Ewe, Unako Ukulufumana Ulonwabo
MAXA WAMBI kunzima ukufumana ulonwabo lokwenene nolungapheliyo. Oku kubangelwa kukuba, abantu abaninzi xa befuna ulonwabo babhenela kwimithombo engeyiyo. Akwaba bebenokufumana umhlobo abanokumthemba nonamava onokubabonisa umthombo wolonwabo lokwenene!
Ukhokelo olusa kulonwabo lokwenene lufumaneka eBhayibhileni. Khawuhlolisise enye yeencwadi zayo—IiNdumiso. Le ncwadi ineengoma ezingcwele ezahlukahlukeneyo ezili-150 ezivunyelwa uYehova uThixo, ezimalunga nesiqingatha kuzo zaqanjwa nguKumkani uDavide wakwaSirayeli wamandulo. Kodwa eyona nto ibaluleke ngakumbi kunokwazi ababhali, kukwazi ukuba le ncwadi yabhalwa phantsi kwempefumlelo yoyena Mhlobo mkhulu woluntu, uYehova. Ngoko sinokuqiniseka ukuba, iqulethe ukhokelo oluvela kuYehova, olusinceda sifumane indlela esa elonwabeni.
Ababhali beeNdumiso babeqinisekile ukuba ulonwabo lufumaneka ngokuba nolwalamano oluhle noThixo. Umdumisi wabhala: “Unoyolo umntu owoyika uYehova.” (INdumiso 112:1) Ulonwabo olubangelwa lulwalamano esinalo nabanye, kukuba nezinto eziphathekayo, nokufeza okuthile, alunakuthelekiswa nolokuba ngomnye ‘wabantu abaThixo wabo unguYehova.’ (INdumiso 144:15) Oku kungqinwa yimizekelo emininzi yabakhonzi bakaThixo banamhlanje.
Omnye wabo nguSusanne okwiminyaka yama-40.a Uthi: “Abantu abaninzi namhlanje bazibandakanya namaqela athile ukuze bafeze okuthile. Noko ke, akufane kwenzeke ukuba bagqale wonke umntu okwelo qela njengomhlobo. Kodwa ke kukho umahluko kubantu bakaYehova. Ukuthanda kwethu uYehova kusenza sithandane. Siziva sikhululekile xa siphakathi kwabantu bakaThixo, enoba siphi na. Olu manyano luyingenelo ngokwenene ebomini bethu. Ngubani onokuba nabahlobo abaneemvelaphi ezahlukahlukene kangaka, nabavela kwiintlanga ezininzi kangaka? Ndinokutsho ngokunyanisekileyo ukuba, ukuba ngomnye wabantu bakaYehova kuzisa ulonwabo.”
NoMaree owazalelwa eSkotlani, wafunda ukuba ukuze umntu onwabe, kubalulekile ukuba abe nolwalamano oluhle noYehova. Uthi: “Ngaphambi kokuba ndifunde inyaniso yeBhayibhile, ndandikuthanda ukubukela iimovie ezoyikisayo. Kodwa ukuze ndikwazi ukulala ebusuku, kwakufuneka ndifumbathe umnqamlezo endandikholelwa ukuba ugxotha iziporho nezithunzela endandizibukela kwezo movie. Noko ke ndathi ndakufunda inyaniso, ndayeka ukubukela ezo movie. Ngenxa yolwalamano endinalo noYehova, ndayeka ukoyika ebusuku. Ndiyakuvuyela ukukhonza uThixo onamandla kuneedemon nezithunzela ekucingelwa ukuba zikho.”
Ukukholosa NgoYehova Kuzisa Ulonwabo
Asinasizathu sakuwathandabuza amandla oMdali nobulumko bakhe obungenakuthelekiswa nanto. Esazi ukuba unokukholosa ngokupheleleyo ngoYehova yaye unokumenza igwiba lakhe, uDavide wathi: “Inoyolo indoda eyomeleleyo ebeke inkoloseko yayo kuYehova.”—INdumiso 40:4.
UMaria uthi: “Into endiye ndayifunda eSpeyin nakwezinye iindawo kukuba, xa sisenza izinto ngendlela ekholisa uYehova, kwanokuba besityekele ekwenzeni ngenye indlela, siyaphumelela. Oku kusenza sonwabe kuba indlela kaYehova isoloko iyeyona ndlela ifanelekileyo.”
