-
‘Ukuchuma Ebudeni Bokuba Nezimvi’IMboniselo—2007 | Septemba 15
-
-
‘Ukuchuma Ebudeni Bokuba Nezimvi’
ABANTU abaninzi kumazwe angqonge iMeditera batyala imithi yesundu evelisa iidatilisi emizini yabo. Le mithi yaziwa ngobuhle neziqhamo zayo ezimnandi. Enye into, iqhubeka ivelisa isiqhamo ixesha elingaphezu kweminyaka elikhulu.
-
-
‘Ukuchuma Ebudeni Bokuba Nezimvi’IMboniselo—2007 | Septemba 15
-
-
Asingomabhinqa mahle kuphela awayefaniswa nalo mthi. Umdumisi wathi: “Ilungisa liya kutyatyamba njengesundu; liya kukhula njengomsedare waseLebhanon. Abo batyalwe endlwini kaYehova, ezintendelezweni zoThixo wethu, baya kutyatyamba. Baya kuqhubeka bechuma ebudeni bokuba nezimvi, baya kuqhubeka betyebile yaye besiba nentlahla.”—INdumiso 92:12-14.
Ngokufuziselayo, abo bakhonza uThixo ngokuthembeka ebudaleni banezinto ezininzi abafana ngazo nalo mthi wesundu unomtsalane. IBhayibhile ithi: “Isithsaba sokuhomba zizimvi xa sifunyanwa endleleni yobulungisa.” (IMizekeliso 16:31) Nakuba baluphele, abantu abadala banokuhlala bebatsha ngokomoya ukuba baqhubeka befunda iLizwi likaThixo, iBhayibhile. (INdumiso 1:1-3; Yeremiya 17:7, 8) Ngenxa yamazwi amnandi nomzekelo wabo omhle, abantu abakhulileyo abathembekileyo balukhuthazo kwabanye yaye baqhubeka bethwala isiqhamo minyaka le. (Tito 2:2-5; Hebhere 13:15, 16) Njengomthi wesundu ovelisa iidatilisi, abantu abakhulileyo banokuqhubeka bechuma nasebudaleni babo.
-