Ubukhulu BukaYehova Abuphengululeki
“UYehova mkhulu yaye ngowokudunyiswa kakhulu, nobukhulu bakhe abuphengululeki.”—INDUMISO 145:3.
1, 2. UDavide wayengumntu onjani, yaye wayezigqala njani xa kuthelekiswa noThixo?
UMQAMBI weNdumiso 145 yindoda eyaziwayo embalini. Iseyinkwenkwe, yajamelana nengxilimbela yendoda yaza yayibulala. Njengokumkani ongumphumi-mkhosi, lo mdumisi woyisa iintshaba zakhe ezininzi. Igama lakhe, nguDavide, yaye wayengukumkani wesibini kaSirayeli wamandulo. UDavide wahlala edumile nasemva kokufa kwakhe, kangangokuba nanamhlanje abantu abaninzi banento ethile abayaziyo ngaye.
2 Phezu kwazo nje izinto uDavide awazenzayo, wayethobekile. Evuma ingoma ngoYehova wathi: “Xa ndibona amazulu akho, imisebenzi yeminwe yakho, inyanga neenkwenkwezi ozilungiseleleyo, uyintoni na umntu ofayo le nto umkhumbulayo, nonyana womntu wasemhlabeni le nto umnyamekelayo?” (INdumiso 8:3, 4) Kunokuzigqala engumntu obalaseleyo, uDavide wavuma ukuba uncedwe nguYehova ukuze oyise zonke iintshaba zakhe waza wathi ngoThixo: “Uya kundinika ikhaka lakho losindiso, yaye yintobeko yakho endenza ndibe mkhulu.” (2 Samuweli 22:1, 2, 36) UYehova ubonakalisa ukuthobeka ngokubenzela inceba aboni, yaye uDavide wayebuxabisa ububele bukaThixo obungasifanelanga.
‘Ndiza Kuphakamisa UThixo UKumkani’
3. (a) UDavide wayebugqala njani ubukumkani bakwaSirayeli? (b) UDavide wayefuna ukumdumisa kangakanani uYehova?
3 Nangona uDavide wayengukumkani onyulwe nguThixo, wayemgqala uYehova njengoyena Kumkani kaSirayeli. UDavide wathi: “Bobakho ubukumkani, Yehova, Wena uphakamileyo njengentloko yezinto zonke.” (1 Kronike 29:11) Yaye ngokwenene uDavide wayemgqala uThixo njengoMlawuli. Wavuma ingoma esithi: “Ndiza kukuphakamisa, Thixo wam Kumkani, yaye ndiza kulibonga igama lakho ukusa kwixesha elingenammiselo, ewe, ngonaphakade. Imini yonke ndiza kukubonga, kwaye ndiza kulidumisa igama lakho ukusa kwixesha elingenammiselo, ewe, ngonaphakade.” (INdumiso 145:1, 2) Yayingumnqweno kaDavide ukudumisa uYehova uThixo usuku lonke yaye ngonaphakade.
4. INdumiso 145 ibhenca buphi ubuxoki?
4 INdumiso 145 ilikatyisa ngokupheleleyo ibango likaSathana lokuba uThixo ngumlawuli ozingcayo ozibandeza inkululeko izidalwa zakhe. (Genesis 3:1-5) Kwakhona le ndumiso ibhenca ubuxoki bukaSathana bokuba abo bamthobelayo uThixo bamthobela kuphela ngenxa yezinto abazifumanayo kuye, kungekuba bayamthanda. (Yobhi 1:9-11; 2:4, 5) NjengoDavide, amaKristu okwenyaniso namhlanje ambhenca uMtyholi elixoki. Ayalixabisa ithemba lawo lokuphila ngonaphakade kulawulo loBukumkani ngenxa yomnqweno wawo wokudumisa uYehova ngonaphakade. Kwanangoku, izigidi sele ziqalisile ukwenjenjalo ngokubonakalisa ukholo kwidini lentlawulelo likaYesu nangokukhonza uYehova ngokuzithoba kuba zimthanda njengabanquli bakhe abazahluleleyo nababhaptiziweyo.—Roma 5:8; 1 Yohane 5:3.
