Zukisa UThixo Suku Ngalunye
“KUSASA ndivise ububele bakho bothando,” watsho njalo umdumisi uDavide xa wayethandaza kuYehova. Wahlabela mgama wathi: “Ndazise indlela endifanele ndihambe ngayo.” (INdu. 143:8) Xa uvuka ekuseni uze ubulele uYehova ngolo suku lutsha, ngaba nawe njengoDavide, uyambongoza uYehova ukuba akuncede xa usenza izigqibo ukuze ukhethe elona khondo lilungileyo? Ngokuqinisekileyo uyakwenza oko.
Njengabakhonzi bakaYehova abazahluleleyo, ‘enoba siyatya okanye siyasela okanye senza nantoni na eyenye,’ sizama ukuba ‘zonke izinto sizenzele uzuko lukaThixo.’ (1 Kor. 10:31) Siyayiqonda into yokuba indlela esiphila ngayo suku ngalunye izisa uzuko okanye izise ugculelo kuYehova. Siyazi nokuba iLizwi likaThixo lithi uSathana umangalela abazalwana bakaKristu—eneneni, umangalela bonke abakhonzi bakaThixo abasemhlabeni—“imini nobusuku.” (ISityhi. 12:10) Ngenxa yoko, sizimisele ukungqina izimangalo zikaSathana zibubuxoki ukuze siyenze ibe nemihlali intliziyo kaYehova ngokunikela inkonzo engcwele kuBawo wethu osezulwini “imini nobusuku.”—ISityhi. 7:15; IMize. 27:11.
Masibone iindlela ezimbini ezibalulekileyo esinokuzukisa ngazo uThixo ebomini bethu. Okokuqala, sifanele sizazi izinto ezibalulekileyo ebomini yaye okwesibini sifanele sibonakalise uvelwano kwabanye.
Ukuphila Ngokuvisisana Nesithembiso Sethu
Xa sasizahlulela kuYehova, sasivakalisa umnqweno wethu osuk’ entliziyweni wokumkhonza. Sathembisa uYehova nokuba siza kuhamba ezindleleni zakhe “imihla ngemihla”—ewe, ngonaphakade. (INdu. 61:5, 8) Sinokuphila njani ke ngokuvisisana neso sithembiso? Simbonisa njani uYehova ukuba simthanda ngentliziyo yethu yonke, suku ngalunye?
ILizwi likaThixo lizenza zicace iimbopheleleko uYehova afuna siziphumeze. (Dut. 10:12, 13) Kwibhokisi ekwiphepha 22 ethi “Iimbopheleleko Esizinikwe NguThixo,” kuchazwe eziliqela zazo. Yonke le misebenzi siyinikwe nguThixo yaye ibalulekile. Yintoni esiyenzayo xa kukho izinto ezimbini okanye ngaphezulu esifanele sizenze ngaxeshanye?
Eyona nto ibalulekileyo kuthi yinkonzo yethu engcwele, oko kuquka ukufunda iBhayibhile, ukuthandaza, ukuya kwiintlanganiso zamaKristu nasentsimini. (Mat. 6:33; Yoh. 4:34; 1 Pet. 2:9) Kodwa asinakwenza izinto zokomoya imini yonke. Simele siphangele, siye esikolweni, senze neminye imisebenzi emininzi yasekhaya. Sekunjalo, senza konke okusemandleni ukuze eminye imisebenzi ingaphazamisani nenkonzo yethu engcwele, njengokuya kwiintlanganiso zamaKristu. Ngokomzekelo, xa siceba ukuya kwiholide, simele siqiniseke ukuba asiphoswa lutyelelo lomveleli ohambahambayo, yindibano yosuku olunye, eyesiphaluka neyesithili. Maxa wambi, ezinye izinto sinokuzenza ngaxeshanye. Ngokomzekelo sisenokucoca iHolo yoBukumkani njengentsapho okanye sisebenzise ixesha lekhefu ukuze sishumayele kubantu esifunda nabo okanye esisebenza nabo. Eneneni xa kufuneka senze izigqibo ebomini bethu—njengokufuna umsebenzi wempangelo, ukukhetha isikolo okanye abahlobo—kufuneka kubonakale oko kuza kuqala ebomini bethu—ukunqula uYehova, uBawo wethu onothando.—INtshu. 12:13.
Bonakalisa Uvelwano Kwabanye
UYehova ufuna sibakhathalele abanye size sibenzele nezinto ezintle. Kwelinye icala uSathana ukhuthaza ukuzingca. Ihlabathi lakhe lizaliswe ngabantu ‘abazithandayo’, “abathandi beziyolo” nabo ‘bahlwayelela inyama.’ (2 Tim. 3:1-5; Gal. 6:8) Abanye abantu abacingi ngendlela izenzo zabo ezibachaphazela ngayo abanye. “Imisebenzi yenyama” ibonakala kuyo yonke indawo.—Gal. 5:19-21.
