Umngcunube—Umthi Oziindidi Ezahlukeneyo
NGUMBHALI KAVUKANI! KWIRIPHABLIKI YASECZECH
EZINYE iindidi zincinane, zime nkqo yaye zinde. Kanti ezinye zijonge ezantsi yaye zibhetyebhetye. Nakuba zahluke ngolo hlobo, ezi ndidi kukho into ezifana ngazo. Ziindidi zantoni ezo? Zezemithi—umpampiri nomngcunube. Zombini ezi ndidi ziluhlobo lomthi womngcunube.
Imithi yomngcunube ifumaneka kwiindonga nakwimisinga yemilambo. Apha kwiRiphabliki yaseCzech, zikhula kwimigxobhozo yaye zikhula ngokukhawuleza. Imingcunube inokufikelela ubude obuziimitha ezingama-30. Amagqabi alo mthi ajinga kakuhle ukusuka kumasebe amade nathambekileyo. Iintlobo zomngcunube ezibizwa ngokuba yishinning willow nepussy willow, zinamagqabi abanzi.
Nakuba kukho iindidi ezingama-350 zemingcunube nemimpampiri, eyona itsala ingqalelo kakhulu yiweeping willow. Olunye udidi lwalo mthi lubizwa ngokuba yigoat willow, lona lwaziwa ngeentyatyambo ezinjengoboya okanye intyatyambo ejinga kwisebe lomthi evela ngaphambi kokuba kuvele amagqabi. Kuthiwa xa kuvela ezi ntyatyambo, intwasahlobo isondele.
Ifana Twatse
Umthi wompampiri waziwa kakhulu kwindawo ebizwa ngokuba yiBohemia, kwingingqi yekomkhulu laseCzech, iPrague. Kukho iindidi ezingama-35 zomthi wompampiri, zonke ziphantsi kodidi olunye lomthi womngcunube. Kulo mthi kukho owona waziwa kakhulu ekuthiwa yiblack poplar, yaye ufumaneka kwimisinga nakwimigxobhozo yaseBohemia. Olunye udidi lweblack poplar lubizwa ngokuba yiItalian okanye iLombardy poplar enesiqu esincinane namasebe ajonge phezulu yaye akhulela kufutshane nesiqu somthi. Lo mthi mhle unokufikelela ubude obuziimitha ezingama-35, ubude obulingana nesakhiwo esiyimigangatho eli-11! Ii-Italian poplar zinokufumaneka kwiindlela ezininzi, zenza iidolophana zibe ntle, ngakumbi ngokwindla xa amagqabi esiba mthubi.
Iaspen zezinye iindidi zompampiri. Kodwa zona zimfutshane yaye neentloko zale mithi zincinane. Iiaspen zineempawu ezahluke ngazo—impepho nje yenza amagqabi ale mithi ashukume.
Ngaba IBhayibhile Iyathetha Ngomngcunube?
Ibingenakufane ithi qatha engqondweni yakho into yokuba le mithi iyakhula nakuMbindi Mpuma. Kodwa iBhayibhile ithetha ngamaSirayeli exhome iihadi zawo kwimithi yomngcunube xa ayesekuthinjweni eBhabhiloni. (INdumiso 137:2) Kwakutheni? Nakuba uhadi isisixhobo sokuzukisa uThixo, amaSirayeli awayexhelekile ayengenawo umdla wokudlala iihadi zawo ngeli xesha losizi. (Isaya 24:8, 9) ILizwi likaThixo liyathetha nangokusetyenziswa kwamasebe amakhulu omngcunube, awayenokusetyenziselwa ukwakha iminquba ebudeni boMthendeleko weMveliso. Incwadi kaYobhi isixelela ngemvubu ehlala kwimisinga yaye ithi “imingcunube yasentlanjeni iyayingqonga.”—Yobhi 40:22.
Namhlanje zonke iindidi zomngcunube zisetyenziselwa izinto ezahlukeneyo zorhwebo. Imimpampiri isetyenziselwa ekwenzeni ucwecwe lweplanga; iibhokisi ezinkulu, iibhokisi zekhadibhodi nezinye iimveliso zamaphepha. Umthi womngcunube waziwa kakhulu ngokusebenziseka kwawo. Abachweli benza iibhaskithi eziethe-ethe nefanitshala ngamasetyana abhetyebhetye awo. Ngokwenene umthi womngcunube usetyenziswa ngeendlela ezahlukeneyo!
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Amagqabi e-“aspen”
[Umfanekiso okwiphepha 10]
I-“weeping willow”
[Umfanekiso okwiphepha 10]
I-“Lombardy poplar”
[Umfanekiso okwiphepha 10]
I-“goat willow”
[Umfanekiso okwiphepha 10]
I-“black poplar”