Indlela UYehova Aya Kuwuphendula Ngayo Umthandazo Onyanisekileyo
“Ukuze abantu bazi ukuba wena, ogama linguYehova, nguwe wedwa Oyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke.”—INDU. 83:18.
1, 2. Yintoni eye yenzeka kubantu abaninzi yaye yiyiphi imibuzo enokubuzwa?
KWIMINYAKA eliqela eyadlulayo, elinye ibhinqa lalikhathazwe gqitha yintlekele ethile eyayehle elumelwaneni. Ekubeni lalizalelwe kwintsapho yamaRoma Katolika, laya kumfundisi wasekuhlaleni, kodwa akazange abe naxesha lakuthetha nalo. Ngoko lathandaza kuThixo lisithi: “Andikwazi . . . , kodwa ndiyazi ukuba ukho. Ndicela undincede ndikwazi!” Kungabanga thuba lide, latyelelwa ngamaNgqina kaYehova aza alithuthuzela yaye alifundisa oko lalifuna ukukwazi. Phakathi kwezinto ezininzi awalifundisa zona, kukuba uThixo unegama elinguYehova. Ukwazi oko kwalichukumisa gqitha. Lathi: “Kunini ndifuna ukumazi lo Thixo kwasebuntwaneni!”
2 Kuye kwenzeka loo nto kubantu abaninzi. Bebeye baqale ukuva ngegama likaYehova besakufunda INdumiso 83:18 eBhayibhileni. KwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha, le ndinyana ifundeka ngolu hlobo: “Ukuze abantu bazi ukuba wena, ogama linguYehova, nguwe wedwa Oyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke.” Noko ke, ngaba wakha wazibuza ngesizathu sokubhalwa kweNdumiso 83? Ziziphi iziganeko ebeziya kunyanzela bonke abantu baqonde ukuba uYehova ukuphela koThixo oyinyaniso? Yintoni thina esinokuyifunda kule ndumiso namhlanje? Kweli nqaku kuza kuphendulwa le mibuzo.a
Abantu BakaYehova Benzelwa Iyelenqe
3, 4. Ngubani owaqamba INdumiso 83, yaye uthetha ngaliphi iyelenqe?
3 Ngokutsho kombhalo osemantla weNdumiso 83, le ndumiso ‘luncuthu lwengoma ka-Asafu.’ Kusenokwenzeka ukuba umqambi wayo wayephuma kumnombo womLevi onguAsafu, imvumi edumileyo eyayiphila ngexesha lolawulo lukaKumkani uDavide. Kule ndumiso, umdumisi ubongoza uYehova ukuba akhusele ulongamo lwakhe aze enze igama lakhe laziwe. Kusenokwenzeka ukuba yaqanjwa emva kokufa kukaSolomon. Kutheni sisitsho nje? Kaloku ngexesha lokulawula kukaDavide noSolomon, ukumkani waseTire wayevana noSirayeli. Ngexesha lokuqanjwa kweNdumiso 83 abemi baseTire babemjikele uSirayeli baza bema neentshaba zakhe.
4 Lo mdumisi ubala izizwe ezilishumi ezazisenza iyelenqe lokutshabalalisa abantu bakaThixo. Ezi ntshaba zazimngqongile uSirayeli yaye nanga amagama azo: “Iintente zikaEdom nezamaIshmayeli, uMowabhi namaHagri, uGebhali noAmoni noAmaleki, elamaFilisti kunye nabemi baseTire. KwaneAsiriya izihlanganise nabo.” (INdu. 83:6-8) Sisiphi isiganeko esisembalini ebhekisela kuso le ndumiso? Abanye bacinga ukuba ibhekisela ekuhlaselweni kukaSirayeli yimbumba yama-Amon namaMowabhi nangabemi beNtaba iSehire ngemihla kaYehoshafati. (2 Kron. 20:1-26) Kanti abanye bacinga ukuba ithetha ngokungafunwa nje kukaSirayeli ngabamelwane bakhe ngalo lonke ixesha lobukho bakhe.