Esi simo sengqondo sahluke gqitha kweso sabo bathi ngenxa yokuqhutywa ngumoya kaYehova, babonise uthando, ububele nokulunga kwabanye abantu! (Gal. 5:22) ILizwi likaThixo lisifundisa ukubeka izilangazelelo zabanye abantu kuqala kunezethu. Ngoko sibonakalisa umdla kwabanye, nangona sikulumkela ukufak’ impumlo kwimicimbi yabo. (1 Kor. 10:24, 33; Fil. 2:3, 4; 1 Pet. 4:15) Abona bantu sinomdla kakhulu kubo ngamanye amaKristu. Sekunjalo siye sizame ukubanceda nabo bangakholwayo. (Gal. 6:10) Ngaba unokujonga ithuba namhlanje lokubonakalisa ububele kumntu odibana naye?—Funda ibhokisi ekwiphepha 23 ethi “Bonakalisa Uvelwano Kwaba.”
Asimele sibonakalise uvelwano ngamathuba athile okanye kwiimeko ezithile kuphela. (Gal. 6:2; Efe. 5:2; 1 Tes. 4:9, 10) Kunoko, simele sikulungele yonke imihla ukunceda abanye xa befuna uncedo, enoba oko kuza kusikhupha endleleni. Sifuna ukwabelana nabanye ngayo nantoni na esinayo—ixesha lethu, izinto zethu eziphathekayo, amava esinawo nobulumko bethu. UYehova uyasiqinisekisa ukuba, xa sibonakalisa ububele kwabanye uya kusibuyekeza.—IMize. 11:25; Luka 6:38.
Ukunikela Inkonzo Engcwele “Imini Nobusuku”
Ngaba sinokukwazi ukunikela inkonzo engcwele kuYehova “imini nobusuku”? Ewe, singakwazi xa sikhuthele kuzo zonke iinkalo zonqulo lwethu. (IZe. 20:31) Singazixakekisa ngenkonzo engcwele ngokufunda nokucamngca ngeLizwi likaThixo yonke imihla, ngokuthandaza singayeki, ngokuya kuzo zonke iintlanganiso nangokunikela ubungqina maxa onke.—INdu. 1:2; Luka 2:37; IZe. 4:20; 1 Tes. 3:10; 5:17.
Ngaba thina siyayinikela inkonzo engcwele kuYehova? Ukuba kunjalo, umnqweno wethu wokumkholisa uya kumenza akwazi ukuphendula uSathana kwizityholo zakhe yaye oko kuya kubonakala kuzo zonke iinkalo zobomi bethu yonke imihla. Sizabalazela ukuzukisa uYehova enoba senza ntoni okanye enoba sikweyiphi na imeko. Sivumela imilinganiselo yakhe ilawule indlela esithetha ngayo, ukuziphatha kwethu nezigqibo esizenzayo. Sibonisa uxabiso esinalo ngokusinyamekela nokusixhasa kwakhe xa sikholosa ngaye ngokupheleleyo size sizibhokoxe enkonzweni yakhe. Xa siye senza isiphoso ngenxa yokungafezeki kwethu siyasamkela isiluleko noqeqesho lwakhe.—INdu. 32:5; 119:97; IMize. 3:25, 26; Kol. 3:17; Heb. 6:11, 12.
Masiqhubeke sizukisa uThixo suku ngalunye. Xa sisenjenjalo, siya kuyifumanela ukuhlaziyeka imiphefumlo yethu size sinyanyekelwe nguBawo wethu osezulwini ngonaphakade.—Mat. 11:29; ISityhi. 7:16, 17.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 22]
Iimbopheleleko Esizinikwe NguThixo
• Ukuthandaza rhoqo.—Roma 12:12.
• Ukufunda iBhayibhile nokusebenzisa oko sikufundayo.—INdu. 1:2; 1 Tim. 4:15.
• Ukunqula uYehova nebandla.—INdu. 35:18; Heb. 10:24, 25.
• Ukunyamekela iintsapho zethu ngezinto eziphathekayo, ngokomoya nangokweemvakalelo.—1 Tim. 5:8.
• Ukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani nokwenza abafundi.—Mat. 24:14; 28:19, 20.
• Ukuqiniseka ukuba siyaphila ngokwenyama nangokomoya yaye sizihlaziya ngendlela eyakhayo.—Marko 6:31; 2 Kor. 7:1; 1 Tim. 4:8, 16.
• Ukunyamekela iimbopheleleko zebandla.—IZe. 20:28; 1 Tim. 3:1.
• Ukugcina izindlu zethu neHolo yoBukumkani zicocekile.—1 Kor. 10:32.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 23]
Bonakalisa Uvelwano Kwaba
• Umzalwana okanye udade osele ekhulile.—Lev. 19:32.
• Umntu ogulayo okanye odandathekileyo.—IMize. 14:21.
• Ilungu lebandla elifuna uncedo lwakho ngokungxamisekileyo.—Roma 12:13.
• Ilungu lentsapho yakho.—1 Tim. 5:4, 8.
• UmKristu ofelwe liqabane lomtshato.—1 Tim. 5:9.
• Umdala webandla lakho okhutheleyo.—1 Tes. 5:12, 13; 1 Tim. 5:17.