UAndreas ongumdala ongumKristu, oye wakhonza kumazwe aliqela aseYurophu, uyazi ukuba sinokukholosa ngoYehova. Uthi: “Umkhuluwa wam, ongekho kunqulo endikulo, wayenempembelelo gqitha kum ekukhuleni kwethu, wandikhuthaza ukuba ndifune umsebenzi oza kundenza ndifumane imali eninzi. Waphoxeka ngokwenene xa ndingenela ubulungiseleli bexesha elizeleyo, ebona ukuba andithembelanga kwimali elungiselelwa abaphangeli xa besidla umhlala-phantsi. Okokoko ndaba kwinkonzo yexesha elizeleyo, andizange ndiswele nto yaye ndiye ndafumana iintsikelelo ezingafunyanwa nokuba ngubani.”
Ngowe-1993, uFelix wamenywa ukuba aye kuncedisa xa kwakusandiswa iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova, eSelters, eJamani. Ekugqityweni kwesakhiwo, wamenywa ukuba abe lilungu lentsapho yaseBheteli. Wasabela njani? “Ndasamkela isimemo kodwa ndandithingaza. Ngoku sele kuza kuphela iminyaka elishumi ndilapha yaye ndeyisekile ukuba uYehova wayiphendula imithandazo yam. Uyakwazi okona kundilungeleyo. Xa ndikholose ngaye yaye ndivuma ukuba andalathise, ndimnika ithuba lokuba andibonise oko afuna ndikwenze.”
USusanne okhankanywe ngaphambilana, wayefuna ukuba ngumlungiseleli wexesha elizeleyo, uvulindlela, kodwa kwakunzima ukuba afumane umsebenzi wesingxungxo. Emva kokuba elinde isithuba esingangonyaka, wenza isenzo esabonisa ukuba ukholose ngoYehova. Uthi: “Ndafaka isicelo sam sobuvulindlela obuthe ngxi. Ndandizibekele imali eyaneleyo eyayinokuhlawula iindleko zam kangangenyanga. Enjani yona ukubangel’ umdla inyanga! Ndandibunandipha ngokwenene ubulungiseleli kodwa kwiphulo lokufuna umsebenzi ndandibuya nemband’ esikhova. Noko ke, ngokwesithembiso sakhe, uYehova akazange andilahle. Ngosuku lokugqibela kuloo nyanga, ndawufumana umsebenzi. Ndatsho ndabona ukuba ndinokukholosa ngokwenene ngoYehova! Amava endaba nawo ekuqaliseni kwam inkonzo yexesha elizeleyo andizisela ulonwabo lokwenene.”
Ukwamkela Isiluleko Sobuthixo Kwandisa Ulonwabo
UKumkani uDavide wenza izono ezinzulu. Maxa wambi, kwakufuneka afumane isiluleko sobulumko. Ngaba sikulungele ukwamkela isiluleko nokhokelo njengoko wayenjalo uDavide?
UAida waseFransi wakha wenza impazamo enzulu. Uthi: “Eyona nto yayibalulekile kum, yayikukulungisa ulwalamano lwam noYehova. Ayikho into eyayibaluleke ngaphezu kwaleyo.” Waya kucela uncedo kubadala abangamaKristu. Emva kokuchitha iminyaka eli-14 kubulungiseleli bexesha elizeleyo, uthi: “Kundivuyisa ngokwenene ukwazi ukuba uYehova wandixolela!”
Ukwamkela isiluleko sobuthixo kunokusithintela ekwenzeni iimpazamo. UJudith uthi: “Xa ndandineminyaka engama-20, ndaba nomdla kwindoda engumJamani endandisebenza nayo, eyayisenza konke okusemandleni ukuze nditsaleleke kuyo. Le ndoda yayinesidima, iqhuba kakuhle gqitha kwezoshishino kwaye yayisele itshatile! Ndaphawula ukuba kufuneka ndikhethe phakathi kokuthobela imithetho kaYehova nokumnikel’ umva ngokupheleleyo. Ndazityand’ igila kubazali bam. Engagwegwelezi, utata wandikhumbuza ngoko uYehova akulindeleyo kum. Kwakufuneka loo nto kanye—umntu ongagwegweleziyo! Sekunjalo, ndazama ukukhangela indlela endinokuzithethelela ngayo. Kwaqengqeleka iiveki umama ethetha nam rhoqo ngokuhlwa ngendlela imithetho kaThixo ebaluleke nekhusela ngayo. Ndinombulelo kakhulu kuba ekugqibeleni ndakhetha ukuthobela uYehova. Ukuqeqeshwa nokufundiswa nguye kuye kwandizisela ulonwabo—ndiye ndachitha iminyaka emininzi kubulungiseleli bexesha elizeleyo ndaza ndafumana nomyeni ongumKristu, ondithandayo nothanda uYehova ngomphefumlo uphela.”
