Ukuhlangulwa Kwisibatha Sombambisi Weentaka
“[UYehova] uya kukuhlangula kwisibatha sombambisi weentaka.”—INDUMISO 91:3.
1. Ngubani ‘umbambisi weentaka,’ yaye kutheni eyingozi?
ONKE amaKristu okwenyaniso ajamelene nomzingeli, kodwa asiloqhitala nje lomzingeli eli, unkone ngamaqhinga, ukrelekrele yaye unamandla angaphaya kwawomntu. KwiNdumiso 91:3 uchazwa ‘njengombambisi weentaka.’ Ngubani olu tshaba? Ukususela kwinkupho yesiNgesi kaJuni 1, 1883 yeli phephancwadi, olu tshaba luye lwachazwa njengoSathana uMtyholi. Eli qothaqikili lomzingeli yincutshe kumsebenzi walo, yaye ngobuqhetseba lizama konke okusemandleni alo ukubambisa abantu bakaYehova njengombambisi weentaka.
2. Kutheni uSathana efaniswa nombambisi weentaka?
2 Mandulo, iintaka zazibanjiswa ngenxa yomculo wazo omyoli, imibalabala yazo emihle okanye zibe sisidlo nemibingelelo. Noko ke, iintaka ngokwemvelo ziphaphile, zindwebile yaye kunzima ukuzibambisa. Ngenxa yoko, kwixesha lokubhalwa kweBhayibhile umbambisi weentaka ebehlala phantsi aze aqwalasele zonke iimpawu nemikhwa yeentaka afuna ukuzibambisa. Emva koko, ayile indlela echuliweyo yokuzibambisa. Xa iBhayibhile ithelekisa uSathana nombambisi weentaka, isinceda siqonde amaqhinga awasebenzisayo. USathana wazi umntu ngamnye kuthi. Wakhel’ umkhanya izinto esizithandayo neempawu zethu aze abeke imigibe efihlakeleyo ukuze asibambise siphila. (2 Timoti 2:26) Ukubanjiswa kuthetha ukuqhawuka kolwalamano lwethu noThixo yaye oko kusikhokelela kwantshabalalo. Ngoko ke, ukuze sikhuseleke kufuneka siwazi amaqhinga awahlukeneyo ‘ombambisi weentaka.’
3, 4. Kuxa kutheni iintlaselo zikaSathana zifana nezengonyama? nephimpi?
3 Emthelekisa nezinto esizazi kakuhle, umdumisi ufanisa amaqhinga kaSathana nawengonyama entsha nephimpi. (INdumiso 91:13) Njengengonyama, ngamanye amaxesha uSathana ubahlasela ngokungqalileyo abantu bakaYehova ngentshutshiso okanye ngemithetho yoorhulumente. (INdumiso 94:20) Ezi ntlaselo zifana nezengonyama, zinokwenza abathile ukuba bagxadazele ngokomoya. Noko ke, kumathuba amaninzi isikhuni sibuya nomkhwezeli yaye abantu bakaThixo bamanyana nangakumbi. Kuthekani ke ngeendledlana ezingacacanga asinqoloba ngazo uSathana ezifana nendlela iphimpi elihlasela ngayo?
4 UMtyholi, ngamandla angaphaya kwawomntu usebenzisa iindlela zobuqhophololo neziyingozi yaye zifana twatse nenyoka enobuhlungu kwindawo efihlakeleyo. Ngale ndlela, uye waphumelela ekutyhefeni iingqondo zabantu baThixo, ebalukuhlela ekwenzeni ukuthanda kwakhe kunokwenza ukuthanda kukaYehova, yaye uqengq’ ugodo. Okuvuyisayo kukuba, siyawazi amaqhinga kaSathana. (2 Korinte 2:11) Makhe sihlolisise imigibe emine eyingozi esetyenziswa ngulo ‘mbambisi weentaka.’
Ukoyika Abantu
5. Kutheni umgibe ‘wokugcangcazela ngomntu’ uphumelela?
5 Lo ‘mbambisi weentaka’ uyazi ukuba ngokwemvelo umntu unomnqweno wokwamkeleka nokukholisa abanye abantu. AmaKristu akakubethi ngoyaba ukwahluka kweengcinga neemvakalelo zabantu ababangqongileyo xa kuthelekiswa nezabo. Ngenxa yokuba ekwazi oku, uMtyholi usebenzisa ubuthathaka bokuxhalabela kwala maKristu oko abantu bakucingayo ngawo. Ngokomzekelo, ubambisa abanye abantu bakaThixo ngokusebenzisa umgibe ‘wokungcangcazela ngomntu.’ (IMizekeliso 29:25) Ukuba ngenxa yokoyika umntu, abakhonzi bakaThixo bathelela abantu abenza akuthiyileyo uYehova, okanye bangakwenzi oko iLizwi Lakhe libayalela ukuba bakwenze, sele bebanjisiwe kumgibe ‘wombambisi weentaka.’—Hezekile 33:8; Yakobi 4:17.
6. Nguwuphi umzekelo obonisa indlela umntu oselula anokubanjiswa ngayo ‘ngumbambisi weentaka’?
6 Ngokomzekelo, umntu oselula usenokunikezela kwingcinezelo yokutshaya nabantwana afunda nabo. Kusenokwenzeka ukuba ngoxa ebesiya esikolweni ngaloo ntsasa, ayikhange ithi qatha into yokuba uza kutshaya ngaloo mini. Ngesiquphe, wenza into eyenzakalisa impilo yakhe nengamkholisiyo uThixo. (2 Korinte 7:1) Utsalwe yintoni kwesi senzo? Mhlawumbi uye waqhelana noontanga abangafanelekanga yaye unoloyiko lokungamkeleki kubo. Lutsha, musani ukuvumela ‘umbambisi weentaka’ anithiyele, aze anibambise kumgibe wakhe! Ukuze ningabanjiswa niphila, kulumkeleni ukunikezela nakweyona migibe ikhangeleka ingeyongozi! Thobelani isilumkiso seBhayibhile sokuphepha unxulumano olubi.—1 Korinte 15:33.
7. USathana unokuyiphazamisa njani imbono elungeleleneyo yokomoya yabazali abangamaKristu?
7 Abazali abalumkileyo abangamaKristu, bakugqala njengembopheleleko ebalulekileyo ukunyamekela iintswelo zokwenyama zeentsapho zabo. (1 Timoti 5:8) Noko ke, uSathana wenza amaKristu aphulukane nembono elungeleleneyo ngalo mbandela. Mhlawumbi ngoku sele ingumkhwa kuwo ukuphoswa ziintlanganiso ngenxa yokunikezela kwingcinezelo yabaqeshi ukuze benze umsebenzi owongezelelekileyo. Kusenokwenzeka ukuba bayoyika ukucela ixesha lekhefu ukuze bafumane lonke ucwangciso lwendibano yesithili baze banqule uYehova nabazalwana babo. Ukuze sikhuseleke kulo mgibe simele ‘sikholose ngoYehova.’ (IMizekeliso 3:5, 6) Ukongezelela, ukukhumbula ukuba sonke singamalungu entsapho kaYehova yaye uzibophelele ekusikhuseleni, kuya kusinceda sigcine imbono elungeleleneyo. Bazali, ngaba ngokwenene ninokholo lokuba uYehova, kungakhathaliseki ukuba kungayiphi na indlela, uya kuninyamekela nina neentsapho zenu ukuba nenza ukuthanda kwakhe? Okanye ngaba uMtyholi uza kunibambisa niphila, nize nenze ukuthanda kwakhe ngenxa yokoyika abantu? Siyanibongoza ukuba niyicingisise ngomthandazo le mibuzo.
Umgibe Wezinto Eziphathekayo
8. USathana uwusebenzisa njani umgibe wezinto eziphathekayo?
8 USathana ukwasebenzisa nomgibe wezinto eziphathekayo ukuze asibambise. Inkqubo yezoqoqosho yeli hlabathi ikhuthaza ukuba abantu babe zizityebi ngephanyazo yaye oku kuye kwabambisa nabantu bakaThixo. Ngamanye amaxesha, umntu unokuphenjelelwa ngamazwi athi: “Sebenza nzima. Xa ufikelela umgangatho omhle wobutyebi uza kunaba unandiphe ubomi. Mhlawumbi unokude ube nguvulindlela.” La mazwi anokuvela kumntu onengqiqo engalungelelananga ofuna ukuphehluzelisa amalungu ebandla. Yicingisise kakuhle le nto. Ngaba la mazwi akafani nendlela eyayicinga ngayo indoda eyayisisityebi kumzekeliso kaYesu?—Luka 12:16-21.
9. Kutheni amanye amaKristu ebambiseka ekuthandeni izinto eziphathekayo?
9 USathana usebenzisa le nkqubo yakhe ingendawo yezinto ukuze iphembelele abantu banqwenele ooni nooni. Lo mnqweno unokuchaphazela ubomi bomKristu, uze uminxe ilizwi ‘lingabi nasiqhamo.’ (Marko 4:19) IBhayibhile isibongoza ukuba saneliswe sisixhaso nento yokwambatha. (1 Timoti 6:8) Noko ke, abanye babanjiswa ‘ngumbambisi weentaka’ becinga ukuba lo mbhalo awunanto yakwenza nabo. Ngaba ikratshi libenza bacinge ukuba kufuneka baphile umgangatho ophezulu wobomi? Kuthekani ngathi siqu? Ngaba umnqweno wethu wokuba nezinto eziphathekayo, usenza sibeke izinto zokomoya kwindawo yesibini ebomini bethu? (Hagayi 1:2-8) Okulusizi kukuba, xa imeko yezoqoqosho isiba mandundu, abanye bananisa ngobumoya babo ukuze baphile ubomi obutofotofo kuba bakuqhelile ukutyibilika ebhotolweni. Isimo sengqondo esinjalo ngezinto eziphathekayo, senza kuthi ngco entliziyweni ‘yombambisi weentaka’!
Umgibe Wokuzonwabisa Okuyingozi
10. Kukuphi ukuzihlola umKristu ngamnye amele akwenze?
10 Elinye iqhinga elisetyenziswa ‘ngumbambisi weentaka’ kukonakalisa imbono yabantu ngokulungileyo nokuphosakeleyo. Esi simo sengqondo sifana nqwa neso saseSodom naseGomora yaye sitshotsh’ entla kushishino lokuzonwabisa. Kwiindaba zikamabonwakude nakumaphephancwadi kubalaseliswa ubundlobongela nesini. Izinto ezininzi ezivela kumabonwakude zenza kube nzima ngabantu “ukwahlula okulungileyo nokubi.” (Hebhere 5:14) Kodwa khumbula amazwi kaYehova ngomprofeti uIsaya athi: “Yeha ke abo bathi okulungileyo kubi nokubi kulungile.” (Isaya 5:20) Ngaba ‘umbambisi weentaka’ sele eyithimbile ingqondo yakho ngezi ndlela zokuzonwabisa ziyingozi? Ukuzihlola kulo mbandela kubalulekile.—2 Korinte 13:5.
11. Sisiphi isilumkiso esakhutshwa leli phephancwadi malunga namabali aqhutywa ngokweziqendu kumabonwakude?
11 Malunga neminyaka engama-25 eyadlulayo, IMboniselo yalumkisa amaKristu okwenyaniso ngamabali kamabonwakude aqhutywa ngokweziqendu.a Naku okwathethwayo malunga nendlela la mabali asityhefa ngokuthe ngcembe ngayo: “Ukufunwa kothando kusetyenziswa ukuthethelela nayiphi na ihambo. Ngokomzekelo, intombazana engatshatanga ekhulelweyo ithi kumhlobo wayo: ‘Kodwa ndiyamthanda uVictor. Andikhathali. . . Ndingenza nantoni na ukuze ndibe nosana lwakhe!’ Umculo otsholo phantsi ukwenza kube nzima ukulijonga ikhondo layo njengelibi kakhulu. Nawe uyamthanda uVictor. Uziva unovelwano ngale ntombazana. ‘Uyayiqonda’ indlela evakalelwa ngayo. Omnye umbukeli owathi kamva wabuyela ezingqondweni uthi ‘iyamangalisa indlela onokukuthethelela ngayo oku. Siyazi ukuba ukuziphatha kakubi kuphosakele. . . . Kodwa ndaqonda ukuba engqondweni ndandisiba nenxaxheba kuko.”
12. Ziziphi izibakala ezibonisa ukufaneleka kwesilumkiso malunga neenkqubo zikamabonwakude?
12 Ukususela ekupapashweni kwaloo manqaku, la mabali athoba isidima aye anda. Kwiindawo ezininzi, ezi nkqubo zidlala imini yonke. Amadoda, abafazi nenkumbula yolutsha, bondla iingqondo neentliziyo zabo ngokuthe rhoqo ngala mabali. Noko ke, thina asimele siziqhathe ngale ndlela itenxileyo yokucinga. Kuphosakele ukucinga ukuba indlela eqaqadekileyo yokuzonwabisa ibhetele kunezinto ezenziwa ngokoqobo ehlabathini. Ngaba ngokwenene umKristu angakuthethelela ukukhetha ukonwatyiswa ngabantu angenakuze nasemdudweni abamemele ekhayeni lakhe?
13, 14. Abanye bangenelwa njani zizilumkiso nxamnye nomabonwakude?
13 Abaninzi baye bazuza lukhulu ngokuthobela eso silumkiso sivela ‘kwikhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ (Mateyu 24:45-47) Emva kokufunda iziluleko ezicace gca ezisekelwe eBhayibhileni, abanye baye babhala bechaza indlela abaye bancedakala ngayo ngala manqaku.b Elinye ibhinqa lazityand’ igila lisithi: “Kangangeminyaka eli-13 bendiyingedle yamabali aqhutywa ngokweziqendu. Ndandicinga ukuba ndikhuselekile ngokuya kwiintlanganiso zamaKristu nokuya manqaphanqapha entsimini. Kodwa ndaba nesimo sengqondo sehlabathi ngala mabali, ndicinga ukuba xa umyeni ekuphatha gadalala okanye uziva ungathandwa, ukukrexeza kuyathetheleleka—ndisithi le ndoda izinkale ngenyhek’ etyeni. Ndizithethelela ngolo hlobo, ndakrexeza ndisona uYehova nomyeni wam.” Lo mfazi wasuswa kubudlelane. Kamva wabuyela ezingqondweni, waguquka waza wabuyiselwa. Amanqaku alumkisa ngamabali aqhutywa ngokweziqendu kumabonwakude, amnika amandla okuba angafuni nokuva ngokuzonwabisa akuthiyileyo uYehova.—Amosi 5:14, 15.
14 Omnye umfundi owayechaphazeleka kulo mkhwa wathi: “Ndalila iinyembezi xa ndandifunda la manqaku, kaloku ndafumanisa ukuba intliziyo yam yayingaphelelanga kuYehova. Ndamthembisa ukuba andisayi kuba likhoboka lala mabali.” Emva kokuba livakalise uxabiso lwalo ngala manqaku, elinye ibhinqa elingumKristu lavuma ukuba lalilikhoboka lamabali aqhutywa ngokweziqendu lisithi: “Andazi nokuba ulwalamano lwam noYehova luchaphazelekile kusini na. Ndinokubenza njani ‘abantu abanje’ abahlobo bam, ndize ndiphinde ndithi ndingumhlobo kaYehova?” Ukuba iinkqubo ezinjalo zikamabonwakude zonakalisa iintliziyo zabantu kwiminyaka engama-25 eyadlulayo, zonakalisa ukusa kuwuphi umkhamo namhlanje? (2 Timoti 3:13) Simele sikulumkele ukuzonwabisa okuyingozi kwazo naziphi na iindlela, nokuba ngamabali aqhutywa ngokweziqendu kamabonwakude, yimidlalo yeevidiyo enobundlobongela okanye iividiyo zomculo ezibalaselisa ukuziphatha kakubi.
Umgibe Wokungaboni Ngasonye
15. Ubabambise njani bephila abanye uMtyholi?
15 USathana usebenzisa ukungaboni ngasonye ukuze adale iintanda kulwalamano lwabantu bakaYehova. Sinokubanjiswa kulo mgibe, kungakhathaliseki ukuba sinaliphi na ilungelo lenkonzo. Abanye babanjiswa bephila nguMtyholi ngokuvumela ukungaboni ngasonye kuphazamise uxolo nomanyano oluhle noluyintsikelelo yokomoya emiselwe nguYehova.—INdumiso 133:1-3.
16. Ziziphi iindledlana uSathana azisebenzisayo ukuze aphazamise umanyano lwethu?
16 Ukutyhubela iMfazwe YeHlabathi I, uSathana wazama ukutshayela kuthi tu inxalenye yentlangano kaThixo yasemhlabeni ngokuyihlasela ngokuthe ngqo, kodwa watsho phantsi. (ISityhilelo 11:7-13) Ukususela ngoko, uye wazama iindledlana ezingacacanga zokuphazamisa umanyano lwethu. Xa sivumela ukungaboni ngasonye kwenze isidubedube phakathi kwethu, siya kuba sinika ‘umbambisi weentaka’ indawo yokubambelela. Ngaloo ndlela, siya kuba sithintela ukusebenza komoya oyingcwele kubomi bethu nasebandleni. Ukuba oko bekunokwenzeka, uSathana uya kuzigobha amacala, kuba nantoni na egxobha uxolo nomanyano lwebandla, igxobha ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo.—Efese 4:27, 30-32.
17. Yintoni enokunceda abantu abangaboni ngasonye balungise ingxaki yabo?
17 Yintoni omele uyenze ukuba akuboni ngasonye nomzalwana wakho? Inyaniso kona kukuba zonke iimeko ziyahluka. Noko ke, nakuba zininzi izizathu zokuba kubekho iingxaki, akukho nasinye isizathu sokuba sijongane ngezikhondo zamehlo nabazalwana bethu size singakucombululi oko. (Mateyu 5:23, 24; 18:15-17) Icebiso elivela kwiLizwi likaThixo liphefumlelwe yaye alinasiphako. Xa isetyenziswa imigaqo yeBhayibhile ayinakuze isilele. Ngalo lonke ixesha, iyaphumelela!
18. Kutheni ukulinganisa uYehova kunokusinceda xa singaboni ngasonye?
18 UYehova “ukulungele ukuxolela,” yaye ‘uxolela ngenyaniso.’ (INdumiso 86:5; 130:4) Sibonisa ukuba singabantwana bakaYehova xa simxelisa. (Efese 5:1) Sonke singaboni yaye sikufuna ngamehlo abomvu ukuxolelwa nguYehova. Ngoko simele silumkele utyekelo lokungafuni ukuxolela abanye. Sinokuzibona sifana nekhoboka kumzekeliso kaYesu, elalingafuni ukuxolela elinye ikhoboka ityala elincinane kakhulu xa lithelekiswa netyala lalo kwinkosi yalo neyayikulungele ukulixolela. Xa inkosi yakuvayo oku, yayalela ukuba ikhoboka elingaxoleliyo liphoswe entolongweni. UYesu waqukumbela ngokuthi: “UBawo osemazulwini uya kuqhubana nani ngohlobo olufanayo ukuba anixoleli ngamnye umzalwana wakhe ngokusuka ezintliziyweni zenu.” (Mateyu 18:21-35) Ukucamngca ngalo mzekeliso, nangokukhumbula izihlandlo uYehova asixolela ngazo ngesisa, kuya kusinceda xa sifuna ukulungisa ukungaqondani phakathi kwethu nabazalwana bethu!—INdumiso 19:14.
Sikhuselekile “Kwindawo Efihlakeleyo YOyena Uphakamileyo”
19, 20. Simele sibe nayiphi imbono ‘ngendawo efihlakeleyo’ kaYehova ‘nomthunzi’ wakhe kweli xesha liyingozi?
19 Siphila kumaxesha ayingozi. USathana uzungula ukusitshabalalisa sonke, kodwa uYehova uyasikhusela ngenxa yothando lwakhe. Ukuze sikuphephe ukubanjiswa ‘ngumbambisi weentaka,’ sifanele sihlale “kwindawo efihlakeleyo yOyena Uphakamileyo” yokomfuziselo, efumaneka “emthunzini waLowo unguSomandla.”—INdumiso 91:1.
20 Ngamana ngamaxesha onke singanembono yokuba izikhumbuzo zikaYehova nokhokelo lwakhe ziyinkuselo kungekhona imithetho engqingqwa. Ngaxhatha linye, masimelane negongqongqo elinamandla angaphaya kwawomntu nelikrelekrele. Ngaphandle koncedo lukaYehova, akukho namnye uya kusinda ekubanjisweni lilo. (INdumiso 124:7, 8) Ngoko masithandazele ukuba uYehova asihlangule kwimigibe ‘yombambisi weentaka’!—Mateyu 6:13.
[Imibhalo esemazantsi]
a IMboniselo, kaJuni 15, 1983, iphepha 3-7.
b IMboniselo yesiNgesi kaDisemba 1, 1983, iphepha 23.
Ngaba Usakhumbula?
• Kutheni “ukungcangcazela ngumntu” kungumgibe oyingozi?
• Uwusebenzisa njani uMtyholi umgibe wezinto eziphathekayo?
• USathana ubabambise njani abanye ngomgibe wokuzonwabisa okuyingozi?
• Usebenzisa wuphi umgibe uMtyholi ukuze aphazamise umanyano lwethu?
[Umfanekiso okwiphepha 27]
Abanye baye babanjiswa ngenxa ‘yokungcangcazela ngumntu’
[Umfanekiso okwiphepha 28]
Ngaba kuyakonwabisa oko uYehova akuthiyileyo?
[Umfanekiso okwiphepha 29]
Yintoni omele uyenze xa ungaboni ngasonye nomzalwana wakho?