5, 6. Ngawaphi amathuba esinawo okumbonga nokumdumisa uYehova?
5 Khawucinge ngamathuba amaninzi esinawo okumbonga nokumdumisa uYehova njengabakhonzi bakhe. Sinokwenjenjalo emthandazweni xa sichukumiseke gqitha koko sikufunde kwiLizwi lakhe, iBhayibhile. Sinokumdumisa size simbulele uThixo xa sichukunyiswe yindlela abaphatha ngayo abantu bakhe okanye sivuyiswa yinkalo ethile yendalo yakhe emangalisayo. Kwakhona siyambonga uYehova uThixo xa sithetha namanye amakholwa ngeenjongo zakhe kwiintlanganiso zamaKristu okanye xa sincokola. Enyanisweni, yonke “imisebenzi emihle” eyenziwa ngenxa yoBukumkani bukaThixo idumisa uYehova.—Mateyu 5:16.
6 Imizekelo yakutshanje yemisebenzi emihle iquka ukwakhiwa kweendawo ezininzi zonqulo ngabantu bakaYehova kumazwe ahlwempuzekileyo. Inkoliso yazo yakhiwe ngoncedo lwemali evela kumakholwa akwamanye amazwe. Amanye amaKristu ngokuzithandela aya kule mimandla ukuze aye kuncedisa ekwakhiweni kweeHolo zoBukumkani. Yaye owona msebenzi ubalulekileyo kuyo yonke imisebenzi emihle kukudumisa uYehova ngokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bakhe. (Mateyu 24:14) Njengokuba iindinyana ezilandelayo zeNdumiso 145 zibonisa, uDavide waluxabisa ulawulo lukaThixo waza wabudumisa ubukumkani Bakhe. (INdumiso 145:11, 12) Ngaba unoxabiso olufanayo ngendlela yothando uThixo alawula ngayo? Yaye ngaba uthetha rhoqo nabanye ngoBukumkani bakhe?
Imizekelo Yobukhulu BukaThixo
7. Nikela isizathu esiyintloko sokudumisa uYehova.
7 INdumiso 145:3 inikela isizathu esiyintloko sokudumisa uYehova. Evuma ingoma, uDavide uthi: “UYehova mkhulu yaye ngowokudunyiswa kakhulu, nobukhulu bakhe abuphengululeki.” UYehova mkhulu ngokugqithisileyo. Abunakuphengululwa, buqondwe, okanye bulinganiswe ngabantu ubukhulu bakhe. Kodwa ngokwenene siya kuzuza ngokuthi ngoku sihlole imizekelo yobukhulu bukaYehova obungenakuphengululwa.
8. Indalo ityhila ntoni ngobukhulu namandla kaYehova?
8 Khawuzame ukukhumbula ngexesha owawukude kwizibane eziqaqambileyo zasedolophini waza wakhangela kwisibhakabhaka esingenamafu ebusuku. Wawungamangaliswanga ziinkwenkwezi ezininzi ezibonakalayo xa kumnyama? Akuzange uzive ufuna ukumdumisa uYehova ngobukhulu bakhe ngokudala zonke ezo zinto zisesibhakabhakeni? Noko ke, oko wakubonayo yayiliqaqobana nje leenkwenkwezi ezikumnyele oquka nomhlaba. Ukongezelela koku, kuqikelelwa ukuba kukho izigidi ezingamawaka alikhulu eminyele, yaye mithathu kuphela enokubonwa ngaphandle kweteleskophu. Enyanisweni, iinkwenkwezi neminyele emininzi gqitha eyinxalenye yendalo ibubungqina bamandla amakhulu kaYehova okudala nangenakuphengululwa.—Isaya 40:26.
9, 10. (a) Ziziphi iinkalo zobukhulu bukaYehova ezibonakaliswe kuYesu Kristu? (b) Ukuvuswa kukaYesu kufanele kuluchaphazele njani ukholo lwethu?
