IMIBUZO EVELA KUBAFUNDI
Ngaba amava kaDavide akwiNdumiso 37:25 namazwi kaYesu akuMateyu 6:33 athetha ukuba uYehova akasoze amvumele umKristu ukuba aswele ukutya?
UDavide wathi “andikaboni nabani na olilungisa eshiywe ngokupheleleyo, nenzala yakhe ifuna isonka.” Wawathetha la mazwi ngokusuka kumava akhe. Wayesazi ukuba uThixo uhlala esikhathalele. (INdu. 37:25) Noko ke, amazwi kaDavide akathethi kuthi akukho mkhonzi wakha wahlupheka okanye oya kuze ahlupheke.
Ngamanye amaxesha, noDavide wayekhe atsale nzima. Yakha yenzeka loo nto xa wayebaleka uSawule. UDavide wayengenakutya kwaneleyo, waza wacelela yena nabo wayehamba nabo isonka. (1 Sam. 21:1-6) Ngelo xesha, uDavide ‘wayefuna isonka.’ Sekunjalo, wayesazi ukuba uYehova akamlahlanga. Inyaniso kukuba, akukho ndawo ethi uDavide kwafuneka ade abe ngumngqibi ukuze afumane ukutya.
KuMateyu 6:33, uYesu usiqinisekisa ngelithi uThixo uya kubanika izinto abazidingayo abakhonzi bakhe abathembekileyo ababeka uBukumkani kwindawo yokuqala ebomini. Wathi, “Qhubekani, ke ngoko, nifuna kuqala ubukumkani nobulungisa bakhe, yaye zonke ezinye izinto [kuquka ukutya, isiselo, nempahla] ziya kongezelelwa kuni.” Noko ke, uYesu waphinda wathi, ngenxa yentshutshiso ‘abazalwana’ bakhe banokuthwaxwa yindlala. (Mat. 25:35, 37, 40) Yakha yamfikela nompostile uPawulos. Ngamanye amaxesha wayethwaxwa liphango nonxano.—2 Kor. 11:27.
UYehova usixelela ukuba siya kutshutshiswa ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Unokusivumela ukuba siswele njengoko simncedisa ekuphenduleni izimangalo zikaMtyholi. (Yobhi 2:3-5) Ngokomzekelo, amany’ amaKristu, njengalawo ayevalelwe kwiinkampu zoxinaniso zamaNazi, azibhaqa esengxakini ngenxa yentshutshiso. Ukuvinjwa ukutya yenye yeenkohlakalo ezazisenziwa ukuzama ukwaphula ingqibelelo yamaNgqina. AmaNgqina athembekileyo ahlala ethobela uYehova; ibe naye zange awalahle. Wawavumela ukuba alingwe, njengoko evumela onke amaKristu ukuba alingwe ngeendlela ezahlukeneyo. Noko ke, uYehova uyabaxhasa bonke abo basokola ngenxa yegama lakhe. (1 Kor. 10:13) Masihlale siwakhumbula amazwi akwabaseFilipi 1:29: “Nanikwa ilungelo ngenxa kaKristu, kungekuphela nje lokuba nikholwe kuye, kodwa nelokuba nibandezeleke ngenxa yakhe.”
UYehova uthembisa ukuba uya kuhlala engakubakhonzi bakhe. Ngokomzekelo, uIsaya 54:17 uthi: “Nasiphi na isixhobo esiya kuyilwa nxamnye nawe asiyi kuphumelela.” Esi sithembiso nezinye ezifana naso ziqinisekisa ukuba uThixo uya kuhlala ebakhusela abantu bakhe njengeqela. Nakuba kunjalo, umKristu unokuvavanywa de kuse ekufeni.