5. AmaKristu ancedwa njani yiNdumiso 83 namhlanje?
5 Enoba kwakutheni, kuyabonakala ukuba uYehova uThixo waphefumlela ukubhalwa kwale ngoma ingumthandazo, xa uhlanga lwakhe lwalusengozini. Le ndumiso ikwakhuthaza abakhonzi bakaThixo namhlanje, abathe ngalo lonke ixesha lokuphila kwabo bahlaselwa ngokuphindaphindiweyo ziintshaba zabo ezazizimisele ukubatshayela. Yaye ngokuqinisekileyo iza kusomeleza kungekudala xa uGogi wakwaMagogi ehlanganisa imikhosi yakhe okokugqibela ukuze atshabalalise abo banqula uThixo ngomoya nenyaniso.—Funda uHezekile 38:2, 8, 9, 16.
Eyona Nto Yayimxhalabisa
6, 7. (a) Yintoni ethandazelwa ngumdumisi kumazwi okuvula eNdumiso 83? (b) Yintoni eyona nto yayixhalabisa umdumisi?
6 Khawuve indlela umdumisi ayiphalaza ngayo imbilini yakhe njengoko ethandaza: “Owu Thixo, musa ukuthula; musa ukuqhubeka ungathethi, yaye musa ukuthi cwaka, Wena Ungokobuthixo. Kuba, khangela! iintshaba zakho ziyaxokozela; nabo bakuthiye kakhulu bayiphakamisile intloko yabo. Ngobuqhokolo bagqugula ngabantu bakho . . . Kuba bacebisene ngokumanyeneyo ngentliziyo; benza umnqophiso nxamnye nawe.”—INdu. 83:1-3, 5.
7 Yintoni eyona nto yayixhalabisa umdumisi? Kakade ke, kungenzeka ukuba wayexhalabele ukhuseleko lwakhe nolwentsapho yakhe. Sekunjalo, eyona nto yayiphambili kulo mthandazo wakhe kukugculelwa kwegama likaYehova nokuba sengozini kohlanga olwalubizwa ngelo gama. Ngamana sonke singanembono elungelelene ngolo hlobo, njengoko sinyamezele ubunzima bemihla yokugqibela yeli hlabathi lidala.—Funda uMateyu 6:9, 10.
8. Yayiyintoni injongo yeentlanga ezenza iyelenqe nxamnye noSirayeli?
8 Lo mdumisi ucaphula iintshaba zikaSirayeli njengezithi: “Yizani masibatshayeleni njengohlanga, ukuze igama likaSirayeli lingabuyi likhunjulwe.” (INdu. 83:4) Ezo ntlanga zazibathiy’ egazini abantu abanyuliweyo bakaThixo! Kodwa zazinazo nezinye iinjongo ngeli yelenqe lazo. Zinyolukele umhlaba kaSirayeli zazizingomb’ isifuba zisithi: “Masizidle ilifa iindawo zokuhlala zikaThixo ngokwethu.” (INdu. 83:12) Ngaba ikhe yenzeka into enjengaleyo kumhla wethu? Ewe yenzekile!
‘Indawo Yakho Yokuhlala Engcwele’
9, 10. (a) Mandulo, yayiyintoni indawo kaThixo yokuhlala engcwele? (b) Namhlanje ziziphi iintsikelelo ezinanditshwa yintsalela ethanjisiweyo “nezinye izimvu”?
9 Mandulo, kwakubhekiselwa kwiLizwe Lesithembiso njengendawo kaThixo yokuhlala engcwele. Khawucinge ngale ngoma yoloyiso eyaculwa ngamaSirayeli emva kokukhululwa kwawo eYiputa: “Ubakhokele ngobubele bakho bothando abantu bakho obahlanguleyo; ngamandla akho ubakhaphela ngokuqinisekileyo endaweni yakho yokuhlala engcwele.” (Eks. 15:13) Kamva, loo ‘ndawo ingcwele’ yaba netempile nababingeleli kunye nesixeko esilikomkhulu, iYerusalem, nomnombo wookumkani abasusela kuDavide nabahlala etroneni kaYehova. (1 Kron. 29:23) Kungeso sizathu le nto uYesu wathi iYerusalem “sisixeko soKumkani omkhulu.”—Mat. 5:35.
