘Isalamane sakho siye safa yaye sikushiyele ilifa.’ Ngenxa yoko, abaninzi baye bathumela ngeposi imali ezii-R210 okanye ngaphezulu ukuze bafumane ‘ingxelo ngelifa’ echaza ukuba liphi nendlela yokulifumana. Baphoxeka ngokulusizi. Bonke bafumana ingxelo efanayo—yaye kwakungekho themba lokuba kungaze kubekho umntu ofumana elo lifa.
Ubuqhetseba obunjalo buye bababambisa abathile ekubeni ingumnqweno wabantu ongokwemvelo ukufumana ilifa. Sekunjalo, iBhayibhile ithetha kakuhle ngabo bashiya ilifa xa isithi: “Olungileyo ushiyela oonyana boonyana ilifa.” (IMizekeliso 13:22) Eneneni, yayinguYesu Kristu owathetha la mazwi awaziwayo nathandwayo kwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni esithi: “Banoyolo abo banomoya wobulali, kuba baya kuwudla ilifa umhlaba.”—Mateyu 5:5.
La mazwi kaYesu asikhumbuza oko uKumkani uDavide kaSirayeli wamandulo waphefumlelwa ukuba akubhale kwiinkulungwane ngaphambilana xa wathi: “Abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.”—INdumiso 37:11.
“Baya kuwudla ilifa umhlaba”—hayi indlela elichukumisa ngayo eli themba! Kodwa ngaba sinokuqiniseka ukuba eli asililo elinye icebo eliyinkohliso elilungiselelwe ukuqhatha abantu? Ewe sinako. Ekubeni umhlaba uyinxalenye yendalo kaYehova emangalisayo, yena njengoMdali noMnini wawo unelungelo lokuwunika nabani na afuna ukumnika wona njengelifa. Esebenzisa uKumkani uDavide, ngokuprofetayo uYehova wenza esi sithembiso kuNyana Wakhe oyintanda, uYesu Kristu: “Cela kum, ukuba ndikunike iintlanga njengelifa lakho neziphelo zomhlaba njengelifa lakho.” (INdumiso 2:8) Ngenxa yoku, umpostile uPawulos uchaza uYesu njengalowo “aye [uThixo] wammisela njengendlalifa yezinto zonke.” (Hebhere 1:2) Ngoko ke, sinentembelo epheleleyo yokuba xa uYesu wathi abalulamileyo “baya kuwudla ilifa umhlaba,” wakuthetha oko ngokunyaniseka, yaye unegunya elipheleleyo lokuzalisekisa isithembiso sakhe.—Mateyu 28:18.
Ngoko ke, owona mbuzo ubalulekileyo ngulo, Siya kuzaliseka njani eso sithembiso? Naphi na xa sijonga namhlanje, kubonakala ngathi abantu abakhohlakeleyo nabanekratshi ngabona baphumelelayo yaye bathabatha oko bakufunayo. Yintoni eya kufunyanwa ngabalulamileyo? Ukongezelela, umhlaba uyangcoliswa, yaye ubutyebi babo buxhatshazwa ngabo babawayo nabangenangqiqo. Ngaba uya kuze ubekho umhlaba ofanelekileyo ukuba ube lilifa? Sikukhuthaza ukuba ufunde inqaku elilandelayo ukuze ufumane iimpendulo zale mibuzo neminye ebalulekileyo.
-
-
“Abalulamileyo Baya Kuwudla Ilifa Umhlaba”—Njani?IMboniselo—2004 | Oktobha 1
-
-
“Abalulamileyo Baya Kuwudla Ilifa Umhlaba”—Njani?
“MHLAWUMBI uqhelene namazwi kaYesu achukumisayo athi ‘abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba.’ Kodwa xa ujonge konke oko abantu abakwenzayo kwabanye nasemhlabeni, ucinga ukuba yintoni eya kufunyanwa ngabalulamileyo njengelifa?”—Mateyu 5:5; INdumiso 37:11.
UMyriam, ongomnye wamaNgqina kaYehova, ubuza lo mbuzo ukuqalisa incoko ngeBhayibhile. Indoda awayethetha nayo yathi ukuba uYesu wenza esi sithembiso, umhlaba umele ukuba ufanelekile ukubizwa njengelifa kungekhona amabhodlo angenakuhlala bantu.
Ngokuqinisekileyo leyo yayiyimpendulo entle. Kodwa ngaba sinesizathu sokuba nethemba elinjalo? Eneneni sinaso, kuba iBhayibhile isinika izizathu ezibambekayo zokukholelwa ukuba esi sithembiso siza kuzaliseka. Enyanisweni, ukuzaliseka kweso sithembiso kunxulumene ngokusondeleyo nesithembiso sikaThixo ngoluntu nangomhlaba. Yaye siyaqinisekiswa ukuba oko uThixo anenjongo yokukwenza, uza kukwenza. (Isaya 55:11) Ngoko ke, yayiyintoni injongo kaThixo yokuqala ngabantu, yaye iza kuzaliseka njani?