Ngokucacileyo, amava afana nala abethelela ukubaluleka kwala mazwi awathethwa nguDavide: “Unoyolo lowo imvukelo yakhe ixolelweyo, isono sakhe esigutyungelweyo. Unoyolo umntu uYehova angasibaleli kuye isiphoso.”—INdumiso 32:1, 2.
Ulonwabo Olubangelwa Kukubonisa Ulwazelelelo Kwabanye
UDavide wabhala: “Unoyolo nabani na onikela ingqalelo kwisisweli; ngomhla wentlekele uYehova uya kumsindisa. UYehova uya kumlinda amgcine ephila. Uya kubhengezwa enoyolo.” (INdumiso 41:1, 2) Uthando olwabonakaliswa nguDavide kuMefibhoshete, unyana owayesisiqhwala womhlobo kaDavide osenyongweni uYonatan, lubonisa isimo sengqondo esifanele sibe naso ngabo basweleyo.—2 Samuweli 9:1-13.
UMarlies, obengumvangeli wasemazweni kangangeminyaka engama-47, unelungelo lokushumayela phakathi kwabantu abaye basaba kwiindawo eziyingozi zaseAfrika, eAsia nakwiMpuma Yurophu. Uthi: “Baneengxaki ezahlukahlukeneyo yaye bavakalelwa kukuba abamkelekanga, eneneni bavakalelwa kukuba bayacalucalulwa. Ukunceda abantu abanjalo kuzisa ulonwabo.”
UMarina, okwiminyaka yama-40 uthi: “Njengoko ndingenalo iqabane lomtshato, ndiyayazi indlela ekuthuthuzela ngayo ukuba nabantu abakukhathaleleyo. Oku kundishukumisela ekubeni ndikhuthaze abanye ngokubatsalel’ umnxeba nokubabhalela iileta. Abanye baye bavakalisa umbulelo. Ukunceda abanye kundizisela ulonwabo.”
UDimitar, okwiminyaka yama-20, uthi: “Ndakhuliswa ngumama kuphela. Ekukhuleni kwam, ndandivuya gqitha xa umqhubi weSifundo Sencwadi Sebandla ehamba nam veki nganye ukuze andiqeqeshe kubulungiseleli. Ndiyawuxabisa umonde awaba nawo kum. Ndiyazi ukuba kwakungelula ukundikhuthaza.” Ngenxa yoxabiso analo ngoncedo awalufumanayo, naye uDimitar unceda abanye: “Rhoqo ngenyanga, ndiye ndihambe nomntu oselula kunye nomnye umntu omdala xa ndisiya kubulungiseleli basentsimini.”
Incwadi yeeNdumiso ikhankanya nezinye izinto ezibangela ulonwabo. Enye yazo kukuthembela kumandla kaYehova, kunokuthembela kwiziqu zethu: “Banoyolo abantu abamandla abo [akuYehova].”—INdumiso 84:5.
UCorinna unamava oku. Wafudukela kwilizwe ekwakufuneka kulo abantu abangakumbi bokusebenza kubulungiseleli. “Abantu balapho babethetha ulwimi olwahlukileyo, bephila ngendlela eyahlukileyo kule ndiyiqhelileyo yaye babecinga ngokwahlukileyo. Ndaziva ngathi ndikwesinye isijikelezi-langa. Ndandisoyika ngokwenene ukushumayela kulo mmandla wahlukileyo. Ndacela uncedo kuYehova yaye wandinika amandla okushumayela imini yonke kwintsimi ekwanti. Ekuhambeni kwexesha, ukushumayela kule ndawo kwaba lula gqitha. Ndaqalisa izifundo zeBhayibhile ezininzi yaye amava endawafumana apho aseyingenelo nangoku kum. Ndafunda ukuba xa sithembele kumandla kaYehova, sinokoyisa nemiqobo efana neentaba.”
Ewe, zininzi izinto ezingumthombo wolonwabo, njengokuhlakulela ubuhlobo noThixo nabantu bakhe, ukukholosa ngoYehova ngokupheleleyo, ukwamkela isiluleko sobuthixo nokuba nolwazelelelo ngabanye. Xa sihamba kwiindlela zikaYehova size sithobele imithetho yakhe, uya kukholiswa sithi.—INdumiso 89:15; 106:3; 112:1; 128:1, 2.
[Umbhalo osemazantsi]
a Abanye asingomagama abo la.
[Umfanekiso okwiphepha 12]
UMaria
[Umfanekiso okwiphepha 13]
UMaree
[Umfanekiso okwiphepha 13]
USusanne noAndreas
[Umfanekiso okwiphepha 15]
UCorinna
[Umfanekiso okwiphepha 15]
UDimitar