10 Kuthekani namhlanje? Ngowama-33 C.E. kwazalwa uhlanga olutsha, “uSirayeli kaThixo.” (Gal. 6:16) Olo hlanga, oluyilwa ngabazalwana bakaYesu Kristu abathanjisiweyo, lwafeza oko uSirayeli wokwenyama wasilelayo ukukwenza, ukuba ngamangqina egama likaThixo. (Isa. 43:10; 1 Pet. 2:9) Nabo, uYehova wabathembisa oko wakuthembisa uSirayeli wamandulo: ‘Ndiya kuba nguThixo wabo, bona babe ngabantu bam.’ (2 Kor. 6:16; Lev. 26:12) Ngowe-1919, uYehova wakholiswa ngabo baseleyo ‘boSirayeli kaThixo,’ yaye ngelo xesha bafumana “ilizwe,” ummandla wokomoya ababeza kusebenzela kuwo baze banandiphe iparadesi yokomoya. (Isa. 66:8) Ukususela kwiminyaka yee-1930, izigidi ngezigidi ‘zezinye izimvu’ ziye zasebenza kunye nabo. (Yoh. 10:16) Ukonwaba nokuhambela phambili ngokomoya kwala maKristu namhlanje kububungqina bokwenene bokufaneleka kolongamo lukaYehova. (Funda INdumiso 91:1, 2.) USathana umele ukuba uligqabi ngumsindo ngenxa yoko!
11. Yintoni eseyeyona njongo yeentshaba zikaThixo?
11 Kweli xesha lesiphelo, uSathana uye waphembelela abaxhasi bakhe basemhlabeni ukuba bachase intsalela ethanjisiweyo namaqabane ayo azezinye izimvu. Oku kuye kwenzeka eNtshona Yurophu phantsi kwamaNazi naseMpuma Yurophu phantsi korhulumente wamaKomanisi eSoviet Union. Kwenzekile nakumazwe amaninzi, yaye kusaya kuphinda kwenzeke, ingakumbi kuhlaselo lokugqibela lukaGogi wakwaMagogi. Kusenokwenzeka ukuba kolo hlaselo, abachasi baya kuthi ngokunyoluka bahluthe imihlaba nezinto zabantu bakaYehova, njengoko iintshaba ziye zenza kwixa elidluleyo. Noko ke, eyona njongo kaSathana ibisoloko ikukusichitha-chitha njengeqela ukuze igama likaThixo esibizwa ngalo lingaphinde likhunjulwe. Uthini uYehova ngoku kuvukelwa kolongamo lwakhe? Khawuphinde uhlolisise amazwi omdumisi.
Indlela UYehova Oyisa Ngayo
12-14. Ziziphi iziganeko ezibini zoloyiso ezenzeka kufutshane nesixeko saseMegido ezikhunjulwa ngumdumisi?
12 Phawula indlela umdumisi aqiniseke ngayo ngamandla kaYehova okuthintela amacebo ezizwe eziziintshaba. Uthetha ngeziganeko ezibini zokoyisa kukaSirayeli iintshaba zakhe kufutshane nesixeko samandulo esiyiMegido, esasikwintlambo ekwabizwa ngelo gama. Ehlotyeni, uMlambo iKishon owomileyo wawunokubonakala apho udibana khona nale ntlambo. Kwakusithi kwakuna iimvula zasebusika, lo mlambo uyizalise loo ntlambo. Mhlawumbi kungeso sizathu le nto lo mlambo ukwabizwa ngokuba ‘ngamanzi aseMegido.’—ABagwe. 4:13; 5:19.