Injongo KaThixo Eya Kuhlala Ihleli Ngomhlaba
UYehova uThixo wadala umhlaba ngenxa yenjongo ekhethekileyo. “UYehova, uMdali wamazulu, uThixo oyinyaniso, uMyili womhlaba noMenzi wawo, owuzinzise ngokuqinileyo, nongawudalelanga ilize, kodwa owawubumba ukuba umiwe, utsho ukuthi: ‘NdinguYehova, akakho omnye.’” (Isaya 45:18) Ngenxa yoko, umhlaba wadalwa ngokuyintloko ukuze uhlale abantu. Ngaphezu koko, yinjongo kaThixo ukuba umhlaba ube likhaya labantu ngonaphakade. “Useke umhlaba phezu kweendawo omiswe kuzo; awuyi kushukunyiswa ukusa kwixesha elingenammiselo, okanye nangonaphakade.”—INdumiso 104:5; 119:90.
Injongo kaThixo ngomhlaba ikwabonwa kumyalelo awawunika abantu ababini bokuqala. UYehova wathi kuAdam noEva: “Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba nize niwoyise, nibe nobukhosi kwiintlanzi zolwandle nakwizidalwa eziphaphazelayo emazulwini nakuzo zonke izidalwa eziphilayo ezinambuzelayo emhlabeni.” (Genesis 1:28) Umhlaba uThixo awawunika uAdam noEva, wawuza kuba likhaya labo nenzala yabo ngonaphakade. Kwiinkulungwane kamva umdumisi wathi: “Wona ke amazulu, ngamazulu kaYehova, kodwa umhlaba uwunike oonyana babantu.”—INdumiso 115:16.
Ukuze uAdam noEva kuquka nenzala yabo bafumane elo themba limangalisayo, babemele bamgqale uYehova uThixo, uMdali noMniki-bomi, njengoMongami wabo baze bakulungele ukumthobela. UYehova wayenza yacaca le nkalo xa wanika umntu lo myalelo: “Kuyo yonke imithi yomyezo ungadla wanele. Kodwa wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungadli kuwo, kuba mhla uthe wadla kuwo uya kufa ngokuqinisekileyo.” (Genesis 2:16, 17) Ukuze uAdam noEva baqhubeke bephila kumyezo wase-Eden, babemele bathobele loo myalelo ulula nochazwe ngokucacileyo. Ukwenjenjalo kwakuya kubonisa ukuba nombulelo kwabo ngako konke uBawo wasemazulwini abenzele kona.
Xa uAdam noEva ngabom bengazange bamthobele uThixo ngokwaphula umyalelo ababewunikiwe, eneneni bamgatya lowo wayebanike zonke izinto ababenazo. (Genesis 3:6) Ngokwenjenjalo, baphulukana nekhaya labo elihle eliyiParadesi kungekhona elabo kuphela kodwa nelenzala yabo. (Roma 5:12) Ngaba ukungathobeli kwabantu ababini bokuqala kwaphazamisa injongo kaThixo yokudala umhlaba?
UThixo Ongatshintshanga
Esebenzisa umprofeti wakhe uMalaki, uThixo wathi: “NdinguYehova, anditshintshanga.” (Malaki 3:6) Ethetha ngale ndinyana, umphengululi weBhayibhile ongumFrentshi uLouis Fillion wathi la mazwi anxulumene ngokusondeleyo nokuzaliseka kwezithembiso zikaThixo. Lo kaFillion ubhala athi: “UYehova ngewayebatshabalalisile abantu bakhe abanemvukelo, kodwa ngenxa yokuba engatshintshi kwizithembiso zakhe, kungakhathaliseki ukuba kuphantsi kwaziphi na iimeko, uya kuthembeka kwizithembiso awazenza kwixesha elidluleyo.” Izithembiso zikaThixo, enoba uzenza kumntu omnye, kuhlanga okanye kuluntu luphela, akayi kuzilibala kodwa uya kuzizalisekisa ngexesha lakhe elifanelekileyo. “Uwukhumbule umnqophiso wakhe ukusa kwixesha elingenammiselo, ilizwi elingumyalelo wakhe, ukusa kwizizukulwana eziliwaka.”—INdumiso 105:8.
Ngoko ke, sinokuqiniseka njani ukuba uYehova akayitshintshanga injongo yakhe yokuqala ngomhlaba? Sinokuqiniseka kuba kwiLizwi likaThixo eliphefumlelweyo, iBhayibhile, sifumanisa ukuba kukhankanywa injongo kaThixo yokunika abantu abathobelayo umhlaba. (INdumiso 25:13; 37:9, 22, 29, 34) Ngaphezu koko, iZibhalo zichaza abo basikelelwe nguYehova njengabo bahleli ngonqabiseko, ngamnye “phantsi komdiliya wakhe naphantsi komkhiwane wakhe,” kungekho “bani ubangcangcazelisayo.” (Mika 4:4; Hezekile 34:28) Abo bakhethwe nguYehova “ngokuqinisekileyo baya kwakha izindlu baze bahlale; batyale izidiliya baze badle isiqhamo sazo.” Baya kuhlala ngoxolo kwanezilwanyana zasendle.—Isaya 11:6-9; 65:21, 25.