9 Khawucinge ngezinye iinkalo zobukhulu bukaYehova—ezo zibandakanya uYesu Kristu. Ubukhulu bukaThixo babonakaliswa ngokudala kwakhe uNyana wakhe waza wamsebenzisa kangangexesha elide “njengomsebénzi onobuchule.” (IMizekeliso 8:22-31) Ubukhulu bothando lukaYehova babonakaliswa xa wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo njengedini lokuhlawulela abantu. (Mateyu 20:28; Yohane 3:16; 1 Yohane 2:1, 2) Yaye into engenakuqondwa ngokupheleleyo ngabantu ngumzimba ozukileyo nongafiyo womoya uYehova awawunika uYesu emva kokuvuswa kwakhe.—1 Petros 3:18.
10 Ukuvuswa kukaYesu kuquka iinkalo ezininzi ezimangalisayo zobukhulu bukaYehova obungenakuphengululwa. Ngokungathandabuzekiyo uThixo waphinda wamenza uYesu wayikhumbula imisebenzi yokudala izinto ezingabonakaliyo nezinokubonwa. (Kolose 1:15, 16) Ezi zinto ziquka ezinye izidalwa zomoya, ummandla wendalo, umhlaba onemveliso, nezinye izinto eziphilayo kumhlaba wethu uphela. Ukongezelela koko, uThixo waphinda wamenza uYesu wazikhumbula zonke izinto ezenzekayo ezulwini nasemhlabeni ngaphambi kokuba uNyana abe ngumntu, yaye uYehova wamenza wakhumbula nezinto ezenzeka kuye ngoxa wayengumntu ofezekileyo. Ewe, ubukhulu bukaYehova obungenakuphengululwa bubonakala ekuvusweni kukaYesu. Ngapha koko, eso senzo sibalaseleyo sisiqinisekiso sokuba nabanye banako ukuvuswa. Oko kufanele komeleze ukholo lwethu lokuba uThixo unako ukubuyisela ebomini izigidi zabantu abafileyo abagcine kwinkumbulo yakhe efezekileyo.—Yohane 5:28, 29; IZenzo 17:31.
Imisebenzi Emangalisayo Nezenzo Zamandla
11. Nguwuphi umsebenzi omkhulu kaYehova owaqala ngePentekoste yowama-33 C.E.?
11 Emva kokuvusa uYesu, uYehova uye wenza eminye imisebenzi emininzi emangalisayo nemikhulu. (INdumiso 40:5) NgePentekoste yowama-33 C.E., uYehova wenza ukuba kuzalwe uhlanga olutsha, “uSirayeli kaThixo,” owayeyilwe ngabafundi bakaKristu ababethanjiswe ngomoya oyingcwele. (Galati 6:16) Olu hlanga lokomoya lwanda gqitha kulo lonke ihlabathi elalikho ngelo xesha. Phezu kwalo nje uwexuko olwaba ngunozala weNgqobhoko emva kokufa kwabapostile bakaYesu, uYehova waqhubeka esenza imisebenzi emangalisayo ukuqinisekisa ukuba injongo yakhe iyazaliseka.
12. Ukufumaneka kweBhayibhile ngazo zonke iilwimi eziphambili emhlabeni kububungqina bantoni?
12 Ngokomzekelo, iBhayibhile yalondolozwa yaye ekugqibeleni yaguqulelwa kuzo zonke iilwimi eziphambili ezikhoyo emhlabeni namhlanje. Ngamaxesha amaninzi iBhayibhile yayiguqulelwa phantsi kweemeko ezinzima yaye abantu babesongelwa ngokubulawa ngabameli bakaSathana. Ngokuqinisekileyo, iBhayibhile yayingenakuguqulelwa kwiilwimi ezingaphezu kwezingama-2 000 ukuba oku bekungekuko ukuthanda kukaThixo omkhulu nongenakuphengululwa, uYehova!