13 Malunga neekhilomitha ezili-15 ngaphesheya kwentlambo yaseMegido kukho induli kaMore apho kwathi ngemihla yoMgwebi uGidiyon, imikhosi emanyeneyo yamaMidiyan, ama-Amaleki nabantu baseMpuma bahlanganisana khona ukuze balwe. (ABagwe. 7:1, 12) Umkhosi omncinane kaGidiyon owathi ekugqibeleni waba namadoda angama-300, wazoyisa ezo ntshaba zazingumkhosi omkhulu ngokuncedwa nguYehova. Kwenzeka njani oko? Ulandela ulwalathiso lukaThixo, warhangqa inkampu yotshaba ebusuku uphethe iingqayi ezazifihle izikhuni ezivuthayo. Wathi uGidiyon akunikela umqondiso, amadoda akhe aziqhekeza iingqayi yaye ngequbuliso zavela izikhuni awayezifihlile. Kwangaxeshanye, avuthela izigodlo zawo aza akhwaza esithi: “Ikrele likaYehova nelikaGidiyon!” Iintshaba zadideka, zaza zaqalisa ukubulalana; abasindayo kuzo babaleka bewela uMlambo iYordan. AmaSirayeli angakumbi azileqa iintshaba zawo. Ewonke, ali-120 000 amajoni otshaba awabulawayo.—ABagwe. 7:19-25; 8:10.
14 Malunga neekhilomitha ezintandathu ngaphesheya kwenduli kaMore, emelene nentlambo yeMegido, kukho iNtaba yaseTabhore. Kulapho ekwathi ngaphambilana uMgwebi uBharaki waqokelela amajoni angamaSirayeli ali-10 000 ukuze alwe nomkhosi kaYabhin, ukumkani wamaKanan waseHatsore, mkhosi lowo owawukhokelwa nguSisera. Lo mkhosi wamaKanan wawuneenqwelo zokulwa ezingama-900 ezinamarhengqa amakhulu entsimbi emavilini. Njengoko umkhosi wakwaSirayeli owawungaxhobanga kangako wawuhlanganisene kwiNtaba yaseTabhore, umkhosi kaSisera waya kule ntlambo. Emva koko, “uYehova wavusa isiphithiphithi kuSisera nakuzo zonke iinqwelo zakhe zokulwa nakulo lonke iqela.” Kusenokwenzeka ukuba imvula eyana ngesiquphe, yabangela ukuba iinqwelo zixinge ngenxa yokuzala koMlambo iKishon. Wonke loo mkhosi wabulawa ngamaSirayeli.—ABagwe. 4:13-16; 5:19-21.
15. (a) Umdumisi uthandazela ukuba uYehova enze ntoni? (b) Igama lemfazwe yokugqibela kaThixo lisikhumbuza ngantoni?
15 Umdumisi ubongoza uYehova ukuba enze okufanayo kwiintlanga ezifuna ukutshayela uSirayeli ngexesha lokuphila kwakhe. Uthandaza athi: “Yenza kubo njengakwiMidiyan, njengakuSisera, njengakuYabhin entlanjeni yaseKishon. Babhujiswa e-Endore; baba ngumgquba womhlaba.” (INdu. 83:9, 10) Kungeso sizathu le nto, imfazwe kaThixo yokugqibela nxamnye nehlabathi likaSathana kusithiwa yiHar–Magedon (gama elo elithetha “iNtaba yeMegido”), okanye iArmagedon. Elo gama lisikhumbuza ngamadabi awayesiba kufutshane neMegido. Ukoyisa kukaYehova kwezo mfazwe zamandulo kusiqinisekisa ukuba uya koyisa nakwimfazwe yeArmagedon.—ISityhi. 16:13-16.
Thandazela Ukuthethelelwa Kolongamo LukaYehova
16. Ubuso babachasi buye ‘bazaliswa njani ngehlazo’ namhlanje?
16 Kule ‘mihla yokugqibela,’ uYehova uye wayithintela yonke imigudu yokutshayelwa kwabantu bakhe. (2 Tim. 3:1) Loo nto ibangele ukuba, abachasi bahlazeke. INdumiso 83:16 yakuxela kwangaphambili oko xa yathi: “Buzalise ngehlazo ubuso babo, ukuze abantu balifune igama lakho, Yehova.” Kumazwe aliqela, abachasi baye basilela ngokulusizi ukuwaval’ umlomo amaNgqina kaYehova. Kuloo mazwe, ukomelela nokunyamezela kwabanquli bokuphela koThixo oyinyaniso kuye kwanikela ubungqina kwabo baneentliziyo ezilungileyo, ibe abaninzi baye ‘balifuna igama likaYehova.’ Kumazwe aliqela apho amaNgqina kaYehova ayekhe atshutshiswa ngogonyamelo, ngoku kukho amashumi amawaka, nkqu namakhulu amawaka, abadumisi bakaYehova abanovuyo. Oko kululoyiso olungathethekiyo kuYehova! Zona iintshaba zakhe zihlazeke ngokulusizi!—Funda uYeremiya 1:19.