IBhayibhile isebenzisa enye indlela ukusenza sibe nomfanekiso-ngqondweni wesithembiso sikaThixo. Ebudeni bolawulo lukaKumkani uSolomon, uhlanga lwakwaSirayeli lwaluseluxolweni yaye lunqabisekile. Phantsi kolawulo lwakhe, “uYuda noSirayeli baqhubeka behleli ngonqabiseko, wonk’ ubani phantsi komdiliya wakhe naphantsi komkhiwane wakhe, ukusuka kwaDan kuse eBher-shebha, yonke imihla kaSolomon.” (1 Kumkani 4:25) IBhayibhile ithi uYesu “ungaphezu koSolomon,” yaye ethetha ngolawulo lwakhe ngokuprofetayo umdumisi wathi: “Ngomhla wakhe uya kuhluma olilungisa, nobuninzi boxolo ide ingabi sabakho inyanga.” Ngelo xesha, “kuya kubakho ukudla okuziinkozo okuninzi emhlabeni; encotsheni yeentaba kuya kubakho ukuphuphuma.”—Luka 11:31; INdumiso 72:7, 16.
Ebonakalisa ukuthembeka kwilizwi lakhe, uYehova uThixo uya kuqiniseka ukuba ilifa alithembisileyo alifumaneki nje kuphela kodwa libuyiselwa kwimeko yalo entle. KwiSityhilelo 21:4, iLizwi likaThixo lisixelela ukuba kwihlabathi elitsha elithenjisiweyo, uThixo “uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni [abantu], kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona.” Oko kuthenjisiweyo ngokwenene kuya kuba yiParadesi.—Luka 23:43.
Indlela Yokufumana Ilifa Elithenjisiweyo
Ukuguqulwa komhlaba ube yiparadesi kuya kwenziwa ngurhulumente olawula ezulwini, uBukumkani uYesu Kristu anguKumkani wabo. (Mateyu 6:9, 10) Okokuqala, obo Bukumkani buya “konakalisa abo bawonakalisayo umhlaba.” (ISityhilelo 11:18; Daniyeli 2:44) Uya kwandula ke, ‘njengeNkosana yoXolo,’ uYesu Kristu azalisekise la mazwi esiprofeto: “Akayi kuyeka ukuphatha njengenkosana, noxolo aluyi kuphela.” (Isaya 9:6, 7) Kobo Bukumkani, abantu abazizigidi, kuquka abo baya kubuyiselwa ebomini ngovuko, baya kuba nelungelo lokufumana ilifa elingumhlaba.—Yohane 5:28, 29; IZenzo 24:15.
Ngoobani abaya kufumana elo lifa limangalisayo? Phawula amazwi kaYesu athi: “Banoyolo abo banomoya wobulali, kuba baya kuwudla ilifa umhlaba.” (Mateyu 5:5) Kuthetha ukuthini ukuba nomoya wobulali okanye ukululama? Ngokuqhelekileyo izichazi-magama zichaza igama elithi “ukululama,” okanye “ubulali,” njengokuthantamisa, ukuba sengqiqweni, ukuthobela, ukuzola kwanokuthozama. Noko ke, igama lesiGrike lantlandlolo elisetyenzisiweyo linentsingiselo ebanzi. INew Testament Wordbook kaWilliam Barclay ithi kwelo gama “kukho ukuthantamisa, kodwa ngaphaya kokuthantamisa kukho ukomelela okunjengokwentsimbi.” Libonisa ukuba nesimo sengqondo esenza ubani anyamezele intlungu ngaphandle kwengqumbo okanye kokucinga ngokuziphindezelela, konke oko kubangelwa kukuba nolwalamano oluhle noThixo, yaye olo lwalamano luye lumomeleze.—Isaya 12:2; Filipi 4:13.
Umntu olulamileyo wamkela imilinganiselo kaThixo ngokuthobeka kuzo zonke iinkalo zobomi bakhe; akanyanzelisi ukwenza izinto ngokwembono yakhe okanye ngendlela abantu abacinga ngayo. Kwakhona uyavuma ukufundiswa ngabanye yaye ukulungele ukufundiswa nguYehova. Umdumisi uDavide wabhala: “[UYehova] uya kubangela abalulamileyo bahambe kwimimiselo yakhe, yaye abalulamileyo uya kubafundisa indlela yakhe.”—INdumiso 25:9; IMizekeliso 3:5, 6.
Ngaba uya kuba phakathi ‘kwabalulamileyo’ abaya kuwudla ilifa umhlaba? Ngokwazi uYehova nenjongo yakhe ngokulifundisisa ngenkuthalo iLizwi lakhe uze ukusebenzise oko ukufundayo, nawe unokukhangela phambili ekufumaneni ilifa lomhlaba oyiparadesi nokuphila kuwo ngonaphakade.—Yohane 17:3.
-