13. Ukususela ngowe-1914, uYehova ububonakalise njani ubukhulu bakhe ngokuphathelele iinjongo zakhe zoBukumkani?
13 Ubukhulu bukaYehova buye babonakala nakwiinjongo zakhe eziphathelele uBukumkani. Ngokomzekelo, ngowe-1914, uNyana wakhe uYesu Kristu wammisa njengeNkosi yasezulwini. Kungekudala emva koko, uYesu walwa noSathana needemon zakhe. Bagxothwa ezulwini yaye bagxothelwa emhlabeni, apho ngoku balindele ukuphoswa enzonzobileni. (ISityhilelo 12:9-12; 20:1-3) Ukususela ngoko, abalandeli bakaYesu abathanjisiweyo baye bajamelana nentshutshiso eyandayo. Noko ke, uYehova uye wabomeleza ngeli xesha lobukho bukaKristu obungabonakaliyo.—Mateyu 24:3; ISityhilelo 12:17.
14. Nguwuphi umsebenzi omangalisayo uYehova awawenzayo ngowe-1919, yaye oku kwaphumela entwenini?
14 Ngowe-1919, uYehova waphinda wenza omnye umsebenzi omangalisayo ukubonisa ubukhulu bakhe. Abalandeli bakaYesu abathanjisiweyo, ababekwimeko yokungasebenzi ngokomoya, baphinda bahlaziywa. (ISityhilelo 11:3-11) Ukususela ngoko, abathanjiswa baye bazishumayela ngenzondelelo iindaba ezilungileyo zoBukumkani obumiselwe ezulwini. Kuye kwahlanganiswa abanye abathanjiswa ukuze kuzaliswe inani labali-144 000. (ISityhilelo 14:1-3) Yaye uYehova uye wasebenzisa abalandeli bakaKristu abathanjisiweyo njengesiseko ‘somhlaba omtsha,’ abantu abalungileyo. (ISityhilelo 21:1) Kodwa kuya kwenzeka ntoni kulo “mhlaba mtsha” emva kokuba bonke abathanjiswa abathembekileyo beye ezulwini?
15. Nguwuphi umsebenzi amaKristu athanjisiweyo ebeqhubeka ewenza ngenzondelelo, yaye oku kube nayiphi imiphumo?
15 Ngowe-1935, inkupho yesiNgesi ka-Agasti 1 neka-Agasti 15 zeli phephancwadi zazinamanqaku aziintloko athetha ‘ngesihlwele esikhulu’ esikhankanywe kwiSityhilelo isahluko 7. AmaKristu athanjisiweyo aqalisa ukuwafuna ngenzondelelo amanye amakholwa kwiintlanga, nezizwe, nabantu neelwimi ukuze ahlanganisane nawo. Esi “sihlwele sikhulu” siya kusinda ‘kwimbandezelo enkulu’ esemnyango, sinethemba lokuphila ngonaphakade kwiParadesi njengamalungu asisigxina “omhlaba omtsha.” (ISityhilelo 7:9-14) Ngenxa yomsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nowokwenza abafundi, owenziwa ngenzondelelo ngamaKristu athanjisiweyo, abantu abangaphezu kwezigidi ezithandathu ngoku banethemba lobomi obungunaphakade kumhlaba oyiparadesi. Ngubani ofanele adunyiswe ngolwando olungaka phezu kwayo nje inkcaso kaSathana nehlabathi lakhe elonakeleyo? (1 Yohane 5:19) NguYehova kuphela onokukwenza oku, esebenzisa umoya wakhe oyingcwele.—Isaya 60:22; Zekariya 4:6.