17. Yiyiphi imeko enzima olujamelene nayo uluntu, yaye ngawaphi amazwi esiza kuwakhumbula kungekudala?
17 Kambe ke siyazi ukuba, idabi alikapheli. Kodwa siyaqhubeka sizishumayela iindaba ezilungileyo—nkqu nakubachasi. (Mat. 24:14, 21) Noko ke, ithuba lokuguquka baze basinde abo bachasi sele liza kuphela. Ukungcwaliswa kwegama likaYehova kubaluleke ngaphezu kokusinda kwabantu. (Funda uHezekile 38:23.) Xa iintlanga zidibana ehlabathini lonke ukuze zitshabalalise abantu bakaThixo njengoko kuprofetiwe, siya kukhumbula la mazwi omthandazo omdumisi: “Owu ngamana bangaba neentloni baphazamiseke ngamaxesha onke, yaye ngamana bangadana batshabalale.”—INdu. 83:17.
18, 19. (a) Yintoni elindele abachasi bolongamo lukaYehova abanekratshi? (b) Ukuthethelelwa kolongamo lukaYehova okuzayo kukuchaphazela njani?
18 Abachasi abangayekeleliyo bolongamo lukaYehova baza kuba nesiphelo esilihlazo. ILizwi likaThixo libonisa ukuba abo “bangazithobeliyo iindaba ezilungileyo”—nabaya kuthi ngenxa yoku batshatyalaliswe eArmagedon—baya kufumana ‘intshabalalo engunaphakade.’ (2 Tes. 1:7-9) Ukutshabalala kwabo nokusinda kwabo banqula uYehova ngenyaniso kuya kuba bubungqina obanelisayo bokuba uYehova ukuphela koThixo oyinyaniso. Kwihlabathi elitsha, olo loyiso alusayi kulityalwa. Abo baya kufumana “uvuko lwamalungisa nabangengomalungisa” baya kuva ngezenzo ezibalaseleyo zikaYehova. (IZe. 24:15) Kwihlabathi elitsha, baya kububona ubulumko bokuzithoba kulongamo lukaYehova. Abo bathobekileyo phakathi kwabo baya kukhawuleza babone ukuba uYehova ukuphela koThixo oyinyaniso.
19 UBawo wethu wasezulwini onothando ubalungiselele ikamva elimangalisayo abanquli bakhe abanyanisekileyo. Ngaba loo nto ayikwenzi ukuba uthandazele ukuba uYehova akhawuleze anikele impendulo yokugqibela kumthandazo womdumisi othi: ‘Owu ngamana [iintshaba zakho] zingaba neentloni ziphazamiseke ngamaxesha onke, yaye ngamana zingadana zitshabalale; ukuze abantu bazi ukuba wena, ogama linguYehova, nguwe wedwa Oyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke’?—INdu. 83:17, 18.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ngaphambi kokuhlolisisa eli nqaku, kuya kukunceda ukufunda INdumiso 83 ukuze wazi umongo wayo.
Ngaba Ungachaza?
• USirayeli wayekweyiphi imeko ngexesha lokubhalwa kweNdumiso 83?
• Yintoni eyona nto yayixhalabisa umbhali weNdumiso 83?
• Ngoobani abaye bathiywa nguSathana namhlanje?
• UYehova uya kuwuphendula njani umthandazo okwiNdumiso 83:18 ekugqibeleni?
[Imaphu ekwiphepha 15]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
Iimfazwe ezalwelwa kufutshane neMegido yamandulo zinxulumene njani nekamva lethu?
UMlambo IKishon
IHarosheti
INtaba YeKarmele
INtlambo YaseYizereli
IMegido
ITahanaki
INtaba YeGilibhowa
Iqula LaseHarodi
IMore
IEndore
INtaba YeTabhore
ULwandle LwaseGalili
UMlambo IYordan
[Umfanekiso okwiphepha 12]
Yintoni eyabangela ukuba omnye umdumisi enze umthandazo onyanisekileyo?