Ukuthembela Ngokupheleleyo KuYehova Kusenza Sizive Sinqabisekile
“UYehova uya kuva xa ndimbiza.”—INDU. 4:3.
1, 2. (a) UDavide wayejamelene nayiphi imeko eyingozi? (b) Ziziphi iindumiso esiza kuzixubusha?
SELE kudlule ixesha uKumkani uDavide elawula kwaSirayeli, kodwa ngoku ubomi bakhe busengozini. Unyana wakhe uAbhisalom omenzele iyelenqe sele ezenze ukumkani, yaye kunyanzeleka ukuba uDavide ashiye iYerusalem. Ungcatshwe nangumhlobo wakhe amthembayo, yaye ngoku, ekhatshwa liqaqobana labo banyanisekileyo, uhamba elila enganxibanga neembadada ezinyaweni ukunyuka iNtaba Yomnquma. Ngaphezu koko, uShimeyi, ophuma kwintsapho kaKumkani uSawule, ugibisela uDavide ngamatye, ngothuli nangezithuko.—2 Sam. 15:30, 31; 16:5-14.
2 Ngaba le meko iza kwenza uDavide aye eShiyol esentlungwini yaye ehlazekile? Akunjalo, kuba uthembele ngoYehova. Oku kubonakala kwiNdumiso yesi-3, eyabhalwa nguDavide ngokuphathelele ukusaba kwakhe. Wabhala neNdumiso yesi-4. Zombini ezi ndumiso ziyasiqinisekisa ukuba uThixo uyayiva imithandazo aze ayiphendule. (INdu. 3:4; 4:3) Ezi ndumiso ziyasiqinisekisa kwanokuba uYehova ukunye nabakhonzi bakhe abathembekileyo imini nobusuku, ebaxhasa yaye ebasikelela ngoxolo nonqabiseko. (INdu. 3:5; 4:8) Ngoko ke, makhe siqwalasele ezi ndumiso size sibone indlela ezisinceda ngayo sizive sinqabisekile size sithembele ngoThixo.
Xa ‘Bebaninzi Abasivukelayo’
3. Njengoko kuboniswe kwiNdumiso 3:1, 2, yayinjani imeko kaDavide?
3 Umthunywa uthi: “Intliziyo yamadoda akwaSirayeli isemva kuka-Abhisalom.” (2 Sam. 15:13) Ezibuza ngendlela uAbhisalom akwaze ngayo ukufumana abantu abaninzi kangako ukuba bamxhase, uDavide uthi: “Owu Yehova, kutheni iintshaba zam zininzi? Kutheni bebaninzi abandivukelayo? Baninzi abathi ngomphefumlo wam: ‘Akayi kusindiswa nguThixo.’” (INdu. 3:1, 2) AmaSirayeli amaninzi acinga ukuba uYehova akayi kumsindisa uDavide ezandleni zika-Abhisalom namahlakani akhe.
4, 5. (a) Yintoni awayeqiniseke ngayo uDavide? (b) Lithetha ntoni ibinzana elithi ‘Lowo uphakamisa intloko yam’?
4 Kodwa uDavide uqinisekile ukuba uThixo uza kumnceda kuba uthembele kuye ngokupheleleyo. Ucula esithi: “Sekunjalo, Yehova, ulikhaka kum, uzuko lwam naLowo uphakamisa intloko yam.” (INdu. 3:3) UDavide uqinisekile ukuba uYehova uza kumkhusela njengokuba ikhaka likhusela ijoni. Ngoko lo kumkani walupheleyo uyasaba, egqubuthele intloko yaye ethobekile. Kodwa Oyena Uphakamileyo uza kuyiguqula imeko kaDavide ukuze azukiswe. UYehova uza kumenza aphakame, aphakamise intloko yakhe aze akwazi ukuzimisela kwakhona. UDavide ucela uncedo kuYehova eqinisekile ukuba uza kumphendula. Ngaba nawe unentembelo enjalo kuYehova?