Ubungangamsha Obuzukileyo Besidima SikaYehova
16. Kutheni abantu bengenakububona ngokoqobo ‘ubungangamsha obuzukileyo besidima sikaYehova’?
16 Enoba injani na, ‘imisebenzi emangalisayo’ kaYehova ‘nezenzo zakhe zamandla’ soze ilibaleke. UDavide wabhala: “Izizukulwana ngezizukulwana ziya kuyincoma imisebenzi yakho, ziya kuzixela izenzo zakho zamandla. Ubungangamsha obuzukileyo besidima sakho nemibandela yemisebenzi yakho emangalisayo ndiza kuzixhalabisa ngayo. Baya kuthetha ngamandla ezinto zakho ezoyikekayo; bona ke ubukhulu bakho, ndiza kubuvakalisa.” (INdumiso 145:4-6) Sekunjalo, uDavide unokwazi kangakanani ngobungangamsha obuzukileyo bukaYehova, ekubeni ‘uThixo enguMoya’ yaye ngenxa yoko engabonakali emehlweni abantu?—Yohane 1:18; 4:24.
17, 18. Yintoni eyayinokwenza uxabiso lukaDavide ‘ngobungangamsha obuzukileyo besidima sikaYehova’ lukhule?
17 Nangona wayengenakumbona uThixo, zazikho iindlela uDavide awayenokukhulisa ngazo uxabiso analo ngesidima sikaYehova. Ngokomzekelo, wayenokufunda ingxelo yeZibhalo engezenzo zikaThixo zamandla, njengokutshatyalaliswa kwehlabathi elingendawo ngomkhukula womhlaba wonke. Kusenokwenzeka ukuba uDavide waphawula indlela oothixo bobuxoki baseYiputa abahlaziswa ngayo ngoxa uThixo wayekhulula amaSirayeli kubukhoboka baseYiputa. Ezo ziganeko zabonisa isidima nobukhulu bukaYehova.
18 Ngokungathandabuzekiyo uxabiso uDavide awayenalo ngesidima sikaThixo lwakhula kungekuphela nje ngenxa yokufunda iZibhalo kodwa nangokucamngca ngazo. Ngokomzekelo, usenokuba wacamngca ngoko kwenzekayo xa uYehova wayedlulisela uMthetho kuSirayeli. Kwaduduma, kwabaneka, kwakho ilifu elikhulu, kwaza kwavakala isandi esikhulu sexilongo. INtaba yeSinayi yashukuma kwaza kwakho umsi. AmaSirayeli awayehlanganisene emazantsi ale ntaba aweva “aMazwi Alishumi” phakathi emlilweni nakwilifu njengoko uYehova wayethetha nawo esebenzisa ingelosi. (Duteronomi 4:32-36; 5:22-24; 10:4; Eksodus 19:16-20; IZenzo 7:38, 53) Enjani yona indlela ebalaseleyo yokubonakalisa ubungangamsha bukaYehova! Abo balithandayo iLizwi likaThixo nabacamngca ngezi ngxelo bayachukumiseka ‘bubungangamsha obuzukileyo besidima sikaYehova.’ Noko ke, namhlanje sineBhayibhile epheleleyo, equlethe imibono eyahlukahlukeneyo esibonisa ubukhulu bukaYehova.—Hezekile 1:26-28; Daniyeli 7:9, 10; ISityhilelo, isahluko 4.
19. Yintoni eya kulwandisa uxabisa lwethu ngesidima sikaYehova?
19 Enye indlela uDavide awayenokuchukumiseka ngayo sisidima sikaThixo kwakungokufundisisa imithetho kaThixo awayinika amaSirayeli. (Duteronomi 17:18-20; INdumiso 19:7-11) Ukuthobela imithetho kaYehova kwalenza lwanesidima uhlanga lwamaSirayeli kwaza kwalenza lwahluka kubo bonke abanye abantu. (Duteronomi 4:6-8) Njengokuba kwakunjalo kuDavide, ukuzifunda rhoqo iZibhalo, sicamngce ngazo, sizifundisise ngenyameko kuya kulwandisa uxabiso lwethu ngesidima sikaYehova.
Iimpawu ZikaThixo Ezibalaseleyo
20, 21. (a) INdumiso 145:7-9 ibalaselisa ubukhulu bukaYehova ngokuphathelele eziphi iimpawu? (b) Iimpawu zikaThixo ekuthethwe ngazo apha zibachaphazela njani bonke abo bamthandayo?
20 Njengokuba siphawulile, iindinyana zokuqala ezintandathu zeNdumiso 145 zisinika isizathu esinamandla sokudumisa uYehova ngenxa yezinto eziphathelele ubukhulu bakhe obungenakuphengululwa. Indinyana 7 ukusa kweye-9 ibalaselisa ubukhulu bukaThixo ngokwalatha kwiimpawu zakhe. UDavide wavuma ingoma esithi: “Baya kumpompoza ngokukhankanywa kobuninzi bokulunga kwakho, nangenxa yobulungisa bakho baya kumemelela ngovuyo. UYehova unobabalo nenceba, uzeka kade umsindo yaye unobubele bothando kakhulu. UYehova ulungile kubo bonke, neenceba zakhe zikuyo yonke imisebenzi yakhe.”
21 Apha uDavide uqala ngokubalaselisa ukulunga nobulungisa bukaYehova—iimpawu uSathana uMtyholi awazithandabuzayo. Ezi mpawu zibachaphazela njani abo bamthandayo uThixo nabazithobayo kulawulo lwakhe? Kaloku, ukulunga kukaYehova nendlela yakhe elungileyo yokulawula iyabavuyisa abakhonzi bakhe yaye abakwazi kuyeka ukumdumisa. Ngaphezu koko, uYehova ubonakalisa ukulunga “kubo bonke.” Sinethemba lokuba, oku kuya kubanceda abaninzi ukuze baguquke baze babe ngabakhonzi bakaThixo wokwenyaniso ngaphambi kokuba bashiywe lixesha.—IZenzo 14:15-17.
22. UYehova ubaphatha njani abakhonzi bakhe?
22 Kwakhona uDavide wayezixabisa iimpawu ezabalaseliswa nguThixo xa “wadlula phambi kobuso [bukaMoses] waza wavakalisa esithi: ‘uYehova, uYehova, uThixo onenceba nobabalo, ozeka kade umsindo, onobubele bothando obuninzi nenyaniso.’” (Eksodus 34:6) Ngenxa yoko, uDavide wayenokuvakalisa athi: “UYehova unobabalo nenceba, uzeka kade umsindo yaye unobubele bothando kakhulu.” Nangona uYehova emkhulu ngendlela engenakuphengululwa, uzimasa abakhonzi bakhe ngokubaphatha ngothando. Uzele yinceba, ukulungele ukubaxolela aboni abaguqukayo ngesiseko sedini lentlawulelo likaYesu. Kwakhona uYehova uzeka kade umsindo, kuba unika abakhonzi bakhe ithuba lokoyisa ubuthathaka obunokubenza bangangeni kwihlabathi lakhe elitsha elinobulungisa.—2 Petros 3:9, 13, 14.
23. Luluphi uphawu oluxabisekileyo okuya kuthethwa ngalo kwinqaku elilandelayo?
23 UDavide ubalaselisa ububele bothando bukaThixo, okanye uthando olunyanisekileyo. Enyanisweni, iindinyana eziseleyo zeNdumiso 145 zibonisa indlela uYehova alubonakalisa ngayo olu phawu nendlela abakhonzi bakhe abasabela ngayo kububele bakhe bothando. Kuya kuthethwa ngezi ngongoma kwinqaku elilandelayo.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Ngawaphi amathuba esinawo okudumisa uYehova “imini yonke”?
• Yiyiphi imizekelo ebonisa ukuba ubukhulu bukaYehova abunakuphengululwa?
• Lunokukhula njani uxabiso lwethu ngesidima esizukileyo sikaYehova?
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Iminyele yendalo iphela ibonisa ubukhulu bukaYehova
[Inkcazelo]
Courtesy of Anglo-Australian Observatory, photograph by David Malin
[Umfanekiso okwiphepha 12]
Ubukhulu bukaYehova bubonakaliswa njani ngokuphathelele uYesu Kristu?
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Xa amaSirayeli amkela uMthetho kwiNtaba yeSinayi, asibona isidima esizukileyo sikaYehova