5 Ngokusebenzisa kwakhe ibinzana elithi ‘Lowo uphakamisa intloko yam,’ uDavide ubonisa ukuba uncedo aza kulufumana luvela kuYehova. IToday’s English Version ifundeka ngolu hlobo: “Kodwa wena, NKOSI, usoloko undikhusela kwingozi; undinceda ndoyise undinike nesibindi.” Ngokuphathele ibinzana elithi ‘Lowo uphakamisa intloko yam,’ enye incwadi ithi: “Xa uThixo ephakamisa . . . ‘intloko’ yomntu, umnika ithemba.” Ekubeni uDavide esusiwe esihlalweni sokulawula uSirayeli, kumele ukuba uziva edimazekile. Noko ke, xa ‘ephakanyiswa intloko’ uza kuba nesibindi, azive enqabisekile aze athembele kuThixo ngokupheleleyo.
‘UYehova Uya Kuphendula!’
6. Kwakutheni ukuze uDavide athi umthandazo wakhe uphendulwa kwintaba engcwele kaYehova?
6 Ethembele kuYehova, uDavide uhlabela mgama esithi: “Ngelizwi lam ndiya kubiza kuYehova, yaye uya kundiphendula esentabeni yakhe engcwele.” (INdu. 3:4) Ngokomyalelo kaDavide, ityeya yomnqophiso, efuzisela ubukho bukaThixo, iye yasiwa kwiNtaba yeZiyon. (Funda eyesi-2 kaSamuweli 15:23-25.) Ngoko ke, kuyafaneleka ukuba uDavide athi umthandazo wakhe uphendulwa kwintaba engcwele kaYehova.
7. Kwakutheni ukuze uDavide angoyiki nto?
7 Eqinisekile ukuba uThixo uza kuwuphendula umthandazo wakhe, uDavide akoyiki nto. Kunoko, ucula esithi: “Ke mna, ndiya kungqengqa ukuze ndilale; ngokuqinisekileyo ndiya kuvuka, kuba uYehova uqhubeka endixhasa.” (INdu. 3:5) Kwanasebusuku, xa esengozini yokuhlaselwa, uDavide akoyiki ukuya kulala. Uyaqiniseka ukuba uza kuvuka, yaye unethemba lokuba uThixo uza kumxhasa ekubeni eye wakwenza oko ngaphambili. Nathi sinokumthemba ukuba sigcina “iindlela zikaYehova” size sinamathele kuye.—Funda eyesi-2 kaSamuweli 22:21, 22.
8. INdumiso 27:1-4 ibonisa njani ukuba uDavide wayethembele kuThixo?
8 Indlela uDavide awayemthembe ngayo uThixo ibonakala kwenye yeendumiso zakhe, enala mazwi aphefumlelweyo: “UYehova kukukhanya kwam nosindiso lwam. Ndiya koyika bani na? UYehova ligwiba lobomi bam. Ndiya kunkwantyiswa ngubani na? . . . Nangona kuya kumiswa inkampu nxamnye nam, intliziyo yam ayiyi koyika. . . . Inye into endiyicelileyo kuYehova—ndiya kufuna yona, ukuba ndihlale endlwini kaYehova yonke imihla yobomi bam, ndibone ukuthandeka kukaYehova ndize ndikhangele ngoxabiso etempileni yakhe.” (INdu. 27:1-4) Ukuba nawe uvakalelwa ngale ndlela yaye iimeko zakho ziyakuvumela, uya kuhlanganisana rhoqo nabakhonzi bakaYehova.—Heb. 10:23-25.
9, 10. Nangona uDavide wathetha amazwi akwiNdumiso 3:6, 7, kutheni unokuthi wayengenawo umoya wokuziphindezela?
9 Nangona uDavide ejamelene nobuqhetseba buka-Abhisalom nokunganyaniseki kwabanye abaninzi, ucula esithi: “Andiyi kuwoyika amashumi amawaka abantu abazimise baluluhlu bandijikeleza. Sukuma, Yehova! Ndisindise, Thixo wam! Kuba kuya kufuneka uzibethe emhlathini zonke iintshaba zam. Amazinyo abangendawo kuya kufuneka uwaphule.”—INdu. 3:6, 7.
10 UDavide akanawo umoya wokuziphindezela. Ukuba iintshaba zakhe zazimele ‘zibethwe emhlathini,’ nguThixo owayeya kwenza oko. UKumkani uDavide uzikhuphelele umbhalo woMthetho yaye uyazi ukuba uYehova uthi: “Yeyam impindezelo, nembuyekezo.” (Dut. 17:14, 15, 18; 32:35) Iza kuxhomekeka kuThixo into yokuba uyafuna ‘ukwaphula amazinyo abangendawo’ kusini na. Ukwaphula amazinyo kuthetha ukubenza bangabi namandla okwenza okubi. UYehova uyabazi abangendawo kuba “ubona oko ikuko intliziyo.” (1 Sam. 16:7) Sinombulelo ngokwenene kuThixo kuba usinika ukholo namandla ukuze sikwazi ukumelana nomphathi wabangendawo, uSathana, oya kuthi kungekudala afakwe enzonzobileni njengengonyama egqumayo kodwa engenamazinyo neza kutshatyalaliswa!—1 Pet. 5:8, 9; ISityhi. 20:1, 2, 7-10.
“Usindiso LolukaYehova”
11. Kutheni sifanele sithandazele abazalwana bethu?
11 UDavide uyaqonda ukuba nguYehova kuphela onokumsindisa. Kodwa lo mdumisi akacingi ngesiqu sakhe nje kuphela. Kuthekani ngabantu bakaYehova xa bebonke? UDavide uqukumbela ingoma yakhe ngala mazwi afanelekileyo: “Usindiso lolukaYehova. Intsikelelo yakho ikubantu bakho.” (INdu. 3:8) Liyinyaniso elokuba, uDavide uneengxaki ezininzi, kodwa ukhumbula abantu bakaYehova kwaye uqinisekile ukuba uza kubasikelela. Ngaba nathi asifanele sibakhumbule abazalwana bethu? Masibakhumbule xa sithandaza, simcele uYehova ukuba abanike umoya oyingcwele wakhe ukuze babe nenkalipho baze bathembele kuye xa beshumayela iindaba ezilungileyo.—Efe. 6:17-20.
12, 13. Yintoni eyehlela uAbhisalom yaye uDavide wenza ntoni?
12 Ubomi buka-Abhisalom buphela kakubi—oku kumele kube sisilumkiso kubo bonke abo baxhaphaza abanye, ingakumbi abantu bakaThixo abathanjisiweyo, njengoDavide. (Funda iMizekeliso 3:31-35.) Kubakho idabi, yaye ibutho lika-Abhisalom liyoyiswa. UAbhisalom ukhwele imeyile yaye iinwele zakhe ezinkulu zibambeka kwintshinyela yamasebe omthi omkhulu. Ujinga apho—ephila kodwa engenakuzenzela nto—de uYowabhi ambulale ngokumhlaba ngemiphini emithathu entliziyweni.—2 Sam. 18:6-17.
13 Ngaba uDavide uyavuya xa esiva oko kwenzeke kunyana wakhe? Nakanye. Kunoko, uyangqunga aze akhale esithi: “Nyana wam Abhisalom, nyana wam, nyana wam Abhisalom! Owu akwaba bekufe mna, esikhundleni sakho, Abhisalom nyana wam, nyana wam!” (2 Sam. 18:24-33) Ngamazwi kaYowabhi kuphela abangela ukuba uDavide ayeke ukuba buhlungu ngokugqithiseleyo. Eso yaba sisiphelo esibuhlungu ngokwenene kuAbhisalom owathi ngenxa yekratshi walwa noyise—umthanjiswa kaYehova!—2 Sam. 19:1-8; IMize. 12:21; 24:21, 22.
UDavide Uphinda Abonise Intembelo Anayo KuThixo
14. Yintoni esinokuyithetha ngokuphathelele ukuqanjwa kweNdumiso yesi-4?
14 NjengakwiNdumiso yesi-3, kweyesi-4 uDavide uthandaza ngokunyaniseka nto leyo ebubungqina bokuba uthembele kuYehova ngokupheleleyo. (INdu. 3:4; 4:3) Mhlawumbi uDavide waqamba le ngoma ukuze achaze isiqabu awaba naso nombulelo kuThixo emva kokungaphumeleli kweyelenqe lika-Abhisalom. Okanye kusenokwenzeka ukuba wayibhala ecinga ngeemvumi zabaLevi. Enoba sasiyintoni isizathu, ukucamngca ngayo kunokusenza sibe nentembelo engakumbi kuYehova.
15. Kutheni sinokuthandaza kuYehova egameni loNyana wakhe sinentembelo?
15 UDavide uphinda abonise ukuba unentembelo epheleleyo kuThixo yaye uqinisekile ukuba uyayiva yaye uyayiphendula imithandazo. Ucula athi: “Xa ndibiza, ndiphendule, Thixo wam olilungisa. Ekubandezelekeni umele undenzele indawo ebanzi. Ndibabale uwuve umthandazo wam.” (INdu. 4:1) Nathi sinokuba nentembelo efanayo ukuba senza ubulungisa. Ekubeni sisazi ukuba uYehova, ‘uThixo olilungisa,’ uyabasikelela abakhonzi bakhe abathe tye, ngentembelo sinokuthandaza kuye egameni loNyana wakhe sinokholo kwidini likaYesu lentlawulelo. (Yoh. 3:16, 36) Oko kuya kusenza sibe noxolo!
16. Yintoni esenokuba yenza uDavide wadimazeka?
16 Maxa wambi, sisenokujamelana nemeko esenza singabi naluxolo. Kusenokwenzeka ukuba uDavide wakhe wavakalelwa ngaloo ndlela okwexeshana, kuba ucula athi: “Nina bonyana babantu, koda kube nini na uzuko lwam luyinto yokuthukwa, ngoxa niqhubeka nithanda izinto ezingento, ngoxa niqhubeka nifuna ukufumana ubuxoki?” (INdu. 4:2) Ibinzana elithi “bonyana babantu” kubonakala ukuba libhekisela kubantu abenza izinto ezingafanelekanga. Iintshaba zikaDavide ‘zazithanda izinto ezingento.’ INew International Version iyiguqulela ngale ndlela le ndinyana: “Koda kube nini na nithand’ ilize yaye nifuna oothixo bobuxoki?” Kwanokuba siyadimazeka ngenxa yoko kwenziwa ngabanye, masiqhubeke sithandaza ngokunyanisekileyo size sibonise ukuba sithembele ngokupheleleyo ngokuphela koThixo oyinyaniso.
17. Chaza indlela esinokwenza ngayo ngokuvisisana neNdumiso 4:3.
17 La mazwi abonisa ngokucacileyo ukuba uDavide uthembele kuThixo: “Ngoko yazini ukuba ngokuqinisekileyo uYehova uya kumahlula onyanisekileyo wakhe; uYehova uya kuva xa ndimbiza.” (INdu. 4:3) Ukuze sihlale sinyanisekile kuYehova sifanele sibe nenkalipho size sithembele ngaye ngokupheleleyo. Ngokomzekelo, ezi mpawu ziyimfuneko kwintsapho engamaKristu xa isalamane esingaguqukiyo sisuswa kubudlelane. UYehova uyabasikelela abo banyanisekileyo kuye nakwiindlela zakhe. Kwakhona, ukunyaniseka nokuthembela ngoYehova ngokupheleleyo kubangela abantu bakhe babe novuyo.—INdu. 84:11, 12.
18. Ngokuvisisana neNdumiso 4:4, yintoni esifanele siyenze ukuba umntu othile uye wathetha okanye wenza izinto ngendlela engabonisi thando?
18 Kuthekani ukuba umntu othile uthetha okanye wenza izinto ezisicaphukisayo? Sinokuhlala sinovuyo ukuba senza oku uDavide akutshoyo, uthi: “Phazamisekani, kodwa ningoni. Thethani entliziyweni yenu, emandlalweni wenu, nize nithi cwaka.” (INdu. 4:4) Ukuba umntu othile uye wathetha okanye wenza izinto ngendlela engabonisi thando, masingoni ngokuthi siziphindezele. (Roma 12:17-19) Sinokuchaza indlela esivakalelwa ngayo xa sithandaza sisemandlalweni. Ukuba siyathandaza ngaloo mbandela, isenokutshintsha indlela esiwujonga ngayo yaye ngothando sisenokumxolela. (1 Pet. 4:8) Isiluleko sikampostile uPawulos ekubonakala ukuba sisekelwe kwiNdumiso 4:4 sibalulekile kule nkalo, sithi: “Qumbani, kodwa ningoni; malingatshoni ilanga nicaphukile, ningamvuleli indawo uMtyholi.”—Efe. 4:26, 27.
19. INdumiso 4:5 inokusinceda njani kumba ophathelele imibingelelo yethu yokomoya?
19 Ebethelela imfuneko yokukholosa ngoThixo, uDavide wacula: “Bingelelani imibingelelo yobulungisa, nize nikholose ngoYehova.” (INdu. 4:5) Imibingelelo eyayinikelwa ngamaSirayeli yayiba nexabiso kuphela xa abantu beyinikele beneenjongo ezintle. (Isa. 1:11-17) Ukuze imibingelelo yethu yokomoya ibe yeyamkelekileyo kuThixo, nathi simele sibe neenjongo ezintle size sithembele kuye ngokupheleleyo.—Funda iMizekeliso 3:5, 6; namaHebhere 13:15, 16.
20. Yintoni efuziselwa ‘kukukhanya kobuso bukaYehova’?
20 UDavide uhlabela mgama esithi: “Baninzi abathi: ‘Ngubani na oya kusibonisa ukulunga?’ Siphakamisele ukukhanya kobuso bakho, Yehova.” (INdu. 4:6) ‘Ukukhanya kobuso bukaYehova’ kufuzisela ukukholiseka kuThixo. (INdu. 89:15) Ngoko xa uDavide ethandaza esithi: “Siphakamisele ukukhanya kobuso bakho,” uthetha ukuba ‘bonisa ukuba uyakholiswa sithi.’ Kuba sinentembelo kuYehova, uyakholiswa sithi yaye siba novuyo olukhulu njengoko sisenza ukuthanda kwakhe.
21. Yintoni esiqinisekiswa ngayo ukuba siba nenxaxheba ngokupheleleyo kumsebenzi wesivuno sokomoya namhlanje?
21 Ekhangele phambili kwixesha laxa uThixo eya kumenza abe novuyo olungaphezu kolo lubakho kwixesha lokuvuna, uDavide uculela uYehova esithi: “Ngokuqinisekileyo uya kuyinika imihlali intliziyo yam emikhulu ngakumbi kunangexesha laxa ukudla kwabo okuziinkozo newayini yabo entsha iphuphuma.” (INdu. 4:7) Nathi sinokuqiniseka ukuba siya kuba novuyo olukhulu xa sisiba nenxaxheba ezeleyo kumsebenzi wesivuno sokomoya. (Luka 10:2) Ngenxa ‘yohlanga olwandisiweyo’ lwabathanjiswa abakhokelayo, ngoku sinovuyo njengoko inani ‘labasebenzi besivuno’ liqhubeka lisanda. (Isa. 9:3) Ngaba unenxaxheba ezeleyo kwesi sivuno sibangela uvuyo?
Qhubela Phambili Unentembelo Epheleleyo KuThixo
22. Ngokuvisisana neNdumiso 4:8, kwenzeka ntoni kumaSirayeli xa ayegcina umthetho kaThixo?
22 UDavide uqukumbela le ndumiso yakhe ngala mazwi: “Xa kukho uxolo ndiya kungqengqa ndize ndilale ngoxolo, kuba nguwe wedwa, Yehova, ondenza ndihlale ndinqabisekile.” (INdu. 4:8) Xa amaSirayeli ayegcina uMthetho kaYehova ayehlala ngoxolo nangonqabiseko. Ngokomzekelo, ‘uYuda noSirayeli babehleli ngonqabiseko’ ebudeni bolawulo lukaSolomon. (1 Kum. 4:25) Abo babethembele kuThixo babeseluxolweni nangona babengqongwe ziintlanga ezikhohlakeleyo. NjengoDavide, silala ubuthongo obehlayo kuba uThixo usenza sizive sinqabisekile.
23. Yintoni esiya kuyifumana xa sinentembelo epheleleyo kuThixo?
23 Masiqhubele phambili enkonzweni kaYehova. Masithandaze sinokholo size sifumane “uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda.” (Fil. 4:6, 7) Oko kuya kusizisela uvuyo olukhulu! Ngokuqinisekileyo siya kukhangela phambili kwikamva ukuba sihlala sithembele ngokupheleleyo kuYehova.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Ziziphi iingxaki uDavide awajongana nazo ngenxa ka-Abhisalom?
• INdumiso yesi-3 isenza njani sizive sinqabisekile?
• INdumiso yesi-4 inokusinceda njani sibe nentembelo engakumbi kuYehova?
• Sinokungenelwa njani xa sinentembelo epheleleyo kuThixo?
[Umfanekiso okwiphepha 29]
Nangona uDavide wasaba ngenxa ka-Abhisalom, wayenentembelo kuYehova
[Imifanekiso ekwiphepha 32]
Ngaba unentembelo epheleleyo